Ngaba Abanye Bayasamkela Isiluleko Sakho?
ISILULEKO esidluliselwa ngendlela efanelekileyo sisoloko sisiba nemiphumo emihle. Ngaba oko kuyinyaniso? Bubuxoki! Kwanesiluleko esihle esinikelwa ngabaluleki abanobuchule ngokufuthi asikhathalelwa okanye siyachaswa.—IMizekeliso 29:19.
Oku kwenzeka xa uYehova waluleka uKayin, owavumela inzondo yakhula ngomntakwabo, uAbheli. (Genesis 4:3-5) Ngenxa yokuba wayeyibona ingozi eza kwehlela uKayin, uThixo wathi kuye: “Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakho? Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.”—Genesis 4:6, 7.
Ngaloo ndlela uYehova wayefanisa isono notshaba olwalulindele ukutsibela uKayin ukuba wayeqhubeka efukame ingqumbo ngomntakwabo. (Thelekisa uYakobi 1:14, 15.) Lalisekho ithuba lokuba uKayin aguqule isimo sakhe sengqondo, ‘alungise’ kunokuba azifake engozini. Okubuhlungu kukuba, uKayin akazange asiphulaphule isilumkiso. Wasigatya isiluleko sikaYehova, kwaza oko kwaphumela kwintlekele.
Abanye baluthiyile yaye bayalucaphukela naluphi na uhlobo lwesiluleko. (IMizekeliso 1:22-30) Ngaba isenokuba lityala lalowo ululekayo ukuba isiluleko siyagatywa? (Yobhi 38:2) Ngaba nina ninikela isiluleko nikwenza kube nzima kwabanye ukusamkela? Ukungafezeki kwabantu kwenza oko kube yingozi yokwenene. Kodwa usenokuwanciphisa amathuba okuba oko kwenzeke ngokulandela ngenyameko imigaqo yeBhayibhile. Makhe sihlolisise eminye yayo eliqela.
‘Mlungiseni Ngomoya Wobulali’
“Bazalwana, nakuba umntu ethabatha inyathelo elithile eliphosakeleyo ngaphambi kokuba akuqonde oko, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa ngokutsha umntu onjalo ngomoya wobulali, njengoko ngamnye kuni ephosa iliso kuye siqu, ngokoyikela ukuba kwanaye usenokuhendeka.” (Galati 6:1) Umpostile uPawulos wathi abo ‘baneemfaneleko zokomoya’ bamele bazame ukumlungisa umKristu ‘othabatha amanyathelo aphosakeleyo ngaphambi kokuba akuqonde oko.’ Maxa wambi kubonakala ngathi abo bangafanelekanga ngabo abatyekele ekunikeleni icebiso. Ngenxa yoko, musa ukungxamela ukululeka abanye. (IMizekeliso 10:19; Yakobi 1:19; 3:1) Ngokuyintloko ngabadala bebandla abafanelekayo ngokomoya ukwenza oku. Kakade ke, nawuphi na umKristu oqolileyo umele amlumkise umzalwana xa embona esiya engozini.
Ukuba unikela icebiso okanye isiluleko, qiniseka ngokusekela oko ukuthethayo kubulumko bukaThixo, kungekhona kwiinkcukacha ezingaqinisekanga nakwintanda-bulumko. (Kolose 2:8) Yiba njengompheki onenyameko oye aqiniseke ukuba zonke izithako aza kuzisebenzisa xa epheka zinempilo yaye azinanto esenokuba yityhefu. Qiniseka ukuba isiluleko sakho sisekelwe ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo kungekhona nje kwimbono yakho. (2 Timoti 3:16, 17) Ngokwenza oku, unokuqiniseka ukuba isiluleko sakho asiyi kwenzakalisa mntu.
Injongo yesiluleko ‘kukulungisa’ lowo unxaxhayo, kungekhona ukunyanzelisa inguquko. Igama lesiGrike elithi ‘ukulungisa’ linxulumene negama elibhekisela ekubuyiseleni ithambo eliphumileyo endaweni yalo ukuze kuthintelwe ingozi engakumbi. Ngokutsho kombhali wesichazi-magama uW. E. Vine, kwakhona libhekisela “kwimfuneko yokuba nomonde nokunyamezela ebudeni belo xesha.” Cinga ngothantamiso nobuchule obufunekayo ukuze uphephe ukubangela intlungu ngokungeyomfuneko. Ngokufanayo, lowo ululekayo ufanele abe nenyameko enkulu ukuze akuphephe ukumenzakalisa lowo ululekwayo. Oku kuba nzima ngakumbi xa othile ecela isiluleko. Xa isiluleko sakho singacelwanga, kufuneka ubuchule obude bangakumbi.
Ngokuqinisekileyo akuyi ‘kulungisa’ nabani na ukuba ulutshaba lwakhe. Ukuze uphephe ukwenza oku, khumbula imfuneko ‘yokwambatha umsa onofefe wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.’ (Kolose 3:12) Ukuba ugqirha akanamonde yaye urhabaxa, umguli usenokungalithobeli icebiso lakhe yaye usenokungaphindi abuye aze afumane unyango olufunekayo.
Oku akuthethi ukuba isiluleko simele sibe yekeyeke. UYesu Kristu wayengqongqo xa wayeluleka amabandla asixhenxe kwisixeko saseAsiya. (ISityhilelo 1:4; 3:1-22) Wawanika isiluleko esithe ngqo ekwakufuneka esiphulaphule aze asisebenzise. Kodwa ukuba ngqongqo kukaYesu kwakusoloko kulungelelaniswa neempawu ezinjengomsa nobubele, ebonisa indlela amthanda ngayo uBawo osezulwini.—INdumiso 23:1-6; Yohane 10:7-15.
Cebisa Ngobubele
“Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, khon’ ukuze niyazi indlela enifanele ninikele ngayo impendulo kuye ngamnye.” (Kolose 4:6) Ityuwa inokuyongeza incasa ekutyeni, ikwenze kube mnandi. Ukuba isiluleko sakho siza kwamkelwa, simele sibe ‘sesikholekileyo, sinongwe ngetyuwa.’ Noko ke, kwanaxa kukho izithako ezaneleyo, ukutya kusenokungabi nayo incasa okanye kuphakwe kube yintaba esityeni ngendlela engabukelekiyo. Oko akunakwenza umntu abe nomdla wokutya. Eneneni, kusenokuba nzima ukuginya nje ithamo elinye elingenancasa.
Xa ululeka, kubalulekile ukuba ukhethe amazwi afanelekileyo. Indoda esisilumko uSolomon yathi: “Linjengama-apile egolide kwizitya zesilivere ilizwi elithethwe ngexesha elililo.” (IMizekeliso 25:11, NW) Kusenokwenzeka ukuba wayecinga ngesitya esikroliweyo sesilivere esinama-apile aqingqiweyo egolide. Hayi indlela esihle ngayo xa usijongile, yaye hayi indlela oya kukuxabisa ngayo ukusifumana njengesipho! Ngendlela efanayo, amagama akhethwe kakuhle, nakholekileyo anokuba yingenelo kumntu ozama ukumnceda.—INtshumayeli 12:9, 10.
Kwelinye icala, “ilizwi elidubulayo linyusa umsindo.” (IMizekeliso 15:1) Amazwi angafanelekanga asenokubangela intlungu nomsindo kunokuba kubulelwe. Enyanisweni, asikuphela nje koko kubi kuthethwayo kodwa kwanemvakalozwi engafanelekanga isenokubangela umntu asigatye isiluleko esifunekayo nesifanelekileyo. Ukululeka ngokungenabuchule, nangendlela engabonakalisi ulwazelelelo kusenokukwenzakalisa kufane nokuhlasela umntu ngesikhali. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele.” Kutheni uthetha ngokungabacingeli abanye uze ubangele kube nzima ukuba omnye asiphulaphule isiluleko?—IMizekeliso 12:15.
Njengokuba uSolomon watshoyo, isiluleko simele ‘sinikelwe ngexesha elililo.’ Ukulinda ixesha elifanelekileyo kubalulekile ukuba isiluleko siza kuphumelela! Kuyacaca ukuba umntu ophelelwe ngumdla ekutyeni akanakuze akuxabise ukutya. Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba ebesandul’ ukutya kakhulu, okanye kusenokwenzeka ukuba uyagula. Ukunyanzela umntu ongakufuniyo ukutya akubobulumko yaye akufuneki.
Ukululeka Ngokuthobeka Kwengqondo
“Luzaliseni uvuyo lwam ngokuthi . . . ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo nibagqala abanye njengabongamileyo kunani, niphosa iliso, kungekhona kwizilangazelelo zobuqu kwimibandela nje yenu, kodwa nakwizilangazelelo zobuqu kuleyo yabanye.” (Filipi 2:2-4) Ukuba ungumluleki olungileyo, uya kuba nomdla ‘kwizilangazelelo zabanye’ ekulungelweni kwabanye. Kwakhona uya kubonakalisa ‘ukuthobeka kwengqondo’ xa uqhubana nabazalwana noodade bokomoya, ubagqala abanye njengabongamileyo kuwe. Kuthetha ntoni oko?
Ukuthobeka kwengqondo kuya kukuthintela ungazikhukhumalisi okanye uthethe ngqwabalala. Akukho namnye kuthi onesizathu sokuziva ongamile kunamanye amakholwa. Sonke siyasilela ngamaxesha athile. Ekubeni ungenakukwazi okusentliziyweni yomnye, kubaluleke ngakumbi ukungagwebi iintshukumisa zalowo umlulekayo. Kusenokwenzeka ukuba akanantshukumisa zimbi yaye kusenokwenzeka ukuba akanalwazi ngesimo sengqondo esibi okanye isenzo esinjalo. Kwanokuba ngandlel’ ithile uyaqonda ukuba ikhondo alithabathayo alivumelani nemilinganiselo kaThixo, alithandabuzeki elokuba uya kukufumanisa kulula ukwamkela isiluleko ukuba sinikelwa ngokuthobeka sinomdla wokwenene kwimpilo-ntle yokomoya yaloo mntu.
Khawufan’ ucinge indlela obuya kuvakalelwa ngayo xa ubumenyelwe esidlweni kodwa umamkeli zindwendwe akuphathe ngendlela engabonakalisi bubele aze akujongele phantsi! Ngokuqinisekileyo ubungayi kusinandipha eso sidlo. Enyanisweni, “ulungile umxhesho womfuno kunye nothando, ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.” (IMizekeliso 15:17) Ngokufanayo, kwanesona siluleko sihle kusenokuba nzima ukusamkela ukuba umluleki ubonakalisa ukungamthandi lowo amlulekayo okanye umjongela phantsi aze amhlazise. Noko ke, uthando, ukuhlonelana, nokuthembana kuya kwenza kube lula ukunikela isiluleko nokusamkela.—Kolose 3:14.
Isiluleko Esamkelwayo
Umprofeti uNatan wabonakalisa ukuthobeka kwengqondo xa wayeluleka uKumkani uDavide. Uthando nentlonelo ngoDavide lwangqinwa koko kwenziwa nokwathethwa nguNatan. UNatan waqalisa ngomzekeliso owaphelisa ingxaki asenokuba wayeza kuba nayo uDavide ekuphulaphuleni isiluleko. (2 Samuweli 12:1-4) Umprofeti wabhekisela kuthando uDavide analo ngokusesikweni nangobulungisa, nangona engazange akubonakalise oku kwizenzo zakhe noBatshebha. (2 Samuweli 11:2-27) Xa umzekeliso wacaciswayo, uDavide exhelekile wathi: “Ndonile kuYehova.” (2 Samuweli 12:7-13) Ngokungafaniyo noKayin, ongazange amphulaphule uYehova, ngokuzithoba uDavide wakwamkela ukulungiswa.
Alithandabuzeki elokuba uNatan wayesalathiswa nguYehova, xa sicinga ngokungafezeki kukaDavide okwakunokumenza asabele ngendlela engafanelekanga. UNatan wasebenzisa ubuchule obungummangaliso yaye ngokuqinisekileyo emgqala uDavide njengophakamileyo ngenxa yesikhundla sakhe Ok for XOnjengokumkani onyulwe nguYehova. Ukuba usesikhundleni esithile, usenokunikela isiluleko esifanelekileyo, kodwa kusenokuba nzima ukusamkela ukuba akubonisi ukuthobeka kwengqondo.
UNatan wamlungisa uDavide ngomoya wokuthobeka. Amazwi alo mprofeti ayefanelekile elungiselelwe kakuhle ukuze uDavide asabele ngendlela eyayiza kuba luncedo kuye. UNatan akazange afune izilangazelelo zakhe, engazange azame nokuzenza mhle kunoDavide ngokuziphatha okanye ngokomoya. Onjani ukuba mhle umzekelo wokuthetha amazwi amahle ngendlela efanelekileyo! Ukuba ubonakalisa umoya ofanayo, ngokuqhelekileyo abanye baya kusamkela isiluleko sakho.
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Njengokutya okunesondlo, isiluleko sakho simele sibe sesakhayo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba isiluleko sakho usenza sibe njengama-apile egolide kwizitya zesilivere?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umprofeti uNatan ngokuthobeka wabhekisela kuthando uDavide analo ngokusesikweni nangobulungisa