Uncedo Lokwenene Lwentsapho
“Kusengqiqweni ukuthi iintsapho zijamelene nentlekele eMerika. Esi sisigqibo ekunokufikelelwa kuso ngenxa yamanani oqhawulo-mtshato, amanani abantwana abazalwa ngaphandle komtshato, nokuxhatshazwa kwabantwana nabo sele betshatile.”
LA MAZWI kaTom Brokaw ongumsasazi kamabonwakude eUnited States anokuba yinyaniso phantse kuwo onke amazwe. Ithetha ntoni le ngxaki?
Intsapho isesona siseko sokwakha ibutho labantu ngeendlela eziliqela. Ukuba intsapho isengxakini, nebutho labantu lisengxakini. Ukongezelela, intsapho ingumthombo wabantwana wenkxaso ngokweemvakalelo nangokwemali. Kulapho bafunda khona ngezinto zokuqala nezona zibalulekileyo ebomini. Ukuba intsapho isengxakini, yintoni abayifundayo abantwana? Ngaba banqabisekile? Baya kuba njani xa sele bekhulile?
Ngaba ikho into enokunceda iintsapho ngeli xesha lengxaki? Ewe, ikho. Intsapho lilungiselelo elivela kuThixo. (Genesis 1:27, 28) Yaye uzinike olona khokelo lwentsapho kwiLizwi lakhe iBhayibhile. (Kolose 3:18-21) Liyinyaniso elokuba, asinako ukuliguqula lonke ibutho labantu, kodwa sinokusebenzisa isiluleko seBhayibhile kwiintsapho zethu. Sifuna ukukuchazela ngabanye babantu abakwenzayo oko nomphumo omhle ababa nawo.
Ukuthintela Uqhawulo-mtshato
Kumazwe amaninzi imitshato engama-50 ekhulwini iphelela kuqhawulo-mtshato. Le yeyona ngxaki inkulu abajamelana nayo abantu! Liyinyaniso elokuba, uninzi lwabo baba ngabazali abangenamaqabane omtshato ngenxa yoku bajamelana nomsebenzi onzima wokukhulisa abantwana babo. Kodwa ngokuqinisekileyo inkoliso iya kuvuma ukuba kubhetele xa isibini sinokuzama ukucombulula iingxaki size sihlale kunye.
Umtshato wesinye isibini kwiiSolomon Islands wawusemngciphekweni wokuqhawuka. Umyeni, owayengunyana wenkosi, wayenogonyamelo yaye wayeneminye imikhwa emininzi emibi. Ubomi babunzima kumfazi wakhe kangangokuba wada wazama nokuzibulala. Emva koko, umyeni wavuma ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wafunda ukuba nabani na ofuna ukukholisa uThixo akamele nje azi oko kubi kodwa kwakhona umele ‘akuthiye okubi.’ (INdumiso 97:10) Oko kuquka ukuthiya izinto ezimbi ezinjengokuxoka, ukuba, ugonyamelo nokunxila. Wasithobela eso siluleko yaye kungekudala wayoyisa imikhwa yakhe emibi nokuba nogonyamelo kwakhe. Umfazi wakhe wamangaliswa yindlela awatshintsha ngayo, yaye umtshato wabo waba bhetele gqitha, ngenxa yokuncedwa liLizwi likaThixo.
EMzantsi Afrika elinye ibhinqa eliliNgqina likaYehova leva ukuba umqeshi walo nomyeni wakhe babecinga ngokuqhawula umtshato. Eli Ngqina lathetha nomqeshi walo ngendlela uThixo awujonga ngayo umtshato laza lambonisa incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Le ncwadi ipapashwe ngamaNgqina kaYehova, ibonisa imigaqo yeBhayibhile esebenza emtshatweni, igxininisa kwindlela iBhayibhile ezinceda ngayo izibini ukuba zicombulule iingxaki. Umqeshi ekunye nomyeni wakhe bayifunda loo ncwadi baza bazama ngokunyanisekileyo ukusebenzisa isiluleko seBhayibhile evela kuyo. Ngenxa yoko, bagqiba kwelokuba bangawuqhawuli umtshato—kwasindiswa omnye umtshato ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.
Ukwahluka Konqulo
Kuthekani xa amaqabane enonqulo olwahlukahlukeneyo? IBhayibhile iluleka amaKristu ngokusengqiqweni ukuba atshate “kuphela eNkosini.” (1 Korinte 7:39) Noko ke, maxa wambi, kuyenzeka ukuba iqabane lomtshato litshintshe unqulo. Ngaba oko kuthetha ukuphela komtshato? Akunjalo konke konke.
EBotswana elinye ibhinqa elalisandul’ ukuba liNgqina likaYehova labuzwa ngendlela unqulo lwalo olutsha olwalitshintsha ngayo. Lacela ukuba umyeni walo aliphendulele ngokwakhe, yaye wathi: “Ukususela ekubeni umfazi wam eye waliNgqina likaYehova, ndiye ndabona iinguqulelo eziliqela ezindonwabisayo. Ngoku uzolile, unobulumko, zinto ezo awayengenazo ngaphambili. Wakwazi ukwahlukana nomkhwa wokutshaya, nto leyo ekusenzima nangoku kum ukwahlukana nayo. Umfazi wam uye waba nothando olungakumbi ebantwaneni bam nakum, nakwabanye. Ngoku uyakwazi ukunyamezela, ngokungakumbi ebantwaneni. Ndimbona echitha ixesha kubulungiseleli, ezama ukunceda abanye ukuba baphucule ubomi babo. Ndiye ndabona iinguqulelo ezivuyisayo nakum. Ndikholelwa ekubeni konke oku kubangelwa ngumzekelo wakhe.” Enjani ukuba ntle impembelelo eyaba nayo imigaqo yeBhayibhile kuloo mtshato! Uninzi lwabo bangengawo amaNgqina luye lwenza amagqabaza afanayo ngamaqabane abo angamaNgqina.
Xa Ubawo Etyeshela Iimbopheleleko Zakhe
Ulwalamano olukhoyo phakathi kobawo nabantwana bakhe ngoyena ndoqo wokwakha iintsapho ezomeleleyo. Umpostile uPawulos waluleka: “Boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efese 6:4) Ngoko ke, akumangalisi oko kubhalwe kwinqaku elikwiThe Wilson Quarterly elibek’ ityala ngeengxaki ezininzi ezikhoyo koobawo abangayifezekisiyo indima yabo. Eli nqaku lathi: “Phakathi kowe-1960 nowe-1990, inani labantwana abangahlali nooyise liye landa ngokumangalisayo. . . Ukwehla kwabazali abangoobawo sesona sizathu esibangela ezona ngxaki eMerika.”
Ngaba oku kuthetha ukuba abantwana abangakhokelwa ngooyise abanakuze baphumelele? Akunjalo. Umdumisi wamandulo wathi: “Ngokuba ubawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.” (INdumiso 27:10) Inkwenkwe eneminyaka esithoba ubudala yaseThailand yakufumanisa kuyinyaniso oku. Yafelwa ngunina xa yayiselusana, yaye ngenxa yokuba uyise wayengayifuni, wayishiya noninakhulu. Ngenxa yokuziva ingafunwa yaye ingathandwa, le nkwenkwe yayivukela yada yaduma ngokuvuyelela. Yada yasongela noninakhulu. Abashumayeli bexesha elizeleyo ababini abangamaNgqina kaYehova, baphawula ukuba yayithanda ukuma ngaphandle kweHolo yoBukumkani, yaye bayimemela ekhayeni labo.
Bayixelela ngoThixo—ukuba Yena njengobawo, uyabathanda abantwana bakhe. Kwakhona bathetha ngeParadesi yasemhlabeni uThixo ayithembise abantu abathembekileyo. (ISityhilelo 21:3, 4) Konke oku kwayichukumisa le nkwenkwe, yaye yayisiza yonke imihla ize kufunda okungakumbi. La maNgqina ayixelela ukuba kuya kufuneka iyeke ukuba ngumvuyeleli ukuba yayifuna ukuba uThixo abe nguYise. Oku kwakuvisisana namazwi kaPawulos awayesiya kwabaseRoma athi: “Ngokuxhomekeke kuni, yibani noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Kwakhona kwakuya kufuneka imphathe ngobubele uninakhulu. (1 Timoti 5:1, 2 ) Kungekudala, yayisebenzisa imigaqo yeBhayibhile—ngokungathandabuzekiyo iphucula ubomi bayo bentsapho noninakhulu. (Galati 5:22, 23) Abamelwane bachukumiseka ziinguqulelo abazibonayo kangangokuba bafuna ukuba abantwana babo bafundisise iBhayibhile namaNgqina kaYehova!
Ukuba Seluxolweni
Umpostile uPawulos wababhalela oku abaseKolose: “Yambathani uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano. Kanjalo, uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu.” (Kolose 3:14, 15) Ngokuqinisekileyo uxolo nothando olusuka entliziyweni luya kuyomeleza intsapho. Yaye lunokungciba iintanda ebezikho ixesha elide entsatsheni. URukia, ohlala eAlbania, wayengathethi nomntakwabo ngaphezu kweminyaka eli-17 ngenxa yokungavisisani entsatsheni. Xa wafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wafunda ukuba wonke umkhonzi kaThixo ubongozwa ukuba ahlakulele uxolo nabanye. “Makafune uxolo aze alusukele.”—1 Petros 3:11.
URukia waqonda ukuba umele abe seluxolweni nomntakwabo. Wathandaza ubusuku bonke, waza ngentsasa elandelayo, intliziyo yakhe ibetha ngamandla, waya kwamntakwabo. Umtshana kaRukia wamvulela emnyango waza othukile wabuza: “Ufuna ntoni apha?” URukia ezolile wacela ukubona umntakwabo, wathi ufuna ukuxolelana naye. Ngoba? Ngenxa yokuba ngoku wayeqonda ukuba oku yayikukuthanda kukaThixo. Umntakwabo wasabela ngendlela entle, yaye ukumanyana kwabo kwakhona kwaboniswa kukwangana neenyembezi zovuyo—intsapho yaphinda yamanyana ngenxa yokuba kwalandelwa imigaqo yeBhayibhile.
Unxulumano Olubi
“Namhlanje, ngokuqhelekileyo mntwana ngamnye ubukela umabonwakude iiyure ezisixhenxe ngosuku. Xa egqiba isikolo samabanga aphantsi sele ebone ukubulawa kwabantu izihlandlo ezingaphezu kwamawaka asibhozo nezenzo zogonyamelo ezilikhulu lamawaka.” Itsho incwadi ethi The 7 Habits of Highly Effective Families. Kubakho yiphi imiphumo xa umntwana echanabeke kwimeko enjalo? “Iingcaphephe” azivumelani noko, kodwa iBhayibhile ilumkisa ngokungqongqo ngonxulumano olubi. Ngokomzekelo, ithi: “Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.” (IMizekeliso 13:20) Kwakhona ithi: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa esebenzisekayo.” (1 Korinte 15:33) Ubomi bentsapho bunokuphucuka ukuba siwugqala ngobulumko lo mgaqo njengoyinyaniso kuyo enoba ngabantu abazizinxulumani ezibi okanye yinkqubo kamabonwakude.
Omnye umama waseLuxembourg wayefundisisa iBhayibhile nomnye wamaNgqina kaYehova. Ngenye imini waxelela eli Ngqina ukuba ngengokuhlwa iintombi zakhe ezimbini eneminyaka esixhenxe neneminyaka esibhozo ubudala zazithanda ukuxambulisana nokubethana. Eli Ngqina labuza ukuba zazisenza ntoni ezo ntombi ngengokuhlwa. Unina wathi zazibukela umabonwakude ngoxa yena wayecoca igumbi lokuphekela. Zibukela eziphi iinkqubo? “Owu, eminye nje imifanekiso ehlekisayo,” waphendula ngelitshoyo unina. Xa lowo wayemtyelele wathi iinkqubo ezinjalo ziye zibe nogonyamelo ngokufuthi, unina wezo ntombi wathembisa ukuba uza kuzijonga.
Ngosuku olulandelayo, unina wamangaliswa xa wabona izinto ezazizibukela iintombi zakhe. Zazibonisa amagongqongqo asuka esibhakabhakeni awayetshabalalisa ngenkohlakalo nantoni na esendleleni yawo. Wazicacisela iintombi zakhe ukuba uYehova uluthiyile ugonyamelo yaye akathandi xa sibukela inkohlakalo enjalo. (INdumiso 11:5) Ngenxa yokufuna ukukholisa uYehova, ezi ntombi zavuma ukuzoba kunokubukela umabonwakude. Ngokukhawuleza, zatshintsha isimo sengqondo sokuba nogonyamelo, yaye nemeko yentsapho yaguquka.
Le yimizekelo nje embalwa ebonisa ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuyabuphucula ubomi bentsapho. Isiluleko seBhayibhile sigubungela zonke iimeko. Sichanile yaye sinempembelelo entle. (Hebhere 4:12) Xa abantu befundisisa iBhayibhile baze bazame ngokunyanisekileyo ukusebenzisa oko ikutshoyo, iintsapho ziyomelela, ubuntu buguquke, yaye neempazamo ziyaphetshwa. Kwanokuba linye ilungu lentsapho elilandela isiluleko sikaThixo, izinto ziba bhetele. Liyinyaniso elokuba, kuzo zonke iinkalo zobomi, simele siligqale iLizwi likaThixo ngendlela yomdumisi owabhala wathi: “Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, likukukhanya emendweni wam.”—INdumiso 119:105.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Iingxaki zentsapho ziye zaconjululwa ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile