IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 7/1 iphe. 27-30
  • Ngaba Ungumhlobo Kathixo?—Oko Kutyhilwa Yimithandazo Yakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ungumhlobo Kathixo?—Oko Kutyhilwa Yimithandazo Yakho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufumana Ixesha Lokuthandaza
  • Ukuphucula Ubunjani Bemithandazo Yethu
  • Ukuthuthuzela Nokuqonda Ngamaxesha Anzima
  • Sondela KuThixo Ngomthandazo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Indlela Onokusondela Ngayo KuThixo
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Inentsingiselo Kangakanani Imithandazo Yakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 7/1 iphe. 27-30

Ngaba Ungumhlobo Kathixo?—Oko Kutyhilwa Yimithandazo Yakho

NGABA wakha wathi ungalindelanga weva abantu ababini bencokola? Ngokungathandabuzekiyo akuthabathanga thuba lide ukuze uqonde ubuhlobo abanabo—enoba bangamaqabane okanye abazani, abantu nje abazanayo okanye, abahlobo abasenyongweni nabathembeneyo. Ngendlela efanayo, imithandazo yethu inokutyhila ulwalamano lwethu noThixo.

IBhayibhile iyasiqinisekisa isithi uThixo ‘akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) Ngokwenene, uyasikhuthaza ukuba simazi. Singaba ngabahlobo bakhe. (INdumiso 34:8; Yakobi 2:23) Sinokuba nolwalamano olusenyongweni naye! (INdumiso 25:14) Ngokucacileyo, ulwalamano esinalo noThixo yeyona nto ibalulekileyo esinokuba nayo njengabantu abangafezekanga. Yaye uYehova uyabuxabisa ubuhlobo bethu. Oku kucacile ngenxa yokuba ubuhlobo esinabo naye busekelwe ekubeni nokholo kuNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, owancama ubomi bakhe ngenxa yethu.—Kolose 1:19, 20.

Ngoko ke, imithandazo yethu imele ibonakalise uthando lwethu olunzulu noxabiso ngoYehova. Noko ke, ngaba wakha wavakalelwa kukuba, imithandazo yakho, ngoxa ibonakalisa ukuba nentlonelo, ayisuki entliziyweni? Oku akunto ingaqhelekanga. Yintoni enokukunceda uyiphucule? Yomeleza ubuhlobo bakho noYehova uThixo.

Ukufumana Ixesha Lokuthandaza

Okokuqala, kuthabatha ixesha ukomeleza nokuhlakulela ubuhlobo. Usenokubulisa yaye uncokole nabantu abaliqela yonke imihla—abamelwane, abantu osebenza nabo, abaqhubi bakaduladula noonobhala basezivenkileni. Sekunjalo, oku akunakuthetha ukuba ningabahlobo bokwenene nabo banjalo. Ubuhlobo bukhula njengoko uthetha ixesha elide nomntu, niyeka ukuthetha nje ngezinto ezingenamsebenzi, nithethe ngeemvakalelo neengcinga zenu ezinzulu.

Ngendlela efanayo, imithandazo isinceda sisondele ngakumbi kuYehova. Kodwa kufanele kunikelwe ixesha elaneleyo kuyo; kufuneka okungakumbi kunombulelo nje okhawulezileyo ngamaxesha okutya. Okukhona uthetha noYehova, kokukhona uye ukwazi ukumtyhilela iimvakalelo, iintshukumisa nezenzo zakho. Iingxaki ezinzima ziye zicombululeke njengoko umoya kaThixo ukukhumbuza ngemigaqo esuka eLizwini lakhe. (INdumiso 143:10; Yohane 14:26) Kwakhona, njengokuba uthandaza, uYehova uye abe ngowokwenene kuwe, yaye uye uwuqonde ngakumbi umdla wothando anawo nenkxalabo anayo ngawe.

Oku kuyinyaniso ngakumbi xa ufumana impendulo kwimithandazo yakho. Ewe, uYehova ‘unokwenza okungakumbi kunokungaphaya kokukhulu ngokugqithiseleyo kunazo zonke izinto esizicelayo okanye esizithelekelelayo’! (Efese 3:20) Oku akuthethi kuthi uThixo wenza imimangaliso ngenxa yakho. Noko ke, ngeLizwi lakhe elibhaliweyo, ngeempapasho zodidi lwekhoboka elithembekileyo, okanye ngomlomo wabazalwana noodade abanothando, usenokukunika icebiso eliyimfuneko okanye ulwalathiso. Okanye usenokukunika amandla owafunayo ukuze unyamezele isilingo esithile. (Mateyu 24:45; 2 Timoti 4:17) Amava anjalo azizalisa ngoxabiso iintliziyo zethu ngenxa yoMhlobo wethu wasezulwini!

Ngoko ke elowo umele azenzele ithuba lokuthandaza. Liyinyaniso elokuba, ixesha lincinane kule mihla inoxinezeleko. Kodwa xa umkhathalele ngokwenene umntu othile, uye uzame ixesha onokulichitha naye. Phawula oko kwathethwa ngumdumisi: “Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo umphefumlo wam. Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo. Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?” (INdumiso 42:1, 2) Ngaba nawe ulangazelela ukuthetha noThixo ngendlela efanayo? Ngoko zenzele ixesha lokwenza oko!—Thelekisa abase-Efese 5:16.

Ngokomzekelo, usenokuzama ukuvuka kusasa ukuze ube nexesha langasese lokuthandaza. (INdumiso 119:147) Ngaba maxa wambi uyaphuthelwa ebusuku? Ngoko, njengomdumisi, usenokuzibona izihlandlo ezinjalo njengethuba lokuvakalisa inkxalabo yakho kuThixo. (INdumiso 63:6) Okanye usenokuba ngumbandela nje wokuthandaza imithandazo emifutshane ebudeni bemini. Umdumisi wathi kuThixo: “Ndidanduluka kuwe yonke imini.”—INdumiso 86:3.

Ukuphucula Ubunjani Bemithandazo Yethu

Maxa wambi usenokufumanisa kunceda ukwandisa ubude bemithandazo yakho. Kumthandazo wakho omfutshane, usenokutyekela ekuthetheni ngezinto nje eziqhelekileyo. Kodwa xa usenza imithandazo emide nenzulu, ngokuzenzekelayo uvakalisa iingcinga neemvakalelo ezisuka entliziyweni. Ubuncinane ngesihlandlo esinye uYesu wachitha ubusuku bonke ethandaza. (Luka 6:12) Alithandabuzeki elokuba uya kufumanisa ukuba imithandazo yakho iya kuba yeyobuhlobo yaye ibe nentsingiselo ngakumbi ukuba uyakuphepha ukuyikhawulezisa.

Oku akuthethi ukuba umele ujikeleze xa unokuncinane ofuna ukukuthetha; okanye akuthethi ukuba umele uphindaphinde into enye ngokungeyomfuneko. UYesu walumkisa: “Xa uthandaza, ungathethi uphindaphindana nento enye, kanye njengokuba abantu beentlanga besenza, kuba besiba baya kufumana ukuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi. Ngoko, musani ukuzenza nibe njengabo, kuba uThixo uYihlo uyazazi izinto enizifunayo ngaphambi kokude nimcele.”—Mateyu 6:7, 8.

Umthandazo unentsingiselo engakumbi ukuba uyicinga kwangaphambili imibandela oza kuyixubusha. Zininzi gqitha izinto onokucinga ngazo—uvuyo esinalo kubulungiseleli, ubuthathaka neentsilelo zethu, izinto ezisidanisayo, inkxalabo esinayo ngezoqoqosho, iingcinezelo emsebenzini okanye esikolweni, intlalo-ntle yeentsapho zethu, nemeko yokomoya yebandla lethu lasekuhlaleni, ukukhankanya nje ezimbalwa.

Ngaba ingqondo yakho maxa wambi ityekele ekubhaduleni xa uthandaza? Ngoko yenza umgudu ongakumbi wokuzikisa ingqondo. Ngapha koko, uYehova ukulungele ‘ukukubekela indlebe ukuhlahlamba kwethu.’ (INdumiso 17:1) Ngaba asifanele sikulungele ukwenza umgudu onyanisekileyo ukuze sinikele ingqalelo emithandazweni yethu? Ewe, ‘beka ingqondo yakho kwizinto zomoya,’ yaye ungayivumeli ukuba ibhadule.—Roma 8:5.

Kwakhona indlela esithetha ngayo noYehova ibalulekile. Nangona efuna simgqale njengomhlobo, singaze silibale ukuba sithetha noMongami wendalo iphela. Funda uze ucamngce ngombono ochazwe kwiSityhilelo isahluko 4 nesesi-5. Apho uYohane wabona embonweni ubungangamsha baLowo sithandaza kuye. Elinjani ilungelo esinalo lokukwazi ukuthetha nokusondela ‘kuLowo uhleli etroneni’! Asifuni ukuthetha ngendelelo okanye ngokungenasidima. Kunoko, sifanele senze umzamo wenkuthalo ukuze ‘amazwi omlomo wethu nokucamngca kwentliziyo yethu kumkholise uYehova.’—INdumiso 19:14.

Kwakhona, simele siqonde ukuba asimanelisi uYehova ngokuba ngamaciko. Uyakholiswa ngamazwi ethu entlonelo, nasuka entliziyweni, enoba siwathetha ngokulula kangakanani na.—INdumiso 62:8.

Ukuthuthuzela Nokuqonda Ngamaxesha Anzima

Xa sifuna uncedo nokuthuthuzelwa, ngokufuthi siye sibhenele kumhlobo osenyongweni ukuze sifumane inkxaso novelwano. Enyanisweni, akakho umhlobo ofikeleleka lula kunoYehova. “Ezimbandezelweni ufumaneka eluncedo kunene.” (INdumiso 46:1) ‘NjengoThixo wentuthuzelo yonke,’ ukuqonda ngakumbi oko sijamelana nako ngaphezu kwakhe nabani na. (2 Korinte 1:3, 4; INdumiso 5:1; 31:7) Yaye unovelwano nemfesane yokwenene kwabo basebunzimeni. (Isaya 63:9; Luka 1:77, 78) Ukwazi ukuba uYehova ungumhlobo oqondayo, siziva sikhululekile ukuba singathetha naye ngokuqiniseka nangokunzulu. Sishukunyiselwa ekubeni sivakalise uloyiko lwethu olunzulu namaxhala ethu. Ngaloo ndlela siba namava okwenene endlela ‘iintuthuzelo zikaYehova eziwuyolisa ngayo umphefumlo wethu.’—INdumiso 94:18, 19.

Maxa wambi sisenokuvakalelwa kukuba asifanelekanga ukuthetha noThixo ngenxa yeempazamo zethu. Kodwa kuthekani ukuba umhlobo wakho osenyongweni ukonile waza wacela uxolo? Ngaba ubungayi kushukunyiselwa ekubeni umthuthuzele uze umqinisekise? Ngoko, kutheni ufanele ulindele okungaphantsi koku kuYehova? Ubaxolela ngesisa abahlobo bakhe abona ngenxa yokungafezeki kobuntu. (INdumiso 86:5; 103:3, 8-11) Ukwazi oku, akusibangeli ukuba singakwazi ukuzixela iimpazamo zethu ngokukhululekileyo kuye; siqinisekile ngothando nenceba yakhe. (INdumiso 51:17) Ukuba sidimazekile ngenxa yeentsilelo zethu, sinokuthuthuzelwa ngamazwi akweyoku-1 kaYohane 3:19, 20 athi: “Ngako oku siya kwazi ukuba siphuma kuyo inyaniso, yaye siya kuziqinisekisa iintliziyo zethu phambi kwakhe ngokubhekisele kuko nakuphi na oko iintliziyo zethu ezisenokusigwebela isohlwayo kuko, ngenxa yokuba uThixo mkhulu ngakumbi kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.”

Noko ke, akuyomfuneko ukuba side sibe sengxakini ukuze sizuze inkxalabo enothando kaThixo. UYehova unomdla kuyo nantoni na esenokuchaphazela impilo-ntle yethu yokomoya. Ewe, singaze sicinge ukuba iimvakalelo zethu, iingcinga nezinto ezisixhalabisayo zincinane gqitha ukuba singazikhankanya emthandazweni. (Filipi 4:6) Xa uhleli nomhlobo wakho osenyongweni, ngaba nixubusha ngezona zinto zibalulekileyo ebomini benu? Ngaba anikhe nincokole nangezinto nje ezingenamsebenzi ezikuxhalabisayo? Ngendlela efanayo, usenokuziva ukhululekile ukuba ungathetha noYehova ngayo nayiphi inkalo yobomi bakho, usazi ukuba ‘ukukhathalele.’—1 Petros 5:7.

Kakade ke, ubuhlobo kusenokwenzeka bungahlali buhleli ukuba usoloko uthetha ngesiqu sakho. Ngokufanayo, imithandazo yethu ayifanele ibe yeyokuzingca. Kwakhona simele sivakalise uthando lwethu nenkxalabo esinayo ngoYehova noko akufunayo. (Mateyu 6:9, 10) Umthandazo ayisosihlandlo sokucela uncedo kuThixo kuphela kodwa ikwalithuba lokubonakalisa umbulelo nendumiso. (INdumiso 34:1; 95:2) “Ukungenisa ulwazi” ngofundisiso lobuqu kunokusinceda kule nkalo, njengokuba lusinceda siqhelane ngakumbi noYehova neendlela zakhe. (Yohane 17:3) Usenokufumanisa kuluncedo ngakumbi ukufunda incwadi yeeNdumiso uze uphawule indlela abanye abakhonzi abathembekileyo abaye bathetha ngayo noYehova.

Ngokwenene, ubuhlobo noYehova busisipho esixabisekileyo. Kwanga singabonisa ukuba siyabuxabisa ngokwenza imithandazo yethu ibe yeyobuhlobo, isuke entliziyweni yaye ibe yeyobuqu. Siya kwandula ke sinandiphe ulonwabo olwavakaliswa ngumdumisi, owathi: “Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze.”—INdumiso 65:4.

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Sinokuthandaza kuThixo ebudeni bemini nanini na ithuba livela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share