UYehova Umnika Amandla Otyhafileyo
“Abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi.”—ISAYA 40:31.
1, 2. UYehova ubanika ntoni abo bathembele ngaye, yaye siza kuqwalasela ntoni ngoku?
IINKOZI zezinye zezona ntaka zinamandla kwezibhabhayo. Zinokubhabha imigama emide zingakhange ziphaphazele ngamaphiko azo. Ekubeni enamaphiko anokuba ngaphezu kweemitha ezimbini, “uKumkani weeNtaka,” ukhozi ekuthiwa yi-golden eagle, “lolunye lwezona nkozi zibukekayo; luntinga ngaphezu kweenduli namathafa, lundanda kangangeeyure ezininzi phezu koqolo lwentaba, luze luntinge ukunyuka de lubonakale ngathi lichaphaza elincinane elimnyama esibhakabhakeni.”—The Audubon Society Encyclopedia of North American Birds.
2 Ecinga ngobuchule bokhozi bokubhabha, uIsaya wabhala: “[UYehova] umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.” (Isaya 40:29-31) Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova ubanika amandla okuqhubeka abo bathembele ngaye, ngokungathi ubaxhobisa ngamaphiko abonakala engadinwa okhozi olubhabhayo! Ngoku, khawuqwalasele amalungiselelo athile awenzileyo okunika odiniweyo amandla.
Amandla Omthandazo
3, 4. (a) UYesu wababongoza ukuba benze ntoni abafundi bakhe? (b) Sinokulindela ukuba uYehova enze ntoni xa ephendula imithandazo yethu?
3 UYesu wabongoza abafundi bakhe ukuba “bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla [banganikezeli, NW].” (Luka 18:1) Ngaba ukuphalaza imbilini yethu kuYehova kunokusinceda ngokwenene sifumane amandla kwakhona size siphephe ukunikezela xa iingcinezelo zobomi zibonakala zisongamela? Ewe, kodwa kukho izinto esifanele sizikhumbule.
4 Oko silindele ukuba uYehova akwenze xa ephendula imithandazo yethu kumele kube sengqiqweni. Omnye umKristu owayedandatheke ngokunzulu kamva wathi: “Njengezinye izigulo, uYehova akenzi mimangaliso ngoku. Kodwa uyasinceda sihlangabezane nako size sichache ngomlinganiselo ekunokwenzeka ngawo kule nkqubo.” Echaza isizathu sokuba imithandazo yakhe yenze azive ebhetele, wongezelela: “Ndandinokuwufumana nangaliphi na ixesha lemini okanye lobusuku umoya oyingcwele kaYehova xa ndiwufuna.” Ngaloo ndlela, uYehova akazithinteli iingcinezelo zobomi ezinokusibangela uxinezeleko, kodwa ‘uyabapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13; INdumiso 88:1-3) Lo moya unokusenza sikwazi ukuhlangabezana naso nasiphi na isilingo okanye ingcinezelo enokusifikela. (1 Korinte 10:13) Ukuba kuyimfuneko, unokusinika “incamisa yamandla” ukuze sinyamezele de uBukumkani bukaThixo bususe zonke iingxaki ezibangela uxinezeleko kwihlabathi elitsha elisemnyango.—2 Korinte 4:7.
5. (a) Ukuze imithandazo yethu iphumelele, ziintoni ezimbini ezibalulekileyo? (b) Sinokuthandaza njani ukuba silwa nobuthathaka benyama? (c) Imithandazo yethu ezingisileyo nengqalileyo iya kumbonisa ntoni uYehova?
5 Noko ke, ukuze imithandazo yethu iphumelele simele sizingise, yaye simele singqale. (Roma 12:12) Ngokomzekelo, ukuba maxa wambi uyadinwa ngenxa yokuba usilwa nobuthathaka benyama, xa kuqalisa usuku ngalunye, cela uYehova akuncede uphephe ukunikezela kobo buthathaka ebudeni baloo mini. Thandaza ngokufanayo nanini na ebudeni bemini nangaphambi kokuba ulale busuku ngabunye. Ukuba kuyenzeka uwele kubo kwakhona, cela uYehova akuxolele, kodwa thetha naye ngoko kukhokelele ekubeni ubuyele noko unokukwenza ukuze uphephe ezo meko kwakhona. Imithandazo ezingisileyo nengqalileyo enjalo iya kubonisa ‘uMphulaphuli wemithandazo’ ukuba unyanisekile kumnqweno wakho wokoyisa kulo mlo.—INdumiso 65:2; Luka 11:5-13.
6. Kutheni ngokufanelekileyo sinokulindela ukuba uYehova ayive imithandazo yethu naxa siziva singakufanelekeli ukuthandaza?
6 Noko ke, maxa wambi abo badiniweyo basenokuziva bengakufanelekeli ukuthandaza. Ibhinqa elingumKristu elithile elalivakalelwa ngaloo ndlela kamva lathi: “Le ndlela yokucinga iyingozi kakhulu kuba ithetha ukuba umsebenzi wokugweba siwuthabathele kuthi, kodwa lowo asingomsebenzi wethu.” Eneneni, ‘nguThixo oza kugweba.’ (INdumiso 50:6) IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba nangona “intliziyo yethu [isenokusigweba], uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.” (1 Yohane 3:20) Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba xa sisenokuzigweba njengabangakufanelekelanga ukuthandaza, uYehova usenokuba akavakalelwa ngaloo ndlela ngathi! ‘Uyazazi izinto zonke’ ngathi, kuquka iimeko zobomi bethu ezisenokuba zisenza sizive singafanelekanga. (INdumiso 103:10-14) Inceba nobunzulu bokuqonda kwakhe kumshukumisela ekubeni ayive imithandazo ephuma ‘kwintliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo.’ (INdumiso 51:17) Unokwala njani ukuphulaphula izibongozo zethu zoncedo xa yena emgweba “ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli”?—IMizekeliso 21:13.
Ububele Bobuzalwana
7. (a) Liliphi elinye ilungiselelo uYehova alenzileyo ukuze asincede sizuze amandla kwakhona? (b) Kukwazi ntoni ngobuzalwana bethu okunokusomeleza?
7 Elinye ilungiselelo uYehova alenzileyo lokusinceda sizuze amandla kwakhona bubuzalwana bethu bobuKristu. Elinjani ukuxabiseka ilungelo ekulilo ukuba yinxalenye yentsapho yomhlaba wonke yabazalwana noodade! (1 Petros 2:17) Xa iingcinezelo zobomi zisixinezelela phantsi, ububele bobuzalwana bethu bunokusinceda sizuze amandla kwakhona. Njani? Ukwazi ukuba asisedwa ekujamelaneni nocelomngeni olubangela uxinezeleko kunokomeleza. Phakathi kwabazalwana noodade wethu, ngokungathandabuzekiyo bakho abaye bajamelana neengcinezelo okanye izilingo ezifanayo nabaye baneemvakalelo ezifana nezethu. (1 Petros 5:9) Kuyakhuthaza ukwazi ukuba oko kwenzekayo kuthi akunto ingaqhelekanga yaye iimvakalelo zethu nazo azinto ingaqhelekanga.
8. (a) Yiyiphi imizekelo ebonisa indlela esinokulufumana ngayo uncedo nentuthuzelo esiyifunayo kubuzalwana bethu? (b) Wena uye wancedwa okanye wathuthuzelwa njani ‘liqabane lokwenene’?
8 Kubuzalwana bethu obunobubele sinokufumana ‘amaqabane okwenene’ aya kuthi, xa sixinezelekile, asinike uncedo olufuneka kakhulu aze asithuthuzele. (IMizekeliso 17:17, NW) Ngokufuthi, ekuphela kwento efunekayo ngamazwi obubele okanye izenzo ezibonisa ulwazelelelo. UmKristu owayezamana neemvakalelo zokuziva engaxabisekanga ukhumbula oku: “Kwakukho abahlobo ababendixelela ngeempawu ezintle endinazo ukuze bandincede ndoyise iingcinga ezingakhiyo endandinazo.” (IMizekeliso 15:23) Emva kokufa kwentombazana yakhe, omnye udade ekuqaleni wayekufumanisa kunzima ukucula iingoma zoBukumkani kwiintlanganiso zebandla, ngokukodwa iingoma ezikhankanya uvuko. Ukhumbula oku: “Ngesinye isihlandlo, udade owayehleli kwisihlalo esimelene nesam wandibona ndikhala. Weza, wandigona, waza wayicula kunye nam yonke loo ngoma. Ndaziva ndibathanda gqitha abazalwana noodade yaye ndonwabe gqitha kuba sasifikile kwiintlanganiso, ndiqonda ukuba lulapho uncedo lwethu, kwiHolo yoBukumkani.”
9, 10. (a) Sinokuba negalelo njani kububele bobuzalwana bethu? (b) Ngoobani ngokukhethekileyo abafuna unxulumano olwakhayo? (c) Sinokwenza ntoni ukuze sincede abo bafuna ukhuthazo?
9 Kakade ke, ngamnye kuthi unembopheleleko yokuba negalelo kububele bobuzalwana bobuKristu. Ngaloo ndlela, iintliziyo zethu zifanele ‘zibe banzi’ ukuze ziquke bonke abazalwana noodade wethu. (2 Korinte 6:13) Hayi indlela ekuya kuba lusizi ngayo ngabo badiniweyo ukuvakalelwa kukuba abazalwana abasenaluthando ngabo! Sekunjalo, amaKristu athile athi aye aziva engamalolo yaye kungekho uwakhathaleleyo. Udade owayenomyeni owayeyichasile inyaniso wathi: “Ngubani ongabunqweneliyo nongabufuniyo ubuhlobo obakhayo, obukhuthazayo nonxulumano lothando? Ncedani nikhumbuze abazalwana noodade ukuba siyalufuna uncedo lwabo!” Ewe, ngokukodwa abo iimeko zabo ebomini zibaxinezelayo—abo banamaqabane angakholwayo, abazali abangenamaqabane, abo baneengxaki zempilo ezinzulu, abakhulileyo nabanye—bayalufuna unxulumano olwakhayo. Ngaba abathile kuthi kufuneka bakhunjuzwe ngoko?
10 Sinokwenza ntoni ukuze sinikele uncedo? Masibe banzi ekuboniseni kwethu uthando. Xa sibuka iindwendwe, masingabalibali abo bafuna ukhuthazo. (Luka 14:12-14; Hebhere 13:2) Kunokucinga ukuba iimeko zabo ziyabathintela ekubeni babekho, kutheni ungabamemi nangona kunjalo? Uze ubavumele bazigqibele. Kwanokuba abakwazi kubakho, ngokungathandabuzekiyo baya kukhuthazeka kukwazi ukuba abanye babacingile. Kusenokwenzeka ukuba koko kanye abakufunayo ukuze bazuze amandla kwakhona.
11. Abo baxinezelekileyo banokulufuna ngaziphi iindlela uncedo?
11 Abo baxinezelekileyo basenokufuna ukuncedwa ngezinye iindlela. Umama ongenaqabane, ngokomzekelo, usenokufuna umzalwana oqolileyo wokubonisa umdla kunyana wakhe ongenayise. (Yakobi 1:27) Umzalwana okanye udade onengxaki yempilo enzulu usenokufuna uncedo oluthile ekuthengeni okanye kwimisebenzi yekhaya. Umntu osele ekhulile usenokunqwenela unxulumano okanye afune uncedo oluthile lokuya kubulungiseleli basentsimini. Xa kukho imfuneko eqhubekayo yoncedo olunjalo, ‘isenokubucikida ngokwenene ubunyaniso bothando lwethu.’ (2 Korinte 8:8) Kunokuzinxwema kwabo basweleyo ngenxa yexesha nomgudu obandakanyekileyo, ngamana singaluphumelela uvavanyo lothando lobuKristu ngokuba nolwazelelelo nokusabela kwiintswelo zabanye.
Amandla ELizwi LikaThixo
12. ILizwi likaThixo lisinceda njani sizuze amandla kwakhona?
12 Umntu oyekayo ukudla kungekudala uya kuphelelwa ngamandla. Ngokuvisisana noko, enye indlela uYehova asinika ngayo amandla okuqhubeka kungokuqinisekisa ukuba siyondliwa ngokomoya. (Isaya 65:13, 14) Kukuphi ukudla kokomoya akulungiseleleyo? Ngaphezu kwako konke, liLizwi lakhe, iBhayibhile. (Mateyu 4:4; thelekisa amaHebhere 4:12.) Linokusinceda njani sizuze amandla kwakhona? Xa iingcinezelo neengxaki esijamelene nazo ziqalisa ukuphelisa amandla ethu, sinokufumana amandla ekufundeni ngeemvakalelo nemizamo yokwenene yamadoda nabafazi bokholo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Nangona beyimizekelo ebalaseleyo yengqibelelo, babengabantu ‘abanoluvo olunjengolwethu.’ (Yakobi 5:17; IZenzo 14:15) Bajamelana nezilingo neengcinezelo ezifanayo nezethu. Khawuqwalasele eminye imizekelo.
13. Yiyiphi imizekelo eseZibhalweni ebonisa ukuba amadoda nabafazi bokholo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile babeneemvakalelo namava afana nawethu?
13 Usolusapho uAbraham wayekhathazeke ngokunzulu ngokufa komfazi wakhe nangona wayenokholo eluvukweni. (Genesis 23:2; thelekisa amaHebhere 11:8-10, 17-19.) UDavide owayeguqukile wayevakalelwa kukuba izono zakhe zazimenze akakufanelekela ukukhonza uYehova. (INdumiso 51:11) UMoses wayevakalelwa kukuba wayengafaneleki. (Eksodus 4:10) UEpafrodito wadandatheka xa kwaziwayo ukuba ukugula kwakhe ngokunzulu kwakusikela umda oko wayekwenza ‘emsebenzini kaKristu.’ (Filipi 2:25-30) UPawulos kwafuneka alwe nenyama enesono. (Roma 7:21-25) UWodiya noSintike, oodade ababini abathanjisiweyo kwibandla laseFilipi, kubonakala ukuba babeneengxaki ezazibangela bangavisisani. (Filipi 1:1; 4:2, 3) Hayi indlela okukhuthaza ngayo ukwazi ukuba aba babethembekile babeneemvakalelo namava afana nawethu, sekunjalo abazange banikezele! Yaye noYehova akazange abalahle.
14. (a) Sisiphi isixhobo uYehova asisebenzisileyo ukusinceda sizuze amandla eLizwini lakhe? (b) Kutheni ulindixesha IMboniselo noVukani! benamanqaku angemicimbi yentlalo, yentsapho neyeemvakalelo?
14 Ukuze asincede sifumane amandla eLizwini lakhe, uYehova usebenzisa udidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo ukuze asilungiselele “ukudla ngexesha elifanelekileyo” okufumaneka rhoqo. (Mateyu 24:45) Kudala umkhonzi othembekileyo esebenzisa ulindixesha IMboniselo noVukani! ukuze akhusele inyaniso yeBhayibhile aze avakalise uBukumkani bukaThixo obukuphela kwethemba abantu abanalo. Ngokukodwa kula mashumi eminyaka adluleyo, aba lindixesha bebequlethe amanqaku asekelwe eZibhalweni afike ngexesha angemicimbi yentlalo, yentsapho, neengxaki zeemvakalelo abathile nakubantu bakaThixo abahlangabezana nazo. Ibipapashwa ngayiphi injongo inkcazelo enjalo? Ngokuqinisekileyo ukuze kuncedwe abo bajamelana nezi ngxaki bafumane amandla nokhuthazo eLizwini likaThixo. Kodwa amanqaku anjalo akwasinceda sonke sikuqonde ngokucace ngakumbi oko abanye babazalwana noodade wethu bajamelene nako. Ngaloo ndlela sikulungela ngakumbi ukuthobela amazwi kaPawulos: “Thethani ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo, baxhaseni ababuthathaka, nizeke kade umsindo kubo bonke.”—1 Tesalonika 5:14, NW.
Abadala ‘Abayindawo Yokuzimela Umoya’
15. Waprofeta wathini uIsaya ngabo bakhonza njengabadala, yaye oku kubeka yiphi imbopheleleko kubo?
15 UYehova ulungiselele nenye into yokusinceda xa siziva sidiniwe—abadala bebandla. Ebhala ngabo umprofeti uIsaya wathi: “Umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.” (Isaya 32:1, 2) Ngoko, abadala banembopheleleko yokufikelela oko uYehova wakuxela kwangaphambili ngabo. Bamele ‘babe’ yimithombo yokhuthazo nokuhlaziyeka kwabanye yaye bakulungele ‘ukuqhubeka bethwala imithwalo [okanye, “izinto ezikhathazayo”; ngokoqobo, “izinto ezinzima”] yabanye.’ (Galati 6:2, NW; bona nombhalo osemazantsi.) Banokukwenza njani oku?
16. Banokwenza ntoni abadala ukunceda umntu oziva engakufanelekeli ukuthandaza?
16 Njengoko bekukhankanyiwe ngaphambilana, maxa wambi umntu oziva ediniwe usenokuziva engafaneleki ukuthandaza. Banokwenza ntoni abadala? Banokuthandaza kunye naloo mntu baze bamthandazele. (Yakobi 5:14) Ukucela uYehova, esiva lowo udiniweyo, ukuba amncede lowo aqonde indlela yena loo mntu athandwa ngayo nguYehova nangabanye ngokuqinisekileyo iya kukhuthaza. Ukuva umthandazo womdala osuka entliziyweni kunokunceda komeleze intembelo yomntu odimazekileyo. Unokuncedwa aqonde ukuba xa abadala benentembelo yokuba uYehova uya kuyiphendula imithandazo yalowo, ngoko ke naye unokuba nayo loo ntembelo.
17. Kutheni abadala bemele babe ngabaphulaphuli abanovelwano?
17 UYakobi 1:19 uthi: “Makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha.” Ukuze bancede abadiniweyo babe namandla kwakhona, abadala bakwamele babe ngabaphulaphuli abanovelwano. Kwiimeko ezithile amalungu ebandla asenokuba azamana neengxaki okanye iingcinezelo ezingenakuconjululwa kule nkqubo yezinto. Ngoko ke, akufunayo, kusenokungabi sisicombululo “sokulungisa” ingxaki yawo kodwa kuphela nje kukuthetha nomphulaphuli olungileyo—umntu ongayi kuwaxelela ukuba afanele avakalelwe njani kodwa oya kuphulaphula aze angagwebi.—Luka 6:37; Roma 14:13.
18, 19. (a) Ukwenza msinya ukuphulaphula kunokumnceda njani umdala akuphephe ukwenza umthwalo womntu odiniweyo ube nzima ngakumbi? (b) Uba yintoni umphumo xa abadala bebonisa ‘uvelwano’?
18 Badala, ukwenza msinya kwenu ukuphulaphula kunokuninceda nikuphephe ukuthi ningaqondanga niwenze umthwalo walowo udiniweyo ube nzima ngakumbi. Ngokomzekelo, ukuba umzalwana okanye udade akabangakho kwiintlanganiso ezithile okanye uyekelel’ umxakatho kwinkonzo yasentsimini, ngaba eneneni ufuna ukululekwa ngokwenza okungakumbi kubulungiseleli, okanye ngokubakho ngokuthe rhoqo ngakumbi kwiintlanganiso? Mhlawumbi. Kodwa ngaba ninazo zonke iinkcukacha? Ngaba kukho iingxaki zempilo ezandayo? Ngaba kutshanje iimbopheleleko zentsapho ziye zaguquka? Ngaba kukho ezinye iimeko okanye iingcinezelo ezimsindayo? Khumbulani, lo mntu usenokuba sele eziva enetyala ngokungakwazi ukwenza okungakumbi.
19 Ngoko, ninokumnceda njani lo mzalwana okanye udade? Ngaphambi kokuba nifikelele kwisigqibo nize ninikele icebiso, phulaphulani! (IMizekeliso 18:13) Ngemibuzo ebonisa ukuqonda ‘rholani’ iimvakalelo zentliziyo yaloo mntu. (IMizekeliso 20:5) Musani ukuzityeshela ezi mvakalelo—zamkeleni. Lowo udiniweyo usenokufuna ukuqinisekiswa ukuba uYehova usikhathalele yaye uyaqonda ukuba maxa wambi iimeko zisenokusisikela umda. (1 Petros 5:7) Xa abadala bebonisa ‘uvelwano’ olunjalo, abadiniweyo baya ‘kuyifumanela ukuphumla [ukuhlaziyeka, NW] imiphefumlo yabo.’ (1 Petros 3:8; Mateyu 11:28-30) Xa befumana ukuhlaziyeka okunjalo, akuyi kufuneka baxelelwe ukuba mabenze okungakumbi; iintliziyo zabo ziya kubaqhubela ekwenzeni konke abanokukwenza ngokusengqiqweni enkonzweni kaYehova.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 8:12; 9:7.
20. Ekubeni isiphelo sesi sizukulwana singendawo sisemnyango, yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
20 Liyinyaniso elokuba siphila kwelona xesha linzima kuyo yonke imbali yabantu. Iingcinezelo zokuphila kwihlabathi likaSathana ziyanda njengoko singena nzulu kwixesha lokuphela. Khumbula ukuba, njengengonyama ezingelayo, uMtyholi ulindele ukuba sidinwe size sinikezele ukuze asibambe sizizisulu. Hayi indlela esinokuba nombulelo ngayo kuba uYehova emnika amandla otyhafileyo! Ngamana singawasebenzisa ngokupheleleyo amalungiselelo awenzileyo okusinika amandla okuqhubeka, ngokungathi usinika amaphiko anamandla okuphaphazela njengokhozi. Ekubeni ukuphela kwesi sizukulwana singendawo kusondele kangaka, ngoku asimele siyeke ukubaleka kugqatso lwethu lokufumana umvuzo—ubomi obungunaphakade.—Hebhere 12:1.
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Sinokulindela ukuba uYehova enze ntoni xa ephendula imithandazo yethu?
◻ Sinokufumana amandla ngaziphi iindlela kubuzalwana bethu bobuKristu?
◻ ILizwi likaThixo lisinceda njani sizuze amandla?
◻ Abadala banokwenza ntoni ukuze bancede abadiniweyo bazuze amandla?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Xa sibonisa ububele, masingabalibali abo bafuna ukhuthazo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abadala banokucela uYehova ancede abadiniweyo baqonde indlela abathandwa ngayo