Ezinye Izimvu Nomnqophiso Omtsha
“Oonyana bolunye uhlanga, . . . bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: Ndobazisa entabeni yam engcwele.”—ISAYA 56:6, 7.
1. (a) Ngokutsho kombono kaYohane, yintoni ephunyezwayo ngoxa imimoya yomgwebo kaYehova ibanjiwe? (b) Sisiphi isihlwele esibalaseleyo esabonwa nguYohane?
KUMBONO wesine wencwadi yeSityhilelo, umpostile uYohane wabona imimoya eyonakalisayo yomgwebo kaYehova ibanjiwe ngoxa kwakusagqityezelwa ukutywinwa kwawo onke amalungu ‘oSirayeli kaThixo.’ Aba ngabokuqala ukusikelelwa ngoYesu, ilungu eliyintloko lembewu ka-Abraham. (Galati 6:16; Genesis 22:18; ISityhilelo 7:1-4) Kwakuloo mbono mnye, uYohane wabona “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi . . . , sidanduluka ngelizwi elikhulu, sisithi: ‘Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana.’” (ISityhilelo 7:9, 10) Xa sisithi, “Usindiso silufumene . . . kuyo iMvana,” isihlwele esikhulu sibonisa ukuba naso sisikelelwe ngeMbewu ka-Abraham.
2. Sabonakala nini isihlwele esikhulu, yaye sifaniswa njani?
2 Esi sihlwele sikhulu saqondwa emva phayaa ngowe-1935, ibe namhlanje sibalwa ngaphezu kwezigidi ezihlanu. Ekubeni siphawulelwe ukusinda kwimbandezelo enkulu, amalungu aso aya kwahlulelwa ubomi obungunaphakade xa uYesu esahlula “izimvu ezibhokhweni.” AmaKristu esihlwele esikhulu aphakathi ‘kwezinye izimvu’ ezikumzekeliso kaYesu weentlanti. Anethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi.—Mateyu 25:31-46; Yohane 10:16; ISityhilelo 21:3, 4.
3. AmaKristu athanjisiweyo nezinye izimvu ahluke njani ngokuphathelele umnqophiso omtsha?
3 Kwi-144 000, iintsikelelo zomnqophiso ka-Abraham zidluliselwa ngomnqophiso omtsha. Njengabanenxaxheba kulo mnqophiso, baba “phantsi kobubele obungasifanelanga” ‘naphantsi komthetho kaKristu.’ (Roma 6:15; 1 Korinte 9:21) Ngenxa yoko, ngamalungu ali-144-000 oSirayeli kaThixo kuphela aye ayithabatha ngokufanelekileyo imifuziselo ebudeni beSikhumbuzo sokufa kukaYesu, ibe ngawo kuphela uYesu awenza nawo umnqophiso wakhe woBukumkani. (Luka 22:19, 20, 29) Amalungu esihlwele esikhulu awananxaxheba kumnqophiso omtsha. Noko ke, anxulumana noSirayeli kaThixo yaye aphila naye ‘elizweni’ lakhe. (Isaya 66:8) Ngoko kusengqiqweni ukuthi nawo aphantsi kobubele obungasifanelanga bukaYehova yaye aphantsi komthetho kuKristu. Ngoxa engenanxaxheba kumnqophiso omtsha, ayangenelwa kuwo.
“Oonyana Bolunye Uhlanga” “NoSirayeli KaThixo”
4, 5. (a) Ngokutsho kukaIsaya, liliphi iqela elaliza kulungiselela uYehova? (b) UIsaya 56:6, 7 uzalisekiswa njani kwisihlwele esikhulu?
4 Umprofeti uIsaya wabhala: “Oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: Ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam.” (Isaya 56:6, 7) KwaSirayeli, oku kwakuthetha ukuba “oonyana bolunye uhlanga,” abangengomaSirayeli, babeya kunqula uYehova—bathande igama lakhe, bathobele imiyalelo yomnqophiso woMthetho, bagcine iSabatha yaye banyuse amadini etempileni, “indlu yomthandazo” kaThixo.—Mateyu 21:13.
5 Kumhla wethu, “oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova” sisihlwele esikhulu. Aba balungiselela uYehova bekunye noSirayeli kaThixo. (Zekariya 8:23) Banyusa amadini akholisekileyo afanayo nawoSirayeli kaThixo. (Hebhere 13:15, 16) Banqula kwitempile kaThixo yokomoya, ‘indlu yakhe yomthandazo.’ (Thelekisa ISityhilelo 7:15.) Ngaba bayayigcina iSabatha yeeveki ngeeveki? Abathanjiswa kunye nabezinye izimvu abayalelwanga ukuba bayigcine. (Kolose 2:16, 17) Noko ke, uPawulos wathi kumaKristu angamaHebhere: “Abantu bakaThixo basasalelwe luphumlo lwesabatha. Kuba umntu ongene ekuphumleni kukaThixo naye uphumle kwimisebenzi yakhe, kanye njengoko noThixo wenjenjalo kweyakhe.” (Hebhere 4:9, 10) Loo maHebhere ayengena ‘kolu phumlo lwesabatha’ xa ezinikela “kubulungisa bukaThixo” aze aphumle ekuzameni ukuzenza afaneleke ngemisebenzi yoMthetho. (Roma 10:3, 4) AmaKristu athanjisiweyo eeNtlanga afumana uphumlo olufanayo ngokuzinikela kubulungisa bukaYehova. Isihlwele esikhulu siyawathelela kolo phumlo.
6. Namhlanje ezinye izimvu ziwubamba njani umnqophiso omtsha?
6 Ukongezelela, ezinye izimvu ziba phantsi komnqophiso omtsha kanye njengokuba oonyana bolunye uhlanga babengena phantsi komnqophiso woMthetho. Ngayiphi indlela? Abakwenzi oko ngokuba nenxaxheba kuwo kodwa bakwenza ngokuthobela imithetho enxulumene nawo baze bangenelwe kumalungiselelo awo. (Thelekisa uYeremiya 31:33, 34.) Njengezinxulumani zabo ezithanjisiweyo, umthetho kaYehova ubhalwe ‘entliziyweni’ yabezinye izimvu. Bayithanda ngokunzulu yaye bayayithobela imithetho nemigaqo kaYehova. (INdumiso 37:31; 119:97) NjengamaKristu athanjisiweyo, bayamazi uYehova. (Yohane 17:3) Kuthekani ngolwaluko? Kwiminyaka emalunga ne-1500 ngaphambi kokwenziwa komnqophiso omtsha, uMoses wabongoza amaSirayeli esithi: “Yalusani ke inyama yentliziyo yenu.” (Duteronomi 10:16; Yeremiya 4:4) Ngoxa ulwaluko lokwenyama olwalusisinyanzelo lwadlula noMthetho, abathanjiswa nabezinye izimvu bamele ‘baluse’ iintliziyo zabo. (Kolose 2:11) Ekugqibeleni, uYehova uyabuxolela ubugwenxa bezinye izimvu ngesizinzi ‘segazi lomnqophiso’ likaYesu elaphalalayo. (Mateyu 26:28; 1 Yohane 1:9; 2:2) UThixo akazenzi oonyana bakhe bokomoya, njengoko esenza kwi-144 000. Kodwa uzivakalisa zingamalungisa ezinye izimvu, ngengqiqo efanayo nawathi uAbraham wavakaliswa engumhlobo kaThixo ngayo.—Mateyu 25:46; Roma 4:2, 3; Yakobi 2:23.
7. Liliphi ithemba elivulekele ezinye izimvu namhlanje, ezivakaliswa zingamalungisa njengoAbraham?
7 Kwi-144 000, ukuvakaliswa bengamalungisa kubavulela indlela yokwamkela ithemba lokulawula noYesu kuBukumkani basezulwini. (Roma 8:16, 17; Galati 2:16) Kwabezinye izimvu, ukuvakaliswa bengamalungisa njengabahlobo bakaThixo kubanika ithemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi—enoba kungokusinda kwiArmagedon njengenxalenye yesihlwele esikhulu okanye ‘kungovuko lwamalungisa.’ (IZenzo 24:15) Hayi indlela ekulilungelo ngayo ukuba nelo themba nokuba ngumhlobo woMongami wendalo iphela, ‘ukuphambukela ententeni yakhe’! (INdumiso 15:1, 2) Ewe, abathanjisiweyo nabezinye izimvu basikelelwe ngendlela engummangaliso ngoYesu, iMbewu ka-Abraham.
Umhla Wocamagushelo Omkhulu
8. Yintoni eyayifuziselwa ngamadini oMhla Wocamagushelo phantsi koMthetho?
8 Xa wayexubusha ngomnqophiso omtsha, uPawulos wakhumbuza ababeza kufunda incwadi yakhe ngoMhla Wocamagushelo waminyaka le owawubakho phantsi komnqophiso woMthetho. Ngaloo mhla, kwakunyuswa amadini ahlukeneyo—elinye ilelesizwe sababingeleli sabaLevi yaye elinye ilelezizwe ezili-12 ezazingengobabingeleli. Sekulithuba oku kuchazwa njengokwakufuzisela idini elikhulu likaYesu elaliza kuba yingenelo kwabali-144 000 abanethemba lokuphila ezulwini nakwizigidi ezinethemba lokuphila emhlabeni.a UPawulos wabonisa ukuba kwinzaliseko yawo iingenelo zedini likaYesu zidluliselwa ngoMhla Wocamagushelo omkhulu phantsi komnqophiso omtsha. NjengoMbingeleli Omkhulu walo mhla mkhulu, uYesu wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo njengedini lesicamagushelo ukuze afumanele abantu “intlangulo engunaphakade.”—Hebhere 9:11-24.
9. Yintoni eyayinokwamkelwa ngamaKristu athanjisiweyo angamaHebhere ekubeni ayephantsi komnqophiso omtsha?
9 AmaKristu amaninzi angamaHebhere enkulungwane yokuqala ‘ayesenenzondelelo ngoMthetho kaMoses.’ (IZenzo 21:20) Ngoko ke, ngokufanelekileyo uPawulos wawakhumbuza esithi: ‘[UYesu] ungumlamli womnqophiso omtsha, ukuze, ngenxa yokuba eye wafa khon’ ukuze bona bakhululwe ngentlawulelo ekunxaxheni phantsi komnqophiso wangaphambili, abo babiziweyo bafumane isithembiso selifa elingunaphakade.’ (Hebhere 9:15) Umnqophiso omtsha wawakhulula amaKristu angamaHebhere kumnqophiso omdala, owawubonakalisa ukuba nesono. Ngenxa yomnqophiso omtsha, ayenokwamkela “isithembiso selifa elingunaphakade [lasezulwini].”
10. Abathanjiswa kunye nezinye izimvu bambulela ngenxa yantoni uThixo?
10 ‘Wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuNyana’ uya kungenelwa kweli dini lentlawulelo. (Yohane 3:16, 36) UPawulos wathi: ‘UKristu wanikelwa kwaba kanye okwexesha lonke ukuze athwale izono zabaninzi; yaye ukubonakala kwakhe okwesihlandlo sesibini kuya kube kungaphandle kwesono yaye kwabo bamfuna ngokunyamekileyo ukwenzela usindiso lwabo.’ (Hebhere 9:28) Namhlanje, abo bamfuna ngokunyamekileyo uYesu baquka amalungu asaphilayo amaKristu athanjisiweyo oSirayeli kaThixo nezigidi zabantu eziyila isihlwele esikhulu, naso esinelifa elingunaphakade. Omabini la maqela anombulelo kuThixo ngomnqophiso omtsha nangeentsikelelo ezinika ubomi ezinxulumene nawo, kuquka noMhla Wocamagushelo omkhulu nobulungiseleli boMbingeleli Omkhulu, uYesu, kweYona Ngcwele esezulwini.
Baxakekile Kwinkonzo Engcwele
11. Ekubeni izazela zabo zicociwe ngedini likaYesu, yintoni abakuvuyelayo ukuyenza abathanjiswa kunye nezinye zimvu?
11 Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaHebhere, uPawulos wabethelela ixabiso eliphakamileyo ledini likaYesu kwilungiselelo lomnqophiso omtsha xa lithelekiswa namadini esono phantsi komnqophiso omdala. (Hebhere 9:13-15) Idini likaYesu elilunge ngakumbi liyakwazi “ukuhlambulula izazela zethu kwimisebenzi efileyo ukuze sinikele inkonzo engcwele kuThixo ophilayo.” KumaKristu angamaHebhere, “imisebenzi efileyo” iquka ‘ukunxaxha phantsi komnqophiso wangaphambili.’ KumaKristu anamhlanje, iquka izono ezenziwe kwixesha elidluleyo naye aguquka ngokwenene kuzo aza axolelwa nguThixo. (1 Korinte 6:9-11) Ekubeni izazela zicociwe, amaKristu athanjisiweyo anikela “inkonzo engcwele kuThixo ophilayo.” Senjenjalo ke nesihlwele esikhulu. Ekubeni siye sazicoca izazela zaso “egazini leMvana,” sikwitempile enkulu yokomoya kaThixo, ‘sinikela inkonzo engcwele imini nobusuku.’—ISityhilelo 7:14, 15.
12. Sibonakalisa njani ukuba ‘sinengqiniseko ezeleyo yokholo’?
12 Ukongezelela koko, uPawulos wathi: “Masisondele ngeentliziyo ezinyanisekileyo kwingqiniseko ezeleyo yokholo, iintliziyo zethu zifefiwe sasuswa isazela esingendawo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi ahlambulukileyo.” (Hebhere 10:22) Sinokubonakalisa njani ukuba ‘sinengqiniseko ezeleyo yokholo’? UPawulos wabongoza amaKristu angamaHebhere esithi: “Masilubambe nkqi uvakaliso lwasesidlangalaleni lwethemba lethu [lasezulwini] ngaphandle kokuxengaxenga, kuba uthembekile lowo uthembisileyo. Yaye masiqwalaselane ukuze sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:23-25) Ukuba ukholo lwethu luphilile, nathi asiyi ‘kukutyeshela ukuhlanganisana kwethu ndawonye.’ Siya kukuvuyela ukuvuselela abazalwana bethu nokuvuselelwa ngabo eluthandweni nasemisebenzini emihle nokomelezelwa umsebenzi obalulekileyo wokulivakalisa ekuhleni ithemba lethu, enoba lelasemhlabeni okanye lelasezulwini.—Yohane 13:35.
‘Umnqophiso Ongunaphakade’
13, 14. Umnqophiso omtsha uba ngunaphakade ngaziphi iindlela?
13 Kuya kwenzeka ntoni xa owokugqibela kwabali-144 000 efumana ithemba lakhe lasezulwini? Ngaba umnqophiso omtsha awuyi kuba sasebenza? Ngelo xesha, emhlabeni akuyi kubakho lungu lisaseleyo loSirayeli kaThixo. Bonke abanenxaxheba kulo mnqophiso baya kube benoYesu ‘eBukumkanini bukaYise.’ (Mateyu 26:29) Kodwa sikhumbula amazwi kaPawulos kwincwadi yakhe eyayisiya kumaHebhere: ‘UThixo woxolo wamnyusa kwabafileyo umalusi omkhulu wezimvu ngegazi lomnqophiso ongunaphakade.’ (Hebhere 13:20; Isaya 55:3) Umnqophiso omtsha ungunaphakade ngayiphi ingqiqo?
14 Okokuqala, ngokungafaniyo nomnqophiso woMthetho, awuyi kuthatyathelw’ indawo ngomnye. Okwesibini, imiphumo yokusebenza kwawo iya kuhlala ihleli, njengoko kunjalo ngolawulo lukaYesu. (Thelekisa uLuka 1:33 neyoku-1 kwabaseKorinte 15:27, 28.) UBukumkani basezulwini buya kuhlala buhleli kwiinjongo zikaYehova. (ISityhilelo 22:5) Yaye okwesithathu, ezinye izimvu ziya kuqhubeka zingenelwa kwilungiselelo lomnqophiso omtsha. Ebudeni boLawulo LukaKristu Lwewaka Leminyaka, abantu abathembekileyo baya kuqhubeka ‘benikela inkonzo engcwele [kuYehova] imini nobusuku etempileni yakhe’ njengoko besenza ngoku. UYehova akayi kuzikhumbula izono zexesha elidlulileyo ezaxolelwa ngesizinzi ‘segazi lomnqophiso’ likaYesu. Baya kuqhubeka benokuma kobulungisa njengabahlobo bakaYehova, ibe umthetho wakhe uya kubhalwa ezintliziyweni zabo.
15. Chaza ulwalamano lukaYehova nabanquli bakhe basemhlabeni kwihlabathi elitsha.
15 Ngaba emva koko uYehova uya kukwazi ukuthetha oku kwabo bakhonzi bakhe bangabantu: ‘NdinguThixo wabo, ibe bangabantu bam’? Ewe. ‘Uya kuhlala nabo, ibe bona baya kuba ngamaqela abantu bakhe. NoThixo ngokwakhe uya kuba nabo.’ (ISityhilelo 21:3) Baya kuba ‘yikampu yabo bangcwele,’ abameli basemhlabeni ‘besixeko esithandiweyo,’ umtshakazi wasezulwini kaYesu Kristu. (ISityhilelo 14:1; 20:9; 21:2) Yonke le nto iya kwenzeka ngenxa yokuba nokholo kwabo ‘kwigazi lomnqophiso’ elaphalalayo likaYesu nangenxa yokuzithoba kwabo kookumkani nababingeleli basezulwini, ababenguSirayeli kaThixo xa babesemhlabeni.—ISityhilelo 5:10.
16. (a) Ziziphi izinto ezisenokwenzeka kwabo baza kuvuselwa emhlabeni? (b) Ziziphi iintsikelelo eziza kubakho ekupheleni kwewaka leminyaka?
16 Kuthekani ngabafileyo abavusiweyo emhlabeni? (Yohane 5:28, 29) Nabo baya ‘kusikelelwa’ ngoYesu, iMbewu ka-Abraham. (Genesis 22:18) Kwakhona kuya kufuneka bathande igama likaYehova, bamlungiselele, banyuse amadini amkelekileyo yaye banikele inkonzo engcwele kwindlu yakhe yomthandazo. Abo benza oko baya kungena ekuphumleni kukaThixo. (Isaya 56:6, 7) Ekupheleni kwewaka leminyaka, bonke abathembekileyo baya kube benziwe bafezeka ngobulungiseleli bukaYesu Kristu nabanye ababingeleli abali-144 000. Baya kuba bengamalungisa, abayi kuvakaliswa nje bengamalungisa njengabahlobo bakaThixo. Baya ‘kubuyela ebomini,’ bakhululeke ngokupheleleyo esonweni nasekufeni okwazuzw’ ilifa kuAdam. (ISityhilelo 20:5; 22:2) Enjani intsikelelo okuya kuba yiyo oko! Ngokwembono yethu namhlanje, kubonakala ngathi umsebenzi wobubingeleli kaYesu ne-144 000 uya kube uqoshelisiwe ngelo xesha. Iintsikelelo zoMhla Wocamagushelo omkhulu ziya kube ziyizalisekisile injongo yazo. Emva koko, uYesu uya ‘kunikela ubukumkani kuThixo wakhe noYise.’ (1 Korinte 15:24) Kuya kubakho uvavanyo lokugqibela loluntu, ibe emva koko uSathana needemon zakhe baya kutshatyalaliswa ngonaphakade.—ISityhilelo 20:7, 10.
17. Ngenxa yovuyo olubekwe phambi kwethu, yintoni ngamnye wethu amele azimisele ukuyenza?
17 Yiyiphi indima, ukuba ikho, eya kuphunyezwa ‘ngumnqophiso ongunaphakade’ kwixesha elibangel’ imincili eliya kuqalisa emva koko? Asikokwethu ukuwuphendula loo mbuzo. Oko uYehova akutyhilileyo kwanele ukuza kuthi ga ngoku. Kusishiya sibambe ongezantsi. Khawufan’ ucinge—ubomi obungunaphakade njengenxalenye ‘yamazulu amatsha nomhlaba omtsha’! (2 Petros 3:13) Ngamana kungangabikho nto iwenza buthathaka umnqweno wethu wokuzuza elo dinga. Ukuhlala siqinile kusenokungabi lula. UPawulos wathi: “Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso.” (Hebhere 10:36) Noko ke, khumbula ukuba nayiphi na ingxaki emele yoyiswe, nayiphi na inkcaso ekumelwe kuhlangatyezwane nayo, iba bubuvuvu nje xa ithelekiswa novuyo olubekwe phambi kwethu. (2 Korinte 4:17) Ngenxa yoko, ngamana kungangabikho namnye kuthi oba ‘luhlobo lwabo barhwaqela emva entshabalalweni.’ Kunoko, ngamana singazingqina “siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.” (Hebhere 10:39) Ngamana sonke singakholosa ngokupheleleyo ngoYehova, uThixo weminqophiso, ukuze ngamnye wethu asikelelwe ngonaphakade.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona incwadi ethi Ukusindela Kumhlaba Omtsha, isahluko 13, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Ngaba Uye Waqonda?
◻ Ngaphandle kwamaKristu athanjisiweyo, ngoobani abasikelelwayo ngeMbewu ka-Abraham?
◻ Ngokuphathelele ukusikelelwa ngomnqophiso omtsha, ezinye izimvu zifana njani nabangeni ebuYudeni phantsi komnqophiso omdala?
◻ Ezinye izimvu zisikelelwa njani ngelungiselelo loMhla Wocamagushelo omkhulu?
◻ Kwakutheni ukuze uPawulos abize umnqophiso omtsha ngokuthi ‘ngumnqophiso ongunaphakade’?
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Inkonzo Engcwele Etempileni
Isihlwele esikhulu sinqula namaKristu athanjisiweyo kwiintendelezo ezisemhlabeni zetempile enkulu kaYehova yokomoya. (ISityhilelo 7:14, 15; 11:2) Asikho isizathu sokugqiba kwelokuba sikwiNtendelezo yabeeNtlanga eyahlukileyo. Xa uYesu wayesemhlabeni, kwakukho iNtendelezo yabeeNtlanga etempileni. Noko ke, kwiiplani ezaziphefumlelwe nguThixo zeetempile ezakhiwa nguSolomon noHezekile, lalingekho ilungiselelo leNtendelezo yabeeNtlanga. Kwitempile kaSolomon, kwakukho intendelezo engaphandle apho amaSirayeli nabangeni ebuYudeni, amadoda namabhinqa, ayenqula kunye khona. Lo ngumfuziselo ongokwesiprofeto wentendelezo yasemhlabeni yetempile yokomoya, apho uYohane abona khona isihlwele esikhulu sinikela inkonzo engcwele.
Noko ke, ngababingeleli nabaLevi kuphela abangena kwintendelezo engaphakathi, apho kukho isibingelelo esikhulu; ngababingeleli kuphela ababenokungena kwiNgcwele; ibe ngumbingeleli omkhulu kuphela owayenokungena kweYona Ngcwele. Intendelezo engaphakathi neNgcwele ziqondwa njengezifuzisela imeko ekhethekileyo yokomoya yamaKristu athanjisiweyo emhlabeni. Kwaye eYona Ngcwele ifanekisela izulu ngokwalo, apho amaKristu athanjisiweyo afumana ubomi bokungafi kunye noMbingeleli Omkhulu wawo wasezulwini.—Hebhere 10:19, 20.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngenxa yovuyo olubekwe phambi kwethu, masibe “nokholo olugcina umphefumlo uphila”