UYehova—Umthandi Wobulungisa Nokusesikweni
INTOMBAZANA eselula yaseSarajevo izibuza isizathu sokuba abantwana besixeko sayo bemele banyamezele ukubandezeleka okungako. Ithi: “Asenzanga nto. Simsulwa.” Oomama abakhathazekileyo baseArgentina bebeqhankqalaza kumabala kawonkewonke eBuenos Aires kangangeminyaka eli-15, bekhalazela ukunyamalala koonyana babo. Ummi waseAfrika ogama linguEmmanuel, unina noodade wabo abathathu abagwintwa kabuhlungu ebudeni bokuqalisa kogonyamelo lobuhlanga, ubetha ngenqindi phantsi esithi: “Wonk’ ubani umele afumane umvuzo ngoko akwenzileyo . . . Sifuna okusesikweni.”
Okusesikweni lolunye lweempawu eziphambili zikaYehova uThixo. IBhayibhile ithi: “Zonke iindlela zakhe zisesikweni.” Eneneni, uYehova “ngumthandi wobulungisa nokusesikweni.” (Duteronomi 32:4; INdumiso 33:5) Ukuze simazi kakuhle uThixo, simele siyiqonde imvo yakhe yokusesikweni size sifunde ukuyixelisa.—Hoseya 2:19, 20; Efese 5:1.
Ingcamango yethu ngokusesikweni iye yaphenjelelwa koko abantu bakukholelwayo ngolu phawu. Kwamanye amazwe, ngokufuthi okusesikweni kufaniswa nebhinqa elivalwe amehlo eliphethe ikrele nesikali. Okusesikweni kwabantu kufanele kungakhethi buso, oko kukuthi, kungachatshazelwa bubutyebi nempembelelo. Kufanele kugwebe ngenyameko ukuba netyala nokuba msulwa kwalowo utyholwayo. Ngekrele lako, okusesikweni kufanele kukhusele abamsulwa kuze kohlwaye abenzi bobubi.
Incwadi ethi Right and Reason—Ethics in Theory and Practice ithi “okusesikweni kunento yokwenza nomthetho, imbopheleleko, amalungelo nomsebenzi, yaye kulinganisela izigwebo ngokungakhethi buso okanye ngokufanelekileyo.” Kodwa okusesikweni kukaYehova akupheleli apho. Sinokukubona oko ngokuqwalasela izenzo neempawu zikaYesu Kristu, ongumceph’ ucandiwe noYise osemazulwini.—Hebhere 1:3.
Amazwi akuIsaya 42:3 asetyenziswa kuYesu ngumbhali wencwadi yeVangeli uMateyu, owathi: “Akukho ngcongolo ityumkileyo aya kuyiqumza, ibe akukho msonto weflekisi aya kuwucima, de akhuphe okusesikweni ngempumelelo.” UYesu wavakalisa isigidimi esithuthuzelayo kubantu ababefana nengcongolo etyumkileyo eyayigobile yaye icinezelwe. Babefana nomsonto oqhumayo wesibane, ngokungathi intlantsi yokugqibela yobomi babo yayiphantse yacima. Endaweni yokuba aqumze ingcongolo etyumkileyo yaye acime umsonto oqhumayo ngokomfuziselo, uYesu wabasizela abo babecinezelekile, wabafundisa waza wabaphilisa, yaye wabacacisela ngokusesikweni kukaYehova uThixo. (Mateyu 12:10-21) Njengoko sasixele kwangaphambili isiprofeto sikaIsaya, olo hlobo lokusesikweni lwaluzisa ithemba.
Inceba Nokusesikweni KukaYehova
Inceba yinxalenye esisiseko yokusesikweni kukaThixo. Oku kwabonakala xa uYesu wayesemhlabeni. Wayibonakalisa ngokugqibeleleyo imilinganiselo kaThixo yokusesikweni nobulungisa. Noko ke, ababhali nabaFarisi abangamaYuda bafuna ubulungisa ngokulandela imithetho engqongqo—inkoliso yayo eyayenziwe ngabo. Ngokuqhelekileyo umthetho wabo wokusesikweni wawungenanceba. Inkoliso yongquzulwano lukaYesu nabaFarisi yayisekelwe kule mbambano: Kuyintoni okusesikweni nobulungisa bokwenene?—Mateyu 9:10-13; Marko 3:1-5; Luka 7:36-47.
UYesu wabonisa indlela yokuphatha abanye ngokusesikweni nangobulungisa. Indoda ethile eyayiwazi uMthetho yakha yabuza uYesu ngoko kwakufuneka ukuze ifumane ubomi obungunaphakade. Xa wayephendula uYesu wayibuza umbuzo waza wayincoma xa yaphendula ngokuthi eyona mithetho mibini ibalulekileyo kukuthanda uThixo ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla ayo ephela nokuthanda ummelwane wayo njengoko izithanda ngako. Yandula ke le ndoda yabuza oku: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?” UYesu waphendula ngokwenza umzekeliso womSamariya olungileyo.—Luka 10:25-37.
Ubulungisa nenceba kaYehova yokusesikweni yabonakaliswa kumzekeliso kaYesu womSamariya. Ngokunceda ngokungazingciyo indoda engxwelerhekileyo awayengayazi, lo mSamariya wenza okulungileyo, okusesikweni nenceba. NoYesu wabonakalisa umoya ofanayo xa wayesemhlabeni. Wayelilungisa yaye esenza okusesikweni. Ngaphezu koko, wanikela ubomi bakhe ngenxa yabantu abasweleyo, ngenxa yoluntu olunesono nolungafezekanga oluthwaxwa ziinkxwaleko, ukugula nokufa. Umpostile uPawulos wanxibelelanisa ubulungisa nelungiselelo lentlawulelo. Wabhala: “Njengokuba ngesigqitho esinye umphumo kubantu bazo zonke iintlobo waba ngumgwebo wesohlwayo, ngokunjalo kwanangesenzo esinye sothethelelo [okanye, “isenzo esinye sobulungisa,” bona umbhalo osemazantsi weNW.] umphumo kubantu bazo zonke iintlobo ukukuvakaliswa kwabo bengamalungisa afanelwe bubomi.” (Roma 5:18) Esi ‘senzo sinye sobulungisa’ sasiyindlela kaThixo yokusindisa uluntu oluthobelayo kwimiphumo eyintlekele yesono sika-Adam, olwalungenatyala ngokungqalileyo ngaso.
Okusesikweni kukaThixo kwakufuna ukuhlawulela abantu abanesono kuze kwangaxeshanye kuphakamise imigaqo yobulungisa. Ukusibetha ngoyaba isono kwakuya kuba kokungekho sikweni nokungabi naluthando, kuba kwakuya kukhuthaza ukuchaswa komthetho. Kwelinye icala, ukuba okusesikweni kukaThixo kwakupheleliselwe ekulinganiseleni umvuzo okanye isohlwayo, imeko yoluntu ibingayi kunika themba. Ngokutsho kweBhayibhile, “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa” kwaye “akukho mntu ulilungisa, nokuba abe mnye.” (Roma 3:10; 6:23) UYehova walungiselela idini lokucamagushela izono, elahlekelwa lukhulu yena noNyana wakhe oyintanda.—1 Yohane 2:1, 2.
Intlawulelo ibonisa ukuba okusesikweni kukaThixo kuxutywe nothando olulawulwa yimigaqo (ngesiGrike, a·gaʹpe). Eneneni, okusesikweni kukaThixo yindlela ephunyezwa ngayo imigaqo yakhe yobulungisa—imbonakaliso yemilinganiselo yakhe yokuziphatha. Ngoko ke, xa eqheliselwa nguThixo, ua·gaʹpe luthando okusekelwe kulo okusesikweni kukaThixo. (Mateyu 5:43-48) Ngoko ukuba sikuqonda ngokwenene okusesikweni kukaYehova, siya kukholosa ngokupheleleyo ngezigqibo zakhe zomgwebo. ‘Njengomgwebi wehlabathi lonke,’ usoloko esenza okulungileyo.—Genesis 18:25; INdumiso 119:75.
Xelisani Okusesikweni KukaYehova
IBhayibhile isibongoza ukuba sibe “ngabaxelisa uThixo.” (Efese 5:1) Oku kuthetha ukuxelisa okusesikweni kwakhe kunye nothando lwakhe. Noko ke, ekubeni singafezekanga, iindlela zethu aziphakamanga njengezikaYehova uThixo. (Isaya 55:8, 9; Hezekile 18:25) Ngoko singazingqina njani ukuba singabathandi bobulungisa nokusesikweni? Ngokwambatha “ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” (Efese 4:24) Siya kwandula ke sithande oko uThixo akuthandayo size sithiye oko akuthiyayo. ‘Ubulungisa bokwenyaniso’ buyalucezela ugonyamelo, ukuziphatha okubi, ukungcola nowexuko, kuba ezi zinto zihlambela oko kungcwele. (INdumiso 11:5; Efese 5:3-5; 2 Timoti 2:16, 17) Kwakhona okusesikweni kukaThixo kusishukumisela ukuba sibe nomdla onyanisekileyo kwabanye.—INdumiso 37:21; Roma 15:1-3.
Ukongezelela koko, ukuba siyakuxabisa ukuba nenceba kokusesikweni kukaThixo, asiyi kutyekela ekugwebeni abazalwana noodade bethu bokomoya. Sinokubaqonda njani kanye ngendlela uYehova abaqonda ngayo? Ngaba besingayi kubagweba ngokwembono yethu enomkhethe? Ngaloo ndlela, uYesu walumkisa: “Yekani ukugweba ukuze ningagwetywa; kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa ngalo; nomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kulinganisela ngawo kuni. Kutheni, ngoko, ukhangela isitroyi esikwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso? Okanye ungatsho njani na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Ndivumele ndikhuphe isitroyi elisweni lakho’; xa, khangela! umqadi uselisweni lakho? Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha isitroyi esikwiliso lomzalwana wakho.” (Mateyu 7:1-5) Ukuhlolisisa ngokunyanisekileyo ukungafezeki kwethu kuya kusithintela ekwenzeni izigwebo uYehova abenokuzigqala njengezingalunganga.
Abadala abamiselweyo bebandla bamele bawise isigwebo kumatyala ezenzo zobubi ezinzulu. (1 Korinte 5:12, 13) Xa besenjenjalo, baye bakhumbule ukuba okusesikweni kukaThixo kufuna kubonakaliswe inceba xa kuyimfuneko. Ukuba ayifuneki—njengakwimeko yaboni abangaguqukiyo—inceba ayinakubonakaliswa. Kodwa abadala abamkhupheli ngaphandle kwebandla umenzi wobubi onjalo ngenxa yokuba benenqala. Bathemba ukuba isenzo sokumsusa kubudlelane siya kumbuyisela ezingqondweni. (Thelekisa uHezekile 18:23.) Bephantsi kobuntloko bukaKristu, abadala baphumeza okusesikweni, yaye oku kuquka ukuba babe “njengendawo yokuzimela umoya.” (Isaya 32:1, 2) Ngoko bamele babonakalise ukungakhethi buso nokuba nolwazelelelo.—Duteronomi 1:16, 17.
Hlwayelani Imbewu Yobulungisa
Ngoxa silinde ihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa, simele ‘sifune ubulungisa’ ukuze sinandiphe inkoloseko kaThixo. (Zefaniya 2:3; 2 Petros 3:13) Le ngcamango ibekwe kakuhle kula mazwi, afumaneka kuHoseya 10:12 athi: “Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.”
Kubomi bethu bemihla ngemihla, sinamathuba amaninzi okuba ‘sihlwayele ukuba kuvele ubulungisa,’ kanye njengoko uYesu wabonisayo kumzekeliso womSamariya olungileyo. UYehova uya kuqinisekisa ukuba ‘sivuna ngokwenceba.’ Ukuba siyaqhubeka sihamba ‘kumendo wesiko,’ siya kuqhubeka siniselwa ubulungisa phantsi kolawulo loBukumkani. (Isaya 40:14) Njengoko ixesha lihamba, ngokungathandabuzekiyo siya kukuqonda ngakumbi ukuba uYehova ungumthandi wobulungisa nokusesikweni.—INdumiso 33:4, 5.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UmSamariya olungileyo wafanekisela okusesikweni kukaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wabasizela abantu ababecinezelekile, ababefana neengcongolo ezityumkileyo