IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 2/15 iphe. 13-18
  • Intlawulelo kakristu Yindlela Kathixo Yokusindisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intlawulelo kakristu Yindlela Kathixo Yokusindisa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukususa Isono Nokufa
  • Ukuhlawula Ixabiso Lesono
  • “Intlawulelo Elinganayo”
  • Ixabiso Lobomi Bomntu Ofezekileyo
  • Ukungenelwa Kwintlawulelo KaKristu
  • Intlawulelo​—⁠Imbonakaliso Yothando
  • Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • UYehova Ulungiselele “Intlawulelo Ngenxa Yabaninzi”
    Sondela KuYehova
  • Ukufa KukaYesu Kuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 2/15 iphe. 13-18

Intlawulelo kakristu Yindlela Kathixo Yokusindisa

“UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”​—⁠YOHANE 3:⁠16.

1, 2. Chaza ishwangusha eliye lehlela uhlanga lwabantu.

MASITHI isifo esithile sikulalise ngendlu yaye uqinisekile ukuba, ukuba akuvumi kutyandwa siza kukuthumela kwantsongwa-nyawana. Ubunokuvakalelwa njani ukuba ixabiso lolo qhaqho belixhome gqitha yaye ungenakulifikelela? Ubunokuthini ukuba kwanayo yonke imali eniyidibanisayo wena nentsapho yakho kunye nabahlobo ibingayi kwanela? Ukujamelana nengxaki esongela ubomi ngolo hlobo bekuya kukwenza udangale!

2 Injalo kanye ke imeko yohlanga lwabantu. Abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, badalwa befezekile. (Duteronomi 32:⁠4) Babenethemba lokuphila ngonaphakade baze bazalisekise injongo kaThixo eyile: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise.” (Genesis 1:​28) Noko ke, uAdam noEva bamvukela uMdali wabo. (Genesis 3:​1-⁠6) Ukungathobeli kuka-Adam noEva akuzange kuzise isono kubo kuphela kodwa nakubantwana ababengekabazali. Indoda eyayithembekile uYobhi kamva yathi: “Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.”​—⁠Yobhi 14:⁠4.

3. Ukufa kuye kwanwenwela njani kubo bonke abantu?

3 Ngaloo ndlela isono sinjengesifo esiye sasosulela sonke, kuba iBhayibhile ithi “bonke bonile.” Le meko ibubeka phakathi kwenyama nozipho ubomi bethu. Kaloku, “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 3:​23; 6:​23) Akukho namnye kuthi onokubhungca kuso. Bonke abantu bayona, ibe ngenxa yoko, bonke abantu bayafa. Ekubeni sizalwa nguAdam, sizalelwe kuso esi sikade. (INdumiso 51:⁠5) UPawulos wabhala: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:​12) Kodwa ke noko lisekho ithemba lokusinda.

Ukususa Isono Nokufa

4. Kutheni abantu bengenakukuphelisa ngokwabo ukugula nokufa?

4 Yintoni efunekayo ukuze kususwe isono nomphumo waso, ukufa? Kuyabonakala ukuba, kufuneka into engaphaya kwenokunikelwa ngabantu. Umdumisi wakhala esithi: “Intlawulo yobomi bomntu ixhome kakhulu. Oko anokukuhlawula akunakuze kwanele ukuze aphephe ingcwaba, nokuze aphile ngonaphakade.” (INdumiso 49:​8, 9, Today’s English Version) Ngenxa yoko, nokuba sinokukwazi ukuyandisa iminyaka esiyiphilayo ngokutya ukutya okusempilweni nangokuyinyamekela impilo yethu, akukho namnye kuthi onokuyinceda imeko yethu yokuba nesono esiyizuze njengelifa. Akukho namnye kuthi onokuyitshintsha imiphumo eqobayo yokwaluphala aze abuyisele umzimba wethu kwimfezeko uThixo awayenenjongo yokuba uyifikelele kwantlandlolo. Ngokuqinisekileyo, uPawulos wayengazibaxi izinto xa wabhala esithi ngenxa yesono sika-Adam, indalo engabantu “yathotyelwa kokuphuthileyo”​—⁠okanye ke njengoko iThe Jerusalem Bible iyibeka, “yenziwa ayakwazi ukuphumeza injongo yayo.” (Roma 8:​20) Noko ke, okuvuyisayo kukuba uMdali akasilahlanga. Wenze ilungiselelo lokusisusa ngokupheleleyo isono nokufa. Njani?

5. UMthetho owanikwa amaSirayeli wakubonisa njani ukubaluleka kokusesikweni?

5 UYehova “ngumthandi wobulungisa nokusesikweni.” (INdumiso 33:⁠5) Uludwe lweMithetho awalunika amaSirayeli lubonisa indlela akukhathalele ngayo ukuhlolisisa zonke izibakala ezintweni nokusebenzisa okusesikweni ngaphandle kokukhetha ubuso. Ngokomzekelo, kolu ludwe lwemithetho, sifunda ukuba ‘kumelwe kurholwe umphefumlo ngomphefumlo.’ Ngamany’ amazwi, ukuba umSirayeli wayebulala omnye umntu, kwakuya kufuneka abulawe ngenxa yalowo ambuleleyo. (Eksodus 21:​23; Numeri 35:​21) Ngaloo ndlela okusesikweni kukaThixo kwakuya kuba kuzalisekile.​—⁠Thelekisa iEksodus 21:⁠30.

6. (a) UAdam wayenokubizwa ngokuba ngumbulali ngayiphi ingqiqo? (b) Hlobo luni lobomi awabulahlayo uAdam, ibe kwakufuneka idini elinjani ukuze kuphunyezwe okusesikweni?

6 Xa uAdam wonayo, waba ngumbulali. Njani? Kaloku wadlulisela imeko yakhe yesono​—⁠nokufa​—⁠kuyo yonke inzala yakhe. Namhlanje imizimba yethu iyaluphala ize ithi ngokuthe ngcembe isinge engcwabeni, ngenxa yokungathobeli kuka-Adam. (INdumiso 90:​10) Isono sika-Adam sikwanomphumo ombi nangaphezulu. Khumbula ukuba, uAdam nenzala yakhe abazange balahlekelwe nje bubomi obuqhelekileyo obuthabatha iminyaka engama-70 okanye engama-80. Yayibubomi obufezekileyo obu wabulahlayo​—⁠ubomi obungunaphakade. Ngoko ukuba ‘kumelwe kurholwe umphefumlo ngomphefumlo,’ luhlobo luni lobomi olumele lunikelwe ukuze ibe izinziswe ngobulungisa le meko? Kusengqiqweni ukuba ibe bubomi bomntu ofezekileyo​—⁠ubomi obunokuthi, njengobuka-Adam, bukwazi ukuvelisa inzala engabantu abafezekileyo. Xa bunikelwa njengedini, ubomi bomntu ofezekileyo abuyi kwanela ukuphumeza okusesikweni kodwa buya kusishenxisa isono kunye nomphumo waso, ukufa.

Ukuhlawula Ixabiso Lesono

7. Chaza intsingiselo yegama elithi “intlawulelo.”

7 IBhayibhile ibiza ixabiso eliyimfuneko ukuze sicanyagushelwe esonweni ngokuthi ‘yintlawulelo.’ (INdumiso 49:⁠7, NW) NgesiXhosa eli gama linokubhekisela kwintlawulo eye ifunwe ngumqweqwedisi ngaloo mntu amthimbileyo. Kakade ke, intlawulelo elungiselelwe nguYehova ayinanto yakwenza nakuqweqwedisa. Kodwa ke ingcamango yokuhlawula ixabiso iyafana. Enyanisweni, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “intlawulelo” xa liguqulelwe lasisenzi ngokoqobo lithetha “ukuhlawula ngokuzeleyo.” Ukuze ikwazi ukucamagushela isono, intlawulelo ifanele ilingane ncam naloo nto ifanele iyihlawule ngokuzeleyo​—⁠ubomi buka-Adam obufezekileyo.

8. (a) Chaza umgaqo wokuthenga kwakhona. (b) Umgaqo wokuthenga kwakhona usebenza njani kuthi njengaboni?

8 Oku kuvisisana nomgaqo ofumaneka kuMthetho kaMoses​—⁠umgaqo wokuthenga kwakhona. Xa umSirayeli wayehlwempuzeka aze azithengise njengekhoboka kumntu ongengomSirayeli, isalamane sakhe sasinokumthenga kwakhona (okanye, simhlawulele) ngokuhlawula ixabiso eligqalwa njengelifanele elo khoboka. (Levitikus 25:​47-49) IBhayibhile ithi njengabantu abangafezekanga “singamakhoboka esono.” (Roma 6:⁠6; 7:​14, 25) Lingakanani ixabiso esimele sithengwe ngalo kwakhona? Njengoko sele sibonile, xa kulahleke ubomi bomntu ofezekileyo kufuneka kuhlawulwe ngobomi bomntu ofezekileyo​—⁠akufunwa nto ingaphezulu okanye ingaphantsi kwaleyo.

9. UYehova ulenze njani ilungiselelo lokuhlawulela isono?

9 Kakade ke, thina bantu sizalwa singafezekanga. Akukho namnye kuthi olingana noAdam; kungekho nokuba abe mnye onokulihlawula ixabiso lentlawulelo elimele lihlawulwe ukuze kuzaliseke okusesikweni. Njengoko sele sitshilo ngaphambilana, sifana nomntu onesifo esisongela ubomi bakhe nongenakukwazi ukuhlawula utyando ukuze anyangeke. Kwimeko enjalo, ngaba besingayi kuba nombulelo ukuba bekunokubakho umntu ongenelelayo aze asihlawulele? Wenze loo nto kanye ke uYehova! Uye wasenzela ilungiselelo lokuba sicanyagushelwe ngonaphakade esonweni. Ewe, ukulungele ukusinika loo nto besingenako ukuyifumana ngeyethu imizamo. Njani? UPawulos wabhala: “Isipho uThixo asinikelayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” (Roma 6:​23) UYohane wachaza uYesu ‘njengeMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.’ (Yohane 1:​29) Makhe sibone indlela uYehova awamsebenzisa ngayo uNyana wakhe amthandayo ukuze ahlawule ixabiso lentlawulelo.

“Intlawulelo Elinganayo”

10. Iziprofeto eziphathelele ‘imbewu’ zalatha njani kuYosefu nakuMariya?

10 Emva nje kwaloo mvukelo yase-Eden, uYehova wachaza injongo yakhe yokuvelisa ‘imbewu,’ okanye inzala, eyayiza kuhlawulela uluntu esonweni. (Genesis 3:​15) Esebenzisa uthotho lwezityhilelo zakhe, uYehova wawuchaza umnombo owawuya kuvelisa loo mbewu. Ethubeni, ezo zityhilelo zajoliswa kuYosefu nakuMariya, isibini esasithembisene ngomtshato esasihlala ePalestina. Xa wayephupha, uYosefu waxelelwa ukuba uMariya wayekhulelwe ngomoya oyingcwele. Le ngelosi yathi: “Uya kuzala unyana, yaye uze umbize ngokuba nguYesu igama lakhe, kuba uya kusindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”​—⁠Mateyu 1:​20, 21.

11. (a) UYehova wawenza njani amalungiselelo okuba uNyana wakhe azalwe engumntu ofezekileyo? (b) Yintoni eyenza ukuba uYesu akwazi ukunikela “intlawulelo elinganayo”?

11 Oko yayingekokukhulelwa kuqhelekileyo, kuba uYesu wayekhe waphila ezulwini ngaphambi kokuba abe ngumntu. (IMizekeliso 8:​22-31; Kolose 1:​15) Ubomi bakhe babudluliselwe ngamandla kaYehova angummangaliso baza bafakwa esibelekweni sikaMariya, waza lo Nyana uthandwa kunene nguThixo wakwazi ukuzalwa engumntu. (Yohane 1:​1-3, 14; Filipi 2:​6, 7) UYehova wazenza izinto ngohlobo lokuba uYesu angadyojwa sisono sika-Adam. Ngenxa yoko, uYesu wazalwa efezekile. Ngaloo ndlela, wayenayo loo nto yayilahlwe nguAdam​—⁠ubomi bomntu ofezekileyo. Ekugqibeleni, wada wafika umntu owayenokulihlawula ixabiso lesono! Ibe wenjenjalo kanye uYesu ngoNisan 14, 33 C.E. Ngaloo mhla ubalulekileyo embalini, uYesu wavuma ukuba abulawe ngabachasi bakhe, ngaloo ndlela elungiselela “intlawulelo elinganayo.”​—⁠1 Timoti 2:⁠6.

Ixabiso Lobomi Bomntu Ofezekileyo

12. (a) Chaza umahluko omkhulu ophakathi kokufa kukaYesu nokuka-Adam. (b) UYesu uye waba ‘nguBawo Ongunaphakade’ njani kubantu abathobelayo?

12 Ukho umahluko phakathi kokufa kukaYesu nokufa kuka-Adam​—⁠nguloo mahluko ke olenza libonakale ixabiso lentlawulelo. UAdam wayefanelwe kukufa, kuba kaloku akazange amthobele ngabom uMdali wakhe. (Genesis 2:​16, 17) Ngokwahlukileyo koko, uYesu wayengakufanelanga kwaphela ukufa, kuba yena “akazange enze sono.” (1 Petros 2:​22) Ngoko xa uYesu wafayo, wayenento ethile enexabiso elikhulu awayengenayo umoni onguAdam xa wayesifa​—⁠ilungelo lokuphila ubomi obufezekileyo. Ngaloo ndlela, ukufa kukaYesu kwaba lixabiso ledini. Wathi akunyukela ezulwini engumntu ongumoya, walisondeza ixabiso ledini lakhe kuYehova. (Hebhere 9:​24) Ngokwenjenjalo, uYesu waluthenga kwakhona uluntu olunesono waza waba nguYise walo omtsha endaweni ka-Adam. (1 Korinte 15:​45) Ngesizathu esiqondakalayo, uYesu ubizwa ngokuba ‘nguBawo Ongunaphakade.’ (Isaya 9:⁠6, NW) Khawucinge nje ngentsingiselo yale nto! UAdam, ubawo onesono, watyala ukufa kuyo yonke inzala yakhe. UYesu, uBawo ofezekileyo, usebenzisa ixabiso ledini lakhe ukuze anike abantu abathobelayo ubomi obungunaphakade.

13. (a) Khawuzekelise ngendlela uYesu awalicima ngayo ityala elenziwa nguAdam. (b) Kutheni idini likaYesu lingabahlawuleli abazali bethu bokuqala esonweni?

13 Noko ke, kwenzeka njani ukuba ukufa komntu omnye nje kuphela kuhlawulele izono zabaninzi? (Mateyu 20:​28) Kwinqaku elithile kwiminyaka ethile edluleyo, sazekelisa intlawulelo ngolu hlobo: “Masithi nanku umzi-mveliso unamakhulu abasebenzi. Umphathi onganyanisekanga walo mzi-mveliso uyidl’ ayisulele entloko imali yeli shishini; ibe lo mzi-mveliso uyavalwa. Ngoku amakhulu abantu aphelelwe yingqesho ibe akakwazi kuhlawula amatyala awo. Amaqabane awo, abantwana, nkqu nabantu abatyalayo, bonke batsala nzima ngenxa nje yeli tshivela! Kuthi ke kusenjalo kuvele ndoda ithile eneemali zayo ize ilihlawule ityala lale nkampani uze uphinde uvulwe lo mzi-mveliso. Ngenxa yoko, ukucinywa kwelo tyala kuzisa isiqabu kuloo nkumbula yabasebenzi, iintsapho zabo kunye nabo babatyalayo. Kodwa ke ngaba laa mphathi wangaphambili uba nenqathana alifumanayo kule nkqubo intsha? Soz’ achole naphantsi, kaloku uqamele ngenqindi entolongweni kwaye soze aphinde awufumane naloo msebenzi wakhe! Ngokufanayo ke, ukucinywa kwetyala elinye lika-Adam kuyingenelo kwizigidi zabantu abayinzala yakhe​—⁠kodwa akunjalo kuAdam.”

14, 15. Kutheni kunokuthiwa uAdam noEva bona ngabom, ibe imeko yethu yahluke njani kweyabo?

14 Hayi akadlelwa ndlala tu ke khona. Kaloku ungalibali ukuba uAdam noEva bona ngabom. Bazikhethela ukungamthobeli uThixo. Ngenxa yabo, nathi sizalwa sinesono. Akukho cebo limbi. Enoba sinokuzama kangakanani na, asinakuze sikuphephe ngokupheleleyo ukona. (1 Yohane 1:⁠8) Maxa wambi sisenokude sivakalelwe ngendlela awavakalelwa ngayo uPawulos, owabhala esithi: “Xa ndinqwenela ukwenza oko kulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa ngokunxamnye nomthetho wengqondo yam yaye undikhokelela ndithinjiwe kumthetho wesono osemalungwini am. Athi ke mna mntu uludwayi!”​—⁠Roma 7:​21-⁠24.

15 Ukanti, ngenxa yentlawulelo, likho ithemba! Njengoko uThixo wathembisayo, uYesu uyimbewu eziya ‘kusikelelwa ngayo zonke iintlanga zehlabathi.’ (Genesis 22:​18; Roma 8:​20) Idini likaYesu livula amathuba amahle kwabo banokholo kuye. Makhe sihlolisise amanye awo.

Ukungenelwa Kwintlawulelo KaKristu

16. Phezu kwako nje ukuba nesono kwethu, ziziphi iingenelo esinokuzifumana ngoku ngenxa yentlawulelo kaYesu?

16 Umbhali weBhayibhile uYakobi uyavuma ukuba “sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yakobi 3:⁠2) Noko ke, ngenxa yentlawulelo kaKristu, iimpazamo zethu zinokuxolelwa. UYohane uyabhala: “Ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa. Yaye ungumbingelelo wokucamagushela izono zethu.” (1 Yohane 2:​1, 2) Kakade ke, asifanele sisiqwabazel’ iliso isono. (Yude 4; thelekisa eyoku-⁠1 kwabaseKorinte 9:​27.) Noko ke, xa siye sanxaxha, sinako ukuzityand’ igila kuYehova, siqinisekile ukuba ‘uyaxolela.’ (INdumiso 86:⁠5; 130:​3, 4; Isaya 1:​18; 55:⁠7; IZenzo 3:​19) Ngaloo ndlela intlawulelo isenza sikwazi ukukhonza uThixo ngezazela ezicocekileyo yaye sikwazi ukusondela kuye ngomthandazo egameni likaYesu Kristu.​—⁠Yohane 14:​13, 14; Hebhere 9:⁠14.

17. Ziziphi iintsikelelo ezinokufumaneka kwixesha elizayo ngenxa yentlawulelo?

17 Intlawulelo kaKristu ivulela injongo kaThixo ithuba lokuba izalisekiswe​—⁠ukuba abantu abathobelayo baphile ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni. (INdumiso 37:​29) UPawulos wabhala: “Kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izithembiso zikaThixo, ziye zaba nguEwe ngaye [uYesu].” (2 Korinte 1:​20) Kuyinyaniso kona ukuba ukufa kuye “kwaphatha njengokumkani.” (Roma 5:​17) Kodwa intlawulelo yenza uThixo akwazi ukulushenxisa olu “tshaba lokugqibela.” (1 Korinte 15:​26; ISityhilelo 21:⁠4) Intlawulelo kaYesu inokuba yingenelo nakwabo bafileyo. UYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [uYesu] baze baphume.”​—⁠Yohane 5:​28, 29; 1 Korinte 15:​20-⁠22.

18. Nguwuphi umphumo obuhlungu esiye isono sanawo kubantu, ibe iya kulungiswa njani loo nto kwihlabathi likaThixo elitsha?

18 Khawuthelekelele indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuphila ubomi ngendlela obufanele bube yiyo kakade​—⁠singathwaxwa zezi nkxwaleko zisisindayo namhlanje! Isono asanelanga kungasivisisanisi noThixo nje kuphela kodwa sikwadodobalisa neengqondo, iintliziyo kwanemizimba yethu. Noko ke, iBhayibhile ithembisa ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo, “akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” Ewe, izigulo zomzimba nezeemvakalelo azisayi kuluthwaxa uluntu. Ngoba? UIsaya uyaphendula: “Abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.”​—⁠Isaya 33:⁠24.

Intlawulelo​—⁠Imbonakaliso Yothando

19. Njengabantu ngabanye, sifanele sisabele njani kwintlawulelo kaKristu?

19 Luthando olwashukumisela uYehova ukuba athumele uNyana wakhe amthandayo. (Roma 5:⁠8; 1 Yohane 4:⁠9) NoYesu waqhutywa kwalolo thando ukuba “angcamle ukufa ngenxa yabantu bonke.” (Hebhere 2:⁠9; Yohane 15:​13) Ngesizathu esivakalayo, uPawulos wabhala esithi: “Uthando analo uKristu luyasinyanzela . . . wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela bona ngokwabo, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Korinte 5:​14, 15) Ukuba siyakuxabisa oko uYesu asenzele kona, siza kwenza into ngaloo nto. Kaloku le ntlawulelo yenza sikwazi ukuhlangulwa emlonyeni wengcwaba! Ngokuqinisekileyo asifuni ukuba izenzo zethu zibonise ukuba asilazele nto idini likaYesu.​—⁠Hebhere 10:⁠29.

20. Ziziphi ezinye zeendlela esilithobela ngazo “ilizwi” likaYesu?

20 Sinokulubonakalisa njani uxabiso olusuka entliziyweni ngentlawulelo? Ngaphambi nje kokubanjwa kwakhe, uYesu wathi: “Ukuba nabani na uyandithanda, uya kuligcina ilizwi lam.” (Yohane 14:​23) “Ilizwi” likaYesu liquka umyalelo wakhe wokuba sizingise ekuzalisekiseni olu thumo: “Hambani ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza.” (Mateyu 28:​19) Ukuthobela uYesu kukwafuna ukuba sibonakalise uthando kubazalwana bethu bokomoya.​—⁠Yohane 13:​34, 35.

21. Kutheni sifanele sibekho kumbhiyozo weSikhumbuzo ngoAprili 1?

21 Enye yezona ndlela zintle esinokubonisa ngayo ukuba siyayixabisa intlawulelo kukubakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, kulo nyaka esiza kuba ngoAprili 1.a Nako oku kuyinxalenye ‘yelizwi’ likaYesu, kuba xa wayesungula lo mbhiyozo, uYesu wayalela abafundi bakhe esithi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:​19) Ngokubakho kwethu kwesi siganeko sibalulekileyo nangokunikela ingqalelo epheleleyo kuyo yonke imiyalelo kaKristu, siya kubonisa ukuba siqiniseke ngokupheleleyo ukuba intlawulelo kaYesu yindlela kaThixo yokusindisa. Liyinene elokuba, “akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye.”​—⁠IZenzo 4:⁠12.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kulo nyaka, uAprili 1 ungqamene noNisan 14, 33 C.E., umhla awafa ngawo uYesu. Buza kumaNgqina kaYehova asekuhlaleni ukuze uqonde ixesha kunye nendawo esiza kuqhutywa kuyo iSikhumbuzo.

Ngaba Usakhumbula?

◻ Kutheni abantu bengenako ukucamagushela isono sabo?

◻ UYesu ‘uyintlawulelo elinganayo’ ngayiphi indlela?

◻ UYesu walisebenzisa njani ilungelo lakhe lokuphila ubomi obufezekileyo ukuze ancede thina?

◻ Ziziphi iintsikelelo ezizela uluntu ngenxa yentlawulelo kaKristu?

[Caption on page 15]

Ngumntu ofezekileyo kuphela​—⁠olingana noAdam⁠—​onokuzalisekisa okusesikweni

[Caption on page 16]

Ekubeni uYesu wayenelungelo lokuphila ubomi obufezekileyo, ukufa kwakhe kwalifikelela ixabiso ledini

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share