Siluhlobo Olunokholo
Ukwabelana Ngethemba LamaKristu ESenegal
INTLANZI ibisoloko ikukutya kwemihla ngemihla ukususela kumaxesha amandulo. Kangangeminyaka engamawaka, abantu bebesoloko beloba kwiilwandle, kumachibi nakwimilambo yomhlaba. Bambi kubapostile bakaYesu Kristu babengabalobi beentlanzi kuLwandle lwaseGalili. Noko ke, uYesu wabaxelela ngolunye uhlobo lokuloba. Olu yayikukuloba ngokomoya okuya kuba yingenelo kungekuphela nje kubalobi beentlanzi kodwa nakwiintlanzi.
Ngokuphathelele oku, uYesu waxelela umlobi weentlanzi uPetros esithi: “Ukususela ngoku uya kubambisa abantu bephila.” (Luka 5:10) Olu hlobo lokuloba lusaqhubeka nanamhlanje kumazwe angaphezu kwama-230, kuquka eSenegal. (Mateyu 24:14) Apha “abalobi babantu” banamhlanje babelana ngenkalipho nabanye ngethemba labo lamaKristu.—Mateyu 4:19.
ISenegal ikungqameko lwentshona yeAfrika. Isusela kummandla wentlango onentlabathi kumda weSahara emntla ukusa kummandla wehlathi elifumileyo laseCasamance emzantsi. ISenegal lilizwe elinomoya obhudlayo wasentlango kunye nempepho epholileyo nehlaziyayo evela kwiAtlantiki. Apha kuhlala abantu abangaphezu kwezigidi ezisithoba. Abantu baseSenegal baziwa ngomoya wabo wokubuka iindwendwe. Inkoliso ayizibangi ingamaKristu. Abaninzi ngabelusi bezimvu, ngoxa abanye bengabelusi beenkomo, iinkamela neebhokhwe. Kukwakho namafama, alima amandongomane, umqhaphu nerayisi. Ewe, kukho abalobi beentlanzi, beza neminatha ezele ziintlanzi zoLwandlekazi lweAtlantiki nakwiqela lemilambo emikhulu kweli lizwe. Ishishini lokuloba linendima ebaluleke kakhulu kwezoqoqosho eSenegal. Enyanisweni, okona kutya kudumileyo kweli lizwe, yiceebu jën, ukutya okumnandi kwerayisi, intlanzi nemifuno.
“Abalobi Babantu”
Kukho abavakalisi boBukumkani bukaThixo abanenzondelelo abangama-863 eSenegal. Apha ukuloba ngokomoya kwaqala ekuqaleni kweyee-1950. Iofisi yesebe leWatch Tower Society yavulwa eDakar, elikomkhulu, ngowe-1965. “Abalobi” abangabavangeli basemazweni baqalisa ukufika besuka kumazwe amaninzi akude. “Ukuloba” kwaqalisa, yaye ukwabelana ngethemba lamaKristu eSenegal kwahambela phambili ngokuthe ngcembe. Ekugqibeleni, kwakhiwa izakhiwo zesebe eAlmadies, ngaphandle kwemimandla yaseDakar, zaza zanikezelwa kuYehova ngoJuni 1999. Hayi indlela elalivuyisa ngayo elo xesha!
Ucelomngeni Lokwamkela Inyaniso
Rhoqo kufunyanwa abantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, yaye abanye baye basabela kakuhle kwisigidimi sethemba esifumaneka kwiLizwi likaThixo. Nangona abaninzi bengenalwazi ngeBhayibhile, bayavuya kukufunda ukuba izinto uYehova uThixo azithembise abaprofeti abathembekileyo bamandulo kungekudala ziza kuzaliseka.
Ngokufuthi kufuna inkalipho ukumela imigaqo yobuKristu, ingakumbi xa kubandakanyeke izithethe namasiko entsapho. Ngokomzekelo, kuxhaphake kakhulu ukuba nesithembu eSenegal. Cinga ngemeko yendoda eyayinabafazi ababini xa yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Ngaba yayiza kuba nenkalipho eyaneleyo yokwamkela inyaniso yobuKristu ize ilandele oku kufunwa ziZibhalo ukuba ibe yindoda yomfazi omnye? (1 Timoti 3:2) Yaye ngaba yayiza kugcina umfazi wobutsha bayo, umfazi eyamtshata kuqala? Yenza kanye oko, yaye ngoku ikhonza njengomdala onenzondelelo kwelinye lamabandla amakhulu kummandla waseDakar. Umfazi wayo wokuqala naye wayamkela inyaniso kunye nabantwana bayo abali-12, abali-10 ngabomfazi wokuqala yaye aba-2 ngabomfazi wesibini.
Omnye umqobo wokwamkela ithemba lobuKristu kukungabi namfundo. Ngaba oku kuthetha ukuba umntu ongakwaziyo ukufunda akanako ukwamkela aze enze oko inyaniso ikufunayo? Nakanye. Cinga ngomzekelo kaMarie, umama osebenza nzima onabantwana abaselula abasibhozo. Ngokukhawuleza wakubona ukubaluleka kokuxubusha itekisi yeBhayibhile nabantwana bakhe abaselula suku ngalunye ngaphambi kokuba baye esikolweni naye aye emsebenzini. Kodwa wayenokukwenza njani oku, ekubeni engakwazi ukufunda? Ntsasa nganye, wayethabatha incwadana yakhe ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla aze eme kwisitrato esinomhlaba esiphambi kwendlu yakhe. Njengoko abantu babedlula, wayebabuza enoba bayakwazi ukufunda kusini na. Xa efumana umntu okwaziyo, wayemnika le ncwadana aze amcele esithi: “Andikwazi ukufunda, ngoko ndicela undifundele eli candelo lanamhlanje?” Wayephulaphula ngenyameko njengoko kufundwa. Kamva wayembulela loo mntu yaye ngokukhawuleza angene endlwini yakhe aze abe nengxubusho ephilileyo yetekisi nabantwana bakhe ngaphambi kokuba baye esikolweni!
Abantu Bazo Zonke Iintlobo Bayasabela
ESenegal, ufumana abantu behleli ezitratweni bethengisa intlanzi, imifuno, okanye iziqhamo kwimarike okanye behleli phantsi komthi omkhulu webaobab besela iataya, iti eluhlaza nekrakrayo. Bezimisele ukwabelana ngeendaba ezilungileyo nabo bonke abadibana nabo, abazalwana ababini bathetha nendoda engumlwelwe eyayicela amalizo esitratweni. Emva kokuyibulisa, bathi: “Abantu abaninzi bakunika imali kodwa abami bathethe. Size kuthetha nawe ngento ebaluleke kakhulu ephathelele ikamva lakho.” Lo mngqibi wamangaliswa. Aba bazalwana baqhubeka besithi: “Singathanda ukukubuza umbuzo. Ucinga ukuba kutheni abantu bebandezeleka kangaka nje?” Lo mngqibi waphendula esithi: “Kukuthanda kukaThixo.”
Ngoko aba bazalwana baqiqa naye ngeZibhalo baza bacacisa ISityhilelo 21:4. Lo mngqibi wachukumiseka kakhulu sesi sigidimi sethemba nakukuba othile wayenomdla kuye ngokokude ame aze axubushe iBhayibhile. Amehlo akhe azaliswa ziinyembezi. Kunokuba acele imali, wabongoza aba bazalwana ukuba bayithabathe yonke imali eziingqekembe awayeyifumene ngokuyicela! Wazingisa kangangokuba wonke ubani owayedlula wanikela ingqalelo koku. Bazama kakhulu aba bazalwana bade bameyisela ukuba ayigcine imali yakhe. Ekugqibeleni wavuma waza wababongoza ukuba bamtyelele kwakhona.
Iyunivesithi enkulu yaseDakar nayo iyongezelela kwiintlanzi ezibanjiweyo kumnatha wokomoya wokubamba iintlanzi. Apho umfundi ofundela ubugqirha ogama linguJean-Louis waqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Ngokukhawuleza wayamkela inyaniso, wahlulela ubomi bakhe kuYehova, waza wabhaptizwa. Umnqweno wakhe yayikukukhonza uThixo kwinkonzo yobuvulindlela bexesha elizeleyo, kodwa wayekunandipha ukufundela ubugqirha. Ngenxa yesivumelwano awasenza nelizwe lakowabo, wayenyanzelekile ukuba azigqibe izifundo zakhe. Sekunjalo, waqalisa ukukhonza njengovulindlela ongumncedani kwangaxeshanye. Kungekudala emva kokufumana isiqinisekiso njengogqirha, wamenywa ukuba akhonze kwikhaya elikhulu laseBheteli eAfrika njengogqirha wentsapho. Omnye umfana oselula okwaqhagamshelwana naye kwiYunivesithi yaseDakar naye ngoku ukhonza nentsapho yaseBheteli kwilizwe lakowabo.
Ukuloba kokomoya eSenegal ngokuqinisekileyo kunomvuzo. Uncwadi lweBhayibhile lwamaNgqina kaYehova luxatyiswa kakhulu yaye ngoku luveliswa ngolwimi lwasekuhlaleni isiWolof. Ukuva iindaba ezilungileyo ngolwimi lwabo kwakhuthaza abantu abaninzi abantliziyo zinyanisekileyo ukuba basabele ngombulelo. Ngentsikelelo kaYehova, alithandabuzeki elokuba iintlanzi ezingakumbi zokomfuziselo ziya kubanjwa, njengoko “abalobi babantu” abanenzondelelo baseSenegal beqhubeka besabelana ngethemba lobuKristu ngokholo nangenkalipho.
[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 31]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ESenegal
[Umfanekiso]
Ukwabelana ngethemba lobuKristu eSenegal
[Inkcazelo]
Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.