IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 5/15 iphe. 10-14
  • Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto Lomhla Wethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto Lomhla Wethu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Eli ‘Lixesha Lesiphelo’!
  • Ematyaleni!
  • Ukufumana Inkcazelo Ebuprofeti
  • Intsingiselo Yokwenene Kumhla Wethu
  • Iimbalasane Zencwadi KaDaniyeli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Incwadi YeBhayibhile 27—Daniyeli
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Incwadi KaDaniyeli Kunye Nawe
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Ukuvela Nokuwa Komfanekiso Omkhulu
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 5/15 iphe. 10-14

Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto Lomhla Wethu

“Qonda, nyana womntu, ukuba lo mbono ngowexesha lesiphelo.”—DANIYELI 8:17.

1. Yintoni uYehova afuna lonke uluntu luyazi ngomhla wethu?

UYEHOVA akalugcini kuye ulwazi ngeziganeko zekamva. Kunoko, unguMtyhili weemfihlelo. Eneneni, ufuna sonke sazi ukuba singene nzulu ‘kwixesha lesiphelo.’ Ezinjani zona ukubaluleka iindaba kwiwaka lezigidi zabantu abaphila emhlabeni ngoku!

2. Kutheni abantu bexhalabile ngekamva loluntu?

2 Ngaba ukuba kufuphi kwesiphelo seli hlabathi kuyamangalisa? Umntu unokuhamba enyangeni, kodwa kwiindawo ezininzi akanakuhamba ngaphandle koloyiko kwizitrato zesi sijikelezi-langa. Unokuzalisa ikhaya lakhe ngezixhobo zezi mini, kodwa akanako ukuthintela ukwanda kokuqhekeka kweentsapho. Unokuza nenkcazelo efunekayo kwezi mini, kodwa akanako ukufundisa abantu ukuba baphile ndawonye ngoxolo. Oku kusilela kuxhasa intabalala yobungqina beZibhalo bokuba siphila kwixesha lesiphelo.

3. Aqalisa nini ukusetyenziswa apha emhlabeni amazwi athi ‘ixesha lesiphelo’?

3 Loo mazwi ahlab’ umxhelo—athi ‘ixesha lesiphelo’—aqala ukusetyenziswa apha emhlabeni kwiminyaka emalunga nama-2 600 eyadlulayo yingelosi uGabriyeli. Umprofeti kaThixo owayesoyika weva uGabriyeli esithi: “Qonda, nyana womntu, ukuba lo mbono ngowexesha lesiphelo.”—Daniyeli 8:17.

Eli ‘Lixesha Lesiphelo’!

4. Ziziphi ezinye iindlela iBhayibhile ebhekisela ngazo kwixesha lesiphelo?

4 Ibinzana elithi ‘ixesha lesiphelo’ nelithi ‘ixesha elimisiweyo lesiphelo’ avela izihlandlo ezithandathu kwincwadi kaDaniyeli. (Daniyeli 8:17, 19; 11:35, 40; 12:4, 9) Abhekisela ‘kwimihla yokugqibela’ eyaxelwa kwangaphambili ngumpostile uPawulos. (2 Timoti 3:1-5) UYesu Kristu wabhekisela kweli xesha njengexesha ‘lobukho’ bakhe njengoKumkani osetroneni emazulwini.—Mateyu 24:37-39.

5, 6. Ngoobani abaye ‘baphengulula’ ebudeni bexesha lesiphelo, yaye uye waba yintoni umphumo?

5 UDaniyeli 12:4 uthi: “Wena ke, Daniyeli, wagcine eyimfihlelo la mazwi, uyitywine incwadi leyo, kude kube lixesha lesiphelo. Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.” Uninzi lwezinto ezabhalwa nguDaniyeli zaba yimfihlelo zaza zatywinwa ukuze abantu bangaziqondi kangangeenkulungwane. Kodwa kuthekani namhlanje?

6 Kweli xesha lesiphelo, amaKristu amaninzi athembekileyo aye ‘aliphengulula’ iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Uye wayintoni umphumo? Ngenxa yokuba uYehova eye wayisikelela imigudu yawo, ulwazi lokwenyaniso luye lwaba luninzi. Ngokomzekelo, amaNgqina kaYehova athanjisiweyo aye asikelelwa ngengqiqo eye yawenza aqonda ukuba uYesu Kristu waba nguKumkani wasezulwini ngonyaka we-1914. Ethobela amazwi ompostile abhalwe kweyesi-2 kaPetros 1:19-21, abo bathanjiswa namaqabane abo anyanisekileyo ‘banikela ingqalelo kwilizwi lesiprofeto’ yaye baqiniseke ngokupheleleyo ukuba eli lixesha lesiphelo.

7. Ziziphi ezinye zeengxelo ezenza incwadi kaDaniyeli ikhetheke?

7 Incwadi kaDaniyeli ikhethekile ngeendlela eziliqela. Ithetha ngokumkani osongela ukubulala amadoda akhe azizilumko ngenxa yokuba engenako ukutyhila nokutolika iphupha lakhe eliyinkohla, kodwa umprofeti kaThixo uyalikhulula eli qhina. Abafana abathathu abangavumiyo ukunqula umfanekiso ophakamileyo baphoswa kwiziko elitshisa ngokugqithiseleyo, ukanti basinda bengarhawukanga nokurhawuka. Ebudeni betheko lolonwabo, amakhulu abantu abona isandla sibhala amagama angaqhelekanga kudonga lwasebhotwe. Abayili beyelenqe abangendawo baphosa indoda eyalupheleyo kumhadi weengonyama, kodwa iphuma ingenawo nomkrwelo. Kuvela amarhamncwa amane embonweni, yaye anentsingiselo ebuprofeti eqhubeka de ize kuthi ga kanye kwixesha lesiphelo.

8, 9. Sinokungenelwa njani kwincwadi kaDaniyeli, ingakumbi ngoku, ngexesha lesiphelo?

8 Ngokucacileyo, incwadi kaDaniyeli inemibandela emibini eyahluke kakhulu. Omnye yimbali, omnye sisiprofeto. Yomibini inokulwakha ukholo lwethu. Lo uyimbali ubonisa ukuba uYehova uThixo uyabasikelela abo bagcina ingqibelelo yabo kuye. Yaye icandelo elithetha ngesiprofeto lakha ukholo ngokubonisa ukuba uYehova uyayazi into eza kwenzeka kwiinkulungwane—kwanakumawaka eminyaka—ngaphambi kokuba yenzeke.

9 Iziprofeto ezahlukahlukeneyo ezabhalwa nguDaniyeli zinikel’ ingqalelo kuBukumkani bukaThixo. Njengoko sibona inzaliseko yezo ziprofeto, ukholo lwethu luyomelela yaye seyiseka ngakumbi ukuba siphila kwixesha lesiphelo. Kodwa abanye abagxeki bayamhlasela uDaniyeli, besithi iziprofeto ezisencwadini yakhe eneneni zabhalwa emva kokuba zenzekile ezo ziganeko. Ukuba loo mabango ayinyaniso, oko bekunokuphakamisa imibuzo enzulu ngoko kwathethwa yincwadi kaDaniyeli ngokuphathelele ixesha lesiphelo. Abo baphikisi bayalithandabuza necandelo lale ncwadi eliyimbali. Ngoko makhe siphande.

Ematyaleni!

10. Incwadi kaDaniyeli imangalelwa ngayiphi ingqiqo?

10 Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho usenkundleni yamatyala, uphulaphule ityala. Umtshutshisi umi ngelithi ummangalelwa unetyala lokwenza ubuqhetseba. Kaloku, incwadi kaDaniyeli izibanga iyileyo yabhalwa ngumprofeti ongumHebhere owayephila ebudeni benkulungwane yesixhenxe neyesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Noko ke, abagxeki bathi le ncwadi ibhalwe ngobuqhetseba. Ngoko okokuqala masibone enoba icandelo lale ncwadi eliyimbali liyavumelana kusini na nezibakala zembali.

11, 12. Kwenzeka ntoni kwisimangalo esithi uBheleshatsare wayengumntu nje wasentsomini?

11 Masithi siqwalasela oko kunokubizwa ngokuba lityala lomlawuli ongaziwayo. UDaniyeli isahluko 5 ubonisa ukuba uBheleshatsare wayelawula njengokumkani eBhabhiloni xa eso sixeko sabhukuqwayo ngowama-539 B.C.E. Abagxeki baye bakuphikisa oku ngenxa yokuba igama likaBheleshatsare alizange lifumaneke ndawo ngaphandle kwaseBhayibhileni. Endaweni yoko, ababhali-mbali bamandulo bachaza ukuba nguNabonidus owayengukumkani wokugqibela waseBhabhiloni.

12 Noko ke, ngonyaka we-1854, kwavunjululwa amacwecwe amancinane odongwe kumabhodlo esixeko samandulo saseBhabhiloni iUre kumzantsi weIraq yanamhlanje. La maxwebhu abhalwe ngoonobumba abatsobhileyo awayevela kuKumkani uNabonidus ayequka umthandazo owawusenzelwa “uBel-sar-ussur, inkulu yam.” Kwanabagxeki banyanzeleka ukuba bavume: Lowo nguBheleshatsare ekuthethwa ngaye kwincwadi kaDaniyeli. Ngoko lo mlawuli ungaziwayo asikuko ukuba wayengaziwa, nto nje wayengekaziwa yimithombo yehlabathi. Obu bobunye bobungqina obuninzi bokuba oko kwabhalwa nguDaniyeli kunokuthenjwa. Obu bungqina bubonisa ukuba incwadi kaDaniyeli ngokuqinisekileyo iyinxalenye yeLizwi likaThixo elifuna ingqalelo yethu ekhethekileyo kanye ngoku, kweli xesha lesiphelo.

13, 14. Wayengubani uNebhukadenetsare, yaye nguwuphi uthixo wobuxoki awayezinikele kuye ngokukhethekileyo?

13 Enye inxalenye ebalulekileyo ekwincwadi kaDaniyeli ziziprofeto eziquka amagunya ehlabathi nezinto ezenziwa ngabanye babalawuli bawo. Omnye wabalawuli unokubizwa ngokuba ngumphumi-mkhosi owakha ubukhosi. Njengenkosana yaseBhabhiloni, yena kunye nemikhosi yakhe batshabalalisa imikhosi kaFaro Neko waseYiputa eKarkemishe. Kodwa kukho isigidimi esanyanzela le nkosana yaseBhabhiloni yoyisileyo ukuba iyekele kwiinjengele zayo ukuba zigqibezele umsebenzi. Akuva ukuba uyise, uNabopolassar ufile, lo mfana ubizwa ngokuba nguNebhukadenetsare wangena esihlalweni sobukhosi ngowama-624 B.C.E. Ngonyaka wama-43 wolawulo lwakhe, wakha ubukhosi obabuquka imihlaba eyayikhe yahlala ama-Asiriya waza wawandisa ummandla wakhe waya kufikelela eSiriya nasePalestina ukuhla ukuya kutsho kumda weYiputa.

14 UNebhukadenetsare ngokonqulo wayezinikele ngokukhethekileyo kuMarduk, uthixo omkhulu waseBhabhiloni. Lo kumkani wayezukisa uMarduk ngazo zonke izihlandlo zakhe zoloyiso. EBhabhiloni, uNebhukadenetsare wakha waza wahombisa iitempile zikaMarduk nezezinye izithixo ezininzi zaseBhabhiloni. Umfanekiso wegolide owamiswa ngulo kumkani waseBhabhiloni kwithafa laseDura, kusenokwenzeka ukuba wawunikelwe kuMarduk. (Daniyeli 3:1, 2) Yaye kubonakala ukuba uNebhukadenetsare wayethembele kakhulu ekuvumiseni xa elungiselela ukuhlasela ngomkhosi.

15, 16. Yintoni uNebhukadenetsare awayenzela iBhabhiloni, yaye yintoni eyenzekayo xa waqhayisa ngobukhulu bakhe?

15 Akugqiba ukwakha iindonga ezinkulu eziphindwe kabini zaseBhabhiloni ezaziqale zakhiwa nguyise, uNebhukadenetsare wenza isixeko esilikomkhulu sabonakala singenakoyiswa. Ukuze anelise ukumkanikazi wamaMedi, owayekhumbula iinduli namahlathi elizwe lakowabo, kuthiwa uNebhukadenetsare wakha imiyezo ejingayo—omnye wemimangaliso esixhenxe yamandulo. Wenza iBhabhiloni yaba sesona sixeko sikhulu sibiyelwe ngeendonga ngelo xesha. Yaye hayi indlela awayenebhongo ngayo ngeso sihlalo sonqulo lobuxoki!

16 Ngenye imini uNebhukadenetsare waqhayisa esithi: “Asiyiyo na le iBhabhiloni Enkulu, endizakhele yona?” Noko ke, ngokutsho kukaDaniyeli 4:30-36, “uthe esathetha njalo ukumkani,” zemka iingqondo. Engakufanelekelanga ukulawula kangangeminyaka esixhenxe, watya utyani, kanye njengoko uDaniyeli wayexele kwangaphambili. Bandula ke ubukumkani bakhe babuyiselwa. Ngaba uyayazi intsingiselo ebuprofeti yako konke oku? Ngaba unako ukuchaza indlela inzaliseko yoku eyintloko esizisa ngayo kwixesha lesiphelo?

Ukufumana Inkcazelo Ebuprofeti

17. Unokulichaza njani iphupha elibuprofeti uThixo awalibonisa uNebhukadenetsare kunyaka wesibini wolawulo lwakhe njengomlawuli wehlabathi?

17 Ngoku makhe sifumane enye inkcazelo ebuprofeti kwincwadi kaDaniyeli. Ngonyaka wesibini wolawulo lukaNebhukadenetsare njengomlawuli wehlabathi wesiprofeto seBhayibhile (606/605 B.C.E.), uThixo wabangela ukuba aphuphe iphupha eloyikekayo. Ngokutsho kukaDaniyeli isahluko sesi-2, iphupha laliquka umfanekiso omkhulu kakhulu owawunentloko yegolide, isifuba neengalo zesilivere, isisu namathanga obhedu, imilenze yentsimbi neenyawo zentsimbi exutywe nodongwe. Ayefanekisela ntoni la malungu ahlukahlukeneyo alo mfanekiso?

18. Yintoni eyayifanekiselwa yintloko yegolide, isifuba neengalo zesilivere, isisu namathanga obhedu kumfanekiso osephupheni?

18 Umprofeti kaThixo waxelela uNebhukadenetsare oku: “Wena, kumkani, . . . wena uyintloko yegolide.” (Daniyeli 2:37, 38) UNebhukadenetsare wayengowokuqala kubalawuli abalawula kuBukhosi baseBhabhiloni. Babhukuqwa ngamaMedi namaPersi, awayefanekiselwa sisifuba neengalo zesilivere emfanekisweni. Emva koko kwalandela uBukhosi bamaGrike, obabufanekiselwa sisisu namathanga obhedu. Laqala njani elo gunya lehlabathi?

19, 20. Wayengubani uAleksandire Omkhulu, yaye yiyiphi indima awayidlalayo ekwenzeni iGrisi ibe ligunya lehlabathi?

19 Ngenkulungwane yesine ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ityendyana elithile ladlala indima ebalulekileyo ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaDaniyeli. Lazalwa ngowama-356 B.C.E., yaye ihlabathi limbiza ngokuba nguAleksandire Omkhulu. Emva kokubulawa kukayise uPhilip ngowama-336 B.C.E., uAleksandire oneminyaka engama-20 wayizuz’ ilifa itrone yaseMakedoniya.

20 Ekuqaleni kukaMeyi 334 B.C.E., uAleksandire waqalisa iphulo loloyiso. Wayenomkhosi omncinane kodwa owawuphumelela wamajoni ahamba ngeenyawo angama-30 000 namadoda ahamba ngamahashe angama-5 000. KuMlambo iGranicus okumntla-ntshona weAsia Minor (ngoku eyiTurkey), uAleksandire woyisa kwidabi lakhe lokuqala nxamnye namaPersi ngowama-334 B.C.E. Ngowama-326 B.C.E., lo moyisi ungayekeleliyo wayewoyisile yaye waya kufikelela kwimpuma ukuya kuma ngoMlambo i-Indus, okwiPakistan yanamhlanje. Kodwa uAleksandire woyiswa kumlo wokugqibela ngoxa wayeseBhabhiloni. NgoJuni 13, 323 B.C.E., emva kokuphila iminyaka engama-32 neenyanga ezisi-8 kuphela, wanikezela kolona tshaba loyikekayo, ukufa. (1 Korinte 15:55) Noko ke, ngenxa yokoyisa kwakhe, iGrisi yaba ligunya lehlabathi, njengoko kwakuxelwe ngaphambili kwisiprofeto sikaDaniyeli.

21. Ukongezelela kuBukhosi baseRoma, liliphi elinye igunya lehlabathi elalifanekiselwa yimilenze yentsimbi kumfanekiso osephupheni?

21 Yintoni efanekiselwa yimilenze yentsimbi kumfanekiso omkhulu kakhulu? Kaloku, yiRoma efana nentsimbi eyatyumza yaza yatshabalalisa uBukhosi baseGrisi. Engabonakalisi ntlonelo ngoBukumkani bukaThixo obabuvakaliswa nguYesu Kristu, amaRoma ambulalela kwisibonda sentuthumbo ngowama-33 C.E. Izama ukutshabalalisa ubuKristu bokwenyaniso, iRoma yatshutshisa abafundi bakaYesu. Noko ke, imilenze yentsimbi yomfanekiso okwiphupha likaNebhukadenetsare yayingafanekiseli nje uBukhosi baseRoma kuphela kodwa nehlumela layo lezobupolitika—iGunya leHlabathi lamaNgesi namaMerika.

22. Umfanekiso osephupheni usinceda njani sibone ukuba singene nzulu kwixesha lesiphelo?

22 Xa sifundisisa ngenyameko sifumana ubungqina bokuba singene nzulu kwixesha lesiphelo, kuba sele sifikelele kwiinyawo zentsimbi nodongwe zomfanekiso osephupheni. Abanye oorhulumente banamhlanje banjengentsimbi okanye balawula ngegqudu, ngoxa abanye benjengodongwe. Nangona ‘inzala yoluntu’ injengodongwe oluqhekeka lula, abalawuli abanjengentsimbi baye banyanzeleka ukuba bavumele abantu nje abaqhelekileyo ukuba babe nezwi koorhulumente ababalawulayo. (Daniyeli 2:43; Yobhi 10:9) Kakade ke, oorhulumente abalawula ngegqudu nabantu nje abaqhelekileyo abanamathelani kanye njengoko intsimbi ingenako ukunamathelana nodongwe. Kodwa kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuliphelisa eli hlabathi lahlulahlulwe zezobupolitika.—Daniyeli 2:44.

23. Unokulichaza njani iphupha nemibono eyabonwa nguDaniyeli ngonyaka wokuqala wolawulo lukaBheleshatsare?

23 Isahluko sesi-7 sesiprofeto sikaDaniyeli esibangel’ umdla naso sisizisa kwixesha lesiphelo. Sibalisa ngesiganeko esenzeka ngonyaka wokuqala kaKumkani waseBhabhiloni uBheleshatsare. Ngelo xesha uDaniyeli wayekwiminyaka yakhe yama-70, wabona “iphupha nemibono yentloko yakhe esemandlalweni wakhe.” Hayi indlela eyamoyikisa ngayo loo mibono! Uyadanduluka: “Ndabona imimoya yomine yamazulu izamazamisa ulwandle olukhulu. Kwaza kwavela amarhamncwa amakhulu amane ephuma elwandle, ngalinye lahlukile kwamanye.” (Daniyeli 7:1-8, 15) Anjani ukungaqheleki amarhamncwa! Elokuqala yingonyama enamaphiko, yaye elesibini linjengebhere. Kwalandela ihlosi elinamaphiko amane neentloko ezine! Irhamncwa lesine elomelele ngendlela engaqhelekanga linamazinyo amakhulu entsimbi neempondo ezilishumi. Phakathi kweempondo zalo ezilishumi kwaphuma uphondo “oluncinane” ‘lunamehlo anjengamehlo omntu’ “nomlomo othetha izinto ezinkulu.” Ezinjani ukungaqheleki izidalwa!

24. Ngokutsho kukaDaniyeli 7:9-14, yintoni ebonwa nguDaniyeli ezulwini, yaye lo mbono ubhekisela entwenini?

24 Ngokulandelayo uDaniyeli ubona into eyenzeka ezulwini. (Daniyeli 7:9-14) “UNyangelemihla,” uYehova uThixo, ubonwa ehleli ngokuzukileyo etroneni njengoMgwebi. ‘Kukho amawaka aliwaka alungiselela phambi kwakhe, neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elimi kanye phambi kwakhe.’ Egweba la marhamncwa ngokuqatha, uThixo uyaluthabatha ulawulo kuwo aze atshabalalise irhamncwa lesine. Ulawulo oluhlala luhleli lokulawula “izizwana neentlanga neelwimi” lunikwa “uthile onjengonyana womntu.” Oku kubhekisela kwixesha lesiphelo nasekubekweni koNyana womntu etroneni, uYesu Kristu, ngonyaka we-1914.

25, 26. Yiyiphi imibuzo esenokuphakama xa sifunda incwadi kaDaniyeli, yaye yiyiphi impapasho enokusinceda siyiphendule?

25 Abo bafunda incwadi kaDaniyeli bamele babe nemibuzo. Ngokomzekelo, afanekisela ntoni amarhamncwa amane akuDaniyeli isahluko sesi-7? Zicaciswa njani “iiveki ezingamashumi asixhenxe” zesiprofeto esikuDaniyeli 9:24-27? Kuthekani ngoDaniyeli isahluko se-11 nongquzulwano ekuprofetwe ngalo ‘lukakumkani wasemntla’ ‘nokumkani wasemzantsi’? Yintoni esinokuyilindela kwaba kumkani ngexesha lesiphelo?

26 UYehova uye wanika abakhonzi bakhe abathanjisiweyo basemhlabeni ukuqonda ngokuphathelele imibandela enjalo, “abangcwele baLowo uPhakamileyo,” njengoko bebizwa njalo kuDaniyeli 7:18. Ngaphezulu, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liye lasilungiselela ukuba sifumane ukuqonda okungakumbi kwizinto eziphefumlelweyo ezabhalwa ngumprofeti uDaniyeli. (Mateyu 24:45) Oku kuyafumaneka ngoku ngencwadi esandul’ ukukhululwa ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! Le mpapasho inemifanekiso emihle inamaphepha angama-320 iyigubungela yonke incwadi kaDaniyeli. Ithetha ngesiprofeto ngasinye esakh’ ukholo nangayo yonke imbali ebhalwe ngumprofeti othandekayo uDaniyeli.

Intsingiselo Yokwenene Kumhla Wethu

27, 28. (a) Yintoni eyinyaniso ngenzaliseko yeziprofeto ezisencwadini kaDaniyeli? (b) Liliphi ixesha esiphila kulo, yaye yintoni esifanele siyenze?

27 Phawula le ngongoma icacileyo: Zonke iziprofeto ezisencwadini kaDaniyeli zizalisekile ngaphandle nje kweenkcukacha ezimbalwa. Ngokomzekelo, ngoku sibona imeko elikuyo ihlabathi efanekiselwa ziinyawo ezikumfanekiso okwiphupha elikuDaniyeli isahluko sesi-2. Isiphunzi somthi okuDaniyeli isahluko sesi-4 sakhululwa ngokubekwa kukaKumkani onguMesiya, uYesu Kristu etroneni ngonyaka we-1914. Ewe, njengoko kwaxelwa kwangaphambili kuDaniyeli isahluko sesi-7, uNyangelemihla wanika uNyana womntu ulawulo.—Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 16:27–17:9.

28 Iintsuku ezingama-2 300 ekuthethwe ngazo kuDaniyeli isahluko sesi-8 kunye nezili-1 290 nezili-1 335 ekuthethwe ngazo kwisahluko se-12 zidlule zonke. Xa ufundisisa uDaniyeli isahluko se-11 ufumanisa ukuba ungquzulwano phakathi ‘kokumkani wasemntla’ ‘nokumkani wasemzantsi’ sele lufikelele kwinqanaba lokugqibela. Konke oku kongezelela kubungqina beZibhalo bokuba singene nzulu kwixesha lesiphelo. Xa siphawula indawo esikuyo ekhethekileyo kumsinga wexesha, yintoni esifanele sizimisele ukuyenza? Ngaphandle kwamathandabuzo, sifanele sinikele ingqalelo kwilizwi likaYehova uThixo lesiprofeto.

Ubunokuphendula Njani?

• Yintoni uThixo afuna lonke uluntu luyazi ngomhla wethu?

• Incwadi kaDaniyeli inokulwakha njani ukholo lwethu?

• Zizinto zini ezazikumfanekiso okwiphupha likaNebhukadenetsare, yaye zazifanekisela ntoni?

• Yintoni ephawulekayo ngenzaliseko yeziprofeto ezifumaneka encwadini kaDaniyeli?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share