Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukunkcenkceshela Imbewu Yenyaniso EChile
KWINTLANGO esemantla eChile, kusenokudlula iminyaka ngaphambi kokuba kufike imvula. Kodwa ithi yakuba ifikile, umhlaba ongumqwebedu uguquke ube yindawo entle engathi igqunywe ngengubo yeentyatyambo ezimibalabala. Lo mboniso mhle kangaka utsala abakhenkethi abavela kulo lonke elo lizwe.
Noko ke, kukho into eqhubekayo ebangela umdla kakhulu kubantu baseChile. Amanzi enyaniso yeBhayibhile aqukuqela mbombo zone kweli lizwe, yaye abantu abaninzi abanyanisekileyo “bayatyatyamba” besiba ngabafundi bakaYesu Kristu. Enye indlela esetyenziswayo ukudlulisela la manzi enyaniso ngumnxeba. La mava alandelayo abonisa imiphumo emihle efumanekayo ngale ndlela yokushumayela.
• UKarina ongumshumayeli wexesha elizeleyo wacelwa ukuba enze umboniso kucwangciso lwendibano yesiphaluka ngendlela yokunikela ubungqina ngomnxeba. Noko ke, uKarina akazange akhe anikele ubungqina ngaloo ndlela. Ukumkhuthaza ukuze abe nenxaxheba kucwangciso lwendibano, umdala othile nomfazi wakhe bahlolisisa kunye noKarina iingongoma ezithile ngendlela yokunikela ubungqina ngomnxeba. Kwakhona bambongoza ukuba athandazele ulwalathiso lukaYehova kulo mbandela. Wenjenjalo, yaye ekugqibeleni wagqiba kwelokuba azame ukutsala umnxeba.
UKarina wakhetha inombolo yomnxeba kwidolophana ekufuphi. Umntu ophendula iminxeba waphendula, waza uKarina wachaza isizathu sokutsala kwakhe umnxeba. Lo mntu wabonakalisa umdla kwaza kwenziwa amalungiselelo okuphinda kuthethwe kwiintsuku ezintathu kamva. Ibuyelo elenziwa ngomnxeba laphumela kwisifundo seBhayibhile, kusetyenziswa incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ukususela ngoko, baye banezifundo ezihle nezichwayitisayo, yaye uKarina uye wathumela uncwadi ukuze aphendule imibuzo yelo bhinqa.
• UBernarda wenza umzamo wokuqala ukunikela ubungqina kwindoda ethile eyathi ngempazamo yamtsalela umnxeba. Kunokubonakalisa ukucaphuka, uBernarda wazazisa njengomnye wamaNgqina kaYehova waza wabuza enoba anganikela uncedo kusini na. Waqalisa incoko, yaye le ndoda yamphulaphula xa wayechaza indlela uBukumkani bukaThixo obuza kukushenxisa ngayo ukungabikho kobulungisa kungekudala. Le ndoda yanika uBernarda inombolo yayo yomnxeba, yaye wabuyela kuyo ngomnxeba. Ebudeni benye yeencoko zabo, wayifundela inxalenye ethile kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Yabuza indlela enokuwufumana ngayo umbhalo wayo, waza uBernarda wayithumelela wona kunye neBhayibhile. Kwenziwa amalungiselelo okuba le ndoda ityelelwe ngumzalwana wasekuhlaleni ngoku oqhubeka “enkcenkceshela” esi “sityalo” sikhulayo.
Ewe, kweli hlabathi lingumqwebedu ngokomoya, imbewu efihlakeleyo ilindele ukuhluma xa ifikelelwe ngamanzi anik’ ubomi enyaniso. Amawaka abanxaniweyo aqhubeka “entshula” aze “atyatyambe” abe ngabakhonzi abathembekileyo bakaYehova uThixo.—Isaya 44:3, 4.