‘Sifuna Abantu Abanyanisekileyo’
UKUNYANISEKA kunqab’ okwezinyo lenkuku kwihlabathi lanamhlanje. Sekunjalo, kuyinto esisiseko efunekayo kumaKristu. UPawulos wabhala: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Oku koko uWilma, ongomnye wamaNgqina kaYehova eFaenza, eItali, wayefuna ukukwenza.
Iphephandaba i-Il Resto del Carlino libalisa ukuba xa wafumana isipaji esasinentywenka yemali ngaphandle kwivenkile enkulu kwisixeko sakhe, wasisa emapoliseni “ngaphandle kokuthandabuza” ukuze sibuyiselwe kumniniso.
Xa usibonda wedolophu weva oku, ngokukhawuleza wathumela incwadi enamazwi amafutshane ombulelo kuWilma. Wabhala esithi: “Egameni lesi siXeko, ndibamba ngazibini ngesenzo esibalaseleyo osenzileyo. Isixeko sethu esibekekileyo saseFaenza sifuna abantu abalungileyo nabanyanisekileyo.”
Enoba izenzo ezilungileyo ziyaziwa okanye akunjalo, sifanele sisoloko sizabalazela ukunyaniseka. Njengoko iZibhalo Ezingcwele zibongoza, “sisoloko sizama ukwenza okulungileyo kungekuphela nje emehlweni kaYehova, kodwa kwanasemehlweni abantu.”—2 Korinte 8:21.