Ukunikela Uncedo Kwizakhiwo Eziwileyo
NGOKUQINISEKILEYO umgudu womntu wokunikela uncedo xa kuhle intlekele umele unconywe. Uninzi lweenkqubo zokunikela uncedo ziye zanceda ekwakheni amakhaya nasekumanyaniseni iintsapho kwakhona, yaye, okubaluleke nangakumbi, zisindise ubomi babantu.
Xa kusihla intlekele, amaNgqina kaYehova asebenzisa—kwaye anombulelo ngawo—nawaphi na amalungiselelo eenkqubo zokunikela uncedo zehlabathi. Kwangaxeshanye, anembopheleleko engokweZibhalo ‘yokusebenza oko kulungileyo . . . ngokukodwa kwabo bahlobene nawo elukholweni.’ (Galati 6:10) Ewe, amaNgqina avakalelwa kukuba ayahlobana; ajongana “njengentsapho.” Kungoko ebizana ngokuthi “mzalwana” nangokuthi “dade.”—Thelekisa uMarko 3:31-35; Filemon 1, 2.
Ngoko xa intlekele ichaphazela indawo eselumelwaneni, abadala bamaNgqina kaYehova bayazibhokoxa besenza imigudu yokuqiniseka ngendawo ilungu ngalinye lebandla elikuyo neentswelo zalo baze benze amalungiselelo okunikela uncedo oluyimfuneko. Khawubone indlela okwenzeka ngayo oku eAccra, eGhana; eSan Angelo, eU.S.A.; naseKobe, eJapan.
EAccra—“UNogumbe Omncinane”
Imvula yaqalisa ukuna malunga neye-11 ebusuku, ibe ayizange ithembise ukuyeka kangangeeyure ezininzi. UJohn Twumasi, omnye wamaNgqina kaYehova aseAccra uthi: “Yayisina kakhulu kangangokuba yonke intsapho yam ayizange ilale.” IDaily Graphic yayibiza ngokuthi “nguNogumbe omncinane.” UJohn uhlabela mgama esithi: “Sazama ukuthabatha izinto ezithile ezixabisekileyo sizise kumgangatho ongasentla, kodwa sathi xa sivula ucango oluya kwizinyuko, kwangena izantyalantyala zamanzi.”
Abasemagunyeni bakhupha isilumkiso sokuba kuphunywe ezindlwini, kodwa abaninzi balibazisa, besoyika ukuba ikhaya elingenamntu—kwanokuba lizaliswe ngamanzi—lalinokumema amatutu. Abanye babengenakuphuma nokuba sebethanda. Intombazana egama linguPaulina ithi: “Mna nomama sasingakwazi ukuvula ucango. Amanzi aqhubeka enyuka, ngoko sakhwela phezu kwemiphanda eyenziwe ngamaplanga saza sabambelela kumaplanga ophahla. Ekugqibeleni, malunga nentsimbi yesihlanu kusasa, abamelwane bethu basihlangula.”
Ngokukhawuleza kangangoko ayenako, amaNgqina kaYehova aqalisa ukusebenza. Udade ongumKristu ogama linguBeatrice uyabalisa: “Abadala bebandla babesifuna, ibe basifumana kwindlu yelinye iNgqina, esasibalekele kuyo. Kwiintsuku ezintathu nje emva kwezo zantyalantyala, abadala kunye namalungu aselula ebandla basinceda baza basusa udaka olwalungaphakathi nangaphandle kwindlu yethu. IWatch Tower Society yathumela iisepha zokucoca, izinto zokubulala iintsholongwane, ipeyinti, oomatrasi, iingubo, amalaphu neempahla zabantwana. Abazalwana basithumelela ukutya kangangeentsuku eziliqela. Ndandichukumiseke ngokunzulu!”
UJohn Twumasi, ocatshulwe ngaphambilana, unikela le ngxelo: “Ndaxelela abamelwane bam ukuba uMbutho wethu wawusithumelele iisepha zokucoca nezinto zokubulala iintsholongwane—ezaneleyo ukuze siyicoce yonke indlu. Abamalunga nama-40 bandincedisa ekucoceni. Ezinye iisepha zokucoca ndazipha abamelwane bam, kuquka nendoda ethile engumfundisi wecawa yasekuhlaleni. Abantu endandisebenza nabo ngempazamo babecinga ukuba amaNgqina kaYehova abonakalisa uthando kubantu bawo kuphela.”
Abazalwana noodade abangamaKristu baluxabisa gqitha uncedo abalufumanayo. UMzalwan’ uTwumasi uqukumbela ngokuthi: “Nangona izinto endiphulukene nazo zazixabisa imali engaphezulu kunezinto esancedwa ngazo, ngenxa yeli lungiselelo lothando loMbutho, mna nentsapho yam siziva ngathi siye sangenelwa lukhulu kunokuba siye salahlekelwa.”
ESan Angelo—“Yayingathi Ihlabathi Lifikelele Esiphelweni”
Iinkanyamba ezadlakazelisa iSan Angelo ngoMeyi 28, 1995, zasiphula imithi, zawisa iipali zombane, zaza zagibisela iintambo ezinombane phakathi kweendlela. Umoya wawuvuthuza ngesantya esasifikelela kwiikhilomitha ezingama-160 ngeyure, usonakalisa izakhiwo zamashishini nezaseburhulumenteni. Kwakumnyama kumakhaya angaphezu kwama-20 000 ngenxa yokungabikho kombane. Emva koko kwagaleleka isichotho. INational Weather Service (Inkonzo Yemozulu Yesizwe) yabika ukuba kwakusiwa “amatye esichotho alingana nebhola yegalufa,” emva koko “yangamatye esichotho alingana nebhola ye-softball,” yaye ekugqibeleni, “yangamatye esichotho alingana nembambusi [grapefruit].” Ingxolo yayizitsho zithi nzwii iindlebe. Omnye umhlali walapho wathi: “Yayingathi ihlabathi lifikelele esiphelweni.”
Emva kweso saqunge sesaqhwithi kwalandela inzolo eyoyikisayo. Abantu baphuma betyhafile kumakhaya abo onakeleyo behlola umonakalo. Imithi eyayisamile yayivuthuluke amagqabi. Amakhaya awayesamile ayengathi axotyuliwe. Kwezinye iindawo isichotho sasifumbe phantsi ukuya kutsho kwimitha. Amawaka eefestile zamakhaya nezeenqwelo-mafutha ayeqhekezwe sisaqhwithi, kangangokuba iingceba zeglasi zazimenyezela phakathi kwamatye esichotho awayegubungele umhlaba. Elinye ibhinqa lithi: “Ekufikeni kwam ekhaya, ndahlala kwinqwelo-mafutha yam kwindlela yokungena ndaza ndalila. Umonakalo wawumbi gqitha, wawungaphezu kwamandla am.”
Ngokukhawuleza iinkqubo zokunikela uncedo nezibhedlele zanikela uncedo ngemali, ngezinto zokwakha, ngonyango lwezamayeza nangokunikela amacebiso. Okuncomekayo kukuba abantu abaninzi ababengamaxhoba esaqhwithi benza unako nako ukuze bancede abanye.
Amabandla amaNgqina kaYehova nawo athabatha amanyathelo. UAubrey Conner, umdala waseSan Angelo, unikela le ngxelo: “Ngokukhawuleza emva kokuphela kweso saqhwithi, sawa emnxebeni sifuna ukuqonda imeko yabanye. Sancedana saza sanceda nabamelwane bethu abangengomaNgqina ekuvaleni iifestile ngeebhodi, ekubekeni iiplastiki kumaphahla, size sikhusele amakhaya kwimozulu embi kangangoko kunokwenzeka. Sandula ke senza ingxelo ngomntu ngamnye ebandleni ondlu yakhe yayichaphazelekile. Kwakukho amakhaya amalunga nekhulu awayefuna ukulungiswa, ibe izinto zokuwalungisa ezazivela kumasebe okunikela uncedo zazinganelanga. Ngoko sathenga izinto ezingakumbi saza salungiselela ukusebenza. Xa ewonke, amalunga ne-1 000 amaNgqina aweza kunceda ngokuzithandela, malunga nama-250 kwimpela-veki nganye. Ayevela kwimimandla ekumgama oziimayile ezingama-460 [iikhilomitha ezingama-740]. Onke asebenza ngenkuthalo, ngokufuthi kumaqondo obushushu aphantse abe li-100 [malunga nama-40 ngokukaCelsius]. Kwanodade oneminyaka engama-70 ubudala wayesebenza nathi ngazo zonke iimpela-veki ngaphandle kwenye, xa kwakulungiswa ikhaya lakhe. Yaye ngaloo mpela-veki wayephezulu kuphahla lwendlu yakhe encedisa kumsebenzi wokulungisa!
“Ngokufuthi ababukeli babethetha amazwi anjengathi, ‘Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuba nezinye iinkonzo bezinokwenza oku kumalungu azo?’ Abamelwane bethu babemangalisiwe kukubona iqela labasebenzi bokuzithandela abali-10 ukuya kwabali-12 (kuquka noodade) lifika kwakusasa ngoLwesihlanu kwikhaya lelinye iNgqina, lilungele ukulungisa okanye luluqale phantsi lonke olo phahla ngaphandle kokubiza imali. Ubukhulu becala le misebenzi yayigqitywa ngempela-veki enye. Ngamanye amaxesha, umakhi wangaphandle wayexakeka ngumsebenzi wokufulela xa iqela lethu lifika kwindlu esecaleni kwayo. Sasiluchitha olo phahla size siqale phantsi olwethu yaye sicoce neyadi ngaphambi kokuba balugqibe olwabo. Maxa wambi babewuyeka umsebenzi wabo ukuze nje basibukele!”
UMzalwan’ uConner uqukumbela ngelithi: “Sonke siya kuwakhumbula la mathuba siye sawanandipha kunye. Siye sazana kwiinkalo ezahlukeneyo kunanini na ngaphambili ngokubonisa nangokuboniswa uthando lobuzalwana. Sivakalelwa kukuba oku ibikukubonisa nje ukuba liya kuba njani ihlabathi likaThixo elitsha, eliya kuba nabazalwana noodade abancedanayo kuba befuna ngokwenene ukwenjenjalo.”—2 Petros 3:13.
EKobe—“Ubutyobo Bamaplanga, Isamente Nemizimba Yabantu”
Abahlali baseKobe babemele ukuba babeyilungiselele. Enyanisweni, rhoqo ngoSeptemba 1 bagcina iDisaster Prevention Day (uSuku Lokuthintela Intlekele). Abantwana bezikolo baqhelisela oko bafanele bakwenze xa kukho inyikima, umkhosi uqhelisela amaphulo okunikela uncedo ngeenqwelo-ntaka, yaye amasebe abacimi-mlilo akhupha oomatshini bawo abashukuma ngathi yinyikima, abathi abathandayo baqhelisele iindlela zokusinda phakathi kwebhokisi elingana negumbi eshukuma ize igungqe kanye njengenyikima yokoqobo. Kodwa xa kwaqhambuka inyikima yokoqobo ngoJanuwari 17, 1995, onke loo malungiselelo abonakala elilize. Amashumi amawaka amaphahla ezindlu awela ngaphakathi—into engazange yenzeke kwaba matshini bafana nenyikima. Oololiwe bangqengqa ngemihlana; iindlela zeenqwelo-mafutha zaqhekeka; imibhobho ehamba igesi namanzi yagqabhuka; izindlu zazisiwa ngathi zenziwe ngeekhadibhodi. Iphephancwadi iTime lachaza loo mbono ngokuthi “bubutyobo bamaplanga, isamente nemizimba yabantu.”
Emva koko kwaqhambuka umlilo. Izakhiwo zazisitsha ngoxa abacimi-mlilo babevalelwe ziinqwelo-mafutha ezazizalise iindlela kangangeekhilomitha ezininzi. Ngokufuthi abo bafikayo kuloo mlilo bafumanisa ukuba awakho amanzi kwinkqubo yamanzi yeso sixeko eyayonakele. Elinye igosa lathi: “Ngosuku lokuqala sasityhwatyhwa ngokupheleleyo. Andizange ndizive ndiphelelwe ngamandla ngolo hlobo ebomini bam, ndandisazi ukuba kwakukho abantu abaninzi ababengcwabeke kwezo zindlu zitshayo. Yaye ndandisazi ukuba akukho nto ndinokuyenza ngaloo nto.”
Xa bebonke, bamalunga nama-5 000 abantu abafayo, yaye izakhiwo ezimalunga nama-50 000 zaziwile. IKobe yayinesinye kwisithathu kuphela sokutya okwakuyimfuneko. Ukuze bafumane amanzi abanye babhenela kumanzi amdaka awayengaphantsi kwemibhobho egqabhukileyo yamanzi. Inkoliso yabo babengenamakhaya yabalekela kwiindawo ezinikela ikhusi, ezinye zazo ezazilungiselela ukutya, zisipha umntu ngamnye intwana yerayisi ngosuku. Ngokukhawuleza ukunganeliseki kwanwenwa. Enye indoda yakhalaza: “Abasemagunyeni abasenzelanga nto. Ukuba siyaqhubeka sijonge kubo siya kubulawa yindlala.”
Amabandla amaNgqina kaYehova aseKobe naweminye imimandla ekufutshane azilungiselela ngokukhawuleza. Umqhubi wenqwelo-ntaka owazibonela ngawakhe amehlo umsebenzi wawo wathi: “Ndaya kwindawo eyayenzeke kuyo le ntlekele ngosuku lwaloo nyikima ndaza ndachitha iveki ndilapho. Xa ndafika kwenye indawo yekhusi, yonke into yayisisiphithiphithi. Kwakungekho msebenzi wakunikela uncedo owawusenziwa. YayingamaNgqina kaYehova kuphela awaya kuloo ndawo ngokukhawuleza, esenza into enye ngexesha.”
Enyanisweni, wawumninzi umsebenzi owawumele wenziwe. IiHolo ZoBukumkani ezilishumi zagqalwa njengezingenakusetyenziswa, yaye amaNgqina angaphezu kwama-430 ayengenamakhaya. Amanye ayehlala kumakhaya ali-1 206 awayefuna ukulungiswa. Kwakungaphelelanga apho kuba iintsapho zamaNgqina ali-15 awayefe kuloo ntlekele zazikufuna gqitha ukuthuthuzelwa.
AmaNgqina amalunga ne-1 000 avela kulo lonke elo lizwe ngokuzithandela anikela ngexesha lawo ukuze ancede kumsebenzi wokulungisa. Omnye umzalwana uthi: “Xa sasisebenza kumakhaya abantu ekufundwa nabo iBhayibhile ababengekabhaptizwa, babesoloko besibuza, ‘Simele sihlawule malini ngalo msebenzi?’ Xa sasibaxelela ukuba loo msebenzi wawuxhaswa libandla, babesibulela, besithi, ‘Le nto siyifundileyo ngoku iyenzeka!’”
Abaninzi bachukumiseka ngokusabela ngokukhawuleza nangokucokisekileyo kwamaNgqina kuloo ntlekele. Umqhubi wenqwelo-ntaka ocatshulwe ngaphambilana uthi: “Ndandichukumiseke ngokunzulu. Nibizana ngokuthi ‘mzalwana’ nangokuthi ‘dade.’ Ndiye ndayibona indlela enincedana ngayo; ngokwenene niyintsapho.”
NamaNgqina afunda izifundo ezibalulekileyo ngaloo nyikima. Omnye udade wavuma esithi: “Bendisoloko ndivakalelwa kukuba okukhona intlangano isiba nkulu, kokukhona kusiba nzima ukubonakalisa inkxalabo yobuqu.” Kodwa inyameko enothando awayifumanayo yayiguqula imbono yakhe. “Ngoku ndiyazi ukuba uYehova uyasikhathalela kungekhona njengentlangano kuphela kodwa nanjengabantu ngabanye.” Noko ke, kukho uncedo lweentlekele oluhlala luhleli oluzayo.
KUZA UNCEDO OLUHLALA LUHLELI KUNGEKUDALA!
AmaNgqina kaYehova akhangele phambili kwixesha apho ubomi nempilo yabantu ingasayi kupheliswa ziintlekele. Kwihlabathi elitsha likaThixo, umntu uya kufundiswa ukusebenzisana nemeko-bume yomhlaba. Njengoko abantu belahla uqheliselo lokuzingca, abayi kuchanabeka ngakumbi kwiingozi zemvelo.
Ukongezelela koko, uYehova uThixo—uMdali wamandla emvelo—uya kuqinisekisa ukuba intsapho yakhe engabantu nendalo esemhlabeni azisongelwa kwakhona ngamandla emvelo. Ngokwenene umhlaba uya kuba yiparadisi. (Isaya 65:17, 21, 23; Luka 23:43) Isiprofeto esikwiSityhilelo 21:4 siya kuzaliseka ngokuzukileyo: “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UBeatrice Jones (ekhohlo) ubonisa indlela yena nabanye abaye babambana ngayo ukuze bahambe kumanzi ezantyalantyala
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Umsebenzi wokunikela uncedo emva kweenkanyamba