IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 3/1 iphe. 29
  • “Omnye Kuphela Kwimiphefumlo Emininzi Oyincedileyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Omnye Kuphela Kwimiphefumlo Emininzi Oyincedileyo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Igqwetha Lithetha NgamaNgqina KaYehova
    Vukani!—2010
  • Ukukhulisa Iintsapho Ehlabathini Lonke—Ukukhulisa Abantwana Ngothando, Ngengqeqesho, Ngomzekelo, Nangemilinganiselo Yokomoya
    Vukani!—1991
  • UThixo Uyayiphendula Imithandazo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Lutsha—Khulisani Umnqweno Wenu Wokukhonza UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 3/1 iphe. 29

“Omnye Kuphela Kwimiphefumlo Emininzi Oyincedileyo”

EMVA phayaa ngoJanuwari 1996, uCarol wayegula lithumba elahluma ebuchotsheni. Wayekwiminyaka yakhe engama-60 yaye de kwalelo xesha wayesoloko onwabile, wayelibhinqa elidlamkileyo elalisoloko linamazwi akhuthazayo kubo bonke abantu. Kodwa ngoku oogqirha babezama ukunyanga oku kufa kukhulayo. Phakathi kumzamo wakhe, uCarol wafumana le leta ilandelayo:

“Carol Endimthandayo:

“Ndilusizi kakhulu ngempilo yakho enkenenkene. Ngethamsanqa, sinethemba lokwenene iBhayibhile esinceda ukuba silazi size silithande. Eli lithemba loBukumkani bukaYehova obuza kulawula umhlaba ukuze siphile kwimeko eyiparadesi, xesha elo sonke esikhangele phambili kulo.

“Ndifuna wazi ukuba ukushumayela kwakho kusindise abantu abaninzi ekufeni okungunaphakade. Ndingomnye wabo bantu. Andiqinisekanga enoba usakhumbula ukuqala kwethu ukubonana. Ngelo xesha ndandineminyaka engama-20 ubudala. Ndandineenwele ezinde, ndithengisa iziyobisi, yaye ndandingusithubeni ndihamba neqela lezikrelemnqa. Sonke sasiphatha imikhonw’ ekati kungekho mntu simkhathaleleyo ngaphandle kweziqu zethu.

“Wangena endlwini yam nelinye iNgqina waza wandinika IMboniselo noVukani! Ndazama ukukunika idola ndisithi andifuni maphephancwadi. Wandenza ndaqonda ukuba wawungafuni nje ukufumana iminikelo. Wandixelela ukuba nenza umsebenzi wokunceda abantu bafunde iBhayibhile. Andiqinisekanga enoba ndawamkela loo maphephancwadi okanye ndawafunda. Noko ke, natyala imbewu yenyaniso ebomini bam.

“Kwiminyaka eliqela kamva, elinye iNgqina, uGary, lafika ekhaya ndikho. Ndalixelela ngotyelelo lwakho kwiminyaka eliqela eyadlulayo. UGary wafundisisa nam iBhayibhile ithuba elide de ekugqibeleni ndabhaptizwa ngowe-1984. Ngoku ndifundisa abantwana bam inyaniso engoBukumkani bukaThixo.

“Ndiqinisekile ukuba ndingomnye kwimiphefumlo emininzi oyincedileyo kwiminyaka yakho yenkonzo yokuthembeka. Noko ke, nangenxa yobu bubele bunothando, wenze mna nentsapho yam samazi uThixo Omkhulu, uYehova, noNyana wakhe, uKristu Yesu. Ndikhangele phambili kwimini endinokukubona ngayo kwinkqubo entsha yezinto xa uYehova eya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni ethu, yaye ukufa kungasayi kuphinda kubekho.—ISityhilelo 21:4.

“Ke mna nentsapho yam, siyavuya kuba siye safumana ithuba lokukwazi nokuba sibe yinxalenye yomsebenzi wakho wokunikela ubungqina. Sibamba ngazibini.

“Ngothando lobuzalwana,

Peter”

Emva kokugula iinyanga ezintandathu, uCarol wafa ngoMatshi 1996, emva kokutyala imbewu eninzi yenyaniso kwikhondo lakhe leminyaka engama-35 njengomhambisi wevangeli onenzondelelo. Wafunda ukuba umntu akaze azi xa imbewu iza kuvelisa isiqhamo, kwanakwiminyaka kamva.—Mateyu 13:23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share