Masibambelele Ngokuthe Nkqi Kukholo Lwethu Oluxabisekileyo!
“Kwabo bazuze ukholo, abanelungelo elilinganayo nelethu.”—2 PETROS 1:1.
1. UYesu wabalumkisa ngelithini abapostile bakhe, kodwa uPetros waqhayisa ngelithini?
NGENGOKUHLWA eyayingaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathi bonke abapostile bakhe babeza kumshiya. Omnye wabo, uPetros, waqhayisa ngelithi: “Nangona bonke abanye bekhutyekiswa ngokunxibelelene nawe, andisayi kuze ndikhutyekiswe!” (Mateyu 26:33) Kodwa uYesu wayesazi ukuba kwakungayi kuba njalo. Kungoko kwangeso sihlandlo waxelela uPetros oku: “Ndiye ndenza isikhungo ngenxa yakho ukuze ungatyhafi elukholweni; yaye nawe, xa uthe wabuya, bomeleze abazalwana bakho.”—Luka 22:32.
2. Phezu kwako nje ukuzithemba ngokugqithiseleyo kukaPetros, ziziphi izenzo zakhe ezazibonisa ukuba ukholo lwakhe lwalubuthathaka?
2 UPetros, owayeluthembe ngokugqithiseleyo ukholo lwakhe, wamkhanyela kwangobo busuku uYesu. Kangangezihlandlo ezithathu wakhanyela kwanokuba wayemazi uKristu! (Mateyu 26:69-75) Xa wathi “wabuya,” amazwi eNkosi yakhe athi, “bomeleze abazalwana bakho,” amele ukuba ayenkenteza ezindlebeni zakhe. Ubomi obabusasele bukaPetros baphenjelelwa ngokunzulu seso sibongozo, njengoko unokubona kwiincwadi zakhe ezimbini, ezilondolozwe eBhayibhileni.
Isizathu Sokuba UPetros Abhale Iincwadi Zakhe
3. Kwakutheni ukuze uPetros abhale incwadi yakhe yokuqala?
3 Kwiminyaka emalunga nama-30 emva kokufa kukaYesu, uPetros wabhala incwadi yakhe yokuqala, eyithumela kubazalwana bakhe basePonto, eGalati, eKapadokiya, eAsiya naseBhithiniya, imimandla namhlanje eyila umntla nentshona yeTurkey. (1 Petros 1:1) AmaYuda, amanye awo asenokuba aba ngamaKristu ngePentekoste yowama-33 C.E., ngokuqinisekileyo ayequkwa phakathi kwabo babhalelwa nguPetros. (IZenzo 2:1, 7-9) Uninzi lwalungabeeNtlanga ababetshutshiswa ngokukrakra ngabachasi. (1 Petros 1:6, 7; 2:12, 19, 20; 3:13-17; 4:12-14) Ngoko uPetros wabhalela abo bazalwana ukuze abakhuthaze. Injongo yakhe yayikukubanceda bazuze “isiphelo sokholo [lwabo], usindiso lwemiphefumlo [yabo].” Ngaloo ndlela, kwisibongozo sakhe sokugqibela, wathi: “Yimani ngokunxamnye [noMtyholi], niqinile elukholweni.”—1 Petros 1:9; 5:8-10.
4. Kwakutheni ukuze uPetros abhale incwadi yakhe yesibini?
4 Kamva, uPetros wabhala incwadi yakhe yesibini eyayisiya kula maKristu. (2 Petros 3:1) Kwakutheni ukuze ayibhale? Kwakukho isisongelo esikhudlwana. Abathile ababeziphethe kakubi babezama ukukhuthaza ihambo yabo engcolileyo kumakholwa yaye belahlekisa amanye awo! (2 Petros 2:1-3) Ngaphezu koko, uPetros wayelumkisa ngabagculeli. Kwincwadi yakhe yokuqala wayebhale wathi “isiphelo sezinto zonke sisondele,” ibe ngoku kubonakala ukuba abanye babehlekisa ngaloo ngcamango. (1 Petros 4:7; 2 Petros 3:3, 4) Makhe sihlolisise incwadi yesibini kaPetros size sibone indlela eyabomeleza ngayo abazalwana ukuze bahlale beqinile elukholweni. Kweli nqaku lokuqala, siza kuqwalasela eyesi-2 kaPetros isahluko 1.
Injongo Yesahluko 1
5. UPetros ubenza bayilungele njani ingxubusho ephathelele iingxaki abo babeza kufunda incwadi yakhe?
5 UPetros akangeni mxholweni zisuka kwiingxaki ezinzulu ezikhoyo. Kunoko, utshayelela ingxubusho ephathelele ezi ngxaki ngokukhulisa uxabiso lwabo babeza kufunda incwadi yakhe ngoko bakufumanayo xa babesiba ngamaKristu. Ubakhumbuza ngamadinga angummangaliso kaThixo nangokuthembeka kweziprofeto zeBhayibhile. Ukwenza oku ngokubabalisela ngombono awawubonayo wokwenziwa kumila kumbi kukaKristu ekumandla oBukumkani.—Mateyu 17:1-8; 2 Petros 1:3, 4, 11, 16-21.
6, 7. (a) Sisiphi isifundo esinokusifumana kwintshayelelo yencwadi kaPetros? (b) Xa sinikela isiluleko, yintoni ekusenokuba luncedo ukuyivuma?
6 Ngaba ikho into esinokuyifunda kwintshayelelo kaPetros? Ngaba isiluleko asiyi kwamkeleka ngakumbi ukuba siqala ngokuhlolisisa kunye nabo sibalulekayo iinkalo zethemba elizukileyo loBukumkani esilixabisayo xa sisonke? Yaye kuthekani ngokusebenzisa amava obuqu? Emva kokufa kukaYesu, kusenokwenzeka ukuba uPetros wayedla ngokubalisa ngaloo mbono kaKristu ekuzuko loBukumkani.—Mateyu 17:9.
7 Kwakhona, khumbula ukuba kusenokwenzeka ukuba, ngexesha uPetros wayebhala incwadi yakhe yesibini, incwadi yeVangeli kaMateyu nencwadi yompostile uPawulos eyayisiya kwabaseGalati zazisele zisasazwe ngokubanzi. Ngoko iintsilelo zikaPetros kunye nengxelo yokholo lwakhe zisenokuba zazisaziwa ngabantu belo xesha. (Mateyu 16:21-23; Galati 2:11-14) Noko ke, oku akuzange kumenze angakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo. Eneneni, kusenokuba kwenza incwadi yakhe yanomtsalane ngakumbi kwabo babeziqonda iintsilelo zabo. Ngoko ke, xa sinceda abo baneengxaki, ngaba akuyi kuba luncedo ukuvuma ukuba nathi sikhe sizenze iimpazamo?—Roma 3:23; Galati 6:1.
Umbuliso Owomelezayo
8. UPetros usenokuba walisebenzisa ngayiphi ingqiqo igama elithi “ukholo”?
8 Ngoku khawuqwalasele umbuliso kaPetros. Zisuka nje uthi gqaba gqaba ngombandela wokholo, ebiza abo baza kufunda incwadi yakhe ngokuthi “abo bazuze ukholo, abanelungelo elilinganayo nelethu.” (2 Petros 1:1) Apha igama elithi “ukholo” lisenokuthetha “ukoyiseka ngokupheleleyo” yaye libhekisela kwiinkolelo okanye kwiimfundiso zamaKristu xa zizonke, ezithi maxa wambi kwiZibhalo zibizwe ngokuthi ‘yinyaniso.’ (Galati 5:7; 2 Petros 2:2; 2 Yohane 1) Ngokufuthi igama elithi “ukholo” lisetyenziswa ngale ngqiqo kunokuba lisetyenziswe ngengqiqo ephangaleleyo yokuthemba okanye yokuba nentembelo kumntu okanye kwinto ethile.—IZenzo 6:7; 2 Korinte 13:5; Galati 6:10; Efese 4:5; Yude 3.
9. Kutheni umbuliso kaPetros umele ukuba wavakala ufudumele ngokukodwa kwabeeNtlanga?
9 Umbuliso kaPetros umele ukuba wavakala ufudumele ngokukhethekileyo kwabeeNtlanga ababeza kufunda incwadi yakhe. AmaYuda ayengenanto yakwenza nabeeNtlanga, ayede abacekise, ibe ikhethe awayenalo kwabeeNtlanga laqhubeka likho nakumaYuda awaba ngamaKristu. (Luka 10:29-37; Yohane 4:9; IZenzo 10:28) Sekunjalo, uPetros, owayengumYuda ngokuzalwa nowayengumpostile kaYesu Kristu, wathi abo babeza kufunda incwadi yakhe—amaYuda nabeeNtlanga—babenokholo olunye yaye benelungelo elilinganayo nelakhe.
10. Sisiphi isifundo esinokusifumana kumbuliso kaPetros?
10 Khawucinge ngesifundo esihle esisifumana kwimibuliso kaPetros namhlanje. UThixo akakhethi buso; akathandi isizwe okanye uhlanga oluthile ngaphezu kolunye. (IZenzo 10:34, 35; 11:1, 17; 15:3-9) Njengoko uYesu wafundisayo, onke amaKristu angabazalwana, ibe akukho namnye kuthi omele azive emkhulu. Ngaphezu koko, umbuliso kaPetros ubethelela ukuba sibubuzalwana behlabathi lonke, obulugqala ‘njengelungelo elilinganayo’ ukholo awayenalo uPetros nabanye abapostile.—Mateyu 23:8; 1 Petros 5:9.
Ulwazi Nezithembiso ZikaThixo
11. Emva kombuliso wakhe, ziziphi izinto ezibalulekileyo azibethelelayo uPetros?
11 Emva kombuliso wakhe, uPetros uyabhala: “Ngamana kungandiswa kuni ububele obungasifanelanga noxolo.” Buza kwandiswa njani kuthi ububele obungasifanelanga noxolo? UPetros uyaphendula: “Ngolwazi oluchanileyo lukaThixo nolukaYesu iNkosi yethu.” Andule ke athi: ‘Amandla akhe angokobuthixo asinike ngesisa zonke izinto eziphathelele ubomi nozinikelo lobuthixo.’ Kodwa sizifumana njani ezi zinto zibalulekileyo? “Ngolwazi oluchanileyo lwalowo wasibizayo ngozuko nesidima.” Ngaloo ndlela uPetros wakubethelela kabini ukubaluleka kolwazi oluchanileyo lukaThixo noNyana wakhe.—2 Petros 1:2, 3; Yohane 17:3.
12. (a) Kutheni uPetros egxininisa ukubaluleka kolwazi oluchanileyo? (b) Ukuze sifumane izithembiso zikaThixo, yintoni ekufuneka siyenze kuqala?
12 “Abafundisi bobuxoki” uPetros alumkisa ngabo kwisahluko 2 basebenzisa “amazwi alalanisayo” ukuze baqhathe amaKristu. Ngale ndlela bazama ukubahenda ukuba babuyele ekuziphatheni okubi ababehlangulwe kuko. Kwabo baye basindiswa ‘ngolwazi oluchanileyo lweNkosi noMsindisi uYesu Kristu’ baze kamva bavumela ukulahlekiswa ngolo hlobo, imiphumo iya kuba mibi. (2 Petros 2:1-3, 20) Kuyabonakala ukuba ekubeni wayelindele ukuphinda axubushe ngale ngxaki kamva, zisuka nje kwincwadi yakhe uPetros ugxininisa indima yolwazi oluchanileyo ukuze ubani ahlale ecocekile kuThixo. UPetros uthi uThixo “usinike ngesisa izithembiso ezixabisekileyo nezizuke kakhulu, ukuze ngazo nibe nesabelo kwimvelo engokobuthixo.” Ukanti, ukuze sizifumane ezo zithembiso, eziyinkalo ephambili yokholo lwethu, uPetros uthi, kuqala simele sibe ‘sikuphephile ukonakala okusehlabathini okungenxa yenkanuko.’—2 Petros 1:4.
13. Yintoni amaKristu athanjisiweyo kunye “nezinye izimvu” azimisele ukubambelela ngokuthe nkqi kuyo?
13 Uzijonga njani izithembiso zikaThixo? Ngaba uzijonga ngendlela intsalela yamaKristu athanjisiweyo ezijonga ngayo? Ngowe-1991, uFrederick Franz, ngoko owayengumongameli weWatch Tower Bible and Tract Society, owayengumlungiseleli wexesha elizeleyo kangangeminyaka engaphezu kwama-75, washwankathela iimvakalelo zabo banethemba lokulawula noKristu ngala mazwi: “Sibambelele ngokuthe nkqi ukuza kuthi ga ngeli lixa, ibe siseza kubambelela ngokuthe nkqi de uThixo azingqine enyaniseke ngokwenene ‘kwizithembiso zakhe ezixabisekileyo nezizuke kunene.’” UMzalwan’ uFranz wahlala enentembelo kwisithembiso sikaThixo sokuvuselwa ezulwini, ibe wabambelela ngokuthe nkqi kukholo de wafa eneminyaka engama-99 ubudala. (1 Korinte 15:42-44; Filipi 3:13, 14; 2 Timoti 2:10-12) Ngokufanayo, izigidi zabantu zibambelele ngokuthe nkqi elukholweni, zijolise amehlo azo kwisithembiso sikaThixo separadesi yasemhlabeni abantu abaya kuphila kuyo ngolonwabo ngonaphakade. Ngaba ungomnye wabo?—Luka 23:43; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.
Ukusabela Kwizithembiso ZikaThixo
14. Kutheni uPetros edwelisa isidima njengophawu lokuqala olumele longezelelwe kukholo?
14 Ngaba sinombulelo kuThixo ngoko akuthembisileyo? UPetros uthi ukuba kunjalo, masikubonise oko. “Ewe, ngenxa kanye yesi sizathu” (ngenxa yokuba uThixo esinike izithembiso ezixabiseke kunene), sifanele senze umgudu wokwenene. Asinakwaneliswa kukuba nje sikholwa okanye kukuqhelana nenyaniso yeBhayibhile kuphela. Akwanelanga oko! Mhlawumbi ngomhla kaPetros bambi ebandleni babethetha gqitha ngokholo kodwa babandakanyeka kwihambo yokuziphatha okubi. Kwakufuneka babe nesidima, ngoko uPetros uyababongoza esithi: “Yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima.”—2 Petros 1:5; Yakobi 2:14-17.
15. (a) Kutheni ulwazi lulandeliswa emva kwesidima njengophawu olumele longezelelwe kukholo? (b) Ziziphi ezinye iimpawu eziya kusixhobisa ukuze sibambelele ngokuthe nkqi elukholweni?
15 Emva kokukhankanya isidima, uPetros udwelisa iimpawu ezingakumbi ezintandathu ezimele zongezelelwe kukholo lwethu. Uphawu ngalunye luyimfuneko ukuze ‘sime siqinile elukholweni.’ (1 Korinte 16:13) Ngenxa yokuba abawexuki ‘babezijija iZibhalo’ yaye besandisa ‘iimfundiso ezikhohlisayo,’ uPetros ngokulandelayo udwelisa ulwazi njengento ebalulekileyo, esithi: “Esidimeni senu [nongezelele] ulwazi.” Andule ke aqhubeke esithi: “Elwazini lwenu [yongezelelani] ukuzeyisa, ekuzeyiseni kwenu unyamezelo, kunyamezelo lwenu uzinikelo lobuthixo, kuzinikelo lwenu lobuthixo umsa wobuzalwana, kumsa wenu wobuzalwana uthando.”—2 Petros 1:5-7; 2:12, 13; 3:16.
16. Kuya kwenzeka ntoni xa iimpawu ezidweliswa nguPetros zisongezelelwa elukholweni, ukanti kuya kwenzeka ntoni xa zingongezelelwa?
16 Kuza kwenzeka ntoni xa ezi mpawu zisixhenxe zisongezelelwa kukholo lwethu? UPetros uyaphendula: “Ukuba ezi zinto zikho kuni yaye ziyaphuphuma, ziya kuninqanda ekubeni ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo ngokubhekisele kulwazi oluchanileyo lweNkosi yethu uYesu Kristu.” (2 Petros 1:8) Kwelinye icala, uPetros uthi: “Nabani na ezingekhoyo kuye ezi zinto, uyimfama, [yena] uwavalile amehlo akhe ekukhanyeni, yaye uye wakulibala ukuhlanjululwa kwakhe kwizono zakhe zakudala.” (2 Petros 1:9) Phawula ukuba uPetros akasasebenzisi igama elithi “kuni” nelithi “yethu” kodwa usebenzisa elithi “nabani na,” “yena,” nelithi “akhe.” Nangona, ngokulusizi, bambi beziimfama, belibala yaye bengacocekanga, ngobubele uPetros akazami kuthi abo baza kufunda le ncwadi bangabanye babo.—2 Petros 2:2.
Ukomeleza Abazalwana Bakhe
17. Yintoni esenokuba yashukumisela uPetros ukuba abongoze ngelithantamisayo ngokuphathelele ukuqhelisela “ezi zinto”?
17 Mhlawumbi akuphawula ukuba ngokukodwa abasebatsha banokukhohliseka lula, uPetros wabakhuthaza ngelithantamisayo esithi: “Bazalwana, ngokungakumbi yenzani unako-nako ukwenza ukubizwa nokunyulwa kwenu kuqiniseke; kuba ukuba niqhubeka nizenza ezi zinto anisayi kuze nisilele nangayiphi na indlela.” (2 Petros 1:10; 2:18) AmaKristu athanjisiweyo ongezelela ezi mpawu zisixhenxe kukholo lwawo aya kufumana umvuzo ozukileyo, njengoko uPetros esitsho: “Niya kubonelelwa ngokutyebileyo ngokungeniswa kubukumkani obungunaphakade beNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.” (2 Petros 1:11) “Ezinye izimvu” ziya kufumana ilifa elingunaphakade kwiintendelezo ezisemhlabeni zoBukumkani bukaThixo.—Yohane 10:16; Mateyu 25:33, 34.
18. Kutheni uPetros ‘esoloko etyekele ekubakhumbuzeni’ abazalwana bakhe?
18 Ngokunyanisekileyo uPetros ufuna abazalwana bakhe bafumane loo mvuzo uzukileyo. Uyabhala: “Ngenxa yesi sizathu ndiya kusoloko ndityekele ekunikhumbuzeni ngezi zinto, nangona nizazi yaye nimi ngokuqinileyo kwinyaniso ekhoyo kuni.” (2 Petros 1:12) UPetros usebenzisa igama lesiGrike elithi ste·riʹzo, eliguqulelwe apha ngokuthi “nimi ngokuqinileyo” kodwa eliguqulelwe ngelithi “bomeleze” kwisibongozo sangaphambilana sikaYesu kuPetros esithi: “Bomeleze abazalwana bakho.” (Luka 22:32) Ukusetyenziswa kwelo gama kusenokubonisa ukuba uPetros usasikhumbula isibongozo esinamandla esasivela eNkosini yakhe. Ngoku uPetros uthi: “Ndikugqala kulungile, lo gama ndisekule tabanekile [umzimba womntu], ukunivusa ngendlela yokunikhumbuza, ndisazi njengoko kunjalo ukuba ukudilika kwetabanekile yam kuza kwenzeka kamsinya.”—2 Petros 1:13, 14.
19. Luluphi uncedo esilufunayo namhlanje?
19 Nangona ngobubele uPetros esithi abo baza kufunda incwadi yakhe ‘bami ngokuqinileyo enyanisweni,’ uyaqonda ukuba ukholo lwabo lusenokwaphukelwa ngumkhombe. (1 Timoti 1:19) Ekubeni esazi ukuba kungekudala uza kufa, womeleza abazalwana bakhe ngokukhankanya izinto abanokuzikhumbula kamva ukuze bazigcine bomelele ngokomoya. (2 Petros 1:15; 3:12, 13) Nathi namhlanje, kufuneka sikhunjuzwe ngokuzingisileyo ukuze sihlale siqinile elukholweni. Kungakhathaliseki ukuba singoobani na okanye sinexesha elingakanani sisenyanisweni, asinakulutyeshela ufundisiso lweBhayibhile, ufundisiso lobuqu nokuya ezintlanganisweni zebandla. Abanye babeka izingxengxezo zokungayi ezintlanganisweni, besithi badiniwe okanye iintlanganiso ziphindaphinda into enye okanye aziqhutywa kakuhle, kodwa uPetros wayeyazi indlela nabani na kuthi anokuphulukana nokholo ngokukhawuleza ngayo ukuba sizithemba ngokugqithiseleyo.—Marko 14:66-72; 1 Korinte 10:12; Hebhere 10:25.
Isiseko Esiqinileyo Sokholo Lwethu
20, 21. Ukwenziwa kumila kumbi kwalomeleza njani ukholo lukaPetros nolwabo babeza kufunda iincwadi zakhe, kuquka nathi namhlanje?
20 Ngaba ukholo lwethu lusekelwe kwiintsomi ezenziwe ngobuchule? UPetros uphendula ngeligxininisayo esithi: “Hayi khona, akubanga ngokulandela amabali obuxoki ayilwe ngobuqhetseba esathi sanazisa amandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu, kodwa kwaba ngokuthi sibe ngamangqina okuzibonela ubungangamela bayo.” UPetros, uYakobi noYohane babekunye noYesu xa babebona umbono wakhe esemandleni oBukumkani. UPetros uyachaza: “Yamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, xa yangqinelwa ngobungangamela bozuko ngamazwi anjengala: ‘Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’ Ewe, la mazwi saweva engqinelwa ephuma ezulwini ngoxa sasinaye entabeni engcwele.”—2 Petros 1:16-18.
21 Xa uPetros, uYakobi noYohane babona loo mbono, ngokuqinisekileyo uBukumkani baba yinto yokwenene kubo! UPetros uthi: “Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto elenziwa laqiniseka ngakumbi; yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo.” Ewe, abo babeza kufunda incwadi kaPetros, kuquka nathi namhlanje, babenesizathu esivakalayo sokunikel’ ingqalelo kwiziprofeto ezingoBukumkani bukaThixo. Yiyiphi indlela ekufuneka sinikel’ ingqalelo ngayo? UPetros uyaphendula: “Njengakwisibane esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi, ezintliziyweni zenu.”—2 Petros 1:19; Daniyeli 7:13, 14; Isaya 9:6, 7.
22. (a) Yintoni ekufuneka iintliziyo zethu zihlale ziyiphaphele? (b) Siyinikela njani ingqalelo kwilizwi lesiprofeto?
22 Iintliziyo zethu beziya kuba mnyama ukuba bezingakhanyiselwa lilizwi lesiprofeto. Kodwa ngokunikel’ ingqalelo kulo, iintliziyo zamaKristu ziye zahlala zikuphaphele ukufika kwesifingo xa ‘ikhwezi,’ uYesu Kristu, liphuma likuzuko loBukumkani. (ISityhilelo 22:16) Namhlanje siyinikela njani ingqalelo kwilizwi lesiprofeto? Ngokufundisisa iBhayibhile, ngokulungiselela nangokuba nenxaxheba kwiintlanganiso, ‘nangokuziphonononga ezi zinto, size sendele kuzo.’ (1 Timoti 4:15) Ukuze ilizwi lesiprofeto libe sisibane esikhanya “kwindawo emnyama” (iintliziyo zethu), simele silivumele lisiphembelele ngokunzulu—iminqweno, iimvakalelo, iintshukumisa nosukelo lwethu. Kufuneka sibe ngabafundi beBhayibhile, kuba uPetros uqukumbela isahluko 1 esithi: “Akukho siprofeto seSibhalo siphuma nakuluphi na utoliko lobuqu. Kuba isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Petros 1:20, 21.
23. Isahluko sokuqala seyesi-2 kaPetros sibenze balungela ntoni abo baza kusifunda?
23 Kwisahluko sokuqala sencwadi yakhe yesibini, uPetros wasinika intshukumisa enamandla yokuba sibambelele ngokuthe nkqi kukholo lwethu oluxabisekileyo. Ngoku sikulungele ukuqwalasela izinto ezinzulu ezizayo. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngesahluko 2 seyesi-2 kaPetros, apho lo mpostile axubusha ngocelomngeni lweempembelelo zokuziphatha okubi okwakungene ebandleni.
Ngaba Uyakhumbula?
◻ Kutheni uPetros ebethelela ukubaluleka kolwazi oluchanileyo?
◻ Sisenokuba siyintoni isizathu sokuba isidima sidweliswe njengophawu lokuqala olumele longezelelwe elukholweni?
◻ Kutheni uPetros esoloko etyekele ekukhumbuzeni abazalwana bakhe?
◻ Sisiphi isiseko esiqinileyo uPetros asibekela ukholo lwethu?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Iintsilelo zikaPetros azizange zimenze alushiye ukholo lwakhe