Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khangela enoba unokukwazi kusini na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
• Kutheni sinokuqiniseka ukuba inzaliseko yesiprofeto esithetha ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha’ esifumaneka kuIsaya 65:17-19 yayibandakanya okungaphezulu kokubuya kwamaYuda ekuthinjweni?
Kungokuba umpostile uPetros noYohane, xa babebhala ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, balatha kwinzaliseko yexesha elizayo, ebandakanya iintsikelelo ezisezayo. (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:1-4)—4/15, iphepha 10-12.
• Sisenokuba sasiyintoni isiseko seentsomi zamandulo zamaGrike ezibalisa ngezidalwa ezinamandla aphakathi kothixo nomntu ezazinogonyamelo?
Ezi ntsomi zisenokuba zikukunongwa nokugqwethwa kwesibakala sokuba ngaphambi koMkhukula ezinye zeengelosi zambatha imizimba yabantu zaza zaphila ubomi obunogonyamelo nobokuziphatha okubi emhlabeni. (Genesis 6:1, 2)—4/15, iphepha 27.
• Ziziphi ezinye zeengozi umKristu amele azilumkele kwimisitho yomtshato?
Kubalulekile ukuphepha ukwenza isiyunguma esingalawulekiyo, nto leyo enokwenzeka ukuba utywala budlal’ abantwana yaye umculo udlalelwa phezulu kuze kungqungqwe ngendlela engalawulekiyo. Ngaphandle kokuba kuye kwatshiwo ukuba wonk’ umntu angeza ethekweni, abangamenywanga abafanele baye. Umyeni ufanele aqiniseke ukuba amaKristu anokuthenjwa aya kubakho kwelo theko de liye kuqosheliswa ngexesha elisengqiqweni.—5/1, iphepha 19-22.
• Kuthetha ntoni ukuchazwa koonyana ‘njengezithole zeminquma’ bejikeleze itafile yendoda kwiNdumiso 128:3?
Kudla ngokuntshula amahlumelo amatsha kwisiseko sesiqu somthi womnquma. Xa isiqu somthi omdala singasathwali ziqhamo, amahlumelo amatsha anokuba ziziqu eziqinileyo ezisijikelezileyo. Ngokufanayo, abazali banokuvuya xa benabantwana abathwala iziqhamo abakhonza uYehova kunye nabo.—5/15, iphepha 27.
• Ziziphi ezinye zeengenelo abantwana abazifumanayo xa kukho umoya omhle entsatsheni?
Oko kuba sisiseko sokuba babe nembono efanelekileyo ngegunya, bayixabise imilinganiselo efanelekileyo, nokuba nolwalamano olonwabisayo nabanye. Umoya onjalo unokubanceda nasekuhlakuleleni ubuhlobo noThixo.—6/1, iphepha 18.
• Kwelinye ilizwe elikwiMpuma Ekude, yintoni eyenziwayo ukuze kukhuthazwe ingcamango yokuba onke amaKristu angabazalwana?
Onke amabandla abongozwa ukuba angabizi abathile ngamagama abonakalisa imbeko. Kunoko, onke afanele abizwe ngokulinganayo ngokuthi mzalwana.—6/15, iphepha 21, 22.
• Ngaba amaNgqina kaYehova ayawamkela amayeza enziwe ngegazi?
Sikholelwa ukuba umyalelo weBhayibhile othi ‘nikhwebuke kwigazi’ uyakwalela ukutofelwa kwegazi elipheleleyo okanye izinto eziyintloko eziliyilayo (isiyilelo-gazi, iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, neeplatelets). (IZenzo 15:28, 29) Ngokuphathelele iinxalenye ezihluzwa kwizinto eziyintloko eziliyilayo, mKristu ngamnye uzenzela isigqibo ngokwakhe, ekhumbula oko kuthethwa yiBhayibhile kunye nolwalamano lwakhe noThixo.—6/15, iphepha 29-31.
• Ngaba ngokwenene kunokwenzeka ukuba umntu afumane uxolo lwangaphakathi namhlanje?
Ewe. Esebenzisa iBhayibhile, uYesu Kristu ukhokelela abantu kwindlela yonqulo olunyulu nakuxolo oluchazwe kuIsaya 32:18. Ngaphezu koko, abo bafumana uxolo olunjalo banethemba lokufumana uxolo oluhlala luhleli emhlabeni kuze kuzaliseke INdumiso 37:11, 29.—7/1, iphepha 7.
• Yiyiphi indima abe nayo uGeorge Young kwimbali yobuthixo yale mihla?
Ukususela ngowe-1917, wazingqina engumthwali wokukhanya weendaba ezilungileyo zoBukumkani kumazwe amaninzi. Ubulungiseleli bakhe bamsa eKhanada, kwiziqithi zeCaribbean, eBrazil nakwamanye amazwe akuMzantsi Merika, kuMbindi Merika, eSpeyin, ePortugal, kwelalisakuba yiSoviet Union, naseUnited States.—7/1, iphepha 22-7.
• Ithetha ukuthini eyoku-1 kwabaseKorinte 15:29 xa isithi bambi “babhaptizwa ngenjongo yokuba ngabo bafileyo”?
Ingongoma isekubeni xa amaKristu ethanjiswa ngomoya oyingcwele, antywiliselwa kwikhondo lobomi elikhokelela ekufeni nasekuvuselweni kwawo kubomi basezulwini.—7/15, iphepha 17.
• Wayesenza ntoni umpostile uPawulos ebudeni bexesha elichazwa ngokuba yiminyaka awayethe cwaka ngayo?
Usenokuba wayenceda ekumiseleni okanye ekomelezeni amabandla eSiriya naseKiliki. Uninzi lwamanzithinzithi achazwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 11:23-27 lumele ukuba lwenzeka ebudeni beli xesha, nto leyo ebonisa ukuba wayeqhubeka ngenkuthalo nobulungiseleli.—7/15, iphepha 26, 27.
• Yintoni enokusinceda ukuze ulindelo lwethu lube sengqiqweni?
Khumbula ukuba uYehova uyaqonda. Ukuthandaza kuye kunokusinceda silungelelanise indlela esicinga ngayo, kwaye kubonisa ukuba sithozamile. Enye into encedayo kukufumana imbono yomnye umntu ngokuncokola nomhlobo oqolileyo.—8/1, iphepha 29, 30.