Ukomeleza Intembelo Yethu Kubulungisa BukaThixo
“Ukuze ukholose ngoYehova, ndikwazisile namhla [ndikunike ulwazi, NW] wena lo.”—IMIZEKELISO 22:19.
1, 2. (a) Kutheni amaNgqina kaYehova ebonakalisa intembelo kuYehova? (IMizekeliso 22:19) (b) Yintoni ebonisa ukuba bambi kufuneka baqinise intembelo yabo kuYehova?
AMAKRISTU okwenyaniso asikelelwe ngolwazi oluchanileyo ngoYehova nangeenjongo zakhe. Ngothando “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liwalungiselela ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Ulwazi alufumanayo luwakhela isiseko anokusekela kuso intembelo yawo kuThixo. Ngaloo ndlela, njengeqela, amaNgqina kaYehova abonakalisa intembelo ebalaseleyo kuYehova nakubulungisa bakhe.
2 Noko ke, njengabantu ngabanye, kubonakala ngathi kusafuneka amanye amaNgqina eyiqinisile intembelo enjalo. Ngamanye amaxesha uMbutho ufumana iileta ezivakalisa ukuthandatyuzwa kweengcaciso ezinikelwa ziimpapasho zawo. La mathandabuzo adla ngokuba ngumvuka wokutshintsha kwendlela ebesiwuqonda ngayo umba othile, okanye asenokuba aphathelele imibandela echaphazela loo mntu ubuzayo, ngokukodwa ngokweemvakalelo.—Thelekisa uYohane 6:60, 61.
3. Yintoni enokwenzeka kwanakubakhonzi abathembekileyo bakaYehova, ibe ngoba?
3 Kwanabakhonzi bokwenene bakaYehova bayabubona ubunyaniso bamazwi eNtshumayeli 9:11 athi: “Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu; imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanengqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo.” La mazwi anokungqinwa eyinyaniso njani ngengqiqo ephangaleleyo okanye yokomoya? Kusenokwenzeka ukuba kukho amaKristu ebesiwazi ngokungalibazisi ekusebenziseni isiluleko seBhayibhile, eyithethelela kume ngawo inyaniso, enobulumko bokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, yaye ekukhuthalele ukufuna ulwazi oluchanileyo. Ukanti, ngenxa ‘yexesha nesihlo,’ amanye ngoku azifumanisa esikelwe imida ngenxa yengozi okanye ukwaluphala. Asenokungaqiniseki enoba aya kungena kwihlabathi elitsha likaThixo engakhange alibone ingcwaba kusini na.
4, 5. Kutheni amaKristu engenasizathu sakuphulukana nentembelo yawo kubulungisa bukaYehova?
4 Xa umKristu eshiywa liqabane lomtshato, uyaxheleka emphefumlweni aze azive elahlekelwe. Basenokuba bebekhonza uYehova kunye njengesibini kangangeminyaka okanye amashumi eminyaka. Iqabane elisaphilayo liyazi ukuba ukufa kuyaliqhawula iqhina lomtshato.a (1 Korinte 7:39) Ngoku, ukuze lingaphulukani nentembelo yalo, limele lizilawule iimvakalelo zalo.—Thelekisa uMarko 16:8.
5 Hayi indlela ekububulumko ngayo ukujonga ukufelwa liqabane, umzali, umntwana okanye umhlobo osenyongweni ongumKristu njengethuba lokubonalisa intembelo kubulungisa bukaYehova! Kwanaxa siye salahlekelwa kokuthile, sinokuqiniseka ukuba uYehova akaswele bulungisa. Sinokuba nentembelo yokuba wonk’ ubani ozuza ubomi obungunaphakade—enoba usindile okanye uvusiwe—uya konwaba. Umdumisi uthetha enjenje ngoThixo: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo. Ulilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke, unenceba ngezenzo zakhe zonke. Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso. Uyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo, akuve ukuzibika kwabo, abasindise.”—INdumiso 145:16-19.
Ukuziva Ubandezeleke Ngokungeyomfuneko
6, 7. (a) Kutheni amaNgqina aye abandezeleka kwixesha elidluleyo enokuziqonda ngendlela eyahlukileyo izinto ngoku? (b) Kutheni singafanele simgqale uYehova njengoswele ubulungisa ngokuvumela ukubandezeleka okunjalo kwixesha elidluleyo?
6 Kwixesha elidluleyo, amanye amaNgqina aye abandezeleka ngenxa yokungavumi ukwenza into izazela zawo ngoku ezinokuyivumela. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba kwiminyaka edluleyo bebekhethe ukuzisingatha ngohlobo oluthile iindidi ezithile zeenkonzo zaseburhulumenteni. Umzalwana usenokuvakalelwa kukuba ngoku isazela sakhe siyamvumela ukuba azenze kwaye akalalanisi kubundilele bamaKristu ngokuphathelele le nkqubo ikhoyo yezinto.
7 Ngaba uYehova wayeswele ubulungisa ngokumyekela ukuba abandezeleke ngenxa yokuchasa oko ngoku anokukwenza lula nje? Inkoliso yabo ekuye kwenzeka into enjalo kuyo ayicingi njalo. Kunoko, ivuyela ukuba iye yanethuba lokubonakalisa ekuhleni nangokucacileyo ukuba izimisele ukuba ngqongqo kwimbambano yolongamo lwendalo iphela. (Thelekisa uYobhi 27:5.) Sisiphi isizathu ubani anokuba naso sokuzisola ngokulandela isazela sakhe ekummeleni ngokuqinileyo uYehova? Ngokubambelela ngokunyanisekileyo kwimigaqo yamaKristu ngendlela abebeyiqonda ngayo okanye ngokuthobela izazela zabo, baye bazingqina befanele ukuba ngabahlobo bakaYehova. Ngokuqinisekileyo, kububulumko ukuyiphepha into eza kuphazamisana nesazela sakho okanye esenokubakhubekisa abanye. Ngokuphathelele lo mba sinokucinga ngomzekelo owamiselwa ngumpostile uPawulos.—1 Korinte 8:12, 13; 10:31-33.
8. Kutheni amaKristu angamaYuda, awayekade enamathele kuMthetho, engazange abe nesizathu sokubuthandabuza ubulungisa bukaYehova?
8 Ukuze akholise uYehova, amaYuda kwakufuneka athobele iMithetho Elishumi kunye nolunye udederhu lwemithetho eyongezelelekileyo emalunga nama-600. Kamva, phantsi kwelungiselelo lamaKristu, ukukhonza uYehova kwakungasaxhomekekanga ekuthobeleni le mithetho, kwanakumaYuda emvelo. Imithetho eyayingaseyomfuneko yayiquka ulwaluko, ukugcina iSabatha, ukunyusa amadini ezilwanyana nokungatyi izinto ezithile. (1 Korinte 7:19; 10:25; Kolose 2:16, 17; Hebhere 10:1, 11-14) AmaYuda awaba ngamaKristu—kuquka nabapostile—ayengasanyanzelekanga ukuba agcine imithetho ekwakufuneka ayigcine ngoxa ayesephantsi komnqophiso woMthetho. Ngaba akhalaza esithi ilungiselelo likaThixo liswele ubulungisa ngenxa yokuba belikade lifuna enze izinto ezingaseyomfuneko? Akunjalo, ayayivuyela indlela ephangaleleyo yokuqonda iinjongo zikaYehova.—IZenzo 16:4, 5.
9. Yintoni eye yenzeka kumaNgqina athile kwixesha elidluleyo, kodwa kutheni loo nto ingawaniki isizathu sokuzisola?
9 Kule mihla, kukho amaNgqina athile aye angqongqo gqitha ngokuphathelele imbono yawo ngoko anokukwenza okanye angenakukwenza. Ngenxa yoko aye abandezeleka ngaphezulu kwamanye. Kamva, ulwazi olongezelelekileyo luye lwawanceda aphangalala kwindlela azijonga ngayo izinto. Kodwa akanasizathu sakuzisola ngenxa yokuba ngaphambili eye alandela izazela zawo, kwanokuba oko kuye kwawenza abandezeleka nangakumbi. Ngokwenene iyancomeka into yokuba azibonakalise ekulungele ukubandezeleka ngenxa yokuthembeka kuYehova, ‘esenza izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo.’ UYehova uyalusikelela uzinikelo olunjalo. (1 Korinte 9:23; Hebhere 6:10) Umpostile uPetros waqiqa ngelithi: “Ukuba, xa nisenza okulungileyo nize nibandezeleke, niyanyamezela, le yinto evumelekileyo kuThixo.”—1 Petros 2:20.
Ukufunda KuYona
10, 11. UYona wabonisa njani ukuba wayengenantembelo kuYehova (a) xa wanikwa isabelo sokuya eNineve? (b) xa uThixo wayengazange abatshabalalise abantu baseNineve?
10 Xa walathiswa ukuba aye eNinive, uYona akazange abonakalise uxabiso ngentembelo uYehova awayenayo ngaye. Emva kokutyhubela amanzithinzithi awayebangelwa kukungafuni kwakhe ukuthobela, zada zabuya iingqondo kuYona, wabona apho aphosise khona, wasamkela isabelo sakhe kwilizwe lasemzini waza walumkisa abemi baseNineve ngentshabalalo eyayisiza. Nako kusenzeka into ebingalindelekanga ke ngoku: Ngenxa yokuguquka kwabantu baseNineve, uYehova wayezimisele ukungabatshabalalisi.—Yona 1:1–3:10.
11 Wasabela njani uYona? Engaxolanga tu kwaphela, wathandaza ekhalaza kuThixo. Eyona nto yayimenza isingqukru yile: ‘Ndihle ndaqonda ukuba izinto ziza kuhamba ngolu hlobo. Yile nto ke ebindenza ndingafuni ukuza kule Ninevendini kwasekuqaleni. Ngoku emva kwayo yonke le nquleqhu ndityhubele kuyo, ndiphatha koyikiswa yaye ndihlaziswa ngokuginywa yintlanzi, yaye emva kwako konke ukuzibhokoxa kwam ndilumkisa abemi baseNineve ngentshabalalo esemnyango, ndenjiwa nje! Bendisebenzela yaye ndibulalekel’ ilize ukuba kuphelele apho! Kubhetele kwaukufa kunale nto!’—Yona 4:1-3.
12. Yintoni esinokuyifunda kumava kaYona?
12 Ngaba phofu sasivakala isizathu sokukhalaza kukaYona? Ngaba uYehova wayeswele ubulungisa ngokubonakalisa inceba kubenzi bobubi abaguqukileyo? Eneneni, uYona wayefanele avuye; amashumi amawaka abantu ayesinde ekubulaweni! (Yona 4:11) Kodwa isimo sengqondo sokukhalaza ngendelelo sasibonisa ukuba wayengenantembelo epheleleyo kubulungisa bukaYehova. Wayebethwa kukuzicingela bhetele, ebajongela phantsi abanye abantu. Masifunde kuYona ngokungazibeki phambili nangokuzifak’ umkhala iimvakalelo zethu. Masiqiniseke ukuba ukuthobela uYehova, ukulandela ulwalathiso oludluliselwa ngentlangano yakhe nokwamkela izigqibo zakhe, kuyinto elungileyo esimele siyenze. Siqinisekile ukuba “kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo.”—INtshumayeli 8:12.
Lingoku Ixesha Lokomeleza Intembelo Yethu!
13. Sinokuyomeleza njani intembelo yethu kuYehova?
13 Ukomeleza intembelo yethu kuYehova kulikhondo lobulumko. (IMizekeliso 3:5-8) Kakade ke, simele senze okungaphaya kokuthandazela ukuba uYehova asincede sibe nentembelo engakumbi. Intembelo ikhula xa isekelwe kulwazi oluchanileyo, ngoko simele senze ufundisiso lobuqu lweBhayibhile, ukufunda iBhayibhile kunye noncwadi olucacisa iBhayibhile, lube yinto esiyenza imihla ngemihla. Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu kubalulekile, kunjalo ke nangokuzilungiselela nokuba nenxaxheba kuzo kangangoko kunokwenzeka. Ukukwenza umkhwa wethu ukwabelana nabanye ngeenyaniso zeBhayibhile, ngobuchule sisoyisa inkcaso, nako kuyayiqinisa intembelo yethu kuYehova nakwiLizwi lakhe. Ngaloo ndlela ukusondelelana kwethu naye kuba yinto yemihla ngemihla.
14. Kutheni kungekudala kuza kufuneka abantu bakaYehova babonakalise intembelo yabo kuThixo ngendlela ekungazange kwenzeke ngayo ngaphambili?
14 Kungekudala kuza kuqhambuka eyona mbandezelo inkulu kwezakha zafikela abantu. (Mateyu 24:21) Ekuqhambukeni kwayo, kuza kufuneka abakhonzi bakaThixo babonakalise intembelo kubulungisa bukaYehova nakulwalathiso oluvela kwintlangano yakhe ngendlela ekungazange kwenzeke ngayo ngaphambili. Ngendlela efuziselayo, baya kwandula ngentembelo bathobele umyalelo kaThixo othi: “Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma.” (Isaya 26:20) Sele bengene kakade kwikhusi lamabandla angaphezu kwama-85 000 akumazwe angama-232. Enoba yintoni na enye equkwa ngumyalelo othi “ningene ezingontsini,” sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusinceda sikwenze oko.
15. Umbandela wentembelo ugxininiswa njani ebudeni bowe-1998, ibe kutheni kufanelekile ukwenjenjalo?
15 Kubalulekile ukuba siyomeleze ngoku intembelo yethu. Ukuba asinantembelo kubazalwana bethu abangamaKristu, kwintlangano kaYehova yaye, ngaphezu kwako konke, kuYehova ngokwakhe, soze sisinde. Ngoko hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba ebudeni bowe-1998, amaNgqina kaYehova ebekhunjuzwa ngokuphindaphindiweyo ngamazwi omxholo wawo wonyaka othi, “wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa”! (Roma 10:13) Ngenxa yoko simele siqhubeke sinentembelo. Ukuba nje sikhe sabhaqa kwanomzilana omncinane wamathandabuzo, masingaphozisi maseko, masiwulungise ngoko nangoko, ewe, namhlanj’ oku.
Umgwebo KaYehova Uya Kuba Ngowobulungisa
16. Yintoni enokwenzeka xa intembelo ingahlakulelwa, ibe sinokuyithintela njani loo nto?
16 KumaHebhere 3:14, amaKristu athanjisiweyo alunyukiswa ngelithi: “Okunene siba ngabanenxaxheba kuKristu kuphela ukuba sibambelela nkqi kwintembelo esasinayo ekuqaleni siqinise kude kuse ekupheleni.” Ngokusisiseko, la mazwi akwasebenza nakumaKristu anethemba lokuphila emhlabeni. Intembelo esiba nayo ekuqaleni isenokukhukuliseka ukuba asiyikhulisi. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba siqhubeke sifuna ulwazi oluchanileyo, ngaloo ndlela someleza isiseko sentembelo yethu!
17. Kutheni sinokuba nentembelo yokuba ngokuphathelele ukusinda, uYesu uya kugweba kakuhle?
17 Kungekudala zonke iintlanga ziza kuhlolwa nguKristu ukuze akwazi ‘ukwahlula abantu omnye komnye, kanye njengokuba umalusi esahlula izimvu ezibhokhweni.’ (Mateyu 25:31-33) Sinokuqiniseka ukuba uKristu uya kusebenzisa ubulungisa xa ekhetha abo bafanele ukusinda. UYehova umnike ubulumko, ingqiqo nezinye iimpawu eziyimfuneko ‘ukuze agwebe umhlaba omiweyo ngobulungisa.’ (IZenzo 17:30, 31) Masizimisele ukwenza njengoAbraham, owathi: “Makube lee kuwe [Yehova] ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?”—Genesis 18:25.
18. Kutheni sifanele singazikhathazi ngokugqith’ emgceni ngoko singekakwazi okwangoku?
18 Ekubeni sinentembelo ngokupheleleyo kubulungisa bukaYehova, akuyomfuneko ukuba sibhule sisela sifuna iimpendulo zemibuzo enjengale: ‘Ziya kugwetywa njani iintsana kunye nabantwana? Ngaba kunokwenzeka ukuba babe baninzi abantu abangekafikelelwa ngeendaba ezilungileyo xa kufika iArmagedon? Kuthekani ngabagula ngengqondo? Kuthekani ngale . . . ?’ Liyinyaniso elokuba, sisenokungayazi kwangoku indlela uYehova aya kuzisingatha ngayo ezo zinto. Noko ke, uya kuzisingatha ngobulungisa nangenceba. Singaze siyithandabuze loo into. Eneneni, sinokumangaliswa size sichulumanciswe kukufumanisa ukuba uzisingatha ngendlela ebesingakhange siyiphuphe nokuyiphupha.—Thelekisa uYobhi 42:3; INdumiso 78:11-16; 136:4-9; Mateyu 15:31; Luka 2:47.
19, 20. (a) Kutheni kungaphosakelanga ukubuza imibuzo esengqiqweni? (b) UYehova uya kuyiphendula nini imibuzo esajingayo?
19 Intlangano kaYehova ayithi makungabuzwa imibuzo enyanisekileyo nesexesheni, njengoko abanye abachasi bebhibhidla amazinyo ngelitshoyo. (1 Petros 1:10-12) Noko ke, iBhayibhile iyasiluleka ukuba siyiphephe imibuzo yobuyatha yokwenza uqashi-qashi. (Tito 3:9) Ukubuza imibuzo esengqiqweni nokuphanda kwiLizwi likaThixo nakwiimpapasho zamaKristu ukuze sifumane iimpendulo ezisekelwe kwiZibhalo kunokukhulisa ulwazi lwethu oluchanileyo yaye kuqinise intembelo yethu kuYehova. Intlangano ilandela umzekelo kaYesu. Wayengakhuphi nelimdaka xa ebuzwa imibuzo ebuzwe lingekafiki ixesha lokuyiphendula. Wacacisa: “Ndisenezinto ezininzi zokuzitsho kuni, kodwa aninakukwazi ukuzithwala okwangoku.” (Yohane 16:12) Kwakhona wavuma ukuba ngelo xesha ezinye izinto zazimsithele oku kwakhe.—Mateyu 24:36.
20 Kuninzi uYehova aseza kukutyhila. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukumlinda, siqinisekile ukuba iinjongo zakhe uya kuzityhila ngexesha elifanelekileyo. Sinokuqiniseka ukuba xa lifika ixesha elifanelekileyo likaYehova, siya kukuvuyela ukufumana ingqiqo eyongezelelekileyo ngeendlela zakhe. Ewe, siya kuvuzwa, ukuba nje siba nentembelo epheleleyo kuYehova nakwintlangano ayisebenzisayo. IMizekeliso 14:26 iyasiqinisekisa: “Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona IMboniselo kaSeptemba 15, 1968, iphepha 430; nekaJuni 1, 1987, iphepha 30.
Luthini Uluvo Lwakho?
◻ Kutheni kungebobulumko ukuvumela iimvakalelo ziyisingele phantsi intembelo yethu kuYehova?
◻ Yintoni esinokuyifunda kumava kaYona?
◻ Kutheni kubaluleke kangaka ukufundisisa iBhayibhile nokubakho ezintlanganisweni?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Kwanaxa silahlekelwe, sinokuqiniseka ukuba uYehova ulilungisa
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba uqinisekile ukuba uYehova ulithemba lakho?