“Amaxesha Okubuyiselwa” Asemnyango!
Kungekudala ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, bambi kubafundi bakhe abathembekileyo bambuza: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” Impendulo kaYesu yabonisa ukuba kwakuya kudlula ixesha elithile ngaphambi kokuba bufike uBukumkani. Ebudeni belo xesha, abalandeli bakhe babeya kuba nomsebenzi omkhulu abafanele bawenze. Babeza kuba ngamangqina kaYesu “eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:6-8.
ESO sabelo sasingenakufezwa ngeentsuku nje ezimbalwa, iiveki okanye iinyanga. Noko ke, ngaphandle kokulibazisa, abafundi baqalisa ukushumayela. Kodwa abazange baphelelwe ngumdla kumbandela wokubuyiselwa. Kwisihlwele esikhulu esasihlanganisene eYerusalem, umpostile uPetros wathetha ngako esithi: “Guqukani . . . nijike khon’ ukuze zicinywe izono zenu, ukuze amaxesha okuhlaziya eze evela kuYehova ngenkqu nokuze athumele uKristu omiselwe ngenxa yenu, uYesu, lowo izulu, eneneni, limele limgcine kulo de kube ngamaxesha okubuyiselwa kwezinto zonke awathetha ngazo uThixo ngomlomo wabaprofeti bakhe abangcwele bexesha lakudala.”—IZenzo 3:19-21.
La “maxesha okubuyiselwa” ayeza kuzisa “amaxesha okuhlaziya” avela kuYehova. Oku kubuyiselwa kwaxelwa kwangaphambili kwakuza kufika ngokwamanqanaba amabini. Okokuqala, kwakuza kubakho ukubuyiselwa kokomoya okuhlaziyayo, okuqhubekayo kanye ngoku. Okwesibini, oku bekuya kulandelwa kukumiselwa kweparadesi yokoqobo emhlabeni.
Ixesha Lokubuyiselwa Liyaqala
Njengokuba umpostile uPetros waxelela isihlwele esasiseYerusalem, izulu ‘lamgcina kulo uYesu.’ Oku kwaba njalo de kwangowe-1914, xa uYesu waqalisa ukusebenzisa igunya lakhe lobukhosi waza waqalisa ukulawula njengoKumkani omiselwe nguThixo. Ngelo xesha, uPetros waxela kwangaphambili ukuba, uYehova wayeya ‘kuthumela’ uNyana wakhe ngengqiqo yokuba Yena wavumela uYesu ukuba afeze indima yakhe njengomntu ophambili kwiinjongo zikaThixo. IBhayibhile ichaza esi siganeko ngolwimi lokomfuziselo isithi: “Wazala [intlangano kaThixo yasezulwini] unyana, inkwenkwe, [uBukumkani bukaThixo ezandleni zikaYesu Kristu] oya kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi.”—ISityhilelo 12:5.
Kodwa iintlanga zazingenamdla wokuzithoba kulawulo lukaKristu. Enyanisweni, zababetha abalawulwa bakhe abathembekileyo abasemhlabeni, abaziwa njengamaNgqina kaYehova namhlanje. Njengabanduleli bawo abangabapostile, amaNgqina aye akazilazila ekwenzeni ‘umsebenzi wokungqinela uYesu.’ (ISityhilelo 12:17) Inkcaso kumsebenzi owawusenziwa ngala maKristu anyanisekileyo yavus’ udushe kumazwe ngamazwe. Ngowe-1918, amalungu anembopheleleko kwikomkhulu leWatch Tower Society eBrooklyn, eNew York, amangalelwa enkundleni etyholwa aza agwetywa ngokungafanelekanga ukuba aye kuthothoza ixesha elide entolongweni. Kangangethuba elithile, kwabonakala ngathi umsebenzi wanamhlanje wokunikela ubungqina “kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba” wawufikelele esiphelweni.—ISityhilelo 11:7-10.
Noko ke, ngowe-1919, amalungu awayebanjiwe ekomkhulu akhululwa yaye kamva afunyaniswa engenetyala kuzo zonke izimangalo zobuxoki. La malungu akazange aphozise maseko ekulungiseleleni ukuba umsebenzi wokubuyisela ngokomoya ubuyele kwimeko yawo. Ukususela ngelo xesha, abantu bakaYehova bebenandipha ukuchuma ngokomoya ngomlinganiselo ongazange ubonwe ngaphambili.
Kwaye kwenziwa iphulo elikhulu gqitha lokufundisa abantu bazo zonke iintlanga ukuba bazigcine izinto uKristu awabayalela ukuba bazenze abalandeli bakhe. (Mateyu 28:20) Hayi indlela ekwakuhlaziya ngayo ukubona abo babebulwanyanarha ngaphambili beguqula ubuntu babo! Bamlahla umntu omdala, ovelisa iimpawu ‘ezinjengomsindo,’ ‘intetho etshabhisayo nentetho engamanyala,’ baza bambatha ubuntu obutsha, ‘obuthi ngolwazi oluchanileyo benziwa baba butsha ngokomfanekiso waLowo [uThixo] wabudalayo.’ Ngengqiqo yokomoya, amazwi omprofeti uIsaya ayazaliseka kanye ngoku: “Ingcuka [umntu ngaphambili obebonakalisa iimpawu zengcuka] iya kuhlala ithutyana nenkunzi yemvana [umntu obonakalisa ukuthobeka], ihlosi libuthe netakane, kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama entsha enesingci, nesilwanyana esondlekileyo.”—Kolose 3:8-10; Isaya 11:6, 9.
Ukubuyiselwa Okungakumbi Kusemnyango!
Ukongezelela kukubuyiselwa okuye kwaphumela ekubeni kubekho iparadesi yokomoya namhlanje, lisondela ngokukhawuleza ixesha laxa esi sijikelezi-langa sethu siya kuba yiparadesi yokoqobo. Inxalenye encinane yomhlaba yayiyiparadesi xa uYehova wabeka ookhokho bethu bokuqala, uAdam noEva, kumyezo wase-Eden. (Genesis 1:29-31) Kungeso sizathu lento sinokuthetha ngeParadesi njengebuyiselwayo. Noko ke, ngaphambi kokuba oko kwenzeke, unqulo lobuxoki oluhlazisa uThixo lumele luphele emhlabeni. Inkqubo yeli hlabathi yezobupolitika iza kukwenza oko. (ISityhilelo 17:15-18) Iya kwandula ke, inkqubo yezobupolitika kunye neyezorhwebo ndawonye nabo bazixhasayo, itshatyalaliswe. Ekugqibeleni, olokugqibela kwiintshaba zikaThixo—uSathana uMtyholi needemon zakhe—baya kuvalelwa iminyaka eliwaka—ixesha elilingana nethuba lokubuyiselwa. Ebudeni belo xesha, “iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.” (Isaya 35:1) Umhlaba uphela awusayi kuphazanyiswa. (Isaya 14:7) Kwanezigidi ezifileyo ziya kubuyiselwa ebomini emhlabeni. Bonke baya kuzuza kwiingenelo zokubuyiselwa zedini lentlawulelo. (ISityhilelo 20:12-15; 22:1, 2) Akusayi kubakho bantu baziimfama, bazizithulu, okanye abayimilwelwe emhlabeni. “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isa. 33:24) Kungekudala emva kokuphela koLawulo lukaKristu Lwewaka Leminyaka, uMtyholi needemon zakhe baya kukhululwa kangangexesha elifutshane yaye baya kubona indlela injongo kaThixo ngomhlaba eye yazaliseka ngayo ukuza kuthi ga ngelo xesha. Ekugqibeleni, baya kutshatyalaliswa ngonaphakade.—ISityhilelo 20:1-3.
Xa umhlaba ufikelela ekupheleni kwexesha lokubuyiselwa eliyiminyaka eliwaka, “yonk’ into ephefumlayo” iya kudumisa uYehova, yaye iya kwenjenjalo ngokungenasiphelo. (INdumiso 150:6) Ngaba uya kuba phakathi kwayo? Oko kunokwenzeka.