Zenze Uphumelele Ebomini!
“Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo . . . Konke akwenzayo kophumelela.”—INDUMISO 1:1, 3.
1. (a) Ulutsha oluninzi olusehlabathini luyigqala njani impumelelo? (b) IBhayibhile imchaza njani umntu ophumeleleyo?
IMPUMELELO—lithetha ntoni eli gama kuwe? Elinye ityendyana lomfana lathi: “Olona sukelo lubalulekileyo kum kukuphumelela kwezoshishino.” Enye intwazana yona yathi: “Eyona nto ndiyinqwenelayo kukuba nentsapho eyonwabileyo.” Kodwa ke yiva okuthethwa yenye intwazana xa isithi: “Mna ndingavuya ukuba ndinganendawo nje entle yokuhlala, nenqwelo mafutha entle . . . Mna ndiphilela isiqu sam.” Ingxaki ke yeyokuba imali, intsapho, okanye umsebenzi ohlawula isityhwentye semali awuyompumelelo yokwenene. KwiNdumiso 1:1-3, sifunda oku: “Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo . . . Unonelela umyalelo kaYehova . . . Konke akwenzayo kophumelela.”
2. Ifumaneka phi impumelelo yokwenene, kwaye yiyiphi ekuphela kwendlela yokuyifumana?
2 Apha iBhayibhile ithembisa ngento ongasoze uyifumane kuye nawuphi na umntu—impumelelo yokwenene! Kodwa ke ayithethi ngakufumana imali. Kaloku ikwayiBhayibhile elumkisa isithi: “Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zezinto ezimbi.” (1 Timoti 6:10) Impumelelo yokwenene ifunyanwa ngokukholisa uThixo—kuquka ukulandela umthetho kaYehova. Kuphela kwento enokuzisa ulwaneliseko nolonwabo lokwenene ke leyo! Mhlawumbi akuyiginyisisi ncam ingcamango yokulawulwa ngumyalelo kaYehova neyokuxelelwa into omele uyenze. Kodwa ke uYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Enoba uyayiqonda okanye akuyiqondi loo nto, wadalwa uneentswelo zokomoya—kuquka intswelo eyendeleyo yokwazi uThixo nokuqonda iinjongo zakhe. Ngoko ke, ekuphela kwendlela onokulufumana ngayo ulonwabo lokwenene kukwanelisa ezo ntswelo uze ulandele “umyalelo kaYehova.”
Isizathu Sokuba Sifune Imiyalelo KaThixo
3. Kutheni sifanele sikuvuyele ukuvumela uYehova ‘aqinisele ukunyathela kwethu’?
3 Umprofeti uYeremiya wabhala: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Injalo loo nto kubantu bonke, kwabaselula nakwabadala. Asikokuba siswele nje ubulumko, amava kunye nolwazi lokwalathisa amanyathelo ethu; asinalo nje kwaphela ilungelo lokwenjenjalo. KwiSityhilelo 4:11, iBhayibhile ithi: “Ufanele, Yehova, okwanguThixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Ekubeni enguMdali wethu, uYehova ‘ulithende lobomi.’ (INdumiso 36:9) Ngenxa yoko uyazi bhetele kunaye nabani na indlela esifanele sibusebenzise ngayo ubomi bethu. Ngenxa yoko wenza imithetho, kungengenxa yokuba efuna ukusibandeza uyolo, kodwa ngenjongo yokuba kungenelwe kwathina. (Isaya 48:17) Wutyeshele nje wena umthetho kaThixo, usendleleni esa ekungaphumelelini.
4. Kutheni abaselula abaninzi bephila ubomi bokuzibhubhisa?
4 Ngokomzekelo, ukhe wazibuza na ukuba siyintoni isizathu sokuba bebaninzi kangaka abaselula abonakalisa ubomi babo ngeziyobisi, ukuziphatha vakalala nezinye izenzo ezingamasikizi? INdumiso 36:1, 2 iyasichaza: “Ongendawo unezihlabo zokreqo entliziyweni yakhe ngaphakathi, ezithi, akukho koyika Thixo emehlweni akhe, ngokuba zithetha kuye ngokugudileyo emehlweni akhe, zide zimfumanise ubugwenxa bakhe, zimthiye.” Ngenxa yokuba beswele ‘ukoyika uThixo’ ngokusengqiqweni, abaninzi abaselula baziqaba ngentshongo emehlweni becinga ukuba ukuziphatha ngendlela eyingozi akuyi kuba namiphumo. Noko ke, ekugqibeleni kuye kufuneke bajamelane nalo mgaqo ungatshintshiyo othi: “Nantoni na umntu ayihlwayelayo, uya kuvuna kwayona; ngenxa yokuba lowo uhlwayela ngokubhekisele kwinyama yakhe uya kuvuna ukonakala kuyo inyama yakhe, kodwa lowo uhlwayela ngokubhekisele kumoya uya kuvuna ubomi obungunaphakade kuwo umoya.”—Galati 6:7, 8.
“Ukuyibala Imihla”
5, 6. (a) Kutheni ulutsha lufanele ‘luyibale imihla yalo,’ kwaye kuthetha ntoni oko? (b) Kuthetha ntoni ‘ukukhumbula uMdali wethu’?
5 Unokubenza buphumelele njani ubomi bakho uze ‘uvune ubomi obungunaphakade’? UMoses wabhala: “Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo . . . Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.” (INdumiso 90:10) Kunqabile ukuba ucinge, ukuba phofu ukhe ucinge kwaukucinga, ngokufa. Enyanisweni, olunye ulutsha lude lwenze izinto ngokungathi soze lufe. Kodwa uMoses usichazela inyaniso, nangona ilumeza, yokuba ubomi bufutshane. Asiqinisekanga nangokuba siza kuphila side sifike kuloo minyaka engama-70 okanye engama-80. ‘Ixesha nesihlo’ zinokubakhawulezela kwanabo baselula nabayimiqabaqaba. (INtshumayeli 9:11) Ngoko ke, uza kwenza ntoni ngobu bomi bakho buxabisekileyo obuphilayo ngoku? UMoses wathandaza: “Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.”—INdumiso 90:12.
6 Kuthetha ukuthini ukubala imihla yakho? Akuthethi kuthi ingqondo yakho mayisoloko ibhilabhilana nento yokuba usenokuphila ixesha elingakanani na. UMoses wayethandazela ukuba uYehova afundise abantu Bakhe indlela yokusebenzisa imihla yabo eseleyo ngendlela ezisa uzuko Kuye. Ngaba uyayibala imihla yobomi bakho—ugqala usuku ngalunye njengobuncwane obusebenzisela ukudumisa uThixo? IBhayibhile inikela olu khuthazo kubantu abaselula: “Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge. Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.” (INtshumayeli 11:10–12:1) Ukukhumbula uMdali wethu akuthethi ukuhlala ukhumbula nje ukuba ukho. Xa isaphuli-mthetho sabongoza uYesu sisithi, “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho,” sasifuna uYesu enze okungaphezulu kokukhumbula nje igama laso. Sasifuna uYesu enze okuthile, asivuse kwelabafileyo! (Luka 23:42; thelekisa iGenesis 40:14, 23; Yobhi 14:13.) Ngendlela efanayo, ukukhumbula uYehova kufuna senze okuthile, senze okumkholisayo. Ngaba kunokutshiwo ukuba wena uyamkhumbula uYehova?
Kuphephe Ukubamonela Abenzi Bobubi
7. Kutheni olunye ulutsha lumphosa kwelokulibala uMdali walo? Zekelisa.
7 Abaselula abaninzi baye bamphose kwelokulibala uYehova bevakalelwa kukuba xa uliNgqina ubhijelwa yimiqathango emininzi. Omnye umzalwana waseSpeyin ukhumbula indlela awayeziva ngayo xa wayekwishumi elivisayo: “Ihlabathi ndandilithanda ngenxa yokuba inyaniso yayibonakala inzima kwaye ingqongqo. Yayifuna umntu ahlale phantsi, afunde, aye ezintlanganisweni, afake iqhina, ibe ndandingakuthandi ukuzenza ezo zinto.” Ngaba maxa wambi uye uvakalelwe kukuba uyaphoswa ulibele kukukhonza uThixo nje? Mhlawumbi uya kothuka wakuva ukuba omnye wababhali beBhayibhile wakha wanezo mvakalelo naye. Khawuthabathe iBhayibhile yakho uze utyhile kwiNdumiso 73.
8. Kwakutheni ukuze uAsafu ‘amonele abaqhayisayo’?
8 Masikhe singene kwiinkcukacha ezithile zale ndumiso. Indinyana 2 neyesi-3 zithi: “Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam; ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.” Ngokutsho kombhalo ongasentla, le ndumiso yabhalwa nguAsafu. Wayeyimvumi engumLevi kwaye ephila ngexesha likaKumkani uDavide. (1 Kronike 25:1, 2; 2 Kronike 29:30) Nangona wayenelungelo elihle lokukhonza uThixo etempileni, ‘wawamonela’ amadoda awayeqhayisa ngokuchasa kwawo umthetho. Izinto zazibonakala ziwahambela kakuhle; ayebonakala ngathi aseluxolweni kwaye anqabisekile. Kodwa ke loo singa-mpumelelo wawo ‘wayigqitha intelekelelo yeentliziyo zawo.’ (Indinyana 5, 7, NW) Ayethetha “iindumbisa zamazwi” ngamaxhoba awo, ngamany’ amazwi, eqhayisa. (Indinyana 8) ‘Ayewubeka ezulwini umlomo wawo, nolwimi lwawo luhamba emhlabeni wonke,’ engakhathalele mntu—ezulwini okanye emhlabeni.—Indinyana 9.
9. Ulutsha olungamaKristu lwanamhlanje lunokuvakalelwa njani njengoAsafu?
9 Mhlawumbi banjalo oontanga bakho esikolweni. Basenokuba abanazintloni zokuqhayisa ngokuba neentlobano zesini, ngamatheko angalawulekiyo, nangokuzifica ngotywala nangeziyobisi. Xa uthelekisa obo bomi babo ababubiza ngokuthi luyolo kunye nendlela emxinwa omele uhambe kuyo njengomKristu, maxa wambi usenokuziva ‘ubamonela abo baqhayisayo.’ (Mateyu 7:13, 14) UAsafu wada wadanduluka esithi: “Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa; ndakhathazeka imini yonke.” (Indinyana 13, 14) Ewe, waqalisa ukukuthandabuza ukubaluleka kokukhonza uThixo nokuphila ubomi obugqibeleleyo.
10, 11. (a) Yintoni eyabangela uAsafu aguqule isimo sakhe sengqondo? (b) Abenzi bobubi ‘bemi njani kwiindawo ezibuthelezi’? Zekelisa.
10 Okuvuyisayo kukuba, uAsafu akazange aqhubeke ekuloo meko ilusizi kangangexesha elide. Wakhawuleza wabona ukuba oko kubonakala ngathi luxolo kubantu abangendawo kwakungamampunge nje—kunjalonje lwaluyinto yexeshana! Wadanduluka esithi: “Inene, ubamise kwiindawo ezibuthelezi, wabawisa baba yintshabalala. Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.” (Indinyana 18, 19) Ngokufanayo, uninzi loontanga bakho ‘lumi kwiindawo ezibuthelezi.’ Kungekudala isikhuni siza kubuya nomkhwezeli ngenxa yehambo yalo yokungahloneli Thixo, mhlawumbi umphumo ube kukumitha okungafunwayo, isifo esidluliselwa ngeentlobano zesini, kwanokuvalelwa entolongweni okanye ukufa! Okona kubuhlungu nangakumbi kukuba, luyabandezeleka ngenxa yokukreqa kwalo kuThixo.—Yakobi 4:4.
11 Elinye iNgqina eliselula laseSpeyin layibona ngawalo amehlo loo nto. Xa laliselula, laliphila ubomi obumbaxa, liqhogene kanobom neqela lolutsha olwalungamhloneli uThixo. Kuthe kungekudala, lathandana nomnye owayekwelo qela—ikhoboka leziyobisi. Nangona lalizikhwebule lona ekusebenziseni iziyobisi, lalimthengela iziyobisi. Liyavuma: “Ndandide ndimncede ekuhlabeni inaliti.” Okuvuyisayo kukuba, lo dade wabuyela ezingqondweni waza wachacha ngokomoya. Kodwa indlela awothuka ngayo xa emva kwethuba elithile wafumanisa ukuba laa mfo wayethandana naye owayelikhoboka leziyobisi wabulawa nguGawulayo. Ewe, wayenyanisile umdumisi xa wayesithi abantu abangahloneli Thixo ‘bemi kwiindawo ezibuthelezi.’ Bambi basenokufa ngesiquphe nje ngenxa yokuphila vakalala. Abanye ke, ukuba abazitshintshi iindlela zabo, kungentsuku zatywala baza kujamelana ‘nokutyhileka kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla isemlilweni odangazelayo, njengoko izisa impindezelo kwabo bangamaziyo uThixo nakwabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.’—2 Tesalonika 1:7, 8.
12. Oselula waseJapan wabubona njani ubuyatha bokubamonela abenzi bobubi?
12 Ngoko ke, hayi indlela ekububudenge ngayo ukubamonela “abo bangamaziyo uThixo”! Eneneni, kumelwe kumonelwe abo bamaziyo uYehova nabanethemba lokuphila ngonaphakade. Omnye umzalwana oselula waseJapan wayiqonda loo nto. Xa wayeselula, naye “wayefuna inkululeko engakumbi.” Uyacacisa: “Ndandicinga ukuba ndiyaphoswa. Suke ndabona oko ubomi bam buya kuba kuko xa ndinokushiya inyaniso. Ndaba nombono wam ndiphila iminyaka engama-70 okanye engama-80 ndize ndife. Kodwa likuYehova ithemba lobomi obungunaphakade! Ndathi ndakuyiqonda loo nto ndakuxabisa oko ndandinako.” Nangona kunjalo, ukuhlala uthembekile xa ungqongwe ngabantu abangalandeli imiyalelo kaThixo akuyondlwan’ iyanetha. Ziziphi ezinye zezinto onokuzenza ukuze uxhathise ezo ngcinezelo?
Lumkela Abahlobo!
13, 14. Kutheni kubalulekile ukubakhetha ngenyameko abahlobo?
13 Masikhe sibuyele kulaa ndlela achazwa ngayo umntu ophumelelayo, ebhalwe kwiNdumiso 1:1-3: “Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, ongemiyo endleleni yaboni, ongahlaliyo embuthweni yabagxeki! Yena unonelela umyalelo kaYehova; ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku: Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, ogqabi lawo lingabuniyo; konke akwenzayo kophumelela.”
14 Zisuka nje phawula ukuba abahlobo bakho banendima enkulu. IMizekeliso 13:20 ithi: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.” Oku akuthethi kuthi ungabi nabuntu, ububele okanye ube krwada kulutsha olungengomaNgqina kaYehova. IBhayibhile iyasibongoza ukuba sibathande abamelwane bethu kwaye ‘sibe noxolo nabantu bonke.’ (Roma 12:18; Mateyu 22:39) Noko ke, usenokuzifumana ‘uhamba ngecebo’ labo bangayilandeliyo imilinganiselo yeBhayibhile ukuba unxulumana ngokusondeleyo nabo.
Iingenelo Zokufunda IBhayibhile
15. Ulutsha lunokuluhlakulela njani ulangazelelo lokufunda iBhayibhile?
15 Umdumisi wayithi thsuphe nento yokuba umntu ophumelelayo unonelelela ukufunda umyalelo kaThixo “ngesandi esiphantsi imini nobusuku.” (INdumiso 1:1, 2, NW) Kuyavunywa ukuba, akulula ukufunda iBhayibhile, kwaye kuyo “kukho izinto ezithile ekunzima ukuziqonda.” (2 Petros 3:16) Kodwa ke ukufunda iBhayibhile akumele kube yindinisa. Unako ‘ukwakha ulangazelelo lobisi olungangxengwanga’ lweLizwi likaThixo. (1 Petros 2:2) Khawuzame ukufunda nje isicatshulwa usuku ngalunye. Ukuba kukho iingongoma ongaziqondiyo, phanda. Emva koko, cinga ngaloo nto uyifundileyo. (INdumiso 77:11, 12) Ukuba akukwazi kunikela ingqalelo, zama ukufunda ngokuvakalayo “ngesandi esiphantsi.” Ethubeni, ngokuqinisekileyo uthando lwakho ngofundo lweBhayibhile luza kuya lukhula. Omnye udade oselula waseBrazil ukhumbula oku: “UYehova wayesoloko ebonakala engumntu okude kum. Kodwa ngoku sele ndineenyanga eziliqela ndiphucula ufundisiso lwam lobuqu kunye nofundo lweBhayibhile. Ngoku ndiyeva ukuba ulwalamano lwam noYehova lomelele ngakumbi. Ngoku ungumntu wokwenene kum.”
16. Sinokuzuza ngakumbi njani kwiintlanganiso zebandla?
16 Kubalulekile nokuya kwiintlanganiso zebandla ukuze ukhule ngokomoya. Ukuba ‘unikela ingqalelo kwindlela ophulaphula ngayo,’ unokufumana ukhuthazo olungakumbi. (Luka 8:18) Ngaba maxa wambi ufumanisa ukuba iintlanganiso azibangeli mdla? Khawuzibuze ke, ‘Yintoni mna endiyenzayo ukuze iintlanganiso zibangele umdla? Ngaba ndinikela ingqalelo? Ngaba ndiyalungiselela? Ngaba ndiyagqabaza?’ Ngapha koko, iBhayibhile isixelela ukuba “sinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, . . . sikhuthazane.” (Hebhere 10:24, 25) Umele ube negalelo nawe ukuze wenjenjalo! Kakade ke, umele ufundisise kusengaphambili ukuze ube negalelo. Omnye udade oselula uyavuma: “Kulula ngokwenene ukuba negalelo ezintlanganisweni xa ulungiselela.”
Ukulandela Indlela KaThixo Kusa Empumelelweni
17. Umfundi okhutheleyo weBhayibhile ‘ufana njani nomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi’?
17 Umdumisi ude achaze umntu ophumelelayo njengofana ‘nomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi.’ Imijelo yamanzi isenokuba yayiyimisele yokunkcenkceshela eyayisenzelwa ukunkcenkceshela imithi ezitiyeni. (Isaya 44:4) Ukufunda iBhayibhile imihla ngemihla kufana nokuxokonyezelwa kumthombo ongomiyo wesondlo nohlaziyeko. (Yeremiya 17:8) Mihla le uya kufumana amandla owafunayo ukuze ujamelane nezilingo kunye nobunzima. Wakuba uyifundile indlela uYehova acinga ngayo, uya kuba nabo ubulumko obuyimfuneko ukuze wenze izigqibo zobulumko.
18. Yintoni enokuqinisekisa umntu oselula ngempumelelo ekukhonzeni uYehova?
18 Maxa wambi, ukukhonza uYehova kusenokubonakala kunzima. Kodwa ungaze uvakalelwe kukuba kunzima kangangokuba akungekhe uqhubeke. (Duteronomi 30:11) IBhayibhile iyakuthembisa ukuba ‘konke okwenzayo kophumelela’ ekuhambeni kwethuba, ukuba nje usukelo lwakho oluphambili kukukholisa uYehova nokuvuyisa intliziyo yakhe! (IMizekeliso 27:11) Ukhumbule kwakhona ukuba akuwedwa. UYehova noYesu Kristu bayakuxhasa. (Mateyu 28:20; Hebhere 13:5) Bayazazi iingcinezelo ojamelana nazo, kwaye abasayi kuze bakushiye. (INdumiso 55:22) Kwaye uxhaswa ‘nalumanyano lwabazalwana luphela’ nabazali bakho ukuba nabo bayamoyika uThixo. (1 Petros 2:17) Xa unaloo nkxaso, uze uyidibanise nozimiselo kunye nomgudu wakho, unako ukufumana impumelelo ebomini, engapheleli kweli xesha, kodwa eya kuhlala ngonaphakade!
Imibuzo Yempinda
◻ Iyintoni impumelelo yokwenene?
◻ Kutheni sifuna uYehova alathise amanyathelo ethu?
◻ Ulutsha ‘lunokuyibala njani imihla yalo’?
◻ Kutheni kububudenge ukumonela abenzi bobubi?
◻ Ufundisiso lweBhayibhile lwemihla ngemihla kunye nokuya rhoqo ezintlanganisweni kunokulunceda njani ulutsha luphumelele ebomini?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ulutsha oluninzi lubandakanyeke kwihambo yokuzibhubhisa ngenxa yokuba lungenalo ‘uloyiko lukaThixo’ olusengqiqweni
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Ulutsha ludla ngokulibala ukuba kubakho imiphumo kwizinto oluzenzayo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Funda indlela yokuhlakulela uthando ngofundo lweBhayibhile
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Uya kuzinandipha nangakumbi iintlanganiso ukuba uba negalelo