Vakalisani Esidlangalaleni Ukuze Nisindiswe
“Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”—ROMA 10:13.
1. Ukutyhubela imbali, ziziphi izilumkiso eziye zavakaliswa?
IMBALI ibalisa ‘ngeemini zikaYehova’ eziliqela. UMkhukula womhla kaNowa, ukutshatyalaliswa kweSodom neGomora, nokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. nangowama-70 C.E., ezo yayiziimini ezinkulu nezoyikekayo zikaYehova. Yayiziimini zokuphunyezwa kokusesikweni kwabo babevukela uYehova. (Malaki 4:5; Luka 21:22) Ebudeni bezo mini, abaninzi batshabalala ngenxa yobungendawo babo. Kodwa abanye basinda. UYehova wabangela ukuba kukhutshwe izilumkiso, kwaziswe abangendawo ngeshwangusha elibazelayo kuze kunikwe abantliziyo zilungileyo ithuba lokufumana usindiso.
2, 3. (a) Sisiphi isilumkiso esingokwesiprofeto esacatshulwa ngePentekoste? (b) Ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E., yintoni eyayifuneka ukuze ubani abize egameni likaYehova?
2 Ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E. kungumzekelo obalaseleyo woku. Exela kwangaphambili ngeso siganeko kwiminyaka ephantse ibe ngama-900 ngaphambi kokuba senzeke, umprofeti uYoweli wabhala: “Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.” Umntu wayenokusinda njani kwelo xesha loyikeka kangako? UYoweli waphefumlelwa ukuba abhale esithi: “Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.”—Yoweli 2:30-32.
3 NgePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wathetha kwisihlwele samaYuda nakubangeni ebuYudeni eYerusalem waza wacaphula isiprofeto sikaYoweli, ebonisa abo babemphulaphule ukuba babenokulindela ukuba sizaliseke ngomhla wabo: “Ndiza kunikela imihlola ezulwini phezulu nemiqondiso emhlabeni phantsi, igazi nomlilo nenkungu yomsi; ilanga liya kujikwa libe bubumnyama nenyanga ibe ligazi ngaphambi kokuba imini enkulu neyimbalasane kaYehova ifike. Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (IZenzo 2:16-21) Sonke isihlwele esasiphulaphule uPetros sasiphantsi koMthetho kaMoses, yaye ngoko sasilazi igama likaYehova. UPetros wachaza ukuba ukususela ngoko, ukubiza egameni likaYehova kwakuza kubandakanya okungaphezulu. Ngokukhethekileyo, oko kwakuquka ukubhaptizwa egameni likaYesu, lowo wabulawa waza kamva wavuselwa kubomi bokungafi ezulwini.—IZenzo 2:37, 38.
4. Sisiphi isigidimi amaKristu awayesivakalisa kulo lonke?
4 Ukususela ngePentekoste ukusa phambili, amaKristu asasaza ilizwi eliphathelele uYesu ovusiweyo. (1 Korinte 1:23) Ayevakalisa ukuba abantu babenokwenziwa oonyana bokomoya bakaYehova uThixo baze babe yinxalenye ‘yoSirayeli omtsha kaThixo,’ uhlanga lokomoya olwaluza ‘kuzivakalisa ngokubanzi iimbalasane zikaYehova.’ (Galati 6:16; 1 Petros 2:9) Abo babehlala bethembekile de base ekufeni babeza kuzuza ilifa lobomi bokungafi ezulwini njengeendlalifa kunye noYesu kuBukumkani bakhe basezulwini. (Mateyu 24:13; Roma 8:15, 16; 1 Korinte 15:50-54) Ngaphezu koko, la maKristu ayefanele avakalise ukuza kwemini enkulu neyoyikekayo kaYehova. Ayefanele alumkise amaYuda ukuba ayeza kufumana imbandezelo engaphezulu kwayo nayiphi na into eyakhe yathwaxa iYerusalem nabantu bakaThixo ukuza kuthi ga ngelo xesha. Noko ke, babekho ababeza kusinda. Ngoobani? Ngabo babebiza egameni likaYehova.
“Ngemihla Yokugqibela”
5. Isiprofeto siye sazaliseka njani namhlanje?
5 Iimeko zasemva phayaa zazifuzisela oko sikubona namhlanje ngeendlela ezininzi. Ukususela ngowe-1914, uluntu beluphila kwixesha elikhethekileyo iBhayibhile ebhekisela kulo ngokuthi “lixesha lokuphela,” ‘ukuqosheliswa kwenkqubo yezinto,’ ‘nemihla yokugqibela.’ (Daniyeli 12:1, 4; Mateyu 24:3-8; 2 Timoti 3:1-5, 13) Kule nkulungwane yethu, iimfazwe ezinenkohlakalo, ugonyamelo olungalawulekiyo, ukonakala kwebutho labantu nemeko-bume ziye zasizalisekisa ngendlela ebalaseleyo isiprofeto seBhayibhile. Zonke ezi zinto ziyinxalenye yomqondiso awaprofeta ngawo uYesu, ebonisa ukuba uluntu sele luza kufikelwa yimini yokugqibela yokugweba kaYehova eyoyikekayo. Le mini ifikelela incopho yayo ngedabi laseArmagedon, incopho ‘yembandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.’—Mateyu 24:21; ISityhilelo 16:16.
6. (a) UYehova uye wenza ntoni ukuze asindise abalulamileyo? (b) Sinokusifumana phi isiluleko sikaPawulos esiphathelele indlela esinokusinda ngayo?
6 Njengoko imini yentshabalalo isondela, uYehova usebenzela ukusinda kwabalulamileyo. Ebudeni beli “xesha lokuphela,” uye wahlanganisa abokugqibela boSirayeli kaThixo waza, ukususela ngeminyaka yee-1930 ukusa phambili, wanikela ingqalelo yakhe kubakhonzi bakhe basemhlabeni, ukuze ahlanganise “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu [ukwaziyo] ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi.” Njengeqela, esi sihlwele ‘siphuma embandezelweni enkulu’ siphila. (ISityhilelo 7:9, 14) Kodwa umntu ngamnye unokuqiniseka njani ukuba uyasinda? Umpostile uPawulos uyawuphendula loo mbuzo. Kwisahluko 10 sencwadi yabaseRoma unikela isiluleko esihle ngokuphathelele ukusinda—isiluleko esasisebenza ngomhla wakhe nesisebenzayo nakuthi.
Umthandazo Wosindiso
7. (a) Liliphi ithemba elichazwe kweyabaseRoma 10:1, 2? (b) Kutheni uYehova eyalela ukuba “iindaba ezilungileyo” zivakaliswe ngokuphangalele ngakumbi ngoku?
7 Xa uPawulos wayebhala incwadi yabaseRoma, uYehova wayesele elulahlile uhlanga lwakwaSirayeli. Sekunjalo, lo mpostile waqinisekisa esithi: “Umnqweno okholekileyo wentliziyo yam nesikhungo sam ngabo kuThixo, eneneni, kukuba basindiswe.” Wayenethemba lokuba umYuda ngamnye wayenokuzuza ulwazi oluchanileyo ngokuthanda kukaThixo, nto leyo eyayiza kukhokelela ekubeni asindiswe. (Roma 10:1, 2) Ngaphezu koko, uYehova wayenqwenela ukuba basinde abo babeqhelisela ukholo kwihlabathi liphela, njengoko kuboniswe kuYohane 3:16: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” Idini lentlawulelo likaYesu lavula indlela esa kusindiso oluzukileyo. Njengakumhla kaNowa nangezinye iimini zomgwebo ezalandelayo, uYehova uyalela ukuba “iindaba ezilungileyo” zivakaliswe, zisalatha indlela esa kusindiso.—Marko 13:10, 19, 20.
8. Elandela umzekelo kaPawulos, ngoobani namhlanje amaKristu okwenyaniso abanqwenelela okukholekileyo, ibe akwenza njani oko?
8 Ebonakalisa umnqweno wakhe okholekileyo kumaYuda nakwabeeNtlanga, uPawulos washumayela ngawo onke amathuba awayevela. ‘Wayeseyisa amaYuda namaGrike.’ Wabaxelela oku abadala base-Efese: ‘Andizange ndirhoxe ekunixeleleni nanye yezinto ezaziyingenelo nasekunifundiseni esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu. Kodwa ndanikela ubungqina ngokucokisekileyo kokubini kumaYuda nakumaGrike ngenguquko kuThixo nokholo kwiNkosi yethu uYesu.’ (IZenzo 18:4; 20:20, 21) Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova namhlanje ayazibhokoxa ekushumayeleni, kungekuphela kwabo bathi bangamaKristu kodwa kubo bonke abantu, “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:8; 18:5.
Ukuvakalisa “‘ILizwi’ Lokholo”
9. (a) Luhlobo luni lokholo olukhuthazwa yeyabaseRoma 10:8, 9? (b) Sifanele siluvakalise nini yaye njani ukholo lwethu?
9 Kufuneka ukholo oluhlala luhleli ukuze ubani asinde. Ecaphula iDuteronomi 30:14, uPawulos wavakalisa oku: “‘Ilizwi likufuphi kuni, emlonyeni wenu nasentliziyweni yenu’; oko kukuthi, ‘ilizwi’ lokholo, esilishumayelayo.” (Roma 10:8) Njengoko sishumayela “‘ilizwi’ lokholo,” liya libetheleleka ngakumbi ezintliziyweni zethu. Kwakunjalo kuPawulos, kwaye amazwi akhe alandelayo anokulomeleza uzimiselo lwethu lokufana naye ekwabelaneni nabanye ngolo kholo: “Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi elisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, uze uqhelisele ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa.” (Roma 10:9) Oku kuluvakalisa akwenziwa phambi kwabanye ngexesha lokubhaptizwa kuphela kodwa kumele kube yinto eqhubekayo, ubungqina basesidlangalaleni obunenzondelelo obuphathelele zonke iinkalo ezizukileyo zenyaniso. Loo nyaniso igxininisa kwigama elixabisekileyo leNkosi enguMongami uYehova; kuKumkani wethu onguMesiya noMhlawuleli, iNkosi uYesu Kristu; nakumadinga azukileyo oBukumkani.
10. Ngokuvisisana neyabaseRoma 10:10, 11, sifanele siliphathe njani eli “‘lizwi’ lokholo”?
10 Nabani na ongalamkeliyo aze alisebenzise eli “‘lizwi’ lokholo” akayi kusinda, njengoko lo mpostile ehlabela mgama esithi: “Ngentliziyo ubani uqhelisela ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo ubani wenza uvakaliso lwasesidlangalaleni losindiso. Kuba iSibhalo sithi: ‘Akukho namnye ubeka ukholo lwakhe kuye uya kudaniswa.’” (Roma 10:10, 11) Simele sizuze ulwazi oluchanileyo lweli “‘lizwi’ lokholo” size siqhubeke silukhulisa ezintliziyweni zethu ukuze sishukunyiselwe ekubeni sixelele abanye. UYesu ngokwakhe uyasikhumbuza: “Nabani na oba neentloni ngam nangamazwi am kwesi sizukulwana sikrexezayo nesinesono, noNyana womntu uya kuba neentloni ngaye xa efika ekuzuko lukaYise kunye neengelosi ezingcwele.”—Marko 8:38.
11. Iindaba ezilungileyo zimele zivakaliswe ukusa kuwuphi umlinganiselo, yaye ngoba?
11 Njengoko kwaxelwa kwangaphambili ngumprofeti uDaniyeli, kweli xesha lokuphela, “abo banengqiqo” babonakala bekhazimla “njengokukhazimla kwesibhakabhaka,” njengoko ubungqina boBukumkani bufikelela eziphelweni zomhlaba. “Bajikela abaninzi ebulungiseni,” yaye ngokwenene ulwazi lokwenyaniso luye lwanda, kuba uYehova uvelisa ukukhanya okungakumbi ngeziprofeto eziphathelele eli xesha lokuphela. (Daniyeli 12:3, 4) Esi sisigidimi sosindiso esibalulekileyo ukuze wonke ubani othanda inyaniso nobulungisa asinde.
12. EyabaseRoma 10:12 idibana njani nothumo lwengelosi oluchazwe kwiSityhilelo 14:6?
12 Umpostile uPawulos uhlabela mgama esithi: “Akukho lucalucalulo phakathi komYuda nomGrike, kuba kukho iNkosi enye kubo bonke, esisityebi kubo bonke abo babiza kuyo.” (Roma 10:12) Namhlanje “iindaba ezilungileyo” zimele zishunyayelwe ngomlinganiselo omkhulu ngakumbi ehlabathini lonke—kubo bonke abantu, kude kuse eziphelweni zomhlaba. Ingelosi ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 14:6 isaqhubeka iphaphazela esazulwini sezulu, isithwalisa ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba sizivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.’ Oku kuya kuba yingenelo njani kwabo basabelayo?
Ukubiza Egameni LikaYehova
13. (a) Uthini umxholo wethu wonyaka we-1998? (b) Kutheni lo mxholo wonyaka ufaneleke ngakumbi namhlanje?
13 Ecaphula uYoweli 2:32, uPawulos uvakalisa oku: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” (Roma 10:13) Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba loo mazwi ekhethwe aba ngumxholo wonyaka we-1998 wamaNgqina kaYehova! Akuzange kubaluleke kangaka ngaphambili ukuqhubela phambili sikholose ngoYehova, sisazisa igama lakhe neenjongo ezizukileyo elizimelayo! Njengoko kwakunjalo ngenkulungwane yokuqala, kunjalo nakwimihla yokugqibela yale nkqubo yonakeleyo yezinto, amazwi ankentezayo ngathi: “Sindiswani kwesi sizukulwana sigoso.” (IZenzo 2:40) Atsho ngathi sisimemo esivakaliswa ngexilongo esiya kubo bonke abantu aboyika uThixo ehlabathini lonke sokuba babize kuYehova ukuba abasindise bona kunye nabo baphulaphula iindaba ezilungileyo abazivakalisa kuwonke wonke.—1 Timoti 4:16.
14. Liliphi iLiwa esimele sibize kulo ukuze sisindiswe?
14 Kuya kwenzeka ntoni xa kuqhambuka imini enkulu kaYehova kulo mhlaba? Inkoliso yabantu ayiyi kukhangela kuYehova ukuze isindiswe. Uluntu ngokubanzi luya ‘kuthi gqolo lusithi kwiintaba nakulwalwa: “Welani phezu kwethu nize nisifihle ebusweni baLowo uhleli etroneni nakuyo ingqumbo yeMvana.”’ (ISityhilelo 6:15, 16) Luya kube luthembele kwimibutho nakumaziko anjengeentaba ale nkqubo yezinto. Noko ke, hayi indlela ebekuya kuba bhetele ngayo ukuba belunokukholosa ngelona Liwa likhulu kuwo onke, uYehova uThixo! (Duteronomi 32:3, 4) Ethetha ngaye, uKumkani uDavide wathi: “Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam.” UYehova ‘uliLiwa esizimela ngalo.’ (INdumiso 18:2; 95:1) Igama lakhe ‘liyinqaba ende eliqele,’ ekuphela ‘kwenqaba’ eliqele enokusikhusela ebudeni bamanqam azayo. (IMizekeliso 18:10) Ngenxa yoko, kubalulekile ukuba abaninzi kangangoko kunokwenzeka kubantu abamalunga namawaka amathandathu ezigidi abaphilayo namhlanje bafundiswe ukuba babize egameni likaYehova ngokuthembeka nangokunyaniseka.
15. Yintoni eboniswa yeyabaseRoma 10:14 ngokuphathelele ukholo?
15 Ngokufanelekileyo, umpostile uPawulos uyaqhubeka ebuza: “Noko ke, baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye?” (Roma 10:14) Kukho abantu abaninzi abasenokuncedwa ukuba benze “‘ilizwi’ lokholo” libe lelabo, ukuze babize kuYehova ukuba abasindise. Ukholo lubaluleke gqitha. Kwenye incwadi uPawulos uthi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo], kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba uba ngumvuzi wabo bamfuna ngokunyamekileyo.” (Hebhere 11:6) Noko ke, kunokwenzeka njani ukuba izigidi zabantu zibe nokholo kuThixo? Kwincwadi eyayisiya kwabaseRoma, uPawulos uyabuza: “Ngokulandelayo, baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye?” (Roma 10:14) Ngaba uYehova unalo ilungiselelo lokuba beve? Ngokuqinisekileyo unalo! Phulaphula amazwi alandelayo kaPawulos: “Ngokulandelayo, baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?”
16. Kutheni abashumayeli bebalulekile kwilungiselelo likaThixo?
16 Ngokwamazwi kaPawulos kucace mhlophe ukuba kufuneka abashumayeli. UYesu wabonisa ukuba oko kwakuya kuba njalo, “de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 24:14; 28:18-20) Ukushumayela kuyinxalenye ebalulekileyo yelungiselelo likaThixo lokunceda abantu babize egameni likaYehova ukuze basinde. KwanakwiNgqobhoko uninzi lwabantu alulihloneli igama elixabisekileyo likaThixo. Ngendlela enganiki themba, abaninzi baye baphixanisa uYehova nezibizo ezibini kwimfundiso engachazekiyo kaBathathu Emnye. Kwakhona, abaninzi bakwiqela labantu ekuthethwa ngabo kwiNdumiso 14:1 neyama-53:1: “Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo.” Kufuneka bazi ukuba uYehova unguThixo ophilayo, yaye bamele baqonde konke oko kumelwa ligama lakhe ukuba bafuna ukusinda kwimbandezelo enkulu esele ikufutshane.
‘Iinyawo Ezibukekayo’ Zabashumayeli
17. (a) Kutheni kufanelekile ukuba uPawulos acaphule isiprofeto sokubuyiselwa? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ‘neenyawo ezibukekayo’?
17 Umpostile uPawulos uphakamisa omnye umbuzo obalulekileyo: “Ngokulandelayo, baya kushumayela njani na ngaphandle kokuba babe bathunyelwe? Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: ‘Hayi indlela ezibukeka ngayo iinyawo zabo bavakalisa iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!’” (Roma 10:15) Apha uPawulos ucaphula uIsaya 52:7, oyinxalenye yesiprofeto sokubuyiselwa esiye sasebenza ukususela kowe-1919. Kwakhona, namhlanje uYehova uthumela ‘abo bashumayela iindaba ezimnandi, abavakalisa uxolo, abashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso.’ Bethobela, “ababoniseli” abathanjisiweyo bakaThixo kunye namaqabane abo bayaqhubeka bememelela ngovuyo. (Isaya 52:7, 8) Iinyawo zabo bavakalisa usindiso namhlanje zisenokudinwa, zide zibe nothuli, njengoko behamba bengena kwindlu ngendlu, kodwa hayi indlela obuzele luvuyo ngayo ubuso babo! Bayazi ukuba bathunywe nguYehova ukuba bavakalise iindaba ezilungileyo zoxolo yaye bathuthuzele abalusizi, bebanceda ukuba babize egameni likaYehova bekhangele phambili kusindiso.
18. Ithini eyabaseRoma 10:16-18 ngokuphathelele umphumo wokuvakalisa iindaba ezilungileyo?
18 Enoba abantu ‘bayakholwa kwinto abayivileyo’ okanye bakhetha ukungayithobeli, amazwi kaPawulos ayinyaniso: “Abazange basilele ukuva, andibi kunjalo? Kaloku, enyanisweni, ‘intlokoma yabo yaphuma yaya kuwo wonke umhlaba, namazwi abo aya kwiziphelo zomhlaba omiweyo.’” (Roma 10:16-18) Kanye njengokuba “izulu libalisa uzuko lukaThixo,” olubonakala kwindalo yakhe, amele enjenjalo amaNgqina akhe asemhlabeni ukuvakalisa “umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: Ukuthuthuzela bonke abanesijwili.”—INdumiso 19:1-4; Isaya 61:2.
19. Ekugqibeleni kuya kwenzeka ntoni kwabo ‘babiza egameni likaYehova’ namhlanje?
19 Imini enkulu neyoyikekayo kaYehova isondela ngakumbi. “Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla.” (Yoweli 1:15; 2:31) Sithandazela ukuba abantu abaninzi ngakumbi basabele ngokungxamisekileyo kwiindaba ezilungileyo, bathontelane kwintlangano kaYehova. (Isaya 60:8; Habhakuki 2:3) Khumbula ukuba ezinye iimini zikaYehova zabatshabalalisa abangendawo—ngomhla kaNowa, ngomhla kaLote nangemihla yamaSirayeli namaYuda awayenxaxha. Ngoku sele kumbovu ukuba ifike eyona mbandezelo inkulu kwezakha zakho, xa uqhwithela lukaYehova luya kutshayela ubungendawo phezu komhlaba, luhlahl’ indlela esa kwiparadesi yoxolo olungenasiphelo. Ngaba uya ‘kubiza egameni likaYehova’ ngokuthembeka? Ukuba kunjalo, vuya! UThixo uyakuthembisa ukuba uya kusindiswa.—Roma 10:13.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Ziziphi izinto ezintsha ezavakaliswayo emva kwePentekoste yowama-33 C.E.?
◻ AmaKristu afanele ayinikele njani ingqalelo ‘kwilizwi lokholo’?
◻ Kuthetha ntoni ‘ukubiza egameni likaYehova’?
◻ Abathunywa boBukumkani ‘baneenyawo ezibukekayo’ ngayiphi ingqiqo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abantu bakaThixo bavakalisa iimbalasane zakhe ePuerto Rico, eSenegal, ePeru, ePapua New Guinea—ewe, kulo lonke ihlabathi