Ulonwabo Lokwenene—Siyintoni Isikhokelo Sokulufumana?
ABANTU babedalelwe ukuba bonwabe. Kutheni sinokuqiniseka nje ngaloo nto? Qwalasela isiqalo somntu.
UYehova uThixo wasidala isibini sokuqala esingabantu sanamandla okunandipha ulonwabo. UAdam noEva babekwa eparadesi, umyezo woyolo obizwa ngokuba yiEden. UMdali wabanika zonke izinto eziyimfuneko ebomini. Kuloo myezo kwakukho “yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa.” (Genesis 2:9) UAdam noEva babeyimiqabaqaba, bomelele, hayi ke ngobuhle babefana neguzi liphum’ ekhasini—babefezekile yaye bonwabe ngokwenene.
Sasiyintoni ke phofu isikhokelo sokonwaba kwabo? Ngaba yayilikhaya labo eliyiparadesi okanye mhlawumbi yayiyimfezeko yabo engokwasemzimbeni? Ezi zipho zivela kuThixo zazinegalelo ekunandipheni kwabo ubomi. Kodwa ulonwabo lwalungaxhomekekanga kwezo zinto zokwenyama. Umyezo wase-Eden wawungeyopaki intle nje kuphela. Wawuyindawo engcwele, indawo yokunqula uThixo. Isikhokelo solonwabo lwabo sasikukumisela nokulondoloza ulwalamano olunothando noMdali. Ukuze bonwabe, kuqala babefanele babe ngabantu bokomoya.—Thelekisa uMateyu 5:3.
Ubumoya Bungunozala Wolonwabo
Ekuqaleni uAdam wayenolwalamano lokomoya noThixo. Olu yayilulwalamano olunothando nothantamiso kanye njengolo analo unyana noyise. (Luka 3:38) Kumyezo wase-Eden, uAdam noEva izinto zazibahambela kakuhle nto leyo eyayibenza banelise umnqweno wabo wokunqula. Ngokuthobela kwabo uYehova ngokuzithandela nangothando, babeza kuzisa imbeko nozuko kuThixo ngaphezu kwayo nayiphi na enokuziswa sisidalwa esiphilayo. Ngeengqondo zabo ezikrelekrele babenokudumisa uThixo ngenxa yeempawu zakhe ezimangalisayo baze baxhase ulongamo lwakhe. Kwakhona babenokuqhubeka befumana inyameko kaYehova enothando nothantamiso.
Le mvisiswano kunye noMdali nokuthobela imithetho yakhe yabazisela ulonwabo lokwenene abazali bethu bokuqala. (Luka 11:28) UAdam noEva kwakungalindelekanga ukuba baphile iminyaka emininzi befun’ isitya ebumnyameni ngaphambi kokuba bafumane isikhokelo solonwabo. Babonwabile ukususela nje kumzuzu abadalwa ngawo. Ukuba seluxolweni noThixo kunye nokuthobela igunya lakhe kwabenza bonwaba.
Noko ke, olo lonwabo lwathi shwaka nje ngomzuzu bakuba bengamthobelanga uThixo. Ngokuvukela, uAdam noEva balonakalisa ulwalamano ababenalo noYehova. Babengasengabo abahlobo bakaThixo. (Genesis 3:17-19) Kuyabonakala ukuba ukususela kwimini abagxothwa ngayo emyezweni, uYehova akazange aphinde abe sanxibelelana nabo. Baphulukana nemfezeko ababenayo, ithemba lokuphila ngonaphakade nekhaya labo elingumyezo. (Genesis 3:23) Kodwa eyona nto ibaluleke nangakumbi yeyokuba, ekubeni babengasenalo ulwalamano noThixo, baphulukana nesikhokelo solonwabo.
Amandla Esinawo Okwenza Ukhetho
Ngaphambi kokuba bafe, uAdam noEva badlulisela kwinzala yabo iimpawu zobuntu ababenazo, isazela ababedalwe benaso nemvo yokomoya. Intsapho engabantu ayizange ithotyelwe kumgangatho wezilwanyana. Thina sinako ukuba seluxolweni noMdali. (2 Korinte 5:18) Njengezidalwa ezikrelekrele, abantu basenawo amandla okwenza ukhetho enoba kukuthobela uThixo okanye ukungamthobeli. Oko kwabonakaliswa kwiinkulungwane kamva xa uYehova wanika uhlanga olwalusandul’ ukumiselwa lukaSirayeli ukhetho lobomi okanye ukufa. Esebenzisa isithethi sakhe uMoses, uThixo wathi: “Ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi.”—Duteronomi 30:15-18.
Kwanangoku, emva kwamawakawaka eminyaka siphulukene neParadesi yokuqala, thina bantu sisakwazi ukwenza ukhetho olulungileyo. Sinesazela esiphilayo namandla asisiseko okuthobela imithetho kaThixo. IBhayibhile ithetha ‘ngomntu esinguye ngaphakathi’ ‘nangomntu wangaphakathi.’ (2 Korinte 4:16; Roma 7:22) La mabinzana abhekisela kumandla esazalwa sinawo sonke lawo okubonakalisa ubuntu bukaThixo, ukucinga ngendlela acinga ngayo nokuba ngabantu bokomoya.
Xa wayethetha ngemveli nangesazela sethu, umpostile uPawulos wabhala: “Xa sukuba abantu beentlanga abangenawo umthetho besenza ngemvelo izinto zomthetho, aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. Ngabo kanye ababonakalisa umbandela womthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo, ngoxa isazela sabo singqinelana nabo yaye, phakathi kwiingcamango zabo, bayamangaleleka okanye bade bangxengxezeleke.”—Roma 2:14, 15.
Ubulumko BobuThixo Nokuthobela—Isikhokelo
Omnye umntu usenokubuza athi, ‘Ukuba sinotyekelo lwemvelo lokunqula uThixo, yaye, ngenxa yalo sinokunandipha ulonwabo lokwenene, kutheni ukungonwabi kwande kangaka nje?’ Kungenxa yokuba ukuze sonwabe, ngamnye wethu umele akhule ngokomoya. Nangona ekuqaleni wadalwa ngokomfanekiselo kaThixo, umntu uye wahlukaniswa noMdali wakhe. (Efese 4:17, 18) Ngeso sizathu, ngamnye kuthi umele athabathe amanyathelo aqinisekileyo okumisela nokulondoloza ulwalamano lwakhe lokomoya noThixo. Ulwalamano olunjalo aluveli nje ngokuzenzekelayo.
UYesu wachaza imigaqo emibini ebalulekileyo ekukhuleni ngokomoya. Owokuqala kukuzuza ulwazi oluchanileyo ngoThixo, uze omnye ube kukwenza ukuthanda kwakhe ngokuthobeka. (Yohane 17:3) Ecaphula iLizwi likaThixo, uYesu wathi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Umntu umele aphile, kungekhona ngesonka sodwa, kodwa ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’” (Mateyu 4:4) Kanti ngesinye isihlandlo, uYesu wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:34) Akuyomfuneko ukuba sichithe amashumi amaninzi eminyaka sibhula sisela sifuna ulonwabo. Amava akasosikhokelo sokufumana ulonwabo. Kunoko, bubulumko bobuthixo nokuthobela uMdali wethu kuphela okunokusenza sifumane uvuyo lokwenene ebomini.—INdumiso 19:7, 8; INtshumayeli 12:13.
Licacile ke ngoko elokuba, ulonwabo olubangelwa kukusebenzisa ubulumko bobuthixo nokuba nolwalamano oluhle noThixo alunto iziinkwenkwezi kuthi. (IZenzo 17:26, 27) Wonk’ ubani unokulufumana ulwazi ngoYehova nangeenjongo zakhe. Ekubeni kukho amawakawaka ezigidi ngezigidi zemibhalo yayo ngentaphane yeelwimi, iBhayibhile isaqhubeka isiba yeyona ncwadi isasazwa ngokubanzi ehlabathini. IBhayibhile inokukunceda ube ngumhlobo kaThixo uze ufumane ulonwabo lokwenene, kuba kaloku iZibhalo zithi “hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!”—INdumiso 144:15.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Amanyathelo Okufumana Ulonwabo
1. Buqonde Uze Ubuhlakulele Ubumoya. Uyesu Wathi: “Banoyolo Abo Balivayo Ilizwi Likathixo Yaye Beligcina!”—luka 11:28.
2. Qonda Ukuba Ukuba Nenkoliseko Kathixo Kubaluleke Ngaphezu Kobutyebi Okanye Ubutofotofo. Upawulos Wabhala Wathi: “Ngokuqinisekileyo, Yinto Yokufumana Inzuzo Enkulu, Olu Zinikelo Lobuthixo Kunye Nokwanela. . . . Sinesixhaso Nesambatho, Siya Kwaneliswa Zezi Zinto.”—1 Timoti 6:6-8.
3. Zabalazela Ukuhlakulela Nokwenza Ngokuvisisana Nesazela Esiqeqeshwe Ngebhayibhile.—Roma 2:14, 15.
4. Zimisele Ukuthobela Uyehova Uthixo, Ngaloo Ndlela Ufanelekele Ukuba Ngomnye Wabantu Bakhe. Udavide Wamandulo Wabhala Esithi: “Hayi, Uyolo Lwabantu Abathixo Unguyehova!”—indumiso 144:15.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3