IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 10/1 iphe. 21-25
  • Ndinombulelo Ngobomi Obude Enkonzweni KaYehova

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinombulelo Ngobomi Obude Enkonzweni KaYehova
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphenjelelwa Ziimbono Zonqulo
  • Ukuyimela Kwam Inyaniso YeBhayibhile
  • Inkonzo YaseBheteli
  • Ukomelezwa Lithemba LoBukumkani
  • Umsebenzi Ebudeni BeMfazwe Yehlabathi II
  • Umsebenzi Ohlaziyiweyo Emva KweMfazwe
  • Ukwenza Oko Ndinako
  • Ukulondoloza Ukholo Kude Kube Sekupheleni
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Ubomi Bam Kwintlangano Eyalathiswa Ngumoya KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 10/1 iphe. 21-25

Ndinombulelo Ngobomi Obude Enkonzweni KaYehova

NGOKUBALISWA NGUOTTILIE MYDLAND

Ekupheleni kwenkulungwane ye-19, iinqanawa zazimi enye ecaleni kwenye kwizibuko laseKopervik kwintshona yeNorway. Ngezo mini amadoda namahashe ayerhuqa iinqwelo ezitratweni. Abantu babesebenzisa izibane zeparafini ukuze bakhanyise, behlala kwizindlu zamaplanga ezikalikwe mhlophe nezazifudunyaliswa ziinkuni nangamalahle. Ndazalelwa apho ngoJuni 1898, yaye ndingowesibini kubantwana abahlanu.

NGOWE-1905, uBawo wayengaphangeli, ngoko waya eUnited States. Wabuya emva kweminyaka emithathu enetyesi ezele zizinto ezintle awayeziphathele thina namalaphu esilika awayewaphathele uMama. Kodwa eyona nto ixabiseke gqitha awayeyiphethe yimiqulu kaCharles Taze Russell eyayinomxholo othi Studies in the Scriptures.

UBawo waqalisa ukuxelela abahlobo nezalamane ngezinto awayezifunde kwezi ncwadi. Kwindlu yecawa ekufutshane, wayesebenzisa iBhayibhile ukuze abonise ukuba akukho sihogo sitshisayo. (INtshumayeli 9:5, 10) Ngowe-1909, unyaka emva kokuba uBawo ebuyile eUnited States, uMzalwana uRussell watyelela eNorway waza wanikela iintetho eBergen naseKristiania, ngoku eyiOslo. UBawo waya eBergen ukuya kumphulaphula.

Inkoliso yabantu yamtyhola uBawo ngokusasaza iimfundiso zobuxoki. Ndandimvela yaye ndandimncedisa ekuhambiseni amaphecana eBhayibhile kubamelwane. Ngowe-1912, ndanika intombi kamfundisi iphecana elalithetha ngesihogo. Yandithuka indidibanisa noBawo. Ndothuswa yinto yokuba intombi kamfundisi inokusebenzisa intetho enjalo ukungcola!

Abanye aBafundi beBhayibhile, njengokuba amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo, ngamanye amaxesha babesityelela eKopervik, kuquka noTheodor Simonsen, owayesisithethi esibalaseleyo. Ndandiye ndimeme abantu kwiintetho awayezinikela ekhaya. Ngaphambi kwentetho yakhe wayedlala isiginci aze acule, yaye emva kwentetho yakhe wayeye acule iculo lokuqukumbela. Sasimhlonela gqitha.

Olunye undwendwe lwasekhaya yayinguAnna Andersen, icolporteur, okanye umlungiseleli wexesha elizeleyo. Wayetyelela idolophu nedolophu kulo lonke elaseNorway, ubukhulu becala ngebhayisekile, ehambisa uncwadi lweBhayibhile ebantwini. Ngaphambili wayeligosa kuMkhosi Wosindiso yaye wayesazi namanye amagosa oMkhosi Wosindiso eKopervik. Bamvumela ukuba anikele intetho yeBhayibhile kwindlu ababeqhubela kuyo iintlanganiso, yaye ndamema abantu ukuba beze kumphulaphula.

Enye icolporteur eyayisityelela eKopervik yayinguKarl Gunberg. Le ndoda yayinesidima, izolile, kodwa iliqhula yaye ngezihlandlo ezithile isebenza njengomguquleli kwiofisi yesebe eOslo. Kwiminyaka eyalandelayo kamva sasebenza kunye apho.

Ukuphenjelelwa Ziimbono Zonqulo

Ngelo xesha, inkoliso yabantu yayingenalukholo lomeleleyo nje kuThixo naseBhayibhileni kuphela kodwa kwakhona yayikwabambelele kwiinkolelo, ezinjengesihogo somlilo noBathathu Emnye. Ngoko ke bamangaliswa gqitha xa aBafundi beBhayibhile bafundisa ukuba zonke ezi mfundiso zazingavisisani neBhayibhile. Ndaphenjelelwa zizityholo zommelwane wethu xa wayesithi uBawo ungumqhekeki. Ngesinye isihlandlo ndathi kuye: “Oko ukufundisayo akuyonyaniso. Yimfundiso yabaqhekeki!”

Wathi kum: “Yiza apha Ottilie, uze ubone oko iBhayibhile ikuthethayo.” Emva koko wandifundela iZibhalo. Ngenxa yoko, ndaba nentembelo engakumbi kuye ngenxa yoko wandifundisa kona. Wandikhuthaza ukuba ndifunde iStudies in the Scriptures, ngoko ebudeni behlobo lowe-1914, ngokufuthi ndandihlala endulini ndize ndifunde ndijonge ezantsi edolophini.

NgoAgasti 1914 isihlwele sabantu sasimi ngaphandle kwesakhiwo sephephandaba lasekuhlaleni sifunda ngokuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi I. UBawo weza waza wabona oko kwakusenzeka. Wathi, “Enkosi Thixo!” Wakuqonda ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile awayeshumayela ngazo ngokuqhambuka kwemfazwe. (Mateyu 24:7) Emva koko aBafundi beBhayibhile abaliqela bakholelwa ukuba kungekudala babeza kuthatyathelwa ezulwini. Xa oku kungazange kwenzeke, bambi badana.

Ukuyimela Kwam Inyaniso YeBhayibhile

Ngowe-1915, xa ndandineminyaka eli-17 ubudala, ndaphumelela ibanga lesibhozo ndaza ndaqalisa ukusebenza eofisini. Ndaqalisa ukufunda IMboniselo rhoqo. Kodwa iintlanganiso zaqalisa ukuqhutywa rhoqo eKopervik ngowe-1918. Ukuqalisa kwethu, sasibahlanu kuphela. Sasifunda iimpapasho zeWatch Tower Society, ezinjengethi Studies in the Scriptures, yaye sasizixubusha ngokusebenzisa imibuzo neempendulo. Nangona uMama wayethetha kakuhle ngaBafundi beBhayibhile kwabanye, akazange abe ngomnye wethu.

Kwiofisi endandisebenza kuyo, ukususela ngowe-1918, ndaye ndaqhelana noAnton Saltnes, endakwazi ukumnceda waba nguMfundi weBhayibhile. Ngelo xesha ndaba ngumvakalisi othe rhoqo yaye ndabhaptizwa kwindibano eyayiseBergen ngowe-1921.

NgoMeyi 1925 kwakukho indibano yabo bonke abantu baseScandinavia eÖrebro, eSweden. Kwakukho abantu abangaphezu kwama-500, kuquka noJoseph F. Rutherford, umongameli weWatch Tower Society. Abamalunga nama-30 kuthi bahamba ngololiwe ukusuka eOslo kwikhareji elalilungiselelwe aBafundi beBhayibhile kuphela.

Kule ndibano kwakhutshwa isaziso sokuba kuza kwakhiwa iOfisi yesebe yaseMantla Yuropu eCopenhagen, eDenmark, ukuze kunyanyekelwe umsebenzi wokushumayela kulo lonke elaseScandinavia nakumazwe eBaltic. UWilliam Dey owayevela eSkotlani wabelwa ukuba avelele umsebenzi wokushumayela. Wayethandwa gqitha, yaye kungekudala waye waziwa njengoBig Scotsman. Ekuqaleni uMzalwana uDey wayengalwazi ulwimi lwaseScandinavia, ngoko wayeye ahlale emva ezintlanganisweni nasezindibanweni aze anyamekele abantwana ukuze abazali babo bakwazi ukukuphulaphula ngenyameko oko kuthethwayo eqongeni.

IMboniselo (yesiNgesi) kaMatshi 1, 1925 yaxubusha incwadi yeSityhilelo isahluko 12, yaza yachaza ukuba esi sahluko sinxulumene nokuzalwa koBukumkani bukaThixo yaye obu bukumkani bazalwa emazulwini ngowe-1914. Ndakufumanisa kunzima ukukuqonda oku, ngoko ndaliphindaphinda kaliqela ukulifunda elo nqaku. Ekugqibeleni xa ndaliqonda, ndonwaba gqitha.

Xa kwenziwa utshintsho ngokuphathelele indlela ebesiyiqonda ngayo imibandela yeBhayibhile, bambi bakhubeka yaye barhoxa kubantu bakaThixo. Kodwa xa olo tshintsho kunzima ukuluqonda, ndandiwufundisisa rhoqo lo mbandela ukuze ndikwazi ukuwuqonda. Ukuba andikayiqondi loo nkcazelo intsha, ndilindela ingcaciso. Ngezihlandlo ezininzi ndiye ndafumana umvuzo ngomonde onjalo.

Inkonzo YaseBheteli

Kangangeminyaka eliqela ndandisebenza njengomgcini-zincwadi, unobhala ndikwanguye nomphicothi-zincwadi wesithili. Ngowe-1928 umntu owayenyamekela amatyala oMbutho wagula waza wanyanzeleka ukuba ahambe eBheteli. Ekubeni ndandinamava kumsebenzi onjalo, ndacelwa ukuba ndingene ezihlangwini zakhe. Ndaqalisa inkonzo yaseBheteli ngoJuni 1928. Kanye emva kwethuba elide, uMzalwana uDey wayesityelela aze ahlole iincwadi zam. Kwakhona intsapho yethu yaseBheteli yayikhokela ekushumayeleni ekuhleni eOslo, apho ngoko sasinebandla elinye kuphela apho.

Abanye bethu babencedisa umzalwana owayesebenza kwisebe lokuthumela iincwadi eBheteli, uMzalwana uSakshammer, ekubopheni nasekuthumeleni iThe Golden Age (ngoku enguVukani!). UMzalwana uSimonsen noGunberg babephakathi kwabo babesinceda. Sasonwabile, ngokufuthi sicula iingoma njengoko sisebenza.

Ukomelezwa Lithemba LoBukumkani

Ngowe-1935 saye saqonda ukuba “isihlwele esikhulu” yayingelulo udidi lwesibini oluza kuya ezulwini. Safumanisa ukuba kunoko simela udidi oluya kusinda kwimbandezelo enkulu yaye siya kuphila ubomi obungunaphakade kwiParadesi esemhlabeni. (ISityhilelo 7:9-14) Ngenxa yolu lwazi lutsha abanye ababethabathile kwimifuziselo yeSikhumbuzo baqonda ukuba elabo ithemba yayilelasemhlabeni, yaye bayeka ukuthabatha.

Nangona ndandingenamathandabuzo ngethemba lam lasezulwini, ngokufuthi ndandiye ndizibuze ukuba, ‘UThixo undifunela ntoni mna?’ Ndaziva ndingalifanelekelanga ilungelo elikhulu kangako. Njengebhinqa elincinane, elithuleyo nelingatshatanga, ndakufumanisa kunzima ukucinga ngam njengokumkani olawula kunye noKristu emazulwini. (2 Timoti 2:11, 12; ISityhilelo 5:10) Noko ke, ndacamngca ngamazwi kampostile uPawulos athi “ababaninzi abazizilumko” ababizwayo, kodwa “uThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi, ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo.”—1 Korinte 1:26, 27.

Umsebenzi Ebudeni BeMfazwe Yehlabathi II

NgoAprili 9, 1940, iNorway yahlaselwa yimikhosi yaseJamani, yaye kungekudala eli lizwe loyiswa. Ngenxa yemfazwe, abaninzi baye basabela kwisigidimi soBukumkani. Ukususela ngo-Oktobha 1940 ukusa kuJuni 1941, sahambisa iincwadi neencwadana ezingaphezu kwama-272-000. Oko kuthetha ukuba Ngqina ngalinye kulawo angaphezu kwama-470 aseNorway ngokomlinganiselo lahambisa iincwadi neencwadana ezingaphezu kwama-570 ebudeni bezo nyanga zisithoba!

NgoJulayi 8, 1941, amaGestapo atyelela bonke abaveleli abongamelayo yaza yabaxelela ukuba ukuba abawuyeki umsebenzi wokushumayela, baza kuthunyelwa kwiinkampu zoxinaniso. Amapolisa amahlanu aseJamani eza eBheteli aza athimba izinto ezininzi zeWatch Tower Society. Intsapho yaseBheteli kwahanjwa nayo yaza yagocwagocwa ngemibuzo, kodwa akukho namnye kuthi owafakwa entolongweni. Ekugqibeleni, ngoJulayi 21, 1941, isakhiwo soMbutho esiseInkognitogaten 28 B sathinjwa, yaye umsebenzi wethu wokushumayela wavalwa. Ndabuyela eKopervik ndaza ndafumana umsebenzi ukuze ndikwazi ukuzixhasa.

Ngelo xesha, uBawo wayekhonza njengovulindlela. Ngenye imini amaNazi eza aza agqogqa indlu kaBawo. Aluthabatha lonke uncwadi lwakhe, kuquka iiBhayibhile zakhe nezalatha-magama zeBhayibhile. Ebudeni belo xesha sasifumana ukudla kokomoya okulinganiselweyo kuphela. Ukuze sihlale somelele ngokomoya, sasifunda iincwadi ezindala siziphindaphinda, ezinjengethi Government, yaye saqhubeka sishumayela.

Okubuhlungu kukuba, kwiindawo ezininzi abazalwana babeneembono ezahlukahlukeneyo. Bambi babenembono yokuba simele sishumayele ekuhleni size siye kwindlu ngendlu ngoxa abanye babevakalelwa kukuba simele sisebenze ngokufihlakele ngakumbi, size sithethe nabantu ngezinye iindlela. Ngaloo ndlela abazalwana abaziwayo, ababesebenzisana kakuhle ngaphambili yaye esasibathanda gqitha, babengathethisani. Le yantlukwano yayiphakathi kwabo yandibangela ukuba ndibe buhlungu ngokungathethekiyo ngendlela endingazange ndibe yiyo nakweyiphi na imeko ebomini bam njengeNgqina.

Umsebenzi Ohlaziyiweyo Emva KweMfazwe

Emva kwemfazwe, ngehlobo lowe-1945, uMzalwana uDey watyelela eNorway waza waqhuba iintlanganiso eOslo, eSkien, naseBergen. Wababongoza abazalwana ukuba baxolelane waza wabacela bonke abo banqwenela ukwenjenjalo ukuba baphakame. Bonke baphakama! Loo mpikiswano yazinziswa okokugqibela ngoDisemba 1945, emva kokutyelelwa nguNathan H. Knorr, ngoko owayengumongameli weWatch Tower Society.

Ebudeni beli xesha ngoJulayi 17, 1945, ndafumana ucingo olwaluvela kwisicaka sesebe, uMzalwana uEnok Öman, lusithi: ‘Unokubuyela nini eBheteli?’ Bambi bathi ndimele ndihlale ekhaya ndize ndinyamekele ubawo, ngelo xesha owayeneminyaka engaphezu kwama-70. Kodwa uBawo wandikhuthaza ukuba ndibuyele kwinkonzo yaseBheteli, yaye ndabuyela. Ngowe-1946, umzalwana owayesuka eUnited States, uMarvin F. Anderson, waba ngumveleli wethu wesebe, yaye umsebenzi wokushumayela waphinda waqaliswa.

Ebudeni beeholide zehlobo ndandisiya eKopervik ndiye kubona intsapho yakowethu. Abantakwethu ababini noodade wethu ababini abazange babe ngamaNgqina, kodwa babesoloko benobubele kuBawo nakum. Omnye umntakwethu wayesebenza kwizibuko leenqanawa yaye wayephethe abaqhubi, yaye omnye wayengumfundisi-ntsapho. Nangona ndandingenazinto zingako ziphathekayo, uBawo wayeye athi kubo: “UOttilie usisityebi kunani.” Yaye oko kwakuyinyaniso! Oko babenako kwakungenakuthelekiswa nobutyebi bokomoya endandibunandipha! UBawo wafa xa wayeneminyaka engama-78 ubudala ngowe-1951. UMama yena wayefe ngowe-1928.

Okona kwakubalasele ebomini bam kukubakho kwindibano yezizwe ngezizwe yabantu bakaYehova eyaqhutyelwa kwiSixeko saseNew York ngowe-1953. Ngaloo nyaka intsimi yehlabathi lonke yafikelela kubavakalisi abangama-500 000, yaye kuloo ndibano kwakukho abangaphezu kwabali-165 000! Ngaphambi kwendibano yowe-1953, ndasebenza kangangeveki kwiBheteli yaseBrooklyn, ikomkhulu lentlangano kaYehova esemhlabeni.

Ukwenza Oko Ndinako

Kule minyaka yakutshanje amehlo aye engaboni ngenxa yorhatyazo. Ndisakwazi ukufunda umbhalo oshicilelwe ngamagama amakhulu, ngeendondo ezibukhali eziwenza abe makhulu amagama. Yaye oodade abangamaKristu bayandityelela ukuze bandifundele kabini ngeveki, yaye ndikubulela gqitha oko.

Umsebenzi wam wokushumayela usikelwe umda. Ebudeni behlobo, oodade abangamaKristu baye bandikhuphe bandihambise ngesitulo esinamavili sabaguli bandise kwiindawo endinokukwazi ukushumayela kuzo. Kwakhona ndiye ndithumele amaphephancwadi neencwadana ezikolweni zaseKopervik, njengakwisikolo sabaqalayo apho ndandifunda khona kwiminyaka ephantse ibe li-100 eyadlulayo. Ndivuyiswa kukuba ndisakwazi ukuba ngumvakalisi othe rhoqo.

Ngethamsanqa igumbi lokudlela neHolo yoBukumkani zikumgangatho omnye nendlu yam eBheteli, eye yakhiwa eYtre Enebakk ngaphandle kweOslo ukususela ngowe-1983. Ngoko ndiyakwazi ukuya kunqulo lwakusasa, ukubakho ngexesha lezidlo nakwiintlanganiso zethu ndisebenzisa inqwelana. Yaye ndivuyiswa kukuba ndisakwazi ukuya kwiindibano ezinkulu nezincinane. Ndiyakunandipha ukudibana nabahlobo endibazi kwakudala, kwanabazalwana noodade nabantwana abaliqela abathandekayo.

Ukulondoloza Ukholo Kude Kube Sekupheleni

Kuyintsikelelo ukuhlala nabantu abadlamkileyo, abanothando nabaneempawu zokomoya abalapha eBheteli. Xa ndaqalisa inkonzo yaseBheteli, intsapho yonke yayiyilwe ngabo banethemba lokuphila ezulwini. (Filipi 3:14) Ngoku wonke umntu eBheteli ngaphandle kwam ulindele ukuphila emhlabeni ngonaphakade. Liyinene elokuba, sasilindele ukuba uYehova uya kuthabatha inyathelo kwakudala. Sekunjalo, ndivuyiswa kukubona isihlwele esikhulu sisanda ngokwanda. Olunjani ulwando endiye ndalubona! Xa ndandikubulungiseleli okwesihlandlo sokuqala, kwakukho abavakalisi abanokuba ngama-5000 ehlabathini lonke. Ngoku kukho abangaphezu kwama-5400 000! Ngokwenene, ndiye ndambona ‘omncinane esiba liwaka, noweyeleyo esiba luhlanga olunamandla.’ (Isaya 60:22) Simele sihlale simlindele uYehova, njengokuba umprofeti uHabhakuki wabhala esithi: “Ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza.”—Habhakuki 2:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share