Yibambe Ngokuqinileyo Imfundiso Yobuthixo
“Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMIZEKELISO 3:5, 6.
1. Yiyiphi indlela esichanabeke ngayo ngaphezulu kunanini na ngaphambili kulwazi oluvela ebantwini?
SITHETHANJE, kukho amaphephandaba aphuma imihla ngemihla amalunga nama-9 000 ahanjiswa ehlabathini lonke. Unyaka ngamnye kupapashwa iincwadi ezintsha ezimalunga nama-200 000 eUnited States kuphela. Ngokutsho kolunye uqikelelo olwenziweyo, ngoMatshi wowe-1998, kwakukho iiWeb pages zeInternet ezimalunga nezigidi ezingama-275. Kuthiwa eli nani landa ngomlinganiselo weepages ezizizigidi ezingama-20 ngenyanga. Abantu bafikelela inkcazelo engayo nantoni na ngomlinganiselo ongazange ufikelelwe ngaphambili. Ngoxa le meko inazo izinto eluncedo ngazo, le ntabalala ingaka yenkcazelo iye yadala iingxaki.
2. Ziziphi iingxaki ezinokubangelwa kukufumana inkcazelo eninzi?
2 Abanye abantu baye baba ngamakhoboka enkcazelo, besoloko besondla umnqweno ongade wanele wokwazi izinto ezintsha ngoxa betyeshela ezona zinto zibalulekileyo. Abanye bafumana nje inkcazelo engaphelelanga engemibandela ethile entsonkothileyo baze bazibone bengoophopho abathile. Basenokwenza izigqibo ezibalulekileyo ezisekelwe kwinkcazelo engaphelelanga ezinokubenzakalisa okanye zenzakalise abanye. Ibe ke kusoloko kukho nengozi yokufumana inkcazelo ebubuxoki okanye engachananga. Kudla ngokungabikho ndlela inokuthenjwa yokuqiniseka enoba loo nkcazelo ininzi ichanile yaye ilungelelene kusini na.
3. Ziziphi izilumkiso ezifumaneka eBhayibhileni eziphathelele ukufuna ubulumko obuvela ebantwini?
3 Kudala umntu watyekela ekufuneni ukwazi izinto. Iingozi zokuchitha ixesha elininzi ufunana nenkcazelo engenamsebenzi okanye eyingozi zaqondwa emva phaya ngemihla kaKumkani uSolomon. Wathi: “Lumka: Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.” (INtshumayeli 12:12) Kwiinkulungwane ezithile kamva umpostile uPawulos wabhalela uTimoti esithi: “Kulondoloze oko ukuphathisiweyo, ukhwebuke kwiintetho ezililize ezihlambela oko kungcwele nakwiimpikiswano zoko kubizwa ngokuba ‘lulwazi’ kuxokwa. Ngokuqhayisa ngolwazi olunjalo abathile baye baphambuka elukholweni.” (1 Timoti 6:20, 21) Ewe, amaKristu anamhlanje kufuneka akuphephe ukuchanabeka kwiingcamango eziyingozi.
4. Yiyiphi enye yeendlela esinokubonisa ngazo ukuba sikholose ngoYehova nangeemfundiso zakhe?
4 Abantu bakaYehova bayatyapha nangokuthobela amazwi eMizekeliso 3:5, 6 athi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Ukukholosa ngoYehova kubandakanya ukuyikhaba ngaw’ omane nayiphi na ingcamango engqubana neLizwi likaThixo, enoba isuka kwindlela thina esiqiqa ngayo okanye isuka komnye umntu. Ukuze sikhusele ubumoya bethu, kubalulekile ukuba siqeqeshe amandla ethu okuqonda ukuze sikwazi ukuyibona inkcazelo eyingozi size sicezele kude kuyo. (Hebhere 5:14) Makhe singene kweminye yemithombo yenkcazelo enjalo.
Ihlabathi Elonganyelwe NguSathana
5. Nguwuphi omnye umthombo weengcamango eziyingozi, yaye ngubani owuxhasayo?
5 Abantu behlabathi bangumthombo onamandla weengcamango eziyingozi. (1 Korinte 3:19) UYesu Kristu wathandazela abafundi bakhe kuThixo esithi: “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo.” (Yohane 17:15) Isicelo sikaYesu sokuba abafundi bakhe bakhuselwe ‘kongendawo’ siyavumelana nento yokuba uSathana unempembelelo ehlabathini. Isibakala sokuba singamaKristu asithethi kuthi ngokuzenzekelayo sikhuselekile kwiimpembelelo zeli hlabathi. UYohane wabhala: “Siyazi ukuba thina singabakaThixo, kodwa ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Inokulindelwa ke into yokuba uSathana needemon zakhe asasaze inkcazelo eyingozi ehlabathini, ingakumbi kule nxalenye yokugqibela yemihla yokugqibela.
6. Iindlela zokuzonwabisa zeli hlabathi zinokuyihlisa njani imilinganiselo yokuziphatha?
6 Imele ilindelwe nento yokuba enye inkcazelo eyingozi ibonakale ingeyongozi. (2 Korinte 11:14) Ngokomzekelo, khawucinge ngezolonwabo kunye neenkqubo zakhona zikamabonwakude, imifanekiso eshukumayo, umculo neencwadi. Abaninzi bayavuma ukuba ziya zisanda iimeko apho iintlobo ezithile zokuzonwabisa zikhuthaza imikhwa ethob’ isidima, enjengokuziphatha okubi, ugonyamelo kunye nokusebenzisa kakubi iziyobisi. Xa ababukeli beqala ukulubona uhlobo oluthile lokuzonwabisa lusihlela kwelona nqanaba liphantsi lemilinganiselo yokuziphatha, basenokothuka. Kodwa ukuluphindaphinda kusenokwenza ubani angothuswa lulo. Singaze nje sigqale indlela yokuzonwabisa ekhuthaza iingcamango eziyingozi njengeyamkelekileyo okanye engeyongozi.—INdumiso 119:37.
7. Hlobo luni lobulumko babantu olunokuphelisa intembelo yethu kwiBhayibhile?
7 Khawuqwalasele omnye umthombo wenkcazelo enokudala umonakalo—iingcamango ezininzi ezivela kwizazinzulu nakubaphengululi abathandabuza ukuchana kweBhayibhile. (Thelekisa uYakobi 3:15.) Iingcamango ezinjalo zidla ngokufumaneka kumaphephancwadi aphambili nakwiincwadi ezithandwayo, kwaye zinokwenza ubani angabi nentembelo kwiBhayibhile. Abanye abantu baye bazingomb’ isifuba ngokuba baye balenza buthathaka igunya leLizwi likaThixo ngokusoloko befunisela. Ingozi efanayo yayikho ngemihla yabapostile, njengoko unokubona kumazwi kampostile uPawulos athi: “Lumkani, ningathabatheki ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu, nakwizinto eziziziqalelo zehlabathi, kungekhona kuKristu.”—Kolose 2:8.
Iintshaba Zenyaniso
8, 9. Uwexuko luzibonakalisa njani kule mihla?
8 Abawexuki banokuzisa esinye isisongelo kubumoya bethu. Umpostile uPawulos waxela kusengaphambili ukuba kwakuza kuvela uwexuko phakathi kwabo babesithi bangamaKristu. (IZenzo 20:29, 30; 2 Tesalonika 2:3) Kuzaliseka loo mazwi, emva kokufa kwabapostile, uwexuko olukhulu lwabangela ukuba kuvele iNgqobhoko. Namhlanje akukho luwexuko lukhulu phakathi kwabantu bakaThixo. Ukanti, ikho imbinana yabantu eye yashiya izintlu zethu, kwaye abanye babo bazimisele ukungcolisa igama lamaNgqina kaYehova ngokusasaza ubuxoki nenkcazelo engachananga. Elinye iqaqobana lisebenzelana namanye amaqela adibene ngenjongo yokulwa unqulo olunyulu. Ngokwenjenjalo, lima ngakwicala lomwexuki wokuqala kunabo bonke, uSathana.
9 Abawexuki abathile baya bezisebenzisa ngakumbi iindlela ezahlukeneyo zokunxibelelana nabantu abaninzi, eziquka i-Internet, ukuze basasaze inkcazelo ebubuxoki ngamaNgqina kaYehova. Ngenxa yoko, xa abantu abanyanisekileyo besenza uphando ngeenkolelo zethu, basenokudibana nenkcazelo elahlekisayo yabawexuki. Kwanamanye amaNgqina aye ngokungaqondi azichanaba kule nkcazelo iyingozi. Ukongezelela, abawexuki badla ngokuba nenxaxheba kwiinkqubo zikamabonwakude nezikanomathotholo. Liliphi ikhondo lobulumko esimele sililandele xa kunje?
10. Yiyiphi indlela ebubulumko yokusabela kwinkcazelo engachananga yabawexuki?
10 Umpostile uYohane walathisa amaKristu ukuba angabamkeli abawexuki emakhayeni abo. Wabhala: “Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, ningaze nimamkele emakhayeni enu okanye nimbulise. Kuba lowo umbulisayo unesabelo kwimisebenzi yakhe engendawo.” (2 Yohane 10, 11) Ukukuphepha ngandlela zonke ukunxibelelana nezi ntshaba kuya kusikhusela kwiingcinga zazo ezonakalisayo. Ukuzichanaba kwethu kwiimfundiso zabawexuki sisebenzisa iindlela ezahlukeneyo zale mihla zokunxibelelana kuyingozi ngendlela efanayo nokungenisa umwexuki emakhayeni ethu. Singaze sivumele ukufuna ukwazi kusirhwebeshele kwelo khondo likhokelela kwintlekele!—IMizekeliso 22:3.
Phakathi Ebandleni
11, 12. (a) Wawuyintoni umthombo weengcamango eziyingozi kwibandla lenkulungwane yokuqala? (b) Amanye amaKristu asilela njani ukuzibamba ngokuqinileyo iimfundiso zobuthixo?
11 Khawuqwalasele nanku omnye umthombo osenokuvelisa iingcamango eziyingozi. Ngoxa engenanjongo zakufundisa ubuxoki, umKristu ozahluleleyo usenokuba nomkhwa wokuthetha nje engacinganga. (IMizekeliso 12:18) Ngenxa yokungafezeki kwethu, sonke maxa wambi siza kona ngokuthetha. (IMizekeliso 10:19; Yakobi 3:8) Kuyabonakala ukuba ngomhla kaPawulos, kwakukho abanye ebandleni abangazange balulawule ulwimi lwabo baza bangena kwiimpikiswano ezingenamsebenzi zamazwi. (1 Timoti 2:8) Kwakukho ababegqala iingcamango zabo njengezona zibalulekileyo bada basa kwinqanaba lokucel’ umngeni negunya likaPawulos lowo. (2 Korinte 10:10-12) Umoya onjalo wazala iingxabano ezazingeyomfuneko.
12 Maxa wambi oku kungaboni ngasonye kwakuphumela ‘kwiimpikiswano ezishushu zochuku,’ ezaziphazamisa uxolo lwebandla. (1 Timoti 6:5; Galati 5:15) Xa wayebhala ngabo babebangela ezi mpikiswano, uPawulos wathi: “Nabani na ofundisa enye imfundiso engahambisaniyo namazwi aphilileyo eNkosi yethu uYesu Kristu, nengavumelaniyo nozinikelo lobuthixo, ukhukhumele likratshi, uswele ingqiqo, yaye ugula ngengqondo ziimbuzwano nokuxambulisana ngamazwi. Kwezi zinto kuphuma umona, imbambano, ukutshabhisa, urhano olungendawo.”—1 Timoti 6:3, 4.
13. Yayinjani ihambo yenkoliso yamaKristu ngenkulungwane yokuqala?
13 Okuvuyisayo kukuba, ngexesha labapostile inkoliso yamaKristu yayithembekile yaye yaqhubeka inikela ingqalelo kumsebenzi wokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Yayixakeke kukunyamekela “iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo” yaye izigcina ‘ingenabala kulo ihlabathi,’ ingachithi ixesha layo kwiimpikiswano ezingenamsebenzi zamazwi. (Yakobi 1:27) Yayiluphepha “unxulumano olubi” kwanangaphakathi ebandleni lamaKristu ukuze ikhusele ubumoya bayo.—1 Korinte 15:33; 2 Timoti 2:20, 21.
14. Ukuba asilumkanga, ukuphakelana izimvo okuqhelekileyo kusenokuphumela njani kwiimpikiswano eziyingozi?
14 Ngokufanayo, iimeko ezichazwe kwisiqendu 11 aziqhelekanga kumabandla amaNgqina kaYehova namhlanje. Sekunjalo, siya kuba siyatyapha xa sivuma ukuba ezo mpikiswano zingenamsebenzi zinako ukwenzeka. Kakade ke, kuyinto eqhelekileyo ukuxubusha iingxelo zeBhayibhile nokuzibuza ngeenkalo ezithile zehlabathi elitsha elithenjisiweyo ezingekatyhilwa okwangoku. Kwaye akukho nto iphosakeleyo ngokuphakelana izimvo ngezinto zobuqu, ezinjengesinxibo nokuzilungisa okanye indlela yokuzonwabisa esiyikhethayo. Noko ke, ukuba iingcamango zethu sizenza imithetho size sikhubeke xa abanye bengaboni ngasonye nathi, ibandla lisenokugqibela ngokwahlukana phakathi ngenxa nje yoonobenani. Incoko eqalisa njengento nje engenamsebenzi isenokuba yingozi ekugqibeleni.
Ukulondoloza Oko Sikuphathisiweyo
15. “Iimfundiso zeedemon” zinokusenzakalisa ukusa kuwuphi umkhamo ngokomoya, yaye sisiphi isiluleko esinikelwa kwiZibhalo?
15 Umpostile uPawulos walumkisa esithi: “Ilizwi eliphefumlelweyo lithi ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha laxa abathile beya kuphambuka elukholweni, benikela ingqalelo kumazwi aphefumlelweyo alahlekisayo nakwiimfundiso zeedemon.” (1 Timoti 4:1) Ewe, iingcamango eziyingozi zisisisongelo sokwenene. Ngesizathu esiqondakalayo, uPawulos wabongoza umhlobo wakhe osenyongweni uTimoti esithi: “Owu Timoti, kulondoloze oko ukuphathisiweyo, ukhwebuke kwiintetho ezililize ezihlambela oko kungcwele nakwiimpikiswano zoko kubizwa ngokuba ‘lulwazi’ kuxokwa. Ngokuqhayisa ngolwazi olunjalo abathile baye baphambuka elukholweni.”—1 Timoti 6:20, 21.
16, 17. Yintoni uThixo asiphathise yona, yaye sifanele siyilondoloze njani?
16 Thina namhlanje sinokungenelwa njani kwesi silumkiso sothando? UTimoti wayephathiswe nto ithile—into exabisekileyo awayemele ayinyamekele yaye ayikhusele. Yayiyintoni leyo? UPawulos uyayichaza: “Bambelela emazwini aphilileyo owaweva kum ngokholo nothando olukuKristu Yesu. Yilondoloze kakuhle loo nto uyiphathisiweyo, ngoncedo lomoya oyingcwele ohleliyo kuthi.” (2 Timoti 1:13, 14) Ewe, into eyayiphathiswe uTimoti yayiquka ‘amazwi aphilileyo,’ ‘imfundiso evumelana nozinikelo lobuthixo.’ (1 Timoti 6:3) Ngokuvisisana naloo mazwi, amaKristu anamhlanje azimisele ukulondoloza ukholo lwawo kunye neemfundiso eziyinyaniso aziphathisiweyo.
17 Ukulondoloza esikuphathisiweyo kubandakanya ukuhlakulela izinto ezinjengokukwenza umkhwa ukufundisisa iBhayibhile nokuzingisa emthandazweni, ngoxa ‘sisenza okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.’ (Galati 6:10; Roma 12:11-17) UPawulos uhlabela mgama ebongoza esithi: “Phuthuma ubulungisa, uzinikelo lobuthixo, ukholo, uthando, unyamezelo, umoya wobulali. Yilwa umlo omhle wokholo, bubambe ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza wenza uvumo oluhle lwasesidlangalaleni phambi kwamangqina amaninzi.” (1 Timoti 6:11, 12) Ukusebenzisa kukaPawulos ibinzana elithi “yilwa umlo omhle” nelithi “bubambe ngokuqinileyo” kucacisa ukuba simele sikuzabalazele kwaye sizimisele ukuxhathisa iimpembelelo eziyingozi ngokomoya.
Imfuneko Yokuqonda
18. NjengamaKristu sinokulungelelana njani kwindlela esiyijonga ngayo inkcazelo evela ehlabathini?
18 Kakade ke, ukuqonda kuyimfuneko xa sisilwa umlo omhle wokholo. (IMizekeliso 2:11; Filipi 1:9) Ngokomzekelo, bekungayi kuba sengqiqweni ukungathembi kwanto nje iyinkcazelo yehlabathi. (Filipi 4:5; Yakobi 3:17) Asizizo zonke iingcamango zabantu ezingquzulana neLizwi likaThixo. UYesu wabhekisela ngokungangqalanga kwimfuneko yokuba abantu abagulayo baye kugqirha obufundeleyo ubugqirha—kumntu ofumene imfundo yehlabathi. (Luka 5:31) Nangona ngexesha likaYesu abezonyango babesesemva gqitha, wavuma ukuba kwakukho iingenelo ezithile ekufumaneni uncedo lukagqirha. AmaKristu namhlanje ayalungelelana xa kufikwa kumbandela wenkcazelo evela ehlabathini, kodwa ayakuxhathisa ukuchanabeka kuyo nayiphi na enokuwenzakalisa ngokomoya.
19, 20. (a) Abadala bakusebenzisa njani ukuqonda xa benceda abo bathetha bengacinganga? (b) Ibandla liqhubana njani nabo baqhubeka bekhuthaza iimfundiso ezibubuxoki?
19 Ukuqonda kuyafuneka nakubadala xa kufuneka baye kunceda abo bathetha bengacinganga. (2 Timoti 2:7) Maxa wambi, amalungu ebandla asenokubandakanyeka kwiimpikiswano ezingoonobenani nasekuxambulisaneni ngezinto ezithelekelelwayo. Ukuze bakhusele umanyano lwebandla, abadala bafanele bazilungise ngokukhawuleza iingxaki ezinjalo. Kwangaxeshanye, bafanele bakuphephe ukutyhola abazalwana babo ngokuba neentshukumisa eziphosakeleyo yaye bangangxami ngokubagqala njengabawexuki.
20 UPawulos wachaza umoya olufanele lunikelwe ngawo uncedo. Wathi: “Bazalwana, ukuba umntu uqutyulwe sisiphoso, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali.” (Galati 6:1) Ethetha ngokukodwa ngamaKristu alwa namathandabuzo, uYude wabhala: “Qhubekani nibenzela inceba abathile abanamathandabuzo; basindiseni ngokubaxhwila emlilweni.” (Yude 22, 23) Kakade ke, ukuba emva kokuba ubani eye wabongozwa ngokuphindaphindiweyo usaqhubeka ekhuthaza iimfundiso ezibubuxoki, abadala kufuneka bathabathe inyathelo eliqinisekileyo lokukhusela ibandla.—1 Timoti 1:20; Tito 3:10, 11.
Ukuzalisa Iingqondo Zethu Ngezinto Ezincomekayo
21, 22. Yintoni esifanele siyikhethe, yaye sifanele sizizalise ngantoni iingqondo zethu?
21 Ibandla lamaKristu liyazikhwebula kumazwi ayingozi ‘asasazeka njengesilonda esibhidlayo.’ (2 Timoti 2:16, 17; Tito 3:9) Oko kuyinyaniso enoba loo mazwi abonisa “ubulumko” behlabathi obulahlekisayo, inkcazelo engachananga yabawexuki okanye iincoko ezingacingisiswanga ezithethwa ebandleni. Ngoxa umnqweno ofanelekileyo wokufunda izinto ezintsha unokuba yingenelo, ukungakwazi ukuwulawula umnqweno wokufun’ ukwazi izinto kunokusichanaba kwiingcamango eziyingozi. Siyawazi amacebo kaSathana. (2 Korinte 2:11) Siyazi ukuba wenza imigudu engakumbi yokusiphazamisa ukuze sithob’ isantya kwinkonzo esiyinikela kuThixo.
22 Njengabalungiseleli abahle,masiyibambe ngamandla imfundiso yobuthixo. (1 Timoti 4:6) Ngamana singalisebenzisa ngobulumko ixesha lethu ngokuyikhetha inkcazelo esiyingenisayo. Xa sisenjenjalo asiyi kugungqiswa lula yinkcazelo engachananga esuka kuSathana. Ewe, masiqhubeke sicinga “ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.” Ukuba sizalisa iingqondo kunye neentliziyo zethu ngezinto ezinjalo, uThixo woxolo uya kuba nathi.—Filipi 4:8, 9.
Yintoni Esiyifundileyo?
• Ubulumko behlabathi bunokuba sisisongelo njani kubumoya bethu?
• Yintoni esinokuyenza ukuze sizikhusele kwinkcazelo eyingozi yabawexuki?
• Hlobo luni lwentetho olufanele luphetshwe ebandleni?
• Ukulungelelana kobuKristu kubonakaliswa njani xa kufikwa kwinkcazelo eninzi yanamhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Amaphephancwadi neencwadi ezininzi ezithandwayo ziyangqubana nemilinganiselo yethu yobuKristu
[Umfanekiso okwiphepha 10]
AmaKristu anokuphakelana ngezimvo ngaphandle kokwenza imithetho