Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba sinokutsho ukuba abakhonzi bakaThixo banamhlanje abanethemba lokuphila emhlabeni banomoya kaThixo ngokulinganayo namaKristu athanjiswe ngomoya?
Lo mbuzo awuqali kubuzwa. Lo mbandela mnye waxutyushwa kwinqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” leThe Watchtower ka-Aprili 15, 1952. Baninzi abaye bangamaNgqina ukususela ngoko, ngoko sinokuwuqwalasela lo mbuzo size senze impinda yoko kwathethwa lelo nqaku.
Ngokusisiseko, impendulo nguewe, abazalwana noodade abathembekileyo bodidi lwezinye izimvu nabathanjisiweyo banokuwufumana ngokulinganayo umoya oyingcwele kaThixo.—Yohane 10:16.
Kakade ke, oku akuthethi kuthi umoya usebenza ngendlela efanayo kubo bonke. Cinga ngabakhonzi abathembekileyo ababephila ngaphambi kwexesha lamaKristu, ngokuqinisekileyo abawamkelayo umoya kaThixo. Ngamandla awayevela kumoya, bambi kubo babulala amarhamncwa anengcwangu, baphilisa abagulayo, bada bavusa nabafileyo. Ibe umoya wawuyimfuneko ukuze babhale iincwadi eziphefumlelweyo zeBhayibhile. (ABagwebi 13:24, 25; 14:5, 6; 1 Kumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:17-37; 5:1-14) IThe Watchtower yathi: “Nangona babengengabo abodidi oluthanjisiweyo, babezaliswe ngumoya oyingcwele.”
Kwelinye icala, cinga ngamadoda nabafazi benkulungwane yokuqala ababethanjiswe ngomoya oyingcwele, besiba ngoonyana bokomoya bakaThixo ababenethemba lokuphila ezulwini. Bonke babethanjisiwe, kodwa oko akuthethi kuthi emva koko umoya wasebenza ngendlela efanayo kubo bonke. Oko kucacile kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 12. Apho umpostile uPawulos waxubusha ngezipho zomoya. Kwindinyana 8, 9 neye-11 sifunda oku: “Omnye unikwa ngomoya intetho yobulumko, omnye intetho yolwazi ngokwaloo moya ukwamnye, omnye ukholo ngomoya omnye, omnye iziphiwo zokuphilisa ngaloo moya mnye. . . . Kodwa konke oku kusebenza kwenziwa ngumoya omnye nofanayo, usabela ngamnye ngokwahlukahlukeneyo kanye njengoko uthandayo.”
Ngokomphumo, yayingengabo bonke abathanjisiweyo emva phayaa ababeneziphiwo zomoya zokwenza imimangaliso. Kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 14, uPawulos wakhankanya intlanganiso yebandla ekwakukho omnye owayenesiphiwo seelwimi, kodwa kungekho namnye onesiphiwo sokuguqulela. Kodwa, ngaphambilana, ngamnye kubo wayethanjisiwe ngomoya. Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukuthi lo mzalwana owayenesiphiwo seelwimi wayenomoya ngaphezulu kwabanye ababekho? Hayi. Abanye babathanjiswa babengahlelelekanga, ngokungathi babengayiqondi iBhayibhile njengaloo mzalwana okanye bengakwazi ukumelana neemvavanyo. Umoya wawusebenza ngendlela ekhethekileyo kumzalwana owayethetha ngeelwimi. Sekunjalo, yena kunye nabo bonke babemele basondele kuYehova baze ‘bahlale bezaliswa ngumoya,’ njengoko uPawulos wabhalayo.—Efese 5:18.
Ngokuphathelele abo bentsalela namhlanje, ngokuqinisekileyo bawamkele umoya kaThixo. Ngasihlandlo sithile wasebenza kubo ngendlela ekhethekileyo—ngexesha ababethanjiswa ngalo baza benziwa oonyana bokomoya. Emva koko ‘bahlala bezaliswe ngumoya,’ bencedwa nguwo xa befuna ukuyiqonda ngakumbi iBhayibhile, bathabatha ukhokelo kumsebenzi wokushumayela, okanye xa kukho iimvavanyo—zobuqu okanye ezentlangano.
Amalungu “ezinye izimvu,” nangona engathanjiswanga, awamkela ngezinye iindlela umoya oyingcwele. IThe Watchtower ka-Aprili 15, 1952, yathi:
“‘Ezinye izimvu’ namhlanje zenza umsebenzi wokushumayela ofanayo nowentsalela, phantsi kweemvavanyo ezifanayo, yaye zibonakalisa ukuthembeka nengqibelelo efanayo. Zitya kwitafile efanayo yokomoya, zitya ukutya okufanayo, zifumana iinyaniso ezifanayo. Ekubeni ziludidi lwasemhlabeni, zinethemba lokuphila emhlabeni yaye zinomdla kakhulu kwizinto zasemhlabeni, zisenokuba nomdla gqitha kwizibhalo ezithetha ngeemeko zasemhlabeni kwihlabathi elitsha; ngoxa intsalela ethanjisiweyo, enethemba lokuphila ezulwini nenomdla omkhulu wobuqu kwizinto zomoya, isenokufundisisa nzulu ngezo zinto kwiLizwi likaThixo. . . . Kodwa isibakala esibalulekileyo sikukuba zombini ezi ndidi zifumana iinyaniso ezifanayo yaye ziziqonda ngendlela efanayo, kwaye yindlela abantu ngabanye abazibhokoxa ngayo ekufundisiseni elawula indlela abaziqonda ngayo izinto zasezulwini nezasemhlabeni abazifumanayo. Umoya weNkosi ufumaneka ngokulinganayo kuzo zombini ezi ndidi, yaye ulwazi nokuqonda kunikelwa ngokulinganayo kuzo zombini, zinamathuba alinganayo okulufumana.”