Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
EIndiya—“Ukumanyana Phezu Kwako Nje Ukwahluka”
“UKUMANYANA Phezu Kwako Nje Ukwahluka” ngamazwi aqhelekileyo asetyenziswayo ukuchaza umanyano eIndiya. Ukubakho komanyano kweli lizwe likhulu linamasiko, iilwimi, unqulo, iintlanga, isinxibo neendlela zokutya ezahlukahlukeneyo akuyondlwan’ iyanetha. Noko ke, umanyano olunjalo lukho kwiofisi yolawulo yamaNgqina kaYehova eIndiya, nangona abasebenzi bokuzithandela abahlala kwalapho bephuma kumaphondo amaninzi nemimandla elawulwa lelo lizwe eliqela kwaye bethetha iilwimi eziliqela ezahlukahlukeneyo.
• Makhe sithethe ngoRajrani—ibhinqa eliselula elivela ePunjab, ekumntla-ntshona weIndiya. Xa uRajrani wayesesikolweni, omnye umfundi awayefunda naye waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Le ntwazana yazama ukwenza uRajrani abe nomdla eBhayibhileni. Ekubeni lo mfundi wayengasazi kakuhle isiNgesi yaye IMboniselo yayingafumaneki ngolwimi lwesiPunjabi ngelo xesha, wacela uRajrani ukuba amncede aguqulele kulwimi lwakhe oko kuqulethwe yiloo mpapasho. Oko uRajrani wayekufunda kwiMboniselo kwaqalisa ukumphembelela ngokunzulu kangangokuba phezu kwayo nje inkcaso yabazali bakhe wenza inkqubela de wahlulela ubomi bakhe kuYehova uThixo. Namhlanje ukhonza eBheteli eIndiya, yaye wenza kanye oko kwavula amehlo akhe ukuze abone inyaniso. Uguqulela iimpapasho zamaKristu kulwimi lwesiPunjabi!
• Khawucinge ngoBijoe, ovela kwenye inxalenye yeIndiya—kwiphondo elikumazantsi-ntshona eKerala. UBijoe wagxothwa esikolweni samabanga aphakamileyo ngenxa yokungathabathi cala kwimibhiyozo yobuzwe. Emva kokuba unqulo olunyulu loyisile kuzengezenge lwetyala olwalandelayo, uBijoe wabuyela esikolweni.a Wada waya kwanokholeji. Noko ke, imeko yokuziphatha okubi yalapho ayizange ivumelane nesazela sakhe, ngoko ke wayeka kwikota yokuqala. Ngoku emva kweminyaka elishumi eseBheteli, uziva engenelwe gqitha ngokuba lilungu lentsapho yaseBheteli eneemvelaphi ezahlukahlukeneyo kodwa emanyeneyo kunokuba wayeza kuziva njalo ngokuba nemfundo ephakamileyo.
• UNorma noLily baneminyaka engaphezu kwama-70 ubudala yaye sele bengabahlolokazi kangangeminyaka emininzi. Ngamnye wabo selegqibe iminyaka engaphezu kwama-40 ekwinkonzo yexesha elizeleyo. ULily usebenze kwisebe kangangeminyaka engama-20 njengomguquleli wolwimi lwesiTamil. UNorma wafika eBheteli kwiminyaka eli-13 edluleyo emva kokufelwa ngumyeni. Phezu kwako nje ukuba ngabasebenzi abakhutheleyo nabazibhokoxayo, bakwanempembelelo kumanyano lwentsapho yaseBheteli iphela. Bayakuthanda ukonwabisa iindwendwe, nokuhlala namalungu entsapho aselula, bebalisa ngeminyaka evuyisayo abayichithe njengamaKristu. Yaye abaselula babonisa uxabiso ngokubamemela emagumbini abo ukuze bachithe ixesha nabo nangokubanceda xa kuyimfuneko. Enjani ukuba mihle imizekelo!
Njengoko la matsha-ntliziyo ekoyisile ukungafani okubangela ukruthakruthwano nokungavisisani kwiindawo ezininzi, asebenza ngokuvisisana enikela inkonzo kwabanye njengentsapho emanyeneyo yaseBheteli eIndiya.—INdumiso 133:1.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IMboniselo kaNovemba 1, 1987, iphepha 21.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
Background: Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.