IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 7/15 iphe. 3-4
  • Ukufuna Uqikelelo Olunokuthenjwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufuna Uqikelelo Olunokuthenjwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Intswelo Yabantu Engokwemvelo
  • Isizathu Sokuba Usithembe Isiprofeto Sebhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Inxalenye 5—IGrisi—IGunya Lesihlanu Elikhulu Lehlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ngubani Oza Kulawula Ihlabathi?
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Incwadi Onokuyithemba—Icandelo 5
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 7/15 iphe. 3-4

Ukufuna Uqikelelo Olunokuthenjwa

KUNGEKUDALA emva kokuba ukumkani waseMakedoniya owaye waziwa ngokuba nguAlesandire Omkhulu wabekwa etroneni ngowama-336 B.C.E., watyelela indawo yoosiyazi yaseDelphi, kumbindi waseGrisi. Amabhongo akhe ngekamva ayengawokuba oyise phantse lonke ihlabathi lelo xesha. Kodwa wayefuna ukuqinisekiswa nguThixo ukuba oko wayeza kukwenza kwakuza kuphumelela. Ngokutsho kwenye intsomi, ngosuku awatyelela ngalo eDelphi, kwakungavumelekanga ukuba atyelele usiyazi. Engafuni kuhamba engafumananga mpendulo, uAlesandire wabetha ngenqindi phantsi, enyanzela umbingelelikazi ukuba aqikelele. Ecaphukile wathi kuye: “Owu mntanandini, ongenakoyiswa!” Lo kumkani uselula wakugqala oko njengoqikelelo olululo​—⁠olo lubonisa ukuba uya koyisa.

Noko ke, uAlesandire wayeza kwazi bhetele ngomphumo welo phulo lakhe ukuba wayezihlolisisile iziprofeto ezifumaneka kwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli. Ngenxa yokuchana kwazo okuphawulekayo, zaxela kwangaphambili uloyiso lwakhe olukhawulezileyo. Imbali ithi ekugqibeleni uAlesandire wafumana ithuba lokubona oko uDaniyeli wayekubhalile ngaye. Ngokutsho kombhali-mbali wamaYuda uJosephus, xa ukumkani waseMakedoniya wangena eYerusalem, waboniswa isiprofeto sikaDaniyeli​—⁠ekucingwa ukuba yayisisahluko 8 saloo ncwadi. (Daniyeli 8:​5-8, 20, 21) Kunikelwa ingxelo yokuba, ngenxa yoku, isixeko saxolelwa yimikhosi etshabalalisayo ka-Alesandire.

Intswelo Yabantu Engokwemvelo

Enoba ngukumkani okanye ngumntu nje oqhelekileyo, ngowakudala okanye ngowangoku​—⁠umntu ebesoloko efuna uqikelelo olunokuthenjwa ngokuphathelele ikamva. Njengezidalwa ezikrelekrele, thina njengabantu siyakwazi oko kwenzeka kudala, siyakuqonda oko kwenzekayo ngoku, yaye sinomdla koko kuza kwenzeka kwixa elizayo. Iqhalo lesiTshayina lithi: “Lowo unokukwazi okuza kwenzeka kwiintsuku ezintathu ezilandelayo uya kuba sisityebi kangangamawaka eminyaka.”

Ukutyhubela iminyaka, izigidi ziye zazama ukwazi ikamva ngokubhenela koko zicinga ukuba kunokuthanani noThixo. Cinga ngamaGrike amandulo njengomzekelo. Ayeneendawo eziliqela zoosiyazi ezingcwele, ezinjengezo zaseDelphi, eDelos, naseDodona, apho babesiya baze babuze koothixo babo ngokuphathelele inkqubela yezobupolitika okanye yomkhosi kuquka nemibandela yabo yobuqu njengokuthabatha uhambo, umtshato nabantwana. Yayingengookumkani neenkokeli zasemkhosini kuphela kodwa iintlanga ziphela yaye nazo zonke iidolophu zazifuna ukhokelo kummandla wemimoya ngokubuza koosiyazi.

Ngokutsho komnye unjingalwazi, ngoku “kukho imibutho eyande ngesiquphe ezimisele ukufunda ngekamva.” Ukanti, abaninzi bakhetha ukugatya owona mthombo uchanileyo wesiprofeto​—⁠iBhayibhile. Bayigatya ngokwenene into yokuba iziprofeto zeBhayibhile zinokuba kanye nale nkcazelo bayifunayo. Bambi abaphengululi bade bathelekise isiprofeto seBhayibhile noqikelelo olwenziwa ngoosiyazi bamandulo. Yaye ngokuqhelekileyo abantu banamhlanje abathandabuzayo abasikholelwa isiprofeto seBhayibhile.

Siyakumema ukuba uzihlolele ngokwakho le ngxelo. Xa luhlolisiswe ngenyameko uqikelelo lweBhayibhile nabantu abangoosiyazi lutyhila ntoni? Ngaba unokusithemba isiprofeto seBhayibhile ngaphezu koko kuthethwa ngoosiyazi bamandulo? Yaye ngaba unokubusekela ngentembelo ubomi bakho kwiziprofeto zeBhayibhile?

[Umfanekiso okwiphepha 3]

IBhayibhile yaxela kusengaphambili ngoloyiso olukhawulezileyo luka-Alesandire

[Inkcazelo]

Cortesía del Museo del Prado, Madrid, Spain

[Umfanekiso okwiphepha 4]

UAlesandire Omkhulu

[Inkcazelo]

Musei Capitolini, Roma

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share