Ukomeleza Ukholo Lwethu KwiLizwi LikaThixo
ABANTU abangakumbi baye bafunda iBhayibhile ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi. Kodwa bangaphi abaye babonakalisa ukholo kwisigidimi sayo? Yona ngokwayo iBhayibhile icacisa ukuba “ukholo asinto banayo bonke abantu.” (2 Tesalonika 3:2) Licacile elokuba, asizalwa sinokholo. Lumele luhlakulelwe. Kwanabo banomlinganiselo othile wokholo abafanele baluthabathe lula. Ukholo lusenokufiphala luze lufe. Ngenxa yoko, kufuneka umzamo ukuze uhlale ‘uphilile elukholweni.’—Tito 2:2.
Ngoko, ngesizathu esihle, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova likhethe umxholo othi “Ukuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo” njengomxholo wongcelele lweendibano zesithili zowe-1997/98. Ngaloo ndlela, izigidi zamaNgqina kwanabanye ziye zanelungelo lokuhlanganisana ukuze zomeleze ukholo lwazo kwiLizwi likaThixo.
ILizwi LikaThixo Liyinyaniso—Lisisiseko Sokholo Lwethu
Lo ibingumxholo wosuku lokuqala lwendibano. Uqale ngokuncoma bonke abo bebekho. Ukubakho kule ndibano kuye kwabonakalisa ukuhlonela iBhayibhile. Sekunjalo, kuye kwabuzwa imibuzo ebangela umdla ngokuphathelele ukholo lwethu: ‘Ngaba siyakwazi ukuzithethelela iinkolelo zethu, sisebenzisa iLizwi likaThixo njengegunya? Ngaba sibonakalisa uxabiso ngokudla kokomoya, singayithabathi lula iBhayibhile, iintlanganiso zebandla, neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni? Ngaba siyakhula eluthandweni, kulwazi oluchanileyo, nokuqonda?’ Isithethi sikhuthaze bonke ukuba baphulaphule ngenyameko, sichaza ukuba “le Ndibano YeSithili ‘Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo’ iye yalungiselelwa ukusinceda sizihlole size sibone umlinganiselo nobunjani bokholo esinalo njengabantu ngabanye.”
Intetho engumxholo ibisithi “Ukuhamba Ngokholo, Kungekhona Ngokubona.” (2 Korinte 5:7) Isithethi sathi: “Ukuba nokholo kwabo bangamaNgqina kaYehova akuthethi kuthi bakholelwa kuyo yonke into le.” Enjani yona inyaniso! Ukholo lokwenene alumfamekanga. Lusekelwe kwizinto zokwenene. AmaHebhere 11:1 athi: “Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, imbonakaliso ebonakalayo yezinto zokwenene nangona zingabonwa.” Isithethi sathi: “Ukuba ngokwenene siza kuhamba ngokholo, kufuneka sibe nokholo olunesiseko esihle.” Kuba sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona, akuyomfuneko ukufuna iinkcukacha ngendlela nosuku uYehova aya kuzalisekisa ngalo zonke iinkalo zenjongo yakhe. Oko sesikwazi ngaye kusinika ithemba eliqinileyo kumandla akhe okuzalisekisa izithembiso zakhe zothando nezinobulungisa.
Intetho enomxholo othi “Ulutsha OlungamaKristu—Inxalenye Ebalulekileyo Yebandla” ikhumbuze abaselula ngendlela abaxabiseke ngayo kuYehova. Bakhuthazwe ukuba bakhule ngokomoya ngokuthi bazibekele usukelo lokufunda yonke iBhayibhile nolokuhlangabezana neemfaneleko zozahlulelo nobhaptizo. Usukelo lwemfundo eyongezelelekileyo ngumbandela wobuqu ofanele ugqitywe nabazali bakabani, kodwa ukuba iye yathatyathwa, injongo ifanele ngalo lonke ixesha ibe kukuzixhobisela ukukhonza uThixo ngokuphumelelayo. Imfundo yehlabathi isenokuphumeza injongo eluncedo xa ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi’ ezinokuthanani nokholo lwethu.—Filipi 1:9, 10.
Kwandula ke kwalandela ungcelele lweentetho ezintathu ezinomxholo othi “Yimilinganiselo Kabani Oyithobelayo?” Ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo kusishukumisela ekunamatheleni kwimilinganiselo yeBhayibhile. AmaKristu ayayithobela imithetho nemigaqo kaYehova. Ngokomzekelo, iZibhalo zisibongoza ukuba singasebenzisi intetho engcolileyo netshabhisayo. (Efese 4:31, 32) Isithethi sabuza: “Xa unomsindo okanye ucaphukile, ngaba ulityabeka ngezithuko iqabane lakho okanye abantwana bakho?” Kakade ke, oko bekungayi kuba kukubonakalisa ubuKristu. NoThixo unayo imilinganiselo ngokuphathelele inkangeleko yethu. AmaKristu afanele ‘azihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama.’ (1 Timoti 2:9, 10) Igama elithi ‘ukuthozama’ linengcamango yokuzihlonela, ukuba ngobekekileyo, ukuhluzeka engqondweni nobungcathu. Sishukunyiswa kukuthanda abanye yaye sikhokelwa yimigaqo yeBhayibhile nako konke okufanelekileyo.
Iintetho ezimbini ezilandelayo ziquke ingxubusho yendinyana nganye yamaHebhere 3:7-15 nesesi-4:1-16. Ezi zicatshulwa zeBhayibhile zisilumkisa ngobungozi ‘bokwenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.’ (Hebhere 3:13) Sinokuphumelela njani ekulweni nesono? UYehova uyasinceda ngeLizwi lakhe. Liyinyaniso elokuba, “ilizwi likaThixo liphilile kwaye linamandla yaye . . . liyakwazi ukuqonda iingcamango nozimiselo lwentliziyo.”—Hebhere 4:12.
Intetho yokugqibela yosuku lokuqala lwendibano ibinomxholo othi “Incwadi Yabantu Bonke.” Ibalaselise ubunyani, ukuchana, nendlela exabiseke ngayo iBhayibhile. Hayi indlela okwachwayitisa ngayo ukuva isithethi sikhulula incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32 enomxholo othi Incwadi Yabantu Bonke! Le mpapasho intsha ilungiselelwe ngokukhethekileyo abantu, nangona bezizifundiswa, abangenalwazi lungako ngeBhayibhile. Le ntetho yaqukunjelwa ngamazwi athi: “Abantu bafanele balihlolisise iLizwi likaThixo ngokwabo. Siqinisekile ngelokuba ukuba bazenzela olwabo uhlolisiso, baya kutsho baqonde ukuba le ncwadi ikhethekileyo, iBhayibhile, ngokwenene iyincwadi yabantu bonke!”
Xelisa ‘UMgqibelelisi Wokholo Lwethu’
Lo mxholo wosuku lwesibini wendibano uye watsalela ingqalelo kuYesu Kristu, ‘uMgqibelelisi wokholo lwethu.’ Kufuneka ‘silandele amanyathelo akhe ngokusondeleyo.’ (Hebhere 12:2; 1 Petros 2:21) Abaninzi kwiNgqobhoko baxelelwa oku: ‘Yiba nokholo kwiNkosi uYesu, yaye uya kusindiswa!’ Kodwa ngaba luyiloo nto kuphela ukholo? IBhayibhile ivakalisa ukuba ‘ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.’ (Yakobi 2:26) Ngoko ke, ngaphandle kokukholelwa kuYesu, simele senze imisebenzi awayenzayo, ingakumbi ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
Ucwangciso lwakusasa lugxininise kumsebenzi wokuhambisa ivangeli. NjengoPawulos, sifanele sikulangazelele ukuvakalisa iindaba zosindiso. (Roma 1:14-16) UYesu washumayela kubantu abakuyo yonke indawo. Nangona ubulungiseleli bethu obuthe rhoqo bendlu ngendlu buvelisa iziphumo, abantu abaninzi ngakumbi ababikho emakhayeni abo xa sibatyelela. (IZenzo 20:20) Abaninzi basesikolweni, bayasebenza, baye kuthenga, okanye baseluhambeni. Ngenxa yoko, nathi kufuneka sishumayele kwiindawo zikawonke wonke yaye naphi na apho abantu banokufumaneka khona.
Intetho enomxholo othi “Milani Nize Nibambelele Enyanisweni” isikhumbuze ngenkitha yabafundi abatsha ababhaptizwayo—bangaphezu kwe-1000 ngosuku! Kubalulekile ukuba aba batsha bamile baze babambelele enyanisweni. (Kolose 2:6, 7) Isithethi sacacisa ukuba iingcambu zokoqobo zifunxa amanzi nezondlo zesityalo kwangaxeshanye zisenza somelele yaye ziyasixhasa. Ngokufanayo, ngemikhwa emihle yokufundisisa nokuba nonxulumano olwakhayo, abafundi abasebatsha basenokubambelela enyanisweni.
Esi siluleko besifaneleka kwabo babhaptizwayo. Ewe, kusuku lwesibini lwendibano, inginginya yabafundi abatsha iye yabhaptizwa, ilandela umzekelo kaYesu. Intetho ethi “Ukuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo Kukhokelela Kubhaptizo” iye yakhumbuza abo baza kubhaptizwa ukuba ukuntywiliselwa ngokupheleleyo emanzini kungumfuziselo ofanelekileyo wokufa kwikhondo labo lobomi langaphambili lokuzingca. Ukuphakanyiswa kwabo emanzini kufuzisela ukwenziwa baphile ukuze benze ukuthanda kukaThixo.
Intetho ethi “Lulwele Nzima Ukholo” ibisekelwe kwincwadi yeBhayibhile kaYude. Siye sakhuthazwa ukuba silukhusele ukholo lwethu ngokuxhathisa iimpembelelo eziyingozi, ezinjengokuziphatha okubi, ukuvukela kwanokuwexuka. Emva koko, abazali—ingakumbi oobawo—bafumene ingqalelo ekhethekileyo kwintetho enomxholo othi “Lungiselela Indlu Yakho.” Ukulungiselela iimfuno zokomoya, ezingokwasemzimbeni, nezeemvakalelo zentsapho kuyimbopheleleko engokweZibhalo. (1 Timoti 5:8) Oku kufuna ixesha, unxibelelwano, kwanokusondelelana. UYehova uThixo ngokuqinisekileyo uyakholiswa kuko konke ukuzibhokoxa kwabazali abangamaKristu abakwenzayo ukukhulisa abantwana babo enyanisweni.
Ungcelele lweentetho olulandelayo olunomxholo othi, “Masiye Endlwini KaYehova,” lwenze ukuba sibe noxabiso ngeentlanganiso zamaKristu. Zisinika isiqabu kumaxhala eli hlabathi. Kwiintlanganiso sifumana amathuba okuvuselelana, yaye sibonakalisa uthando kwabo sikhonza nabo. (Hebhere 10:24, 25) Iintlanganiso zikwasinceda silole ubuchule bokuba ngabafundisi, yaye zilwenza nzulu ngakumbi ulwazi lwethu ngeenjongo zikaThixo. (IMizekeliso 27:17) Kwanga singangaze sizahlukanise nebandla, masikhumbule amazwi kaYesu: “Apho kukho ababini okanye abathathu abahlanganisene ndawonye egameni lam, ndilapho phakathi kwabo.”—Mateyu 18:20.
Intetho yokugqibela yosuku ibisithi “Umlinganiselo Wokholo Lwakho—Uvavanywa Ngoku.” Ukholo olungavavanywanga akunakuqinisekwa ngalo, yaye umlinganiselo walo awaziwa. Lunjengetsheki engekatshintshwa. Ngaba ngokwenene ixabiso layo liyimali ebhalwe kuyo? Ngokufanayo, ukholo lwethu lumele luvavanywe ukuba siza kulubona ukuba luphilile yaye lunomlinganiselo wokwenene. (1 Petros 1:6, 7) Isithethi sathi: “Maxa wambi, amajelo eendaba kunye nabasemagunyeni baye bathiwe umoya wezikhova ngabefundisi nangabawexuki ukuba basityabeke amabala amabi, bethetha kakubi ngeenkolelo zethu zobuKristu nangendlela yethu yokuphila. . . . Ngaba siyakuvumela abo bamfanyekiswe nguSathana basoyikise yaye basidimaze baze basenze sizive sineentloni ngeendaba ezilungileyo? Ngaba siya kuvumela ubuvuvu obuthethwa ngenyaniso buchaphazele ukuya kwethu kwiintlanganiso rhoqo nakumsebenzi wethu wokushumayela? Okanye ngaba siya kuma siqine nkqi yaye sibe nenkalipho size sizimisele ngakumbi kunanini na ngaphambili ukuqhubeka sivakalisa inyaniso ngoYehova noBukumkani bakhe?”
Ukuphila Ngenxa Yokholo
Umxholo wosuku lwesithathu ubusekelwe kumazwi kaPawulos athi: “Kuyabonakala ukuba akukho bani uvakaliswa elilungisa kuThixo ngawo umthetho, kuba ‘lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo.’” (Galati 3:11) Ungcelele lweentetho olunomxholo othi, “Amazwi Esiprofeto SikaYoweli Mayela Nomhla Wethu,” belulolona lubalaseleyo kusasa. Incwadi kaYoweli ibhekisela kwixesha lethu isithi ngokungxamiseka: “Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla.” (Yoweli 1:15) Ngokufanayo neenkumbi ezingayekeleliyo, amaKristu athanjisiweyo akavumeli nantoni na ukuba iwathintele ekuvakaliseni uBukumkani kwixesha lesiphelo.
Kwakhona incwadi kaYoweli isinika ithemba, isithi: “Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde.” (Yoweli 2:32) Oku kuthetha okungakumbi kunokusebenzisa nje igama likaYehova. Kufuneka ukuguquka okusuka entliziyweni, yaye oku kuquka ukubutyeshela ububi. (Yoweli 2:12, 13) Akukho xesha lakulibazisa kuba uYehova kungekudala uza kuzigweba iintlanga, njengokuba wenjenjalo kuMowabhi, uAmon, kwanakwindawo eneentaba iSehire kwiminyaka kaKumkani uYehoshafati wakwaYuda.—2 Kronike 20:1-30; Yoweli 3:2, 12.
Bonke baye bakhuthazwa yintetho enomxholo othi “Bonakalisa Ukholo Ngokulindela KuYehova.” Ngoku ekubeni singene zwabha kwixesha lesiphelo, sinokukhangela emva kwinzaliseko yamadinga amaninzi kaYehova, sikhangele phambili ngamehlw’ abomvu kwezinye izinto eziseza kuzaliseka. Abantu bakaYehova bamele baqhubeke benomonde, bekhumbula ukuba zonke izinto asithembise zona uThixo ziya kuzaliseka.—Tito 2:13; 2 Petros 3:9, 10.
Ucwangciso lwakusasa luqukumbele ngomdlalo onomxholo othi “Gcina Iliso Lakho Lingenakumbi.” Lo mdlalo ungezinto eziqhelekileyo usikhuthaze ukuba sihlolisise isimo sethu sengqondo ngokuphathelele usukelo lwezinto eziphathekayo. Kungakhathaliseki ukuba siphila phi, ukuba sifuna ubomi bethu bungaxinwa ngamaxhala, simele silandele icebiso likaYesu lokugcina iliso lethu lingenakumbi, likhangele ngokungqalileyo kuBukumkani bukaThixo.—Mateyu 6:22.
Intetho yesidlangalala ibinomxholo obangela umdla othi “Ukholo Nekamva Lakho.” Iye yanikela ubungqina bokukwazi kwabalawuli babantu ukucombulula iingxaki zehlabathi. (Yeremiya 10:23) Izinto ezenzeke kwimbali yabantu zibethe zibuyelela—ngomlinganiselo omkhulu notshabalalisayo. Avakalelwa njani amaNgqina kaYehova ngekamva? Sikholelwa kwelokuba uluntu oluthembekileyo lunekamva eliqaqambileyo phantsi koBukumkani bukaThixo. (Mateyu 5:5) UThixo uya kuzizalisekisa izithembiso zakhe ukuze kungenelwe bonke abo banokholo eLizwini lakhe, elibongoza lisithi: “Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi.”—Isaya 55:6.
UYesu wabuza umbuzo obalulekileyo ecinga ngemihla yethu. Wabuza: “Xa uNyana womntu efika, uya kulufumana ngokwenene na ukholo emhlabeni?” (Luka 18:8) Intetho yokuqukumbela iye yashwankathela ucwangciso lwendibano yaza yabonisa ubungqina bokuba iLizwi likaThixo likho, nangona siphila kwihlabathi elingenalo ukholo nelityekele kwizinto zalo.
Sekunjalo, singazibuza oku, ‘Ngaba ndiphakathi kwabo banokholo olungaxengaxengiyo kuThixo nakwiLizwi lakhe?’ INdibano YeSithili “Yokuba Nokholo KwiLizwi LikaThixo” ifanele isincede siwuphendule ngokuvumayo loo mbuzo. Onjani wona umbulelo esinawo kuYehova ngokomeleza ukholo lwethu kuye nakwiLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile!
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Amatsha-ntliziyo amaninzi aye asebenza ngochulumanco ukulungiselela amawaka eendwendwe indawo yokuhlala
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UL. A. Swingle weQumrhu Elilawulayo ukhulula incwadana entsha enemifanekiso
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Amabala emidlalo amakhulu anjengeli aye asetyenziswa ehlabathini lonke
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Abaninzi baye babhaptizwa ukufuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Ababekho kule ndibano bacula iingoma zoBukumkani. Umfanekiso: umdlalo onomxholo othi “Gcina Iliso Lakho Lingenakumbi”