IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 2/1 iphe. 14-19
  • Ubuncwane Bethu Bukwizitya Zomhlaba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuncwane Bethu Bukwizitya Zomhlaba
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubumba KuSirayeli Wamandulo
  • Ukubumba Uhlanga Lokomoya
  • Ukubunjwa KukaSirayeli KaThixo Namhlanje
  • “Khangela! Isihlwele Esikhulu”
  • Umbumbi Ozukileyo Nomsebenzi Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Ulawulo LobuThixo Ngexesha LamaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Vumela Ingqeqesho KaYehova Ikubumbe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Inkqubela Kulungelelwaniso Lwentlangano
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 2/1 iphe. 14-19

Ubuncwane Bethu Bukwizitya Zomhlaba

“Sinabo obu buncwane ngezitya zomhlaba, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo yaye ingabi ngalawo aphuma kuthi.”​—⁠2 Korinte 4:⁠7.

1. Umzekelo kaYesu ufanele usikhuthaze njani?

XA WAYESABUNJWA nguYehova apha emhlabeni, uYesu wazibonela ngawakhe amehlo ubuthathaka boluntu. Hayi indlela umzekelo wakhe wokugcina ingqibelelo omele usikhuthaze ngayo! Umpostile usixelela oku: “Enyanisweni, nabizelwa kulo eli khondo, ngenxa yokuba kwanoKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo ukuze nilandele amanyathelo akhe ngokusondeleyo.” (1 Petros 2:​21) Ngokuvuma kwakhe ukubunjwa ngolo hlobo, uYesu waloyisa ihlabathi. Kwakhona womeleza abapostile bakhe ukuze boyise. (IZenzo 4:​13, 31; 9:​27, 28; 14:⁠3; 19:⁠8) Ibe hayi indlela awabakhuthaza ngayo kwintetho yokugqibela awayinikela kubo! Wathi: “Ezi zinto ndiye ndazitsho kuni ukuze ngam nibe noxolo. Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! Mna ndiloyisile ihlabathi.”​—⁠Yohane 16:⁠33.

2. Ngokungafaniyo nokumfanyekiswa kweli hlabathi, luluphi ukhanyiso esinalo?

2 Ngendlela efanayo, emva kokubonisa umahluko ophakathi kokumfanyekiswa ‘nguthixo wale nkqubo yezinto’ kunye ‘nokhanyiso lweendaba ezilungileyo ezizukileyo,’ umpostile uPawulos watyatyadula wenjenje ngobulungiseleli bethu obuxabisekileyo: “Sinabo obu buncwane ngezitya zomhlaba, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo yaye ingabi ngalawo aphuma kuthi. Siyaxinwa ngandlela zonke, kodwa asixineki ngokokude singabi nakushukuma; siyadideka, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma; siyatshutshiswa, kodwa asishiywa sisesichengeni; siphoswa phantsi, kodwa asitshatyalaliswa.” (2 Korinte 4:​4, 7-⁠9) Nangona ‘sizizitya zomhlaba’ eziethe-ethe, uThixo usebenzise umoya wakhe ukuze asibumbe size sikwazi ukulikatyisa ngokupheleleyo ihlabathi likaSathana.​—⁠Roma 8:​35-39; 1 Korinte 15:⁠57.

Ukubumba KuSirayeli Wamandulo

3. UIsaya wakuchaza njani ukubunjwa kohlanga lwamaYuda?

3 UYehova akabumbi bantu ngabanye kuphela kodwa ukwabumba nohlanga luphela. Ngokomzekelo, xa uSirayeli wamandulo wavuma ukubunjwa nguYehova, waba nenkqubela. Kodwa ekugqibeleni waqaqadeka waza watshona zwabha kwikhondo lokungathobeli. Ngenxa yoko, uMenzi kaSirayeli wazisa ‘uyeha’ kuye. (Isaya 45:⁠9) Ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uIsaya wachazela uYehova ngobukhulu bezono zamaSirayeli, esithi: “Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela. . . . Neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele.” (Isaya 64:​8-11) USirayeli wayebumbeke wasisitya esasifanelwe ukutshatyalaliswa.

4. Nguwuphi umzekeliso owenziwa nguYeremiya?

4 Emva kwenkulungwane, njengoko umhla wesohlwayo wawusondela, uYehova waxelela uYeremiya ukuba athabathe ingqayi aze apheleke amadoda amakhulu aseYerusalem ukuya kuMfula wakwaBhen-hinom, emyalela oku: “Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingenakubuya zingcitywe.”​—⁠Yeremiya 19:​10, 11.

5. Wawumkhulu kangakanani umgwebo kaYehova kuSirayeli?

5 Ngowama-607 B.C.E., uNebhukadenetsare wayiphanzisa iYerusalem netempile yayo waza wahamba namaYuda asindileyo ewasa ekuthinjweni eBhabhiloni. Kodwa kuthe kwakudlula iminyaka engama-70 ethinjiwe, amaYuda aguqukileyo akwazi ukubuya aye kwakha iYerusalem netempile yayo kwakhona. (Yeremiya 25:​11) Noko ke, kuthe kufika inkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo, olo hlanga lwabe seluphinde lwamshiya uMbumbi Ozukileyo, ibe ekugqibeleni lwada lwenza esokugqibela sona isenzo solwaphulo-mthetho ngokugwinta uNyana kaThixo ngokwakhe. Ngowama-70 C.E., uThixo wasebenzisa iGunya Lehlabathi LamaRoma njengomgwebi wakhe ukuze liyitshayele inkqubo yezinto yamaYuda, liyishiye iyingqushu iYerusalem netempile yayo. UYehova wayengasoze aphinde alubumbe uhlanga lwakwaSirayeli ngezandla zakhe ‘ngobungcwele nangokuhomba.’a

Ukubumba Uhlanga Lokomoya

6, 7. (a) UPawulos ukuchaza njani ukubunjwa kukaSirayeli wokomoya? (b) Zingaphi “izitya zenceba” xa zizonke, ibe zahlanganiswa njani?

6 AmaYuda awamamkelayo uYesu abunjwa aba sisiseko sohlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo” wokomoya. (Galati 6:​16) Ngoko ke, afanelekile amazwi kaPawulos athi: “Intoni? Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe lokuba enze ngentlama enye esinye isitya sibe sesomsebenzi obekekileyo, esinye sibe sesomsebenzi ongabekekanga? . . . UThixo, nangona ebengathanda ukubonakalisa ingqumbo yakhe aze enze namandla akhe aziwe, eye wazinyamezela ngokuzeka kade umsindo okukhulu izitya zengqumbo ezenziwe zafanelekela intshabalalo, ukuze abenze baziwe ubutyebi bozuko lwakhe kwizitya zenceba, azilungiselele kwangaphambili ngenxa yozuko.”​—⁠Roma 9:​21-⁠23.

7 Kamva uYesu ovusiweyo wavakalisa ukuba ezi “zitya zenceba” zaziya kuba li-144 000. (ISityhilelo 7:⁠4; 14:⁠1) Ekubeni uSirayeli wemvelo engazange alizalise elo nani, uYehova wayinika abantu beentlanga inceba yakhe. (Roma 11:​25, 26) Ngokukhawuleza kwakhula ibandla elitsha lamaKristu. Kuthe kuphela iminyaka engama-30 zabe iindaba ezilungileyo ‘zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’ (Kolose 1:​23) Ngenxa yoko kwafuneka loo mabandla maninzi asekuhlaleni awayesasazekile anyanyekelwe kakuhle.

8. Ngoobani ababeyila iqumrhu elilawulayo lokuqala, ibe labakho njani eli qumrhu?

8 UYesu wayemisele abapostile abali-12 ukuba babe liqumrhu elilawulayo lokuqala, ebaqeqesha kunye nabanye kubulungiseleli. (Luka 8:⁠1; 9:​1, 2; 10:​1, 2) NgePentekoste yowama-33 C.E., kwasekwa ibandla lamaKristu yaye ethubeni iqumrhu elilawulayo landa laza laquka ‘abapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.’ Kuyabonakala ukuba umninawa kaYesu ngonina, uYakobi, nangona wayengengompostile, wakhonza njengosihlalo walo kangangexesha elide. (IZenzo 12:​17; 15:​2, 6, 13; 21:​18) Ngokutsho kombhali-mbali uEusebius, intshutshiso yajoliswa ngokukhethekileyo kubapostile ibe bachithachithwa baya kweminye imimandla. Ngokufanelekileyo kwamiselwa amanye amalungu equmrhu elilawulayo.

9. Sisiphi isihelegu esaxelwa kwangaphambili nguYesu esithi sasiza kwenzeka?

9 Ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, ‘utshaba olunguMtyholi’ lwaqalisa ‘ukuhlwayela ukhula’ phakathi kweendlalifa ‘zobukumkani bamazulu’ ezinjengengqolowa. UYesu wayeprofetile esithi le ntlekele yayiya kuvunyelwa yenzeke de kube lixesha lokuvuna ‘ekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.’ Bandule ke, ‘abo bangamalungisa baphinde bakhanye ngokuqaqambileyo njengelanga ebukumkanini bukaYise.’ (Mateyu 13:​24, 25, 37-43) Yayiza kwenzeka nini loo nto?

Ukubunjwa KukaSirayeli KaThixo Namhlanje

10, 11. (a) Kule mihla kuye kwaqalisa njani ukubunjwa koSirayeli kaThixo? (b) Ziziphi iimfundiso zeNgqobhoko ezafunyaniswa zingquzulana nezaBafundi BeBhayibhile abanyanisekileyo?

10 Ngowe-1870, uCharles Taze Russell wayila iqela labafundisisa iBhayibhile ePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States. Ngowe-1879 waqalisa ukupapasha iphephancwadi eliphuma kanye ngenyanga namhlanje elaziwa ngokuba yiMboniselo. Aba Bafundi BeBhayibhile, njengoko baye babizwa njalo, kungekudala bayibhaqa into yokuba iNgqobhoko yayiwanqe iimfundiso zabahedeni ezichaseneyo neZibhalo, ezinjengokungafi komphefumlo, isihogo somlilo, indawo yentlambululo-miphefumlo, uthixo onguBathathu Emnye nokubhaptizwa kweentsana.

11 Noko ke, okona kubalulekileyo kukuba aba bathandi benyaniso yeBhayibhile banamathela kwiimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, ezinjengokucanyagushelwa ngedini lentlawulelo likaYesu nokuvuselwa kubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi enoxolo phantsi koBukumkani bukaThixo. Ngaphezu kwako konke, kwanikelwa ingqalelo ekhethekileyo ekuthethelelweni okwakusondele kukaYehova uThixo njengeNkosi enguMongami wendalo iphela. ABafundi BeBhayibhile babekholelwa ukuba uMthandazo WeNkosi othi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini,” wawuza kuphendulwa kungekudala. (Mateyu 6:​9, 10) Babebunjwa nguThixo ngomoya wakhe oyingcwele ukuze babe libutho lamaKristu athanda uxolo elisehlabathini lonke.

12. ABafundi BeBhayibhile bawuqonda njani umhla obalulekileyo?

12 Xa babengena nzulu befundisisa uDaniyeli isahluko 4 kunye nezinye iziprofeto, aBafundi BeBhayibhile beyiseka kwelokuba ubukho bukaYesu njengoKumkani onguMesiya kwakumele ukuba semnyango. Babesazi ukuba owe-1914 wawuya kuba sisiphelo ‘samaxesha amisiweyo eentlanga.’ (Luka 21:​24; Hezekile 21:​26, 27) ABafundi BeBhayibhile bawandisa ngokukhawuleza umsebenzi wabo, beyila iiklasi zeBhayibhile (ezathi kamva zabizwa ngokuba ngamabandla) kulo lonke elaseUnited States. Ngasekupheleni kwenkulungwane, umsebenzi wabo wokufundisa iBhayibhile wanwenwela eYurophu naseAustralasia. Kwafuneka ulungelelaniswe kakuhle.

13. ABafundi BeBhayibhile bamkelwa njani ngokusemthethweni, ibe yiyiphi inkonzo ebalaseleyo eyaphunyezwa ngumongameli wokuqala woMbutho?

13 Ukuze aBafundi BeBhayibhile bamkelwe ngokusemthethweni, ngowe-1884 iZion’s Watch Tower Tract Society yabhaliswa ngokusemthethweni eUnited States, ibe ikomkhulu layo lalisePittsburgh, ePennsylvania. Abalathisi bayo babekhonza njengeQumrhu Elilawulayo, elalivelela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani bukaThixo emhlabeni. Umongameli wokuqala woMbutho, uCharles T. Russell, wabhala imiqulu emithandathu yeeStudies in the Scriptures waza watyelela kwiindawo ezininzi eshumayela. Kwakhona wanikela ngobuncwane awayeziqwebele bona ngaphambi kokuqalisa ukufundisisa iBhayibhile kumsebenzi woBukumkani owawusenziwa ehlabathini lonke. Ngowe-1916, njengoko IMfazwe Enkulu yayigquba eYurophu, uMzalwan’ uRussell owayedinwe eyimfe wasutywa kukufa eseluhambeni lokushumayela. Wayezinikele ngokupheleleyo ekusasazeni ubungqina obungoBukumkani bukaThixo.

14. UJ. F. Rutherford ‘wawulwa njani umlo omhle’? (2 Timoti 4:⁠7)

14 Emva koko uJoseph F. Rutherford, owayekhe okwexeshana wayijaji eMissouri, waba ngumongameli olandelayo. Ngenxa yokuyimela kwakhe ngokungenadyudyu inyaniso yeBhayibhile, abefundisi beNgqobhoko badibanis’ imihlambi nabezobupolitika baza ‘babumba ububi ngommiselo.’ NgoJuni 21, 1918, uMzalwan’ uRutherford nabanye aBafundi BeBhayibhile abaphambili abasixhenxe bavalelwa entolongweni, begwetywa iminyaka eli-10 okanye engama-20 ilandelelana kangangezihlandlo eziliqela. ABafundi BeBhayibhile abazange bayekelele. (INdumiso 94:​20; Filipi 1:⁠7) Bathi bakubhena, bakhululwa ngoMatshi 26, 1919, yaye kamva zasuswa zonke izityholo zobuxoki zokuqhwaya udushe.b Yonke le nto yababumba baba ngabameli abomeleleyo benyaniso. Ngoncedo lukaYehova, bazama zonke iindlela abanokuzizama kwidabi lokomoya lokuvakalisa iindaba ezilungileyo phezu kwayo nje inkcaso yeBhabhiloni Enkulu. Elo dabi lisaqhubeka ukuza kuthi ga kulo nyaka we-1999.​—⁠Thelekisa uMateyu, isahluko 23; Yohane 8:​38-⁠47.

15. Kwakutheni ukuze unyaka we-1931 ubaluleke embalini?

15 Ebudeni beminyaka yee-1920 neyee-1930, uSirayeli kaThixo othanjisiweyo waqhubeka ebunjwa phantsi kolwalathiso loMbumbi Ozukileyo. Ukukhanya okungokwesiprofeto kweZibhalo kwakhazimla, kuzisa imbeko kuYehova yaye kutsalela ingqalelo kuBukumkani bukaYesu obungoMesiya. Ngowe-1931 aBafundi BeBhayibhile bakuvuyela ukwamkela igama elitsha elithi amaNgqina kaYehova.​—⁠Isaya 43:​10-12; Mateyu 6:​9, 10; 24:⁠14.

16 quka nebhokisi kwiphepha 19. Baphelela nini abali-144 000, yaye bubuphi ubungqina obuxhasa loo nto?

16 Ngeminyaka yee-1930 inani ‘labo babiziweyo nabanyuliweyo nabathembekileyo,’ abali-144 000, labonakala liphelele. (ISityhilelo 17:​14; bona ibhokisi ekwiphepha 19.) Asazi ukuba bangaphi abathanjiswa abahlanganiswa ngenkulungwane yokuqala nabakhethwa phakathi ‘kokhula’ ebudeni beenkulungwane zobumnyama ekwakugquba kuzo uwexuko olukhulu lweNgqobhoko. Kodwa ngowe-1935, kwincopho yabavakalisi abangama-56 153 ababesehlabathini lonke, bangama-52 465 ababonakalisa ukuba nethemba lokuya kuphila ezulwini ngokuthabatha imifuziselo yeSikhumbuzo. Babeya kuphelela phi abaninzi ababeseza kuhlanganiswa?

“Khangela! Isihlwele Esikhulu”

17. Sisiphi isiganeko esingokwembali esenzeka ngowe-1935?

17 Kwindibano eyaqhutywa ukususela ngoMeyi 30 ukusa kuJuni 3, 1935, eWashington, D.C., eUnited States, uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho eyaguqula izinto eyayinomxholo othi “Indimbane Enkulu.”c Eli qela, ‘ekungekho mntu wakwaziyo ukulibala,’ laliza kubonakala ngasekupheleni kokutywinwa koSirayeli wokomoya oli-144 000. Nabo aba babeza kuqhelisela ukholo kumandla okuhlawulela ‘egazi leMvana,’ uYesu, baze banikele inkonzo engcwele kwilungiselelo lonqulo kwitempile kaYehova. Njengeqela, babeza ‘kuphuma embandezelweni enkulu’ bephila, baze bazuze ilifa lomhlaba oyiParadesi ‘ekungasayi kubakho kufa’ kuwo. Kangangeminyaka eliqela ngaphambi kwaloo ndibano, eli qela lalibizwa ngokuba ngamaYonadabhi.​—⁠ISityhilelo 7:​9-17; 21:⁠4; Yeremiya 35:⁠10.

18. Unyaka we-1938 wawubaluleke ngaziphi iindlela?

18 Owe-1938 waba ngunyaka obalulekileyo ekuwafaniseni ngokucacileyo la maqela mabini. Inkupho yeMboniselo kaMatshi 15 neka-Aprili 1, 1938 zazinamanqaku amabini anomxholo othi “Umhlambi Wakhe” ibe ayenza yacaca indawo yentsalela ethanjisiweyo kunye namaqabane ayo, isihlwele esikhulu. Kwandula ke inkupho kaJuni 1 nekaJuni 15 zanamanqaku afundisiswayo anomxholo othi “Intlangano,” awayesekelwe kuIsaya 60:​17. Onke amabandla acelwa ukuba afake isicelo kwiQumrhu Elilawulayo sokuba limisele izicaka zasekuhlaleni, ukuze kubekho ilungiselelo eliphuculiweyo lolawulo lobuthixo. Enjenjalo ke amabandla.

19 quka nombhalo osemazantsi. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba ngoku ubizo ‘lwezinye izimvu’ luneminyaka engaphezu kwama-60 luqhubeka?

19 Ingxelo yeNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1939 (yesiNgesi) yathi: “Inani labalandeli abathanjisiweyo bakaKristu uYesu abasesemhlabeni lihlile, ibe soze liphinde likhule. IZibhalo zibiza aba balandeli ngokuthi ‘yintsalela’ yembewu yeZiyon, intlangano kaThixo. (ISityhi. 12:​17) Ngoku iNkosi ihlanganisela kuyo ‘ezinye izimvu’ zayo, eziya kubumba ‘indimbane enkulu.’ (Yoh. 10:​16) Ngoku abo bahlanganiswayo ngamaqabane entsalela, asebenza ngaxhathalinye nentsalela. Ukususela ngoku inani labo bayila ‘ezinye izimvu’ liza kwanda de ‘indimbane enkulu’ ihlanganiswe.” Intsalela ethanjisiweyo yayibunjwe ukuze inyamekele ukuhlanganiswa kwesihlwele esikhulu. Ngoku naso simele sibunjwe.d

20. Luluphi utshintsho oluye lwenzeka entlanganweni ukususela ngowe-1942?

20 NgoJanuwari 1942, xa iMfazwe Yehlabathi II yayigquba, uJoseph Rutherford wafa waza uNathan Knorr waba ngumongameli esikhundleni sakhe. Kuthi kwakuthethwa ngalo mongameli wesithathu woMbutho kuthi qatha izikolo zobuthixo awazisungulayo emabandleni kunye neSikolo saseGiliyadi sokuqeqesha abavangeli basemazweni. Kwintlanganiso yonyaka yoMbutho yowe-1944, wakhupha isaziso sokuba umgaqo-siseko woMbutho wawuhlaziywa ukuze ukuba lilungu kuwo kungaxhomekeki kwiminikelo yezinto eziphathekayo, kodwa kuxhomekeke ekutyekeleni kukabani kwizinto zokomoya. Ebudeni beminyaka engama-30 eyalandelayo, inani lababesebenza entsimini lantinga ukususela kwi-156 299 laya kutsho kwizi-2 179 256 ehlabathini lonke. Ebudeni bowe-1971 ukusa kowe-1975 kwafuneka kwenziwe uhlengahlengiso olongezelelekileyo kwintlangano. Indoda enye ekhonza njengomongameli yayingasenako ukuwuvelela ngobunono umsebenzi woBukumkani owenziwa emhlabeni wonke. IQumrhu Elilawulayo landa laba namalungu athanjisiweyo ali-18 awayetshintshisana ngokuba ngusihlalo, phantse isiqingatha sawo sithethanje esele siligqibile ikhondo laso lasemhlabeni.

21. Yintoni eyenze amalungu omhlambi omncinane afanelekela uBukumkani?

21 Amalungu ayintsalela yomhlambi omncinane aye abunjwa zizilingo ukutyhubela amashumi eminyaka. Akhaliphile, ekubeni ngokufanelekileyo eye afumana ‘ubungqina bomoya.’ UYesu uwaxelele oku: “Nina ningabo baye banamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso kunye nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso kunye nam, wobukumkani, ukuze nidle nize nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nize nihlale ezitroneni ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.”​—⁠Roma 8:​16, 17; Luka 12:​32; 22:​28-⁠30.

22, 23. Umhlambi omncinane nezinye izimvu ubunjwa ngayiphi indlela?

22 Njengoko liye lehla inani lentsalela ethanjiswe ngomoya emhlabeni, abazalwana abaqolileyo besihlwele esikhulu baye benziwa abaveleli bokomoya phantse kuwo onke amabandla ehlabathini lonke. Ibe njengoko awokugqibela kumaNgqina entsalela egqibezela ikhondo lawo lasemhlabeni, iinkosana eziziisa·rimʹ zezinye izimvu ziya kuba sele ziqeqeshwe kakuhle ukuze ziqhubeke neembopheleleko zokulawula njengodidi lwesikhulu emhlabeni.​—⁠Hezekile 44:⁠3; Isaya 32:⁠1.

23 Umhlambi omncinane kunye nezinye izimvu ngokufanayo ziyaqhubeka zibunjwa ukuze zibe zizitya zomsebenzi obekekileyo. (Yohane 10:​14-16) Enoba sinethemba lokuphila ‘kumazulu amatsha’ okanye ‘kwihlabathi elitsha,’ ngamana singasabela ngeentliziyo ezipheleleyo kwisimemo sikaYehova esithi: “Yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali.” (Isaya 65:​17, 18) Njengabantu ababuthathaka ngamana singasoloko sikhonza ngokuthobeka, sibunjwa ‘ngamandla angaphaya koko kuqhelekileyo’​—⁠amandla omoya oyingcwele kaThixo!​—⁠2 Korinte 4:⁠7; Yohane 16:⁠13.

[Imibhalo esemazantsi]

a INgqobhoko ewexukileyo, efuziselwa nguSirayeli wamandulo, mayilumke ingahlelwa ngumgwebo ofanayo ovela kuYehova.​—⁠1 Petros 4:​17, 18.

b UJaji uManton, owayengumRoma Katolika nowayengazange avume ukukhulula aBafundi BeBhayibhile ngebheyile, kamva wavalelwa entolongweni, ebekwa ityala lokuvuma ukunyotywa.

c INew World Translation of the Christian Greek Scriptures, eyakhululwa ngowe-1950, ikhetha ibinzana elithi “isihlwele esikhulu” njengelona lilungele ukuguqulela igama eliphefumlelweyo lesiGrike.

d Ngowe-1938 inani lababeze eSikhumbuzweni ehlabathini lonke lalingama-73 420, baza abangama-39 225​—⁠ama-53 ekhulwini kwabo babezile​—⁠bathabatha kwimifuziselo. Ngowe-1998 inani labebezile belintinge laya kutsho kwizi-13 896 312, ibe bangama-8 756 kuphela abathabathileyo, umlinganiselo wongaphantsi komnye kumabandla ali-⁠10.

Ngaba Uyakhumbula?

◻ Ngokuvuma ukubunjwa nguYise, uYesu waba nguMzekelo njani kuthi?

◻ USirayeli wamandulo wabunjwa njani?

◻ “USirayeli kaThixo” uye wabunjwa njani ukuza kuthi ga ngoku?

◻ “Ezinye izimvu” ziye zabunjelwa yiphi injongo?

[Ibhokisi ekwiphepha 18]

Ukubunjwa Ngokuqhubekayo KweNgqobhoko

Xa ibithetha ngokumiselwa kwakutshanje kwentloko yeCawa yobuOthodoki yaseGrisi, ingxelo yeAssociated Press evela eAthens, eGrisi ithe: “Yena umele abe ngumthunywa woxolo. Kodwa ke le nkokeli yeCawa yobuOthodoki yaseGrisi isuke ivakale ngathi yinjengele le elungiselela ukuya emfazweni.

“ ‘Xa kuyimfuneko, sikulungele nokuphalaz’ igazi size sinyuse amadini. Thina, njengecawa, sithandazela uxolo . . . Kodwa ke nezixhobo ezingcwele siyazisikelela xa kuyimfuneko,’ utyatyadule watsho uBhishopu Omkhulu uChristodoulos kutshanje ngomhla ongcwele wokuNyuka KweNtombi Enyulu, okwangumhla wokubhiyozelwa komkhosi waseGrisi.”

[Ibhokisi ekwiphepha 18]

“Akusongezelelwa!”

2Kwitheko labaphumelele eGiliyadi ngowe-1970, uFrederick Franz, ngoko owayelisekela-mongameli weWatch Tower Society, waxelela abafundi ukuba, nangona bonke babengabezinye izimvu ezinethemba lokuphila emhlabeni, babenokubhaptiza umntu owayenokuzibanga engowentsalela ethanjisiweyo. Ngaba yayinokwenzeka ngokwenene into enjalo? Kaloku, wachaza esithi uYohane uMbhaptizi wayengowezinye izimvu, ibe wabhaptiza uYesu nabanye babapostile. Wandula ke wabuza enoba babesekho kusini na ababesafumana ubizo ukuze bahlanganiswe kunye nentsalela. Wathi: “Hayi, akusongezelelwa! Olo bizo lwaphela emva phayaa phakathi kowe-1931 nowe-1935! Akusongezelelwa ngoku. Ngoko ke, ngabatheni aba bambalwa basebatsha abathabatha imifuziselo yeSikhumbuzo? Ukuba phofu bangabentsalela, bangena endaweni yabanye! Abongezelelwanga kwizintlu zentsalela kodwa bangene endaweni yabanye abaye bakreqa.”

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Hayi indlela esibuxabisa ngayo ubuncwane bethu benkonzo!

[Umfanekiso okwiphepha 16]

USirayeli wamandulo waba sisitya esifanelwe kukutshatyalaliswa nje kuphela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share