Vuya NoThixo Onoyolo
“Okokugqibela, bazalwana, qhubekani ninemihlali, . . . yaye uThixo wothando nowoxolo uya kuba kunye nani.”—2 KORINTE 13:11.
1, 2. (a) Kutheni abantu abaninzi bengenalo uvuyo ebomini? (b) Luyintoni uvuyo, yaye sinokuluhlakulela njani?
KULA maxesha entlungu, abantu abaninzi abayiboni into enokubenza babe nemihlali. Xa besehlelwa yintlekele okanye isehlela umntu abamthandayo, basenokuvakalelwa njengoYobhi wamandulo, owathi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka.” (Yobhi 14:1) NamaKristu ayachaphazeleka ziimbandezelo neenkxwaleko zala ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ yaye akumangalisi ukuba maxa wambi abakhonzi bakaYehova abathembekileyo bedimazeka.—2 Timoti 3:1.
2 Sekunjalo, amaKristu anokuba novuyo, kwanaxa evavanywa. (IZenzo 5:40, 41) Ukuze uqonde indlela okunokwenzeka ngayo oku, qwalasela kuqala ukuba luyintoni na uvuyo. Uvuyo luye lwachazwa “njengemvakalelo evuselelwa kukufumana okanye kukulindela into entle.”a Ngenxa yoko, ukuba sizinika ithuba lokucinga ngeentsikelelo esizifumanayo ngoku ngoxa sicamngca ngovuyo esiza kulufumana kwihlabathi elitsha likaThixo, sinokuba nemihlali.
3. Kunokutshiwo njani ukuba wonk’ ubani unezizathu ezithile zokuvuya?
3 Wonk’ ubani unezinto ezithile asikelelwe ngazo namele abe nombulelo ngenxa yazo. Intloko-ntsapho isenokuphelelwa ngumsebenzi. Ngokuqhelekileyo iye ibe nenkxalabo ngenxa yoku. Ifuna ukunyamekela abo ibathandayo. Sekunjalo, ukuba yomelele emzimbeni yaye isempilweni, inokuba nombulelo ngenxa yoko. Ukuba ifumana umsebenzi, iya kukwazi ukusebenza nzima. Kwelinye icala, ibhinqa elingumKristu lisenokuhlaselwa sisifo esiqoba amandla. Ukanti, lisenokuba nombulelo ngenxa yenkxaso yabahlobo namalungu entsapho anothando alincedayo ukuba lihlangabezane nesi sifo ngokuzolileyo nangenkalipho. Yaye onke amaKristu okwenyaniso, kungakhathaliseki enoba iimeko zawo zinjani na, anokuvuya ngenxa yelungelo analo lokwazi uYehova, ‘uThixo onoyolo,’ noYesu Kristu, “okuphela kwakhe Onegunya nonoyolo.” (1 Timoti 1:11; 6:15) Ewe, uYehova uThixo noYesu Kristu ngabona bantu bonwabileyo. Baye bahlala bevuya nangona iimeko emhlabeni zahluke kwaphela kwinto eyayicetywe nguYehova ekuqaleni. Umzekelo wabo unokusifundisa okuninzi ngendlela yokulondoloza uvuyo lwethu.
Abazange Baphulukane Novuyo Lwabo
4, 5. (a) Wasabela njani uYehova xa abantu bokuqala bavukelayo? (b) UYehova wahlala enesimo esingqalileyo njani ngoluntu?
4 Kumyezo wase-Eden, uAdam noEva babesempilweni efezekileyo yaye babeneengqondo ezifezekileyo. Babenomsebenzi onemveliso nendawo efanelekileyo ababeza kuwenzela kuyo. Eyona nto ibaluleke ngakumbi, babenelungelo lokunxibelelana noYehova ngokuthe rhoqo. Yayiyinjongo kaThixo ukuba babe nekamva elonwabisayo. Kodwa abazali bethu bokuqala abazange baneliseke zezi zipho zihle; beba isiqhamo esalelweyo ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ Esi senzo sokungathobeli saba ngunobangela wako konke ukungonwabi okukhoyo namhlanje phakathi kwethu, thina nzala yabo.—Genesis 2:15-17; 3:6; Roma 5:12.
5 Noko ke, uYehova akazange avumele isimo sengqondo sokungabi nambulelo kuka-Adam noEva simenze aphelelwe luvuyo. Wayeqinisekile ukuba iintliziyo zabathile kwinzala yakhe zaziya kushukunyiselwa ekubeni zimkhonze. Enyanisweni, wayeqiniseke kangangokuba kwanangaphambi kokuba uAdam noEva babe nomntwana wokuqala, wavakalisa injongo yakhe yokukhulula inzala yabo ethobelayo! (Genesis 1:31; 3:15) Kwiinkulungwane ezalandelayo, inkoliso yoluntu yalandela emanyathelweni ka-Adam noEva, kodwa uYehova akazange ayigatye intsapho engabantu ngenxa yoko kwanda kokungathobeli. Kunoko, wanikela ingqalelo kumadoda namabhinqa ‘enza intliziyo yakhe ibe nemihlali,’ lawo ayesenza umgudu wokwenene wokumkholisa ngenxa yokuba emthanda.—IMizekeliso 27:11; Hebhere 6:10.
6, 7. Ngabaphi oothunywashe abanceda uYesu ukuba ahlale evuya?
6 Kuthekani ngoYesu—walulondoloza njani uvuyo lwakhe? Njengesidalwa sokomoya esinamandla sasezulwini, uYesu wayenethuba lokondela imisebenzi eyayisenziwa ngamadoda namabhinqa emhlabeni. Wayekubona ngokucacileyo ukungafezeki kwawo, kodwa uYesu wayewathanda. (IMizekeliso 8:31) Kamva, xa weza emhlabeni waza “wahlala phakathi” kwabantu, imbono awayenayo ngabantu ayizange iguquke. (Yohane 1:14) Yintoni eyenza uNyana kaThixo ofezekileyo ukuba ahlale enaloo mbono ingqalileyo ngentsapho yabantu enesono?
7 Okokuqala, uYesu wayebonakalisa ingqiqo koko wayekulindele kuye nakwabanye. Wayesazi ukuba wayengayi kuliguqula ihlabathi. (Mateyu 10:32-39) Ngoko wayevuya kwanokuba umntu omnye onyanisekileyo wayesabela ngendlela entle kwisigidimi soBukumkani. Nangona maxa wambi ihambo kunye nesimo sengqondo sabafundi bakhe sasingasoloko sisanelisa, uYesu wayesazi ukuba ezintliziyweni zabo babekufuna ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo, yaye wayebathanda ngenxa yoko. (Luka 9:46; 22:24, 28-32, 60-62) Xa wayethandaza kuYise osemazulwini, uYesu washwankathela ngekhondo elihle elalithatyathwe ngabafundi bakhe ukuza kuthi ga ngelo xesha: “Baligcinile ilizwi lakho.”—Yohane 17:6.
8. Chaza ezinye iindlela esinokumxelisa ngazo uYehova noYesu ngokuphathelele ukulondoloza uvuyo lwethu.
8 Ngokungathandabuzekiyo, sonke sinokungenelwa xa sihlolisisa ngenyameko umzekelo owamiselwa nguYehova uThixo noKristu Yesu kule nkalo. Ngaba sinokumxelisa uYehova ngokuzele ngakumbi, mhlawumbi ngokungazixhalabisi ngokugqithiseleyo ngezinto xa zingahambi ngendlela ebesinethemba lokuba ziya kuhamba ngayo? Ngaba sinokulandela emanyathelweni kaYesu ngokusondele ngakumbi ngokulondoloza isimo sengqondo esingqalileyo kwiimeko zethu ngoku, nangokusebenzisa ingqiqo ngoko sikulindeleyo kwiziqu zethu nakwabanye? Makhe sibone indlela enokusetyenziswa ngayo le migaqo kwinkalo ethandwa kakhulu ngawo onke amaKristu anenzondelelo kuyo yonke indawo—ubulungiseleli basentsimini.
Hlala Unembono Eyakhayo Ngobulungiseleli
9. Lwavuseleleka njani uvuyo lukaYeremiya, yaye unokusinceda njani umzekelo wakhe?
9 UYehova ufuna sivuye enkonzweni yakhe. Uvuyo lwethu alufanele luxhomekeke koko sikuzuzayo. (Luka 10:17, 20) Umprofeti uYeremiya washumayela kangangeminyaka kwintsimi eyayingenamveliso. Wathi akunikela ingqalelo kwintsabelo yabantu engakhiyo, waphelelwa luvuyo. (Yeremiya 20:8) Kodwa wathi akucamngca ngobuhle besigidimi, lwavuseleleka uvuyo lwakhe. UYeremiya wathi kuYehova: “Amazwi akho afunyanwa, ndaza ndawadla; nelizwi lakho kum liba kukugcoba nemihlali yentliziyo yam; kuba ndibizwe ngegama lakho, Yehova.” (Yeremiya 15:16) Ewe, uYeremiya waba nemihlali ngenxa yelungelo awayenalo lokushumayela ngelizwi likaThixo. Nathi sinokwenjenjalo.
10. Sinokululondoloza njani uvuyo esinalo kubulungiseleli kwanokuba intsimi yethu ayinamveliso okwangoku?
10 Kwanokuba inkoliso ayisabeli kakuhle kwiindaba ezilungileyo, simele sivuye njengoko sisiba nesabelo kubulungiseleli basentsimini. Khumbula ukuba uYehova wayeqiniseke ngokupheleleyo ukuba abanye abantu babeya kushukunyiselwa ukuba bamkhonze. NjengoYehova, asifanele siphelelwe lithemba lokuba ekugqibeleni abanye baya kuyibona imbambano baze basamkele isigidimi soBukumkani. Asimele silibale ukuba iimeko zabantu ziyatshintsha. Xa ejamelene nokufelwa nguthile ngequbuliso okanye obunye ubunzima, kwanoyena mntu wanelisekileyo ngobomi abuphilayo unokuqalisa ukucinga ngokunzulu ngentsingiselo yobomi. Ngaba uya kufumaneka ukuze umncede loo mntu xa ‘ephaphela intswelo yakhe yokomoya’? (Mateyu 5:3) Kaloku, omnye kwintsimi yakho usenokuba ekulungele ukuphulaphula iindaba ezilungileyo xa ubuya kwakhona kwixesha elizayo!
11, 12. Kwenzeka ntoni kwenye idolophu, yaye sinokufunda ntoni koko?
11 Nokuma kwentsimi yethu kusenokutshintsha. Khawucinge ngalo mzekelo. Kwenye idolophana, iqela lezibini eziselula ezitshatileyo nezinabantwana lalingabahlobo abasenyongweni. Xa amaNgqina kaYehova etyelele apho, ayefumana intsabelo efanayo kuyo yonke iminyango, “Asinamdla!” Ukuba kukho ubani obonakalise umdla kwisigidimi soBukumkani, abamelwane babemdimaza ngokukhawuleza ukuba angaqhubeki enxibelelana namaNgqina. Ngokucacileyo, kwakulucelomngeni ukushumayela apho. Sekunjalo, amaNgqina akazange anikezele; aqhubeka eshumayela. Waba yintoni umphumo?
12 Ekuhambeni kwexesha, abantwana abaninzi kuloo dolophu bakhula, batshata, baza bahlala kwalapho. Bephawula ukuba indlela ebebephila ngayo ayikhange ibenze bafumane ulonwabo lokwenene, abanye baba bantu bakhulileyo baqalisa ukufuna inyaniso. Bathi bakusabela ngendlela entle kwiindaba ezilungileyo ezazivakaliswa ngamaNgqina, bayifumana. Ngoko ke, elo bandla lincinane laqalisa ukukhula emva kweminyaka emininzi. Khawube nombono wovuyo ababa nalo abo bavakalisi boBukumkani abangazange banikezele! Ngamana ukuzingisa kwethu ekwabelaneni nabanye ngesigidimi soBukumkani esizukileyo kungasizisela uvuyo nathi!
Amanye Amakholwa Aya Kukuxhasa
13. Sinokuphethukela kubani xa sidimazekile?
13 Xa iingcinezelo zisanda okanye xa usehlelwa yintlekele, unokuphethukela phi ukuze ufumane intuthuzelo? Izigidi zabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo ziqale ziphethukele kuYehova ngomthandazo, zandule ke ziye kubazalwana noodade abangamaKristu. Ngoxa wayesemhlabeni, noYesu ngokwakhe wayixabisa inkxaso yabafundi bakhe. Kubusuku obungaphambi kokufa kwakhe, wathetha ngabo esithi “niye nanamathela kum ezilingweni zam.” (Luka 22:28) Kakade ke, abo bafundi babengafezekanga, kodwa ukunyaniseka kwabo kwakuyintuthuzelo kuNyana kaThixo. Nathi sinokufumana amandla kwabanye abanquli.
14, 15. Yintoni eyanceda esinye isibini ukuba sihlangabezane nokufelwa ngunyana waso, yaye ufunda ntoni kumava aso?
14 UMichel noDiane, isibini esingamaKristu, bayibona indlela exabiseke ngayo inkxaso yabazalwana noodade. Unyana wabo oneminyaka engama-20 ubudala, uJonathan, owayengumKristu owomeleleyo noselula, wafunyaniswa ukuba unethumba ebuchotsheni. Oogqirha bazama ngenkalipho ukumsindisa, kodwa impilo kaJonathan yaya isiba mandundu de ngenye imva kwemini wafa. UMichel noDiane badandatheka kakhulu. Babeqonda ukuba iNtlanganiso Yenkonzo, eyayiqhutywa ngaloo ngokuhlwa, yayisele iza kuphela. Sekunjalo, ngenxa yokuba babefuna intuthuzelo ngamandla, bacela umdala owayekunye nabo ukuba abapheleke ukuya kwiHolo YoBukumkani. Bafika xa kanye kusaziswa ibandla ngokufa kukaJonathan. Emva kweentlanganiso, abazali ababenyembezana babengqongwe ngabazalwana noodade ababebanga yaye bebathuthuzela. UDiane ukhumbula oku: “Sasixhelekile ukufika kwethu eholweni, kodwa hayi indlela abasithuthuzela ngayo abazalwana—indlela abasomeleza ngayo! Nangona babengenakuyiphelisa intlungu esasinayo, basinceda ukuba siyinyamezele!”—Roma 1:11, 12; 1 Korinte 12:21-26.
15 Obo bunzima babangela ukuba uMichel noDiane basondele ngakumbi kubazalwana babo. Babangela ukuba nabo basondelelane. UMichel uthi: “Ndiye ndafunda ukumthanda nangakumbi umfazi wam. Xa sidimazekile, sithetha ngenyaniso yeBhayibhile nangendlela asomeleza ngayo uYehova.” UDiane wongezelela esithi: “Ithemba loBukumkani linentsingiselo ngakumbi kuthi ngoku.”
16. Kutheni kubalulekile ukuba sithabathe inyathelo lokuqala sazise abazalwana ngeentswelo zethu?
16 Ewe, abazalwana noodade wethu abangamaKristu ‘banokusomeleza’ ngamaxesha anzima ebomini baze ngaloo ndlela basincede silondoloze uvuyo lwethu. (Kolose 4:11) Kakade ke, abakwazi oko sikucingayo. Ngoko ke, xa sifuna inkxaso kuhle ukuba sibaxelele. Siya kwandula ke sivakalise uxabiso lokwenene ngentuthuzelo esiyifumana kubazalwana bethu, siyigqala njengevela kuYehova.—IMizekeliso 12:25; 17:17.
Jonga Kwibandla Lakho
17. Luluphi ucelomngeni ajamelana nalo omnye umama ongenaqabane lomtshato, yaye sibagqala njani abantu abanjengaye?
17 Okukhona ujonga amanye amakholwa ngokusondele ngakumbi, kokukhona uya kufunda ukuwaxabisa uze ufumane uvuyo ekunxulumaneni nawo. Jonga kwibandla lakho. Ubona ntoni? Ngaba kukho umzali ongenaqabane ozama ukukhulisela abantwana bakhe enyanisweni? Ngaba uye wacingisisa ngomzekelo omhle awumiselayo? Zama ukucinga ngezinye iingxaki ajamelana nazo. Umama ongenaqabane lomtshato ogama linguJeanine, ukhankanya ezinye zazo: ubulolo, ukuhendwa ngamadoda osebenza nawo, ukwenza uqingqo-mali ngemali encinane. Kodwa uthi, owona mqobo mkhulu kunayo yonke, uquka ukunyamekela abantwana bakhe ngokweemvakalelo, ekubeni mntwana ngamnye ahlukile komnye. UJeanine uchaza enye ingxaki: “Kunokuba lucelomngeni ngokwenene ukuphepha utyekelo lokwenza unyana wakho abe yintloko-ntsapho ukuze uvale indawo yokungabikho komyeni. Ndinomntwana oyintombazana, kodwa kunzima ukuba ndingamthwalisi umthwalo ongaphezu kwakhe ngokumxelela iingxaki ezinzulu endinazo.” Njengamawaka abazali abangenamaqabane aboyik’ uThixo, uJeanine uyasebenza ngokusisigxina yaye unyamekela intsapho yakhe. Ufundisisa iBhayibhile nabantwana bakhe, uyabaqeqesha kubulungiseleli aze aye nabo kwiintlanganiso zebandla. (Efese 6:4) Hayi indlela amele ukuba uvuya ngayo uYehova xa yonke imihla ebona imigudu eyenziwa yile ntsapho yokugcina ingqibelelo! Ngaba ubukho babantu abanjalo phakathi kwethu akusenzi sivuye ngokusuk’ entliziyweni? Eneneni, kunjalo.
18, 19. Zekelisa indlela esinokuwaxabisa ngokunzulu ngayo amalungu ebandla.
18 Khawuphinde ujonge ebandleni lakho. Usenokubona abahlolokazi nabahlolo ‘abangaphoswayo’ kukuya kwiintlanganiso. (Luka 2:37) Ngaba bakhe bazive bengamalolo? Kakade kunjalo. Bawakhumbula kakhulu amaqabane abo! Kodwa bazigcina bexakekile enkonzweni kaYehova yaye babonakalisa umdla wobuqu kwabanye. Ukuzinza kwabo nokuba nesimo sengqondo esifanelekileyo kwandisa uvuyo ebandleni! Omnye umKristu oye wakhonza kubulungiseleli bexesha elizeleyo ngaphezu kweminyaka engama-30 wathi: “Enye yezinto ezindivuyisa ngokwenene kukubona abazalwana noodade abakhulileyo abaye bajamelana nezilingo ezininzi besakhonza uYehova ngokuthembeka!” Ewe, amaKristu akhulileyo aphakathi kwethu alukhuthazo kakhulu kwabaselula.
19 Kuthekani ngabasebatsha abasandul’ ukuqalisa ukunxulumana nebandla? Ngaba akusikhuthazi ukubaphulaphula xa bevakalisa ukholo lwabo kwiintlanganiso? Khawucinge ngenkqubela abaye bayenza ukususela ukuqalisa kwabo ukufundisisa iBhayibhile. UYehova umele ukuba uyakholiswa kakhulu ngabo. Ngaba kunjalo nangathi? Ngaba siyabancoma ngemigudu yabo?
20. Kutheni kunokuthiwa lungu ngalinye lebandla linendima ebalulekileyo ebandleni?
20 Ngaba utshatile, akutshatanga okanye ungumzali ongenalo iqabane lomtshato? Ngaba uyinkwenkwe okanye intombazana engenayise (okanye engenanina), ungumhlolokazi okanye ungumhlolo? Ngaba uneminyaka emininzi unxulumana nebandla okanye ngaba usandul’ ukuqalisa ukunxulumana nalo? Qiniseka ukuba umzekelo wakho wokuthembeka ulukhuthazo kuthi sonke. Yaye xa uthelela ekuvumeni ingoma yoBukumkani, xa ugqabaza okanye usingatha isabelo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, igalelo lakho lisenza sivuye. Okona kubaluleke nangakumbi, kuvuyisa intliziyo kaYehova.
21. Sinezizathu ezininzi zokwenza ntoni, kodwa yiyiphi imibuzo ephakamayo?
21 Ewe, kwanakula maxesha aneengxaki, sinokuba novuyo ekunquleni uThixo wethu onoyolo. Sinezizathu ezininzi zokusabela kukhuthazo lukaPawulos oluthi: “Qhubekani ninemihlali, . . . yaye uThixo wothando nowoxolo uya kuba kunye nani.” (2 Korinte 13:11) Noko ke, kuthekani ukuba sijamelene nentlekele yemvelo, intshutshiso okanye ubunzima obugqithiseleyo bezoqoqosho? Ngaba sinokuhlala sivuya kwanakwiimeko ezinjalo? Qwalasela inqaku elilandelayo uze ubone isigqibo onokufikelela kuso.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 119, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Unokuphendula?
• Luchazwa njani uvuyo?
• Ukulondoloza isimo sengqondo esifanelekileyo kunokusinceda njani sihlale sivuya?
• Yintoni enokusinceda sibe nembono efanelekileyo ngentsimi yebandla lethu?
• Ziziphi iindlela obonisa ngazo ukuba unoxabiso ngabazalwana noodade abasebandleni lakho?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Abantu abakwintsimi yethu banokuguquka
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Luluphi ucelomngeni abajamelene nalo abo bakwibandla lakho?