IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 4/15 iphe. 29
  • Uyakhumbula Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyakhumbula Na?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela IQumrhu Elilawulayo Elahluke Ngayo Kumbutho Osemthethweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ukusebenzisana Nequmrhu Elilawulayo Namhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Bakhokelwa Ngubani Abantu BakaThixo Namhlanje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 4/15 iphe. 29

Uyakhumbula Na?

Ngaba ukuvuyele ukufunda amanqaku akutshanje eMboniselo? Ngoko ke, khawubone enoba unokuyiphendula na le mibuzo ilandelayo:

• KumaRoma 5:3-5, kwakutheni ukuze umpostile uPawulos adwelise ithemba ekugqibeleni kolu luhlu?

UPawulos wadwelisa uthotho lwezinto amaKristu ajamelana nazo—imbandezelo, unyamezelo, ukukholeka kunye nethemba. Eli “themba” asililo ithemba ubani aba nalo ekuqaleni xa efunda iBhayibhile, kodwa lithemba eliqine ngakumbi elinzulu yaye eliqaqambe ngokungakumbi umKristu alifumana njengoko ixesha lihamba.—12/15, iphepha 22-3.

• Kutheni umKristu namhlanje enokuba nomdla kwimidlalo yeembaleki yamandulo yaseGrisi?

Ukuqonda uhlobo nendlela eyayidlalwa ngayo le midlalo kunokucacisa iindinyana zeBhayibhile ezininzi. Ezinye zazo zibhekisela ‘ekuthobeleni imigaqo,’ ‘ekubothuleni bonke ubunzima nokujonga kumzekelo kaYesu,’ ‘ekulubalekeni ugqatso kude kuse ekugqibeleni,’ nasekufumaneni isithsaba, okanye umvuzo. (2 Timoti 2:5; 4:7, 8; Hebhere 12:1, 2; 1 Korinte 9:24, 25; 1 Petros 5:4)—1/1, iphepha 28-30.

• Yiyiphi indlela entsha yokushumayela iindaba ezilungileyo eyaqaliswa ngoJanuwari 1914?

Kwakhululwa i-“Photo-Drama of Creation.” Yayilungiselelwe ukuba iboniswe ngamacandelo amane aquka imifanekiso eshukumayo namakhulu emifanekiso yeslides, inkoliso yawo yayihambisana nentetho eshicilelweyo enika ingcaciso. Kwalungiselelwa kwaza kwaboniswa iiDrama zolu hlobo ezingama-20 ukuze kufundiswe abantu isigidimi seBhayibhile.—1/15, iphepha 8-9.

• Lahluke ngayiphi indlela iQumrhu Elilawulayo kumbutho osemthethweni?

Ngoxa abalathisi bombutho osemthethweni bevotelwa ngamalungu awo, iQumrhu Elilawulayo alimiselwa ngumntu kodwa linyulwa nguYesu Kristu. Akukho mfuneko yokuba abalathisi bemibutho eyahlukahlukeneyo esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova abe ngamalungu eQumrhu Elilawulayo. Kwintlanganiso yakutshanje yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, amalungu athile eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova abekhonza njengabalathisi namagosa aye arhoxa ngokuzithandela kwizikhundla zawo. Abazalwana abathembekileyo bodidi ‘lwezinye izimvu’ banyulwa ukuba bangene ezihlangwini zabo. (Yohane 10:16) Ngoko iQumrhu Elilawulayo linokuchitha ixesha elingakumbi lilungiselela ukutya kokomoya yaye ngaloo ndlela linyamekela iimfuno zokomoya zobuzalwana behlabathi lonke.—1/15, iphepha 29, 31.

• Yiyiphi imizekelo emibini yeBhayibhile esinokuyihlola esifundisa ngendlela yokuhlangabezana nokudimazeka?

Omnye ngokaHana, unina kaSamuweli. Wayenokuzivumela ukuba adimazeke xa watyholwa ngokunxila nguEli, umprofeti omkhulu wakwaSirayeli. Kunoko, ngeliphandle kodwa ngentlonipho wamcacisela kakuhle lo mprofeti ukuba akunjalo. Ngapha koko, uHana akazange abe nenqala ngakuEli. Owesibini nguMarko, ekusenokwenzeka ukuba wayedimazekile xa umpostile uPawulos engazange afune ukumquka kuhambo lobuvangeli basemazweni. Kunokuba kumdimaze ukuphulukana neli lungelo, waqhubeka ekhuthele enkonzweni yakhe, ehamba noBharnabhas.—2/1, iphepha 20-2.

• Kutheni amaKristu afanele akulumkele ukunika abanye, okanye ukuthabatha kubo, imibhalo yeenkqubo zekhompyutha?

Inkoliso yeenkqubo zekhompyutha (kuquka nemidlalo) zinamaphepha-mvume, athi ngumninizo kuphela ovumelekileyo ukuba azisebenzise kwikhompyutha enye kuphela. Ngokuqhelekileyo, kukwaphula umthetho wabavelisi beekhompyutha ukwenzela abanye imibhalo yezo nkqubo, nokuba ubapha ngesisa. AmaKristu afuna ukuthobela umthetho othi, “buyiselani izinto zikaKesare kuKesare.” (Marko 12:17)—2/15, iphepha 28-9.

• Yayingubani uCyril noMethodius, yaye liliphi igalelo ababenalo kufundisiso lweBhayibhile?

Yayingamadoda awayezalwa ngumntu omnye awazalelwa eTesalonika, eGrisi, ngenkulungwane yesithoba. Bayila imibhalo yolwimi lwesi-Slavic baza baguqulela inxalenye enkulu yeBhayibhile kwiSlavonic.—3/1, iphepha 28-9.

• Ibinzana elithi “ukunyamekela umoya” lithetha ukuthini?—Roma 8:6.

Lithetha ukulawulwa nokuqhutywa ngamandla kaYehova asebenzayo. Sinokuvumela umoya kaThixo usebenze kuthi ngokufundisisa iBhayibhile, ngokuthobela imithetho kaThixo ngentliziyo iphela nangokuthandazela umoya kaThixo.—3/15, iphepha 15.

• Yintoni esinokuyenza ukuba sivakalelwa kukuba asikhange siqondwe?

Kubalulekile ukucacisa izinto ngothando. Ukuba oko kubonakala kungasebenzi ungalahl’ ithemba. Cela uYehova ‘ocikida iintliziyo,’ akuphe ukuqonda noncedo. (IMizekeliso 21:2; 1 Samuweli 16:7)—4/1, iphepha 21-3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share