IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 11/15 iphe. 30
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Simele Silazi IGama LikaThixo
    Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Ngonaphakade
  • Ngubani Igama LikaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2019
  • Igama LikaThixo
    Vukani!—2017
  • UYehova Uphakamisa Igama Lakhe
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 11/15 iphe. 30

Imibuzo Evela Kubafundi

KwabaseFilipi 2:9, uPawulos wathi ngoYesu: “UThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama.” Liliphi eli gama litsha? Kwaye ukuba uYesu ungaphantsi kukaYehova, igama likaYesu lingaphezu kwawo onke amanye amagama njani?

EyabaseFilipi 2:8, 9 ifundeka ngolu hlobo: “Wathi [uYesu] ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke [“kumthi wentuthumbo,” NW]. Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama.”

Le ndinyana ayithethi ukuba ekubeni inguYehova kuphela onegama elingaphezu kwawo onke amagama, uYesu ukwanguYehova. Njengokuba umongo okweyabaseFilipi isahluko 2 ubonisa, uYesu walifumana igama lakhe eliphakamileyo emva kokuvuka kwakhe. Ngaphambi koko, wayengenalo. Kwelinye icala, uYehova ebesoloko engowongamileyo, kwaye isikhundla sakhe asikhange sitshintshe. Isibakala sokuba uYesu wafumana igama elingaphezu kwelo wayenalo ngaphambi kwenkonzo yakhe yasemhlabeni singqina ukuba akanguye uYehova. Xa uPawulos wathi uYesu wanikwa igama elingaphezu kwawo onke amagama, wayethetha ukuba uYesu ngoku unegama elingaphezu kwawazo zonke izidalwa zikaThixo.

Ngubani eli gama liphakamileyo likaYesu? UIsaya 9:6 uyasinceda siphendule. Iprofeta ngoMesiya ozayo, uYesu, le ndinyana ithi: “Ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo.” (Akekeliswe sithi.) Apha “igama” likaYesu linxulumene nesikhundla sakhe esiphakamileyo kunye negunya, nto leyo ekwayindlela esiliqonda ngayo “igama elingaphezu kwawo onke amagama” elikhankanywe kwabaseFilipi 2:9. Onke amadolo ayalelwa ukuba agobe kuYesu egqala isikhundla esiphakamileyo segunya asinikwe nguYehova—isikhundla segunya esingaphezu kwaso nasiphi na esinikwe esinye isidalwa. Igama elithi “esinye” kule nguqulelo alichazwa ngokungqalileyo kumbhalo osisiseko wesiGrike, kodwa lichazwa yintsingiselo yale ndinyana. “Igama” likaYesu alikho ngaphezu kwegama lakhe kodwa lingaphezu kwegama laso nasiphi na esinye isidalwa.

Hayi indlela okusivuyisa ngayo ukunxulumana nazo zonke izithunywa zezulu ezithembekileyo kunye nabantu ekugobeni amadolo sigqala igama likaYesu! Oku sikwenza ngokuzithoba kuYesu kwisikhundla sakhe esiphakamileyo asinikwe nguYehova—“kuze kuzukiswe uThixo uYise.”—Filipi 2:11; Mateyu 28:18.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share