Unqulo LukaBhahali Luzama-Zamana Neentliziyo ZamaSirayeli
Kwaqengqeleka phantse iminyaka eliwaka uhlanga lwakwaSirayeli lusilwa idabi ezintliziyweni zalo. Ukholo nokunyaniseka kwalo kwabekw’ eluvavanyweni luloyiko olubangelwa ziinkolelo kunye nemibhiyozo engokwesini. Kweli dabi lamanqam kwakugagene unqulo lukaBhahali nonqulo lukaYehova.
NGABA uhlanga lwakwaSirayeli lwaluza kunamathela ngokuthembekileyo kuThixo oyinyaniso, owalukhupha eYiputa? (Eksodus 20:2, 3) Okanye ngaba lwaluza kukreqa luye kuBhahali, uthixo oligugu wamaKanan, owayethembisa ngendyebo yelizwe?
Eli dabi lokomoya, elaliwa kumawaka eminyaka eyadlulayo, libalulekile kuthi. Ngoba? Kuba umpostile uPawulos wabhala esithi: “Ezi zinto . . . zabhalwa ukuze kulunyukiswe thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.” (1 Korinte 10:11) Esona silumkiso sidluliselwa leli dabi siya kuba nentsingiselo nangakumbi sakuqonda ukuba wayengubani lo Bhahali, noko kwakubandakanyekile kunqulo lwakhe.
Wayengubani UBhahali?
AmaSirayeli aqala ukumazi uBhahali akufika eKanan, malunga nowe-1473 B.C.E. Afikela kumaKanan awayenqula intlaninge yoothixo ababefana noothixo baseYiputa, kwahluke nje amagama nezimbo zabo. Noko ke, iBhayibhile ibalula uBhahali njengoyena thixo uyintloko wamaKanan, ingqinelwa zizinto zakudala ezimbiweyo. (ABagwebi 2:11) Nangona uBhahali wayengenguye oyena thixo ubalaseleyo kunabanye, kodwa wayengoyena thixo ayeqamele ngaye amaKanan. Ayekholelwa ukuba wayenamandla okulawula imvula, umoya, namafu, kwanokuba nguye yedwa owayekwazi ukuhlangula abantu—kwakunye nemfuyo nezilimo zabo—ekungazalini okanye ekufeni. Ukuba bekungengenxa kaBhahali, ngokuqinisekileyo amaKanan ebeya kuziselwa ishwangusha sisikhohlakali sothixo wawo onguMot.
Unqulo lukaBhahali lwalulawulwa zizithethe ezinento yokwenza nesini. Kwanezinto zokunqula uBhahali, njengeentsika ezingcwele nezibonda ezingcwele, zazinokuthanani nesini. Ngokucacileyo, iintsika ezingcwele—amatye ankxonkxiweyo amilisa okwelungu lobudoda—zazifuzisela uBhahali, omela ilungu lobudoda kwiintlobano zesini. Kwelinye icala, izibonda ezingcwele, ezazisenziwa ngamaplanga okanye ngemithi, zazifuzisela uAshera, iqabanekazi likaBhahali elalimela ilungu lobufazi.—1 Kumkani 18:19.
Enye into eyayibalasele kunqulo lukaBhahali ngoonongogo basetempileni nokubingelela ngabantwana. (1 Kumkani 14:23, 24; 2 Kronike 28:2, 3) Incwadi ethi The Bible and Archaeology ithi: “Kwiitempile zamaKanan kwakukho oonongogo abangamadoda nababhinqileyo (amadoda namabhinqa ‘angcwele’) yaye kwakuqheliselwa lonke uhlobo lokuzifica kwisini. [AmaKanan] ayekholelwa ukuba ngandlel’ ithile ezi zithethe zazibangela ukwanda kwesivuno nemfuyo.” Afana asithela ngelo sebe lenkawu elingokonqulo, nangona ngokuqinisekileyo abanquli babetsalwa koko kuziphatha okubi bejonge ukwanelisa iinkanuko zabo zenyama. Phofu ke, zona iintliziyo zamaSirayeli zarhwetyeshwa njani ngulo Bhahali?
Yintoni Le Yayimenza Abe Nomtsalane Kangaka?
AmaSirayeli amaninzi asenokuba ayekhetha unqulo olwalungabeki mthwalo emagxeni awo. Ngokunqula kwawo uBhahali kwakungaseyomfuneko ukuzikhathaza ngoMthetho, njengoweSabatha nolunye uthotho lwemiqathango engokuziphatha. (Levitikus 18:2-30; Duteronomi 5:1-3) Kusenokwenzeka ukuba, amanye athi akubona inkqubela yamaKanan ngezinto eziphathekayo eyiseka kwelokuba koba kuhle ukuba abe seluxolweni noBhahali.
Iziguqo zamaKanan, ezazibizwa ngokuba ziziganga nezaziba phakathi kwamahlathi akwimixawuka, zimele ukuba zazizenza zibe nomtsalane izithethe zenzala ezazisiba lapho. Kungabanga thuba lide, amaSirayeli akruquka kukuquqa kwiindawo ezingcwele zamaKanan; aza azakhela ezawo. “Azakhela nazo iziganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.”—1 Kumkani 14:23; Hoseya 4:13.
Ubukhulu becala, unqulo lukaBhahali lwalunomtsalane enyameni. (Galati 5:19-21) Oyena ndoqo yayiluqheliselo olunokuthanani nesini ngaphezu kokunqwenela isivuno nemfuyo eninzi. Kwakuzukiswa isini. Oku kungqinelwa yimifanekiso eqingqiweyo emininzi eye yavunjululwa, enamalungu esini abaxiweyo, abonisa ukuvuseleleka ngokwesini. Amatheko, nemingqungqo, nomculo wakhona, zazivuselela ihambo yokurheletya.
Khawube nombono waloo mnyhadala ekuqaleni kokwindla. Usahlatyw’ umxhelo bubuhle bale ndawo, ubona abanquli abahluthi esentwala nabaphantsi kwempembelelo yewayini beqalisa ukungqungqa. Lo mngqungqo wenzala ngowokuvusa uBhahali kwikhefu lakhe lasehlotyeni ukuze asikelele ilizwe ngemvula. Nabo bejikeleza iintsika ezingcwele nezibonda ezingcwele. Bangqungqa ngendlela evuselela inkanuko yesini, ingakumbi oonongogo basetempileni. Bantyontyelwa nangumculo nehlombe lababukeli. Xa kanye utshisayo umngqungqo, suke babe ngumkrozo abangqungqi ukuya kutshona kumagumbi endlu kaBhahali ukuze babe neentlobano zokuziphatha okubi.—Numeri 25:1, 2; thelekisa iEksodus 32:6, 17-19; Amosi 2:8.
Ayehamba Ngokubona, Kungengalukholo
Nangona olo nqulo olubalaselisa isini lwarhwebesha amaSirayeli amaninzi, amanye aqhutyelwa luloyiko kunqulo lukaBhahali. Njengoko amaSirayeli ayengasenalukholo kuYehova, ukoyika abafi, nokoyika okuza kwenzeka kwikamva, yaye ukuthanda kwawo izinto eziyimfihlelo kwawakhokelela kuqheliselo lokusebenzelana nemimoya, nalo olwalubandakanya ezona zithethe zakha zazibi. IThe International Standard Bible Encyclopedia ichaza indlela amaKanan awayebonisa ngayo intlonelo kwimimoya yabafi njengenxalenye yokunqula izinyanya, isithi: “Ayesenza amatheko . . . kwingcwaba lentsapho ebhiyoza ngokunxila nangokuba neentlobano zesini (ezisenokuba zaziquka umbulo) ekukholelwa ukuba abafi babesiba nenxaxheba kuzo.” Ukuba nenxaxheba kwamaSirayeli kwelinjalo lona ihlazo lokusebenzelana nemimoya kwawashenxisa ngakumbi nangakumbi kuThixo wawo, uYehova.—Duteronomi 18:9-12.
Izithixo—kwakunye nezithethe ezazinxulumene nazo—zaba nomtsalane kuloo maSirayeli ayekhetha ukuhamba ngokubona, kungengalukholo. (2 Korinte 5:7) Kwanasemva kokuba ebone imimangaliso emikhulu yengalo engabonakaliyo kaYehova, amaSirayeli amaninzi awayephume eYiputa afuna okuthile okubonakalayo kokuwakhumbuza ngaye. (Eksodus 32:1-4) Nabathile benzala yawo balandela ekhondweni lawo, banqula izithixo ezibonakalayo ezinjengoBhahali.—1 Kumkani 12:25-30.
Ngubani Owoyisayo?
Eli dabi elaliqhubeka ezintliziyweni zamaSirayeli laqhubeka kangangeenkulungwane, kususela oko afikayo kumathafa akwaMowabhi ngaphambi nje kokuba angene kwiLizwe Ledinga de kwaba sekuthinjelweni kwawo eBhabhiloni. Kwakudla ngokoyisa eli cala kuze ngeny’ imini koyise eliya. Ngamathub’ athile, inkoliso yamaSirayeli yayihlala inyanisekile kuYehova, kodwa ubukhulu becala yayiphethukela kuBhahali. Oyena nobangela woku yayikukunxulumana kwawo nabahedeni ababeselumelwaneni.
Athe amaKanan akoyiswa ngomkhosi, alwa esebenzisa amaqhinga. Azisondeza kumaSirayeli aza awakhuthaza ukuba amkele oothixo belizwe lawo. Abagwebi abakhaliphileyo abanjengoGidiyon noSamuweli baluxhathisa olo tyekelo. USamuweli wababongoza abantu esithi: “Basuseni ke phakathi kwenu oothixo bolunye uhlanga . . . , nizimise iintliziyo zenu kuYehova, nikhonze yena yedwa.” Okwethutyana amaSirayeli asithobela isibongozo sikaSamuweli, aza ‘abasusa ooBhahali nooAshtaroti, akhonza uYehova yedwa.’—1 Samuweli 7:3, 4; ABagwebi 6:25-27.
Emva kolawulo lukaSawule noDavide, uSolomon waqalisa ukubingelela koothixo basemzini ngasekupheleni kweminyaka yakhe. (1 Kumkani 11:4-8) Nabanye ookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda benza okufanayo, bakhonza uBhahali. Noko ke, abaprofeti nookumkani abathembekileyo, abanjengoEliya, uElisha noYosiya, bakhokela ekulweni unqulo lukaBhahali. (2 Kronike 34:1-5) Ngaphezu koko, kuyo yonke le mbali kaSirayeli, bakho abathile abahlala bethembekile kuYehova. Kwanangexesha lika-Ahabhi noIzebhele, xesha elo unqulo lukaBhahali lwalubalasele ngalo, kwakukho abangamawaka asixhenxe abangazange bavume ‘ukuguqa ngedolo kuBhahali.’—1 Kumkani 19:18.
Ekugqibeleni, emva kokubuya kwamaYuda ekuthinjweni eBhabhiloni, akubanga sathethwa kwanto ngonqulo lukaBhahali. Njengabo kuthethwa ngabo kuEzra 6:21, bonke ‘bazahlula ebunqambini beentlanga zelizwe, baza bamquqela uYehova, uThixo kaSirayeli.’
Izilumkiso Ngonqulo LukaBhahali
Nangona unqulo lukaBhahali lwaphela kudala, unqulo lwamaKanan nebutho labantu lanamhlanje zinento enye ezifana ngayo—ukuzukisa isini. Kubonakala ukuba izilingo zokuziphatha okubi zixhaphakile. (Efese 2:2) “Sizamana negunya elingabonakaliyo elilawula eli hlabathi lobumnyama, nabameli bokomoya abavela kwikomkhulu lobungendawo,” walumkisa ngelitshoyo uPawulos.—Efese 6: 12, Phillips.
Eli ‘gunya lingabonakaliyo’ likaSathana likhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini ukuze likhobokise abantu ngokomoya. (Yohane 8:34) Kweli butho labantu lanamhlanje likavula-zibhuqe, ukuzifica ngesini akusosithethe sokuchuma, kodwa, kuyindlela yokuzanelisa nokwenza unothanda. Nayo le ngcamango inomtsalane njengaleyo yamandulo. Ezolonwabo, umculo nezentengiselwano, zizalise iingqondo zabantu ngeengcamango zesini. Nabakhonzi bakaThixo basenokuchaphazeleka kolu hlaselo. Enyanisweni, inkoliso yabo basuswayo kubudlelane ebandleni lamaKristu, kungenxa yoqheliselo olunjalo. Ekuphela kwendlela aya kuhlala enyulu ngayo umKristu, kukuqhubeka ezichasa ezi ngcamango zokuziphatha okubi.—Roma 12:9.
AmaNgqina aselula ngawona achanabeke kakhulu engozini, ekubeni izinto ezininzi ezisenokuba nomtsalane kuwo zivuselela inkanuko yesini. Eyona nto yenza kube kubi nangakumbi kukuba, anoxanduva lokulwisana nempembelelo yoontanga ababacengela kwezi zinto. (Thelekisa IMizekeliso 1:10-15.) Amaninzi aye angena engxakini, ngokomzekelo, kwiingqungquthela ezinkulu. Ngokufanayo nakunqulo lwamandulo lukaBhahali, umculo, umngqungqo nenkanuko yesini xa zizonke zibangela umntu afan’ enze.—2 Timoti 2:22.
Umdumisi wabuza wathi: “Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?” Ekuphenduleni wathi: “Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho [Yehova].” (INdumiso 119:9) Kanye njengokuba uMthetho kaThixo wayalela amaSirayeli ukuba akuphephe ukunxulumana namaKanan, ngoko nathi iBhayibhile isilumkisa ngeengozi zonxulumano olungafanelekanga. (1 Korinte 15:32, 33) UmKristu oselula ubonisa ukuqola kwakhe ngokwala into ebonakala inomtsalane ngokwesini kodwa ayaziyo ukuba ibeka ukuziphatha kwakhe engozini. NjengoEliya othembekileyo, asinakusuka nje sirhorhozele emva komndilili.—1 Kumkani 18:21; thelekisa uMateyu 7:13, 14.
Sikwalunyukiswa nangokuphelelwa lukholo, ‘okusisono esisiphingela ngokulula.’ (Hebhere 12:1) Kubonakala ukuba amaSirayeli amaninzi ayesakholelwa kuYehova, kodwa ayethembele kuBhahali njengoyena thixo wayeza kukhusela isivuno sawo aze abonelele neentswelo zawo zemihla ngemihla. Mhlawumbi ayevakalelwa kukuba itempile kaYehova eYerusalem yayikude kakhulu, nokugcina imithetho yakhe kwakungekho ngqiqweni. Kanti lona unqulo lukaBhahali lwalungenabucukubhede—ayenako nokuqhumisela kuBhahali emaphahleni ezindlu zawo. (Yeremiya 32:29) Kusenokwenzeka ukuba, aphambukela kunqulo lukaBhahali ngokusuka nje abe nenxaxheba kweminye yemibhiyozo yakhe okanye ngokubingelela kuBhahali egameni likaYehova.
Thina singaphulukana njani nokholo lwethu size simke kuThixo ophilayo? (Hebhere 3:12) Sisenokuphelelwa ngokuthe ngcembe luxabiso esasinalo ngaphambili ngeentlanganiso nangeendibano. Isimo sengqondo esinjalo sibonisa ukungabi nantembelo kwilungiselelo likaYehova lokusinika ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45-47) Oko kunokusenza sibe buthathaka, size siyeke ‘ukubambelela ngokuqinileyo kwilizwi lobomi’ okanye side sibe mbaxa, okanye sigqibele ngokuwela ekuthandeni izinto eziphathekayo okanye ekuziphatheni okubi.—Filipi 2:16; thelekisa INdumiso 119:113.
Ukubambelela Nkqi Kwingqibelelo Yethu
Alithandabuzeki elokuba, nanamhlanje eli dabi lisaqhubeka ezintliziyweni zethu. Ngaba siza kuhlala sisondelelene noYehova okanye ngaba siza kuwexulwa bubomi obuvakalala beli hlabathi? Kulusizi ukuthi, kanye njengokuba amaSirayeli atsaleleka kuqheliselo olucekisekayo lwamaKanan, nanamhlanje amanye amaKristu aye alukuhlelwa ekwenzeni okuziintloni.—Thelekisa IMizekeliso 7:7, 21-23.
Ukoyisakala okunjalo kokomoya kunokuphetshwa ukuba, njengoMoses, ‘siqhubeka siqinile ngokungathi siyambona Lowo ungabonakaliyo.’ (Hebhere 11:27) Liyinyaniso elokuba, simele ‘silulwele nzima ukholo.’ (Yude 3) Kodwa ngokuhlala sinyanisekile kuThixo wethu nakwimigaqo yakhe, sinokukhangela phambili kwixesha laxa unqulo lobuxoki luya kunyamalala ngonaphakade. Kanye njengokuba unqulo lukaYehova lwaloyisayo olukaBhahali, ngoko sinokuqiniseka ukuba kungekudala “ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Amabhodlo aseGezere eentsika ezingcwele ezazisetyenziswa kunqulo lukaBhahali
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 28]
Musée du Louvre, Paris