“Omncinanana” Uye Waba “Liwaka”
“Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla.”—ISAYA 60:22.
1, 2. (a) Kutheni ubumnyama bugubungele umhlaba namhlanje? (b) Ukukhanya kukaYehova kuye kwathi chapha ngakumbi njani kubantu bakhe?
“UBUMNYAMA buwugubungele umhlaba, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.” (Isaya 60:2) La mazwi ayichaza kakuhle imeko yomhlaba ukususela ngowe-1919. INgqobhoko iye yayihesha imiqondiso yobukho basebukhosini bukaYesu Kristu, “ukhanyiselo lwehlabathi.” (Yohane 8:12; Mateyu 24:3) Ngenxa ‘yomsindo omkhulu’ kaSathana, ingqonyela ‘yabaphathi behlabathi bobu bumnyama,’ inkulungwane yama-20 ibilelona xesha lenkohlakalo nelokutshabalalisa kwimbali yomntu. (ISityhilelo 12:12; Efese 6:12) Inkoliso yabantu isebumnyameni ngokomoya.
2 Ukanti, kukho ukukhanya namhlanje. UYehova “uthe chapha” kubakhonzi bakhe, intsalela ethanjisiweyo, engabameli basemhlabeni “bomfazi” wakhe wasezulwini. (Isaya 60:1) Ngokukodwa ukususela ekukhululweni kwayo ekuthinjweni okufana nokwaseBhabhiloni ngowe-1919, le ntsalela iye yadlulisela ubuqaqawuli bukaThixo yaza yenza ‘ukukhanya kwayo kwakhanya phambi kwabantu.’ (Mateyu 5:16) Ukususela ngowe-1919 ukusa kowe-1931, ukukhanya koBukumkani kuye kwathi chapha nangakumbi njengoko le ntsalela ibiqhawula amakhamandela aseleyo eengcamango zaseBhabhiloni. Inani layo lantinga ngamashumi eminyaka njengoko uYehova wayezalisekisa idinga lakhe elithi: “Okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.” (Mika 2:12) Ngowe-1931, ubuqaqawuli bukaYehova babonakala nangakumbi kubantu bakhe xa bamkela igama elitsha elithi amaNgqina kaYehova.—Isaya 43:10, 12.
3. Kwaye kwabonakala njani ukuba ukukhanya kukaYehova kuya kukhanya nakwabanye ngaphandle kwabathanjiswa?
3 Ngaba uYehova wayeya kwanela ukuthi chapha kwintsalela ‘yomhlambi omncinane’? (Luka 12:32) Akunjalo. Inkupho yeMboniselo kaSeptemba 1, 1931, yathetha ngelinye iqela. Kwingcaciso entle kaHezekile 9:1-11, yabonisa ukuba indoda enezinto zokubhala ekuthethwa ngayo kwezo ndinyana yayimela intsalela ethanjisiweyo. Ngoobani ababekwa uphawu emabunzini yiloo “ndoda”? ‘Zezinye izimvu,’ ezinethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. (Yohane 10:16; INdumiso 37:29) Ngowe-1935 eli qela ‘lezinye izimvu’ laliqondwa ‘njengesihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga’ esabonwa embonweni ngumpostile uYohane. (ISityhilelo 7:9-14) Ukususela ngowe-1935 ukuza kuthi ga ngoku, kuye kwanikelwa ingqalelo engakumbi ekuhlanganisweni kwesihlwele esikhulu.
4. Ngoobani “ookumkani” kunye ‘neentlanga’ ekuthethwa ngazo kuIsaya 60:3?
4 Lo msebenzi wokuhlanganisa unxulunyaniswa nesiprofeto sikaIsaya esithi: “Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.” (Isaya 60:3) Ngoobani aba “kumkani” kuthethwa ngabo apha? Yintsalela yabali-144 000 kunye noYesu Kristu, oyindlalifa kunye nayo eBukumkanini bamazulu, kwaye baye bakhokela kumsebenzi wokunikela ubungqina. (Roma 8:17; ISityhilelo 12:17; 14:1) Namhlanje, la mawaka ambalwa aseleyo entsalela ethanjisiweyo adlulwa lee ‘ziintlanga,’ abo banethemba lokuphila emhlabeni abeza kuYehova ukuze bafumane imfundo baze bameme nabanye ukuba benze okufanayo.—Isaya 2:3.
Abakhonzi BakaYehova Abanenzondelelo
5. (a) Ziziphi izibakala ezibonisa ukuba inzondelelo yabantu bakaYehova ayikapheli? (b) Ngawaphi amazwe aye anolwando oluphawulekayo ngowe-1999? (Bona isicangca esikwiphepha 17 ukusa kwelama-20.)
5 Enjani inzondelelo aye anayo amaNgqina kaYehova ale mihla ukutyhubela le nkulungwane yama-20! Kwaye phezu kwayo nje ingcinezelo ekhulayo, inzondelelo yawo ayihlanga njengoko bekusondela unyaka wama-2000. Ayesawuthabatha nzulu umyalelo kaYesu othi: “Nenze abafundi abantu beentlanga zonke.” (Mateyu 28:19, 20) Inani labavakalisi beendaba ezilungileyo abakhutheleyo kunyaka wenkonzo wokugqibela wenkulungwane yama-20 liye lafikelela incopho entsha yezi-5 912 492. Baye bachitha isimbuku esiphawulekayo seeyure ezizizi-1 144 566 849 bethetha nabanye ngoThixo nangeenjongo zakhe. Benze amabuyelo azizi-420 047 796 kubantu abanomdla baza baqhuba izifundo zeBhayibhile zekhaya zesisa ezingama-4 433 884. Enjani ukuba ntle ingxelo yenkonzo yenzondelelo!
6. Liliphi ilungiselelo elitsha eliye lenzelwa oovulindlela, yaye iye yaba njani intsabelo?
6 KuJanuwari ophelileyo, iQumrhu Elilawulayo liye lenza isaziso ngotshintsho kwiiyure zesisikelo soovulindlela. Abaninzi baye balixhakamfula elo thuba baza bangenela kwizintlu zoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani. Ngokomzekelo, ebudeni beenyanga zekhalenda zokuqala ezine zowe-1999, iofisi yesebe yaseNetherlands yafumana izicelo zoovulindlela abathe ngxi eziziphindaphinda kane ezexesha elifanayo kunyaka ongaphambi kwalowo. IGhana inikela le ngxelo: “Ukususela oko siye sasebenzisa isisikelo seeyure esitsha koovulindlela, liye lenyuka ngokuthe ngcembe inani lethu labakwizintlu zoovulindlela abathe ngxi.” Kunyaka wenkonzo we-1999, inani loovulindlela ehlabathini lonke lifikelele kuma-738 343—uphawu oluhle ‘lokuzondelela imisebenzi emihle.’—Tito 2:14.
7. UYehova uye wawusikelela njani umsebenzi wabakhonzi bakhe owenziwa ngenzondelelo?
7 Ngaba uYehova uye wawusikelela lo msebenzi owenziwa ngenzondelelo? Ewe. Esebenzisa uIsaya, uthi: “Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.” (Isaya 60:4) “Oonyana” kunye “neentombi” ezithanjisiweyo eziye zahlanganiswa zisamkhonza ngenzondelelo uThixo. Kwaye ngoku, ezinye izimvu zikaYesu zihlanganiswa ecaleni ‘koonyana’ “neentombi” ezithanjisiweyo kumazwe nakwiziqithi zolwandle ezingama-234.
“Wonke Umsebenzi Olungileyo”
8. Yiyiphi ‘imisebenzi elungileyo’ eyenziwa ngamaNgqina kaYehova?
8 AmaKristu anembopheleleko yokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani nokunceda abanomdla ukuba babe ngabafundi. Kodwa ‘awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Timoti 3:17) Ngenxa yoko, azinyamekela ngothando iintsapho zawo, abuka iindwendwe yaye atyelela abagulayo. (1 Timoti 5:8; Hebhere 13:16) Kwaye amatsha-ntliziyo abandakanyeke ekwakheni iiHolo zoBukumkani—umsebenzi okwanikela ubungqina. ETogo, emva kokuba kwakhiwe enye iholo, abo bakwizikhundla zembopheleleko kwicawa enempembelelo yasekuhlaleni bafuna ukuqonda isizathu sokuba amaNgqina kaYehova akwazi ukuzakhela izakhiwo zawo ngoxa eyabo icawa kwafuneka iqeshe abantu bokwakha! Ingxelo yaseTogo ithi ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezisemgangathweni kuye kwanemiphumo emihle elumelwaneni kangangokuba abanye abantu bazama nokuqesha okanye bakhe izindlu kufutshane neendawo ekuza kwakhiwa kuzo iiholo.
9. Aye asabela njani amaNgqina kaYehova xa kusihla iintlekele?
9 Maxa wambi kuye kufuneke kwenziwe olunye uhlobo lomsebenzi. Kunyaka wenkonzo ophelileyo amazwe amaninzi aye antlithwa ziintlekele, kwaye bekudla ngokufika amaNgqina kaYehova kuqala ukuya kunceda. Ngokomzekelo, inxalenye enkulu yeHonduras yadlakazeliswa yiNkanyamba uMitch. Ngoko nangoko, iofisi yesebe yaseka iikomiti zokusingatha umsebenzi wokunikela uncedo. AmaNgqina aseHonduras nawamanye amazwe amaninzi anikela ngempahla yokunxiba, ngokutya, ngamayeza nangezinye izinto eziyimfuneko. IiKomiti Zokwakha Zeenqila zasebenzisa ubuchule bazo ekwakheni izindlu ngokutsha. Kungekudala, abazalwana bethu ababengamaxhoba entlekele babencedwa ukuba babuyele kwimisebenzi yabo eqhelekileyo. E-Ecuador, amaNgqina kaYehova anceda abazalwana bawo xa izikhukula zatshabalalisa amakhaya abo. Lakubona indlela ephumelelayo awayeyisingathe ngayo loo meko, igosa laseburhulumenteni lathi: “Ukuba bendinabantu abanje, bendiya kwenza izinto zamehlo! Abantu abafana nani bafanele babekho kuzo zonke iindawo ehlabathini.” Loo misebenzi ilungileyo izisa indumiso kuYehova uThixo yaye ibubungqina ‘bozinikelo lobuthixo oluyingenelo kuzo zonke izinto.’—1 Timoti 4:8.
“Beza Bebaleka Njengelifu”
10. Nangona lincipha inani lentsalela, kutheni igama likaYehova livakaliswa ngaphezulu kunanini na ngaphambili?
10 Ngoku uYehova uyabuza: “Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo? Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude . . . Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele.” (Isaya 60:8-10) Abokuqala ukusabela ‘ekutheni chapha’ kukaYehova ‘yayingoonyana’ bakhe, amaKristu athanjisiweyo. Emva koko kwalandela “oonyana bolunye uhlanga,” isihlwele esikhulu, esingabalungiseleli abanyanisekileyo kubazalwana baso abathanjisiweyo, silandela ukhokelo lwabo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Ngaloo ndlela, nangona inani labathanjiswa lincipha, igama likaYehova livakaliswa emhlabeni wonke ngaphezulu kunanini na ngaphambili.
11. (a) Yintoni esaqhubeka isenziwa yaye ube yintoni umphumo ngowe-1999? (b) Ngawaphi amazwe aye anesimbuku esiphawulekayo sababhaptiziweyo ngowe-1999? (Bona isicangca esikwiphepha 17 ukusa kwelama-20.)
11 Ngenxa yoko, izigidi zabantu zithontelana “njengamavukuthu esiza emakrobeni awo,” zifumana ukunqabiseka phakathi kwebandla lamaKristu. Nyaka ngamnye kungena inkumbula yabantu, ibe ke amasango asavulekile ukuze kungene abangakumbi. UIsaya uthi: “Ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga.” (Isaya 60:11) Kunyaka ophelileyo bangama-323 439 abaye bafuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova ngokubhaptizwa, ibe akakawavali amasango. “Izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke,” amalungu esihlwele esikhulu, asathontelana kuloo masango. (Hagayi 2:7) Bonke abafuna ukuphuma ebumnyameni abagxothwa. (Yohane 12:46) Ngamana bonke abanjalo bangahlala bekuxabisa ngolo hlobo ukukhanya!
Abayoyiki Inkcaso
12. Abo bathanda ubumnyama baye bazama njani ukucima ukukhanya?
12 Abo bathanda ubumnyama bayakuthiya ukukhanya kukaYehova. (Yohane 3:19) Bambi bade bazame ukukucima oko kukhanya. Ibilindelekile ke phofu loo nto. UYesu ngokwakhe, “lowo ulukhanyiso lokwenyaniso olunikela ukukhanya kulo lonke uhlobo lomntu,” wagculelwa, wachaswa waza ekugqibeleni wabulawa ngabantu bakowabo. (Yohane 1:9) Ukutyhubela inkulungwane yama-20, namaNgqina kaYehova aye anyeliswa, avalelwa ezintolongweni, umsebenzi wawo wavalwa, ade abulawa, njengoko ebekudlulisela ngokuthembeka ukukhanya kukaYehova. Kwiminyaka yakutshanje, abachasi baye babhenela ekusebenziseni amaziko eendaba ukuze basasaze ubuxoki ngabo badlulisela ukukhanya kukaThixo. Bambi bafuna abantu bakholelwe ukuba amaNgqina kaYehova ayingozi kwaye afanele abekelwe imiqathango okanye avalwe. Ngaba baye baphumelela abo bachasi?
13. Uye waba yintoni umphumo wokuchaza kwethu izibakala eziphathelele umsebenzi wethu kumaziko eendaba?
13 Nakanye. Xa kufanelekile, amaNgqina kaYehova aye aya kumaziko eendaba ukuze acacise izibakala. Ngenxa yoko, igama likaYehova liye lapapashwa ngakumbi kumaphephandaba namaphephancwadi nakunomathotholo nomabonwakude. Oku kuye kwanegalelo elihle kumsebenzi wokushumayela. Ngokomzekelo, inkqubo edlala kumabonwakude welizwe laseDenmark yayixubusha umbandela othi “Isizathu sokuba ukholo lwabantu baseDenmark luhle.” Phakathi kwabo kwakudliwan’ indlebe nabo kwakukho namaNgqina kaYehova. Emva koko, elinye ibhinqa elaliyibukele loo nkqubo lathi: “Kuvele kwacaca nje ukuba ngoobani na abanomoya kaThixo.” Kwaqaliswa isifundo kunye nalo.
14. Yintoni abachasi abaza kuphoxeka bakuyifumanisa?
14 AmaNgqina kaYehova ayazi ukuba baninzi abaya kuwachasa kweli hlabathi. (Yohane 17:14) Sekunjalo, omelezwa sisiprofeto sikaIsaya esithi: “Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.” (Isaya 60:14) Kungekudala aba bachasi baya kuphoxeka babe manzi bakufumanisa ukuba bebesilwa noThixo ngokwakhe. Ingangubani bethu onokumoyisa?
15. AmaNgqina kaYehova “anya amasi eentlanga” ngayiphi indlela, yaye oku kuye kwabonakala njani kumsebenzi wawo wokufundisa nowokuhambisa ivangeli?
15 UYehova uyaqhubeka ethembisa: “Ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade . . . Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho.” (Isaya 60:15, 16) Ewe, uYehova unguMsindisi wabantu bakhe. Ukuba bayama ngaye, baya kuqhubeka bekho ‘ngonaphakade.’ Kwaye baya “kwanya amasi eentlanga,” besebenzisa izinto ezikhoyo ukuze bahambisele phambili unqulo lokwenyaniso. Ngokomzekelo, ukuzisebenzisa ngobulumko iikhompyutha kunye nobugcisa bezonxibelelwano kwenza kube lula ukupapasha IMboniselo ngeelwimi ezingama-121 kunye noVukani! ngezingama-62 ngexesha elinye. Kwenziwe inkqubo ekhethekileyo yekhompyutha ukuze incede ekuguquleleni INguqulelo Yehlabathi Elitsha ukusa kwezinye iilwimi, ibe oko kuguqulela kuvuyisa kakhulu. Xa inguqulelo yesiCroatia yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ibikhululwa ngowe-1999, amawaka abantu aye alila iinyembezi zovuyo. Omnye umzalwana osele ekhulile wathi: “Kudala ndiyilindile ke le Bhayibhile. Noko ndiya kufa ndixolile ngoku!” Imibhalo yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, esele isasaziwe, iphelele okanye ingaphelelanga, sele idlule kwizigidi ezili-100 ngeelwimi ezi-34.
Imilinganiselo Ephakamileyo Yokuziphatha
16, 17. (a) Nangona kunzima, kutheni kubalulekile ukugcina imilinganiselo kaYehova ephakamileyo yokuziphatha? (b) Ngawaphi amava abonisa ukuba abaselula banako ukukuphepha ukungcoliswa lihlabathi?
16 UYesu wathi: “Lowo uqhelisela izinto ezingcolileyo ukuthiyile ukukhanya.” (Yohane 3:20) Kwelinye icala, abo bahlala ekukhanyeni bayayithanda imilinganiselo kaYehova ephakamileyo yokuziphatha. Esebenzisa uIsaya, uYehova uthi: “Abantu bakho baya kuba ngamalungisa bonke bephela.” (Isaya 60:21a) Akuyondlwan’ iyanetha ukugcina imilinganiselo yobulungisa kwihlabathi ekugquba kulo ukuziphatha okubi ngokwesini, ukuxoka, ukunyoluka kunye nekratshi. Ngokomzekelo, kwamanye amazwe uqoqosho luyakhula yaye kulula ukuzibona sele uthe swi-i kukufuna ubutyebi. Noko ke, uPawulos walumkisa esithi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi bawela ekuhendweni nakumgibe nakwiminqweno emininzi yokungabi nangqiqo neyenzakalisayo, ephosela abantu entshabalalweni nasekonakaleni.” (1 Timoti 6:9) Hayi indlela ekuba lisikizi ngayo xa ubani esithi phithi ngamashishini kangangokuba ancame ezona zinto zibalulekileyo, ezinjengonxulumano lwamaKristu, inkonzo engcwele, imigaqo yokuziphatha kunye neembopheleleko zentsapho!
17 Ukugcina imilinganiselo yobulungisa kunokuba nzima ngokugqithisileyo kwabaselula, ekubeni uninzi loontanga babo lusebenzisa kakubi iziyobisi yaye luziphatha kakubi. ESuriname, intwazana eneminyaka eli-14 ubudala yasondelwa yinzwana ethile eyacela ukuba neentlobano zesini kunye nayo. Ayizange ivume, ichaza ukuba iBhayibhile ayizivumeli izinto ezinjalo ngaphambi komtshato. Amanye amantombazana eso sikolo ayigculela aza azama ukuyinyanzela ukuba icinge ngandlela yimbi, esithi wonk’ umntu unqwenela ukulala naloo nkwenkwe. Sekunjalo, le ntwazana yema nkqi ayajika. Kwiiveki ezimbalwa emva koko, kwafunyaniswa ukuba le nkwenkwe ine-HIV yaza yagula kakhulu. Loo ntombazana yavuya kuba yayithobele umyalelo kaYehova othi ‘nikhwebuke kuhenyuzo.’ (IZenzo 15:28, 29) AmaNgqina kaYehova anelunda ngabaselula abaphakathi kwawo abema bangajiki koko kulungileyo. Ukholo lwabo, kunye nolwabazali babo, ‘luhombisa’—lusa uzuko—kwigama likaYehova uThixo.— Isaya 60:21b.
UYehova Ubangele Ulwando
18. (a) Yiyiphi into enkulu uYehova ayenzele abantu bakhe? (b) Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba ulwando luseza kuqhubeka lukho, yaye ngawaphi amathemba azukileyo abanawo abo bahlala ekukhanyeni?
18 Ewe, uYehova uyabakhanyisela abantu bakhe, uyabasikelela, uyabakhokela yaye uyabomeleza. Ebudeni benkulungwane yama-20, baye bawabona amazwi kaIsaya ezaliseka: “Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.” (Isaya 60:22) Ukususela kwiqaqobana elalikho emva phaya ngowe-1919, “omncinanana” uye waba ngaphezu ‘kwewaka.’ Ibe alukazi kunqamka olo lwando! Kunyaka ophelileyo bazizi-14 088 751 abebekho kumbhiyozo weSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Uninzi lwabo belungengomaNgqina akhutheleyo. Siyavuya kuba beye bakho kweso sihlandlo sikhethekileyo, kwaye siyabamema ukuba baqhubeke besondela ekukhanyeni. UYehova usaqhubeka ethe chapha kubantu bakhe. Isango elikhokelela kwintlangano yakhe lisavulekile. Ngoko ke, sonke masizimisele ukuhlala ekukhanyeni kukaYehova. Ezinjani iintsikelelo oko okusizisela zona ngoku! Yaye hayi indlela oko okuya kuzisa uvuyo ngayo kwixesha elizayo xa yonke indalo iza kube idumisa uYehova yaye ivuyela ubungangamsha bozuko lwakhe!—ISityhilelo 5:13, 14.
Ngaba Unokuchaza?
• Ngoobani abaye badlulisela ukukhanya kukaYehova kule mihla yokugqibela?
• Yintoni ebonisa ukuba inzondelelo yabantu bakaYehova ayiphelanga?
• Yiyiphi eminye yemisebenzi elungileyo axakeke yiyo amaNgqina kaYehova?
• Phezu kwayo nje inkcaso ekrakra, yintoni esiqiniseke ngayo?
[Isicangca esikwiphepha 17-20]
INGXELO YONYAKA WENKONZO WE-1999 YAMANGQINA KAYEHOVA EHLABATHINI LONKE
(Bona imiqulu)
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Abantu basathontelana kwintlangano kaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Siyavuya kuba uYehova elivulile isango ukuze kungene abo bathanda ukukhanya