“UYehova Akabalahli Abantu Bakhe”
“Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, ke uYehova ulihlangula kubo bonke.”—INDUMISO 34:19.
1, 2. (a) UYehova ubasikelela njani abantu bakhe namhlanje? (b) Yintoni ajamelene nayo amaKristu amaninzi, ibe yiyiphi imibuzo ephakamayo?
ABANQULI bakaYehova baphila kwiparadesi yokomoya, nto leyo ezalisekisa isiprofeto seBhayibhile. (2 Korinte 12:1-4) AmaNgqina kaYehova anobudlelane bezizwe ngezizwe obubalasele ngothando nomanyano. (Yohane 13:35) Afumana ulwazi olunzulu noluphangaleleyo lweenyaniso zeBhayibhile. (Isaya 54:13) Hayi indlela anombulelo ngayo kuYehova kuba ewanike ilungelo lokuba ziindwendwe kwintente yakhe yokomoya!—INdumiso 15:1.
2 Ngoxa bonke abantu abakwintlangano kaYehova beqhubela phambili ngokomoya, bambi babonakala bephila kwiimeko eziseluxolweni nezizolileyo xa zithelekiswa nezabanye abahlangabezana namanzithinzithi ahlukeneyo. AmaKristu amaninzi azifumanisa ekwimeko edakumbisayo kangangexesha elide yaye kungekho nethenjana eli lesiqabu. Kuyinto eqhelekileyo ukutyhafa kwiimeko ezinjalo. (IMizekeliso 13:12) Ngaba ukuhlelwa bububi kuthetha ukuba ubani akamkholisi uThixo? Ngaba uYehova uwakhusela ngokukhethekileyo amanye amaKristu ngoxa ewalahla kwesinomhlwa amanye?
3. (a) Ngaba nguYehova obangela amanzithinzithi ahlela abantu bakhe? (b) Kutheni abanquli abathembekileyo bakaYehova befumana iimbandezelo njengabanye abantu?
3 IBhayibhile iyaphendula: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) UYehova nguMkhuseli noMlondolozi wabantu bakhe. (INdumiso 91:2-6) “UYehova akabalahli abantu bakhe.” (INdumiso 94:14) Oku akuthethi kuthi abanquli abathembekileyo abanakubandezeleka. Le nkqubo ikhoyo yezinto ilawulwa ngabantu abakuzuz’ ilifa ukungafezeki. Uninzi lwabo lonakele, ibe imbinana yabo ingendawo ngokupheleleyo. Akukho namnye kubo okhangela kuYehova ukuze afumane ubulumko. Oku kubangela ukuba ukubandezeleka kwabantu kwande. IBhayibhile iyalitsolisa elokuba abantu bakaYehova abayi kusoloko bebhungca kwimiphumo emibi yokungafezeki nobungendawo babantu.—IZenzo 14:22.
AmaKristu Anyanisekileyo Alindele Ukubandezeleka
4. Yintoni enokulindelwa ngawo onke amaKristu logama nje esaphila kule nkqubo ingendawo yezinto, yaye ngoba?
4 Nangona bengeyonxalenye yehlabathi, abalandeli bakaYesu baphila phakathi kwale nkqubo yezinto. (Yohane 17:15, 16) IBhayibhile ichaza uSathana njengegunya elilawula eli hlabathi. (1 Yohane 5:19) Ngenxa yoko, onke amaKristu anokulindela iingxaki ezinkulu nangaliphi na ixesha. Ecinga ngale nto, umpostile uPetros uthi: “Gcinani iingqiqo zenu, lindani. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhamba-hamba njengengonyama egqumayo, efuna ukuqwenga uthile. Kodwa yimani ngokunxamnye nalo, niqinile elukholweni, nisazi ukuba izinto ezifanayo ngendlela yeembandezelo ziyafezwa kumanyano lwabazalwana luphela ehlabathini.” (1 Petros 5:8, 9) Ewe, lonke umanyano lwamaKristu lunokulindela ukubandezeleka.
5. UYesu wayicacisa njani into yokuba amaKristu athembekileyo aya kujamelana nezinto ezibuhlungu ebomini?
5 Kwanokuba simthanda ngokunzulu uYehova yaye sinyanisekile kwimigaqo yakhe, izinto ezimbi ziza kusihlela ebomini. UYesu wakucacisa oku kumzekeliso wakhe okuMateyu 7:24-27, apho wabonisa umahluko phakathi kwabathobela amazwi akhe nabangawathobeliyo. Wafanisa abafundi abathobelayo nendoda eyingqondi eyakha isiseko sendlu yayo phezu kolwalwa. Abo bangawathobeliyo amazwi akhe wabafanisa nendoda esisiyatha eyakha isiseko sendlu yayo phezu kwentlabathi. Emva koqhwithela, yindlu eyakhiwe phezu kolwalwa kuphela esindayo. Phawula ukuba kwindlu yendoda eyingqondi, “yagaleleka imvula zafika nezikhukula yavuthuza nemimoya yaza yabetha kuloo ndlu, kodwa ayizange idilike.” UYesu akazange athembise ukuba le ndoda iyingqondi yayiza kusoloko iphila kwimeko eseluxolweni nezolileyo. Kunoko, ukuqonda kwale ndoda kwakuza kuyenza ikwazi ukumelana nolo qhwithela. Kudluliselwa ingcamango efanayo nakumzekeliso womhlwayeli. Kulo mzekeliso uYesu uchaza ukuba kwanabanquli abathobelayo ‘abanentliziyo entle nelungileyo’ babeza ‘kuthwala isiqhamo ngonyamezelo.’—Luka 8:4-15.
6. Kumzekeliso kaPawulos wezinto ezingatshiyo, ngoobani abavavanywa emlilweni?
6 Xa wayebhalela abaseKorinte, umpostile uPawulos wasebenzisa ulwimi olufuziselayo ebonisa imfuneko yeempawu ezihlala zihleli ezinokusinceda sijamelane nezilingo. Izinto ezingatshiyo ezinjengegolide, isilivere namanye amatye axabisekileyo zifana neempawu zobuthixo. (Thelekisa IMizekeliso 3:13-15; 1 Petros 1:6, 7.) Kwelinye icala, utyekelo lokwenyama lufaniswa nezinto ezitshayo. Wandula ke uPawulos athi: “Umsebenzi wakhe ngamnye uya kubonakaliswa, kuba imini iya kuwubonakalisa, ngenxa yokuba uya kutyhilwa ngomlilo; yaye umlilo ngokwawo uya kucikida ukuba uluhlobo luni na umsebenzi wakhe ngamnye. Ukuba umsebenzi wakhe nabani na awakhe phezu kwaso uyahlala, uya kwamkela umvuzo.” (1 Korinte 3:10-14) Kwakhona, iBhayibhile apha ichaza ukuba sonke ekugqibeleni siza kujamelana novavanyo oluthile olufana nomlilo.
7. Ngokutsho kwamaRoma 15:4, iZibhalo zinokusinceda njani sinyamezele izilingo?
7 Ziliqela iingxelo zeBhayibhile eziphathelele abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo abanyanzeleka ukuba banyamezele ububi, maxa wambi kangangexesha elide. Sekunjalo, uYehova akazange abalahle. Kusenokwenzeka ukuba umpostile uPawulos wayecinga ngemizekelo enjalo xa wathi: “Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa uyalelo lwethu, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Khawuqwalasele le mizekelo yamadoda amathathu awathi, ngoxa enolwalamano olusenyongweni noThixo, ahlangabezana nobubi obuninzi.
Oko Sikufunda Kwiingxelo ZeBhayibhile
8. Yintoni eyavunyelwa nguYehova kwimeko kaYosefu, ibe yathabatha ixesha elingakanani?
8 UYosefu unyana kaYakobi wayethandwa nguYehova ukususela ebuntwaneni. Noko ke, emsulwa enjalo, ububi babukhwela buzehlela kuye. Waqweqwediswa waza waphathwa ngenkohlakalo ngabantakwabo. Wathengiswa njengekhoboka kwilizwe angalaziyo awafika kulo watyholwa ngobuxoki waza wafakwa “emhadini.” (Genesis 40:15) Kuloo mhadi, “bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhamandela, wafika umphefumlo wakhe esinyithini.” (INdumiso 105:17, 18) Ebudeni bokuba likhoboka nokuvalelwa kwakhe entolongweni, ngokuqinisekileyo uYosefu wayecela ngokuphindaphindiweyo kuYehova ukuba akhululeke. Sekunjalo, nangona wayesomelezwa nguYehova ngeendlela ezahlukahlukeneyo, ntsasa nganye wayevuka eselikhoboka okanye elibanjwa malunga neminyaka eli-13.—Genesis 37:2; 41:46.
9. Yintoni ekwafuneka uDavide ayinyamezele kangangeminyaka eliqela?
9 NoDavide wayekwimeko efanayo. Xa uYehova wayekhetha amadoda afanelekela ukuba alawule uSirayeli, wathi: “Ndifumene uDavide unyana kaYese, indoda evunyiweyo yintliziyo yam.” (IZenzo 13:22) Nangona wayethandeka emehlweni kaYehova, uDavide wabandezeleka gqitha. Ubomi bakhe busengozini, kangangeminyaka eliqela wazifihla entlango, emiqolombeni, ezingxondorheni nakumazwe asemzini. Ekubeni wayezingelwa njengerhamncwa lasendle, watyhafa waza woyika. Noko ke, wanyamezela ngenxa yokomelezwa nguYehova. Ngokusuka kumava akhe ngokufanelekileyo uDavide wayenokuthi: “Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, ke uYehova ulihlangula kubo bonke.”—INdumiso 34:19.
10. Bubuphi obona bubi bugqwesileyo obehlela uNabhoti nentsapho yakhe?
10 Ngemihla yomprofeti uEliya, kwakukho abantu abangama-7000 kuphela kwaSirayeli ababengamnquli uthixo wobuxoki uBhahali. (1 Kumkani 19:18; Roma 11:4) UNabhoti, ekusenokwenzeka ukuba wayengomnye wabo, waphathwa ngokungekho sesikweni ngendlela eyoyikekayo. Wagculelwa ngesityholo sokuba ungumnyelisi. Akufunyaniswa enetyala, wagwetyelwa ukubulawa ngukuxulutywa ngamatye ngokomyalelo wasebukhosini, ibe igazi lakhe laxhatshwa zizinja. Kwanoonyana bakhe babulawa! Ukanti, wayemsulwa kwisityholo awayebekwa sona. Amangqina awayenxamnye naye ayexoka. Yonke loo nto yayiliyelenqe elalenziwe nguKumkanikazi uIzebhele ukuze ukumkani akwazi ukufumana isidiliya sikaNabhoti.—1 Kumkani 21:1-19; 2 Kumkani 9:26.
11. Umpostile uPawulos usixelela ntoni ngamadoda namabhinqa athembekileyo akwimbali yeBhayibhile?
11 Sibale uYosefu, uDavide noNabhoti nje kuphela kuninzi lwamadoda namabhinqa athembekileyo akhankanywe eBhayibhileni awahlangabezana nobubi. Umpostile uPawulos wakha wathi gqaba-gqaba ngembali yabakhonzi bakaYehova ukutyhubela iminyaka. Kule mbali wathetha ngabo “basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa nokutyakatywa, eneneni, ngokungakumbi kunoko, ngemixokelelwane neentolongo. Baxulutywa ngamatye, balingwa, banqunqwa ngesarha, bafa ngokubulawa ngogonyamelo ngekrele, babehambahamba ngeemfele zeegusha, ngeemfele zeebhokhwe, ngoxa babeswele, besezimbandezelweni, bephatheke kabuhlungu; yaye ihlabathi lalingabafanelanga. Babebhadu-bhadula ezinkqantosini nasezintabeni nasemiqolombeni nasemingxunyeni yomhlaba.” (Hebhere 11:36-38) Kodwa uYehova akazange abalahle.
UYehova Ubakhathalele Abo Babandezelekayo
12. Ziziphi ezinye zeenzingo azifumanayo amaNgqina kaYehova namhlanje?
12 Kuthekani ngabantu bakaYehova namhlanje? Njengentlangano, sinokuba nentembelo yokukhuselwa nguThixo nokudlula sikhuselekile kule mihla yokugqibela nakwimbandezelo enkulu. (Isaya 54:17; ISityhilelo 7:9-17) Noko ke, njengabantu ngabanye, siyaqonda ukuba “ixesha nesihlo” ziyabafikela bonke abantu. (INtshumayeli 9:11) Namhlanje maninzi amaKristu athembekileyo abandezelwa zizinto ezimbi. Amanye anyamezela ukuhlwempuzeka ngokugqithisileyo. IBhayibhile ithetha ‘ngeenkedama nabahlolokazi’ abangamaKristu ababandezelekileyo. (Yakobi 1:27) Amanye ayabandezeleka ngenxa yeentlekele zemvelo, iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ukungasetyenziswa kakuhle kwegunya, ukugula nokufa.
13. Ziziphi iingxaki ezinzima ekuye kwanikelwa ingxelo ngazo kutshanje?
13 Ngokomzekelo, kwingxelo yazo yowe-1996 eyayisiya kwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, iiofisi zamasebe eWatch Tower zabalisa ngabanye babazalwana bethu abavalelwa ezintolongweni baze bahlale kwiimeko ezingaginyisi mathe ngenxa yokunamathela kwabo kwimigaqo yeBhayibhile. Xa amaqela abagrogrisi anyanzela amaNgqina amaninzi ukuba aphume aphele kummandla othile welizwe laseMzantsi Merika, kwavalwa amabandla amathathu. Kwelinye ilizwe laseNtshona Afrika, amanye amaNgqina awazibona sele ephakathi kwedabi lamakhaya abulawa. Kwilizwe elikuMbindi Merika, imeko yezoqoqosho eyayimbi kakade yabazalwana abathile yenziwa yamaxongo ngakumbi yinkanyamba eyatshabalalisayo. Kwezinye iindawo apho indlala nokunqongophala kokutya kusenokungabi yingxaki enkulu, abanye basenokudakumbiswa ziimpembelelo ezingakhiyo. Abanye basindwa ziingxaki zobomi bale mihla. Ngenxa yenkcaso kawonke wonke, bambi basenokuziva betyhafile xa beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.
14. (a) Yintoni esiyifunda kumzekelo kaYobhi? (b) Kunokucinga ngendlela engakhiyo, sifanele senze ntoni xa siphantsi kwengcinezelo?
14 Ukuba phantsi kweemeko ezilolu hlobo akufanele kujongwe njengembonakaliso yokuba uThixo akakholiswa sithi. Khumbula imeko kaYobhi namanzithinzithi awajamelana nawo. ‘Wayeyindoda egqibeleleyo, ethe tye.’ (Yobhi 1:8) Hayi indlela amele ukuba wadimazeka ngayo uYobhi xa uElifazi wayemtyhola ngokwenza ububi! (Yobhi, isahluko 4, 5, 22) Asifuni kukhawuleza sifikelele kwisigqibo sokuba ububi esijamelana nabo bubangelwa kukuba siye sasilela kuYehova ngandlel’ ithile okanye uYehova uzihluthile iintsikelelo zakhe kuthi. Iingcamango ezingakhiyo ebudeni bembandezelo zinokulwenza buthathaka ukholo lwethu. (1 Tesalonika 3:1-3, 5) Xa sisebunzimeni, kuluncedo ukucamngca ngesibakala sokuba uYehova noYesu basondele kwabo bangamalungisa kungakhathaliseki ukuba kwenzeka ntoni na.
15. Sazi njani ukuba uYehova unenkxalabo enzulu ngezinto ezimbi ezihlela abantu bakhe?
15 Umpostile uPawulos uyasiqinisekisa xa esithi: “Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Ngaba yimbandezelo okanye yinkxwaleko okanye yintshutshiso okanye kukulamba okanye bubuze okanye yingozi okanye likrele? . . . Ndeyisekile kukuba kwanokufa nobomi neengelosi noorhulumente nezinto ezilapha ngoku nezinto eziza kuza namandla nomphakamo nobunzulu naso nasiphi na esinye isidalwa aziyi kuba nako ukusahlula eluthandweni lukaThixo olukuye uKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 8:35, 38, 39) UYehova usixhalabele gqitha yaye uyazi ukuba siyabandezeleka. Xa wayeseyimbacu, uDavide wabhala: “Amehlo kaYehova akumalungisa, iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo. UYehova usondele kwabantliziyo zaphukileyo.” (INdumiso 34:15, 18; Mateyu 18:6, 14) UBawo wethu osezulwini uyasikhathalela yaye unemfesane ngabo babandezelekayo. (1 Petros 5:6, 7) Usinika oko sikufunayo ukuze sinyamezele, enoba yiyiphi na imbandezelo esithwaxayo.
Izipho ZikaYehova Ziyasilondoloza
16. Liliphi ilungiselelo elivela kuYehova elisinceda sinyamezele, ibe likwenza njani oko?
16 Nangona singenakulindela ukuphila ubomi obungenamanzithinzithi kule nkqubo indala yezinto, “asishiywa sisesichengeni.” (2 Korinte 4:8, 9) UYesu wathembisa ukunika abalandeli bakhe umncedi. Wathi: “Ndiza kumcela uBawo ibe uya kuninika omnye umncedi wokuba kunye nani ngonaphakade, umoya wenyaniso.” (Yohane 14:16, 17) NgePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros waxelela abo babemphulaphule ukuba babeya kwamkela “isipho sesisa somoya oyingcwele.” (IZenzo 2:38) Ngaba umoya oyingcwele uyasinceda namhlanje? Kunjalo kanye! Amandla asebenzayo kaYehova asinika iziqhamo ezihle: “Uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali, ukuzeyisa.” (Galati 5:22, 23) Zonke ezi ziimpawu ezinexabiso elingenakuthelekiswa nanto ezisinceda sinyamezele.
17. Ziziphi ezinye zeenyaniso zeBhayibhile ezomeleza ukholo nozimiselo lwethu ukuze sibe nomonde kuYehova?
17 Umoya oyingcwele ukwasinceda siqonde ukuba iimbandezelo ezikhoyo ngoku ‘zezexeshana yaye zikhaphukhaphu’ xa zithelekiswa nomvuzo wobomi obungunaphakade. (2 Korinte 4:16-18) Seyisekile kwelokuba uThixo akayi kuyilibala imisebenzi yethu nothando esilubonakalisayo ngaye. (Hebhere 6:9-12) Xa sifunda amazwi aphefumlelweyo eBhayibhile, sithuthuzelwa yimizekelo yabakhonzi abathembekileyo bamandulo abanyamezela izinto ezimbi ezininzi kodwa abavakaliswa njengabanoyolo. UYakobi uyabhala: “Bazalwana, bathabatheni njengesizekelo sokunyamezela ububi nesokuqhelisela umonde abaprofeti, ababethetha egameni likaYehova. Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela.” (Yakobi 5:10, 11) IBhayibhile isithembisa ‘ngamandla angaphaya koko kuqhelekileyo’ okusinceda sinyamezele izilingo. Kwakhona uYehova usisikelela ngethemba lovuko. (2 Korinte 1:8-10; 4:7) Ngokufunda iBhayibhile imihla ngemihla nangokucamngca ngala madinga, siya komeleza ukholo nozimiselo lwethu lokumlinda ngomonde uThixo.—INdumiso 42:5.
18. (a) Eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4 isikhuthaza ukuba senze ntoni? (b) Abaveleli abangamaKristu banokuzingqina njani beyimithombo yentuthuzelo nohlaziyeko?
18 Ukongezelela koko, uYehova uye wasinika iparadesi yokomoya esinokufumana kuyo uthando lokwenene lwabazalwana noodade bethu abangamaKristu. Sonke sinendima esimele siyiphumeze ekuthuthuzelaneni. (2 Korinte 1:3, 4) Ngokukodwa abaveleli abangamaKristu banokuba ngumthombo oyintloko wentuthuzelo nohlaziyeko. (Isaya 32:2) ‘Njengezipho ezikuhlobo lwabantu,’ bathunywe ukuba bakhe abo babandezelekayo, ‘bathethe ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo,’ yaye ‘baxhase ababuthathaka.’ (Efese 4:8, 11, 12; 1 Tesalonika 5:14) Abadala bakhuthazwa ukuba bawasebenzise kakuhle amaphephancwadi IMboniselo noVukani!, kunye nezinye iimpapasho ezilungiselelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45-47) Ezi mpapasho ziqulethe ubuncwane besiluleko esisekelwe eBhayibhileni esinokusinceda sicombulule—mhlawumbi side sithintele—ezinye zeengxaki ezisixhalabisayo. Ngamana singaxelisa uYehova ngokuthuthuzelana nangokukhuthazana ebudeni bamaxesha anzima!
19. (a) Yintoni esinceda siwaphephe amanye amanzithinzithi? (b) Ekugqibeleni, ngubani esifanele sikholose ngaye, ibe yintoni eya kusinceda sikwazi ukujamelana nezilingo?
19 Njengoko sisiya singena nzulu kwimihla yokugqibela neemeko zale nkqubo ikhoyo yezinto zisiba mbi ngakumbi, amaKristu enza konke anokukwenza ukuze aphephe izinto ezimbi. (IMizekeliso 22:3) Ukuba nengqondo, ukusebenzisa ingqiqo nokwazi imigaqo yeBhayibhile kunokusinceda senze izigqibo ezibonisa ubulumko. (IMizekeliso 3:21, 22) Siphulaphula iLizwi likaYehova size silithobele ukuze siphephe ukwenza iimpazamo ezingeyomfuneko. (INdumiso 38:4) Noko ke, siyaqonda ukuba nokuba singazibhokoxa kangakanani na asinako ukukuphepha ngokupheleleyo ukubandezeleka ebomini bethu. Kule nkqubo yezinto, amalungisa amaninzi ajamelana namanzithinzithi. Noko ke, sinokuhlangabezana nezilingo zethu sinentembelo epheleleyo yokuba “uYehova akabalahli abantu bakhe.” (INdumiso 94:14) Ibe siyazi ukuba le nkqubo yezinto neenzingo zayo kungekudala ziza kuba zingekho. Ngoko ke, ngamana singazimisela ukuba “singayeki ukwenza oko kuhle, kuba ngexesha elililo siya kuvuna ukuba asidinwa.”—Galati 6:9.
Sifunde Ntoni?
◻ Ziziphi izilingo ezifunyanwa lulo lonke umanyano lwamaKristu?
◻ Yiyiphi imizekelo yeBhayibhile esinceda siqonde ukuba ukuhlelwa bububi akubonakalisi ukuba uYehova akakholiswa ngubani?
◻ Uvakalelwa njani uYehova ngamanzithinzithi ahlela abantu bakhe?
◻ Ziziphi ezinye zezipho ezivela kuYehova ezisinceda sinyamezele izilingo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Bobathathu uDavide, uNabhoti noYosefu bajamelana nobubi