Imibuzo Evela Kubafundi
“IMboniselo” ka-Agasti 15, 1996, yathi: “Kwinxalenye yokugqibela yembandezelo, ‘inyama’ esabele ngakwicala likaYehova iya kusindiswa.” Ngaba oko kuthetha ukuba emva kwenxalenye yokuqala yembandezelo enkulu, kukho abaninzi abatsha abaya kuza ngakwicala likaThixo?
Kwakungathethwa loo nto.
Amazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 24:22 ngokuyintloko aya kuzaliseka kwixa elizayo ngokusinda kwinxalenye yokuqala yembandezelo enkulu ezayo, ekuhlaselweni konqulo. Eli nqaku lathi: “Khumbula ukuba ‘inyama’ yentsalela ethanjisiweyo ‘neyesihlwele esikhulu,’ iya kuba sele isindisiwe ekubhangisweni kweBhabhiloni Enkulu ngephanyazo kwinxalenye yokuqala yaloo mbandezelo.”
Abathembekileyo abanjalo abasayi kuba sengozini xa uYesu nomkhosi wakhe wasezulwini beqalisa inxalenye yokugqibela yaloo mbandezelo. Noko ke ngoobani abaya kudlula kuloo nxalenye yembandezelo? ISityhilelo 7:9, 14 sibonisa ukuba isihlwele esikhulu esinethemba lasemhlabeni siya kusinda. Kuthekani ngamaKristu athanjiswe ngomoya? Inqaku leMboniselo ka-Agasti 15, 1990 elithi “Imibuzo Evela Kubafundi,” laxubusha ngesizathu sokuba singafanele sigxininise kwixesha intsalela ethanjisiweyo eya kuthatyathelwa ngalo ezulwini. Ngoko ke inqaku lakutshanje (lika-Agasti 15, 1996) lawushiya ujinga lo mbandela, linikela la magqabaza: “Ngokufanayo, nakwinxalenye yokugqibela yaloo mbandezelo, ‘inyama’ esabele ngakwicala likaYehova iya kusindiswa.”
Ngokuphathelele umbandela wabantu abatsha abasenokufunda inyaniso yaye beze ngakwicala likaThixo emva kokuqalisa kwembandezelo enkulu, phawula amazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 24:29-31. Emva kokuqhambuka kwembandezelo, kuya kubonakala umqondiso woNyana womntu. UYesu wathi zonke izizwe zomhlaba ziya kumbambazela zenze isijwili. Akazange athethe nanye into ngabantu ababuyela ezingqondweni, baguquke, beme ngakwicala likaThixo, baze babe ngabafundi bokwenyaniso.
Ngokufanayo, kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, uNyana womntu uyabonakala aze agwebe ngokwahlukanisa abantu ngokusekelwe koko babekwenzile okanye koko bangazange bakwenze kwixesha elidluleyo. UYesu akazange athethe nanye into ngabantu ababekade beneempawu zebhokhwe abathi ngequbuliso baguquke baze bafane nezimvu. Injongo yokuza kwakhe kukugweba ngokusekelwe kwindlela abantu ababekade bephila ngayo.—Mateyu 25:31-46.
Noko ke, akuyomfuneko ukuba siziqhekeze iintloko ngalo mbandela. Abantu bakaThixo, abangabathanjiswa nabesihlwele esikhulu, bayakwazi abafanele bakwenze ngoku—ukushumayela baze benze abafundi. (Mateyu 28:19, 20; Marko 13:10) Ngoku lixesha lokuba sizikise ukucinga ngesi siluleko: “Sisebenza ndawonye naye, nathi siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo. Kuba yena uthi: ‘Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, yaye ndakunceda ngomhla wosindiso.’ Khangelani! Lingoku ixesha elamkeleke ngokukodwa. Khangelani! Ungoku umhla wosindiso.”—2 Korinte 6:1, 2.