Dumisa UYehova Ngenxa Yezenzo Zakhe Ezikhulu!
“Umphefumlo wam umenza mkhulu uYehova . . . ngenxa yokuba Lowo unamandla undenzele izenzo ezikhulu.”—LUKA 1:46-49.
1. Ziziphi izenzo ezikhulu esifanele simdumise ngenxa yazo uYehova?
UYEHOVA ufanelwe yindumiso ngenxa yezenzo zakhe ezikhulu. Xa umprofeti uMoses wayebalisa ngokuhlangulwa kukaSirayeli eYiputa, wathi: “Nazibonela ngawenu amehlo zonke izenzo ezikhulu awazenzayo uYehova.” (Duteronomi 11:1-7) Ngokufanayo, xa ingelosi uGabriyeli yavakalisa ukuzalwa kukaYesu kuMariya intombi enyulu, wathi: “Umphefumlo wam umenza mkhulu uYehova . . . ngenxa yokuba Lowo unamandla undenzele izenzo ezikhulu.” (Luka 1:46-49) NjengamaNgqina kaYehova, siyamdumisa ngenxa yezo zenzo zakhe zikhulu njengokukhulula uSirayeli ebukhobokeni baseYiputa nokukhawulwa koNyana wakhe amthandayo ngokumangalisayo.
2. (a) ‘Injongo kanaphakade’ kaThixo ithetha ntoni kuluntu oluthobelayo? (b) Yintoni eyabonwa nguYohane kwisiqithi sasePatmos?
2 Izenzo ezininzi zikaYehova ziye zanxityelelaniswa ‘nenjongo yakhe kanaphakade’ ukuze asikelele uluntu oluthobelayo esebenzisa uMesiya nolawulo lwakhe loBukumkani. (Efese 3:8-13) Loo njongo yayiqhubeka ikhula xa umpostile uYohane owalupheleyo wavunyelwa ukuba akrobe kumnyango ovulekileyo kumbono wasezulwini. Weva ilizwi elifana nexilongo lisithi: “Nyukela apha, ndikubonise izinto ezimele zenzeke.” (ISityhilelo 4:1) Ngoxa urhulumente waseRoma wayemgxothele kwisiqithi sasePatmos “ngenxa yokuthetha ngoThixo nokunikela ubungqina ngoYesu,” uYohane wafumana “isityhilelo ngoYesu Kristu.” Into eyabonwa ngulo mpostile nawayivayo yatyhila okuninzi ngenjongo kaThixo kanaphakade, ngaloo ndlela inikela ukukhanya kokomoya nokhuthazo olufike ngexesha elifanelekileyo kuwo onke amaKristu okwenyaniso.—ISityhilelo 1:1, 9, 10.
3. Abadala abangama-24 ababonwa nguYohane embonweni bafanekisela bani?
3 Ngaloo mnyango wawuvulekile ezulwini, uYohane wabona abadala abangama-24, behleli etroneni bethwele izithsaba njengookumkani. Bawa phantsi baza baqubuda phambi koThixo bathi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” (ISityhilelo 4:11) Abo badala bafanekisela onke amaKristu athanjisiweyo avuselwe kwizigxina eziphakamileyo awayezithenjiswe nguThixo. Bashukunyiselwa ukuba badumise uYehova ngenxa yezenzo zakhe ezikhulu ezinxulumene nendalo. Nathi siyamangaliswa xa sibona ubungqina ‘bamandla angunaphakade nobuThixo’ bukaYehova. (Roma 1:20) Yaye okukhona sifunda ngoYehova, kokukhona sifumana izizathu ezingakumbi zokumdumisa ngenxa yezenzo zakhe ezikhulu.
Vakalisa Izenzo ZikaYehova Ezincomekayo!
4, 5. Nika imizekelo ngeendlela uDavide awadumisa ngazo uYehova.
4 Umdumisi uDavide wamdumisa uThixo ngenxa yezenzo Zakhe ezikhulu. Ngokomzekelo, uDavide wavuma ingoma esithi: “Mculeleni uncuthu lwengoma, uYehova, ohlala eZiyon; zixeleni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. Ndibabale, Yehova; yibone inkxwaleko yam ngenxa yabo bandithiyileyo, Owu wena undiphakamisayo emasangweni okufa, ukuze ndizivakalise zonke izenzo zakho zokudunyiswa emasangweni entombi yeZiyon.” (INdumiso 9:11, 13, 14) Emva kokuba enike unyana wakhe uSolomon iplani yokwakha itempile, uDavide wambonga waza wamdumisa uThixo, esithi: “Bobakho, Yehova, ubukhulu namandla nobuhle nokubalasela nesidima . . . Bobakho ubukumkani, Yehova, wena uphakamileyo njengentloko yezinto zonke. . . . Ke kaloku, Thixo wethu, siyakubulela, silidumisa igama lakho elihle.”—1 Kronike 29:10-13.
5 Ngokuphindaphindiweyo iZibhalo ziyasikhuthaza—ewe, ziyasibongoza—ukuba sidumise uThixo, njengoko uDavide wenzayo. Incwadi yeeNdumiso iqulethe amabinzana amaninzi okudumisa uThixo, yaye malunga nesiqingatha sezi ngoma sinxulunyaniswa noDavide. Wayemdumisa yaye embulela uYehova rhoqo. (INdumiso 69:30) Ngaphezu koko, ukususela kumaxesha angaphambili, iingoma ezaqanjwa nguDavide nabanye, eziphefumlelwe nguThixo ziye zasetyenziswa ekudumiseni uYehova.
6. IiNdumiso eziphefumlelweyo ziluncedo njani kuthi?
6 Hayi indlela eziluncedo ngayo iiNdumiso kubanquli bakaYehova! Xa sifuna ukubulela uThixo ngenxa yazo zonke izenzo zakhe ezikhulu asenzela zona, sinokuphethulela iingqondo zethu kumazwi amnandi afumaneka kwiiNdumiso. Ngokomzekelo, xa sivuka ekuseni, sisenokushukunyiselwa ukuba sithethe amazwi afana nala: “Kulungile ukubulela kuYehova nokuculela igama lakho uncuthu lwengoma, wena ungOyena Uphakamileyo; ukubuxela kwakusasa ububele bakho bothando nokuthembeka kwakho ebudeni bobusuku, . . . kuba undenze ndanemihlali, Yehova, ngenxa yomsebenzi wakho; ngenxa yomsebenzi wezandla zakho ndimemelela ngovuyo.” (INdumiso 92:1-4) Xa sisoyisa umqobo ophazamisa inkqubela yethu yokomoya, sisenokutyekela ekuvakaliseni uvuyo nombulelo ngomthandazo, nanjengoko umdumisi wenzayo xa wavuma ingoma esithi: “Yizani simemelele ngovuyo kuYehova! Masidume ngoloyiso kulo iLiwa lethu losindiso. Masize phambi kwakhe sinombulelo; masidume ngoloyiso kuye ngoncuthu lwengoma.”—INdumiso 95:1, 2.
7. (a) Yintoni ephawulekayo ngeengoma ezininzi eziculwa ngamaKristu? (b) Sisiphi esinye sezizathu zokufika kwangethuba kwiintlanganiso zethu nokuhlala zide ziphume?
7 Ngokufuthi siphakamisa amazwi sivume iingoma zokudumisa uYehova kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane nezinkulu. Kuphawuleka ukuba uninzi lwezi ngoma lusekelwe kwiingcamango eziphefumlelweyo ezikwincwadi yeeNdumiso. Hayi indlela esivuya ngayo ngokuba kuye kwaqokelelwa iingoma ezichukumis’ intliziyo zokudumisa uYehova namhlanje! Ukuvuma iingoma zokudumisa uThixo sesinye sezizathu zokuba sifike kwangethuba kwiintlanganiso zethu yaye sihlale de ziphume ngaloo ndlela sibe nesabelo kunye nabanye abanquli ekudumiseni uYehova ngengoma nomthandazo.
“Dumisani uYa!”
8. Lithetha ukuthini igama elithi “Haleluya”?
8 Ibinzana elithi ukudumisa uYehova livela kwigama elithi “Haleluya,” eliguqulela ngokuthe ngqo ibinzana lesiHebhere elidla ngokuguqulelwa ngokuthi “Dumisani uYa.” Ngokomzekelo, kwiNdumiso 135:1-3, sifumana esi simemo sifudumeleyo sibekwa ngendlela egxininisayo esithi: “Dumisani uYa! Dumisani igama likaYehova, nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova, nina nimiyo endlwini kaYehova, ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu. Dumisani uYa, kuba uYehova ulungile. Liculeleni uncuthu lwengoma igama lakhe, kuba liyathandeka.”
9. Yintoni esishukumisela ukuba sidumise uYehova?
9 Njengoko sicamngca ngemisebenzi kaThixo emangalisayo yendalo nazo zonke izinto asenzela zona, uxabiso esinalo olusuka ezintliziyweni lusishukumisela ukuba simdumise. Xa sicinga ngezinto ezimangalisayo uYehova awazenzela abantu bakhe kumaxesha adlulayo, iintliziyo zethu zisishukumisela ukuba simdumise. Yaye njengoko sicamngca ngezinto ezinkulu uYehova athembise ukusenzela zona kwixesha elizayo, sikhangela iindlela esinokumdumisa nesinokumbulela ngazo.
10, 11. Kutheni sifanele simdumise uThixo ngenxa yobukho bethu?
10 Ubukho nje bethu sisizathu esibambekayo sokudumisa uYa. UDavide wavuma ingoma esithi: “Ndiya kukubonga [Yehova] ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.” (INdumiso 139:14) Ewe, ‘senziwe ngokumangalisayo’ yaye sineziphiwo ezixabisekileyo njengokubona, ukuva namandla okucinga. Ngoko ke, ngaba asifanele siphile ngendlela eya kudumisa uMenzi wethu? UPawulos wathetha okufanayo xa wabhala oku: “Ngoko ke, enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.”—1 Korinte 10:31.
11 Zonke izinto siya kuzenzela uzuko lukaYehova ukuba simthanda ngokwenene. UYesu wathi umyalelo wokuqala ngulo: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.” (Marko 12:30; Duteronomi 6:5) Ngokuqinisekileyo, sifanele simthande uYehova size simdumise njengoMenzi wethu noMniki waso “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17; Isaya 51:13; IZenzo 17:28) Ngapha koko, amandla ethu okuqiqa, imeko yethu yokomoya namandla esinawo—zonke iimpawu nobuchule esinabo—konke kuvela kuYehova. NjengoMdali wethu, sifanele simthande size simdumise.
12. Uvakalelwa njani ngezenzo zikaYehova ezikhulu nangamazwi akwiiNdumiso 40:5?
12 Izenzo ezikhulu zikaYehova zisinika izizathu ezininzi zokuba simthande size simdumise! UDavide wavuma ingoma esithi: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi; akukho namnye onokuthelekiswa nawe. Ukuba bendityekele ekuxeleni ndize ndithethe ngazo, zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa.” (INdumiso 40:5) UDavide akazange akwazi ukubalisa ngayo yonke imisebenzi kaYehova emangalisayo, nathi asinakukwazi. Kodwa masisoloko simdumisa uThixo xa omnye wemisebenzi yakhe emikhulu usiziswa engqalelweni yethu.
Izenzo Ezinxulumene Nenjongo KaThixo Kanaphakade
13. Ithemba lethu linxibelelene njani nezenzo ezikhulu zikaThixo?
13 Ithemba lethu ngekamva linxibelelene ngokusondeleyo nezenzo ezikhulu nezincomekayo ezinokuthanani nenjongo kaThixo kanaphakade. Emva kwemvukelo yase-Eden, uYehova wathetha ngesiprofeto esasinik’ ithemba. Ewisa isigwebo kwinyoka uThixo wathi: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Genesis 3:15) Ithemba ngeMbewu eyathenjiswa umfazi lahlala lihleli kwiintliziyo zabantu abathembekileyo emva kokuba uYehova enze isenzo esikhulu sokulondoloza uNowa nentsapho yakhe kuNogumbe womhlaba wonke owatshabalalisa ihlabathi elingendawo. (2 Petros 2:5) Izithembiso ekwaprofetwa ngazo kumadoda okholo anjengoAbraham noDavide zenza kwaqondwa ngakumbi oko kwakuya kuphunyezwa nguYehova esebenzisa loo Mbewu.—Genesis 22:15-18; 2 Samuweli 7:12.
14. Nguwuphi owona mzekelo ubalaseleyo wezenzo zikaYehova ezikhulu awazenzela uluntu?
14 Eyona ndlela ibalaseleyo uYehova awabonakala ngayo njengowenza izenzo ezikhulu ngenxa yoluntu yabonakala xa wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo—iMbewu ethenjisiweyo, uYesu Kristu—ukuba abe lidini lentlawulelo. (Yohane 3:16; IZenzo 2:29-36) Intlawulelo yaba sisizinzi sokuxolelaniswa noThixo. (Mateyu 20:28; Roma 5:11) UYehova wahlanganisa abantu bokuqala ababexolelaniswe naye kwibandla lobuKristu, elamiselwa ngePentekoste yowama-33 C.E. Ngoncedo lomoya oyingcwele, bashumayela iindaba ezilungileyo kuyo yonke indawo, bebonisa indlela ukufa nokuvuka kukaYesu okuluvulela ngayo uluntu oluthobelayo ukuba lufumane iintsikelelo ezingunaphakade phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo basezulwini.
15. Sisiphi isenzo esimangalisayo esiye senziwa nguYehova kumhla wethu?
15 Kulo mhla wethu, uYehova uye wenza ngendlela emangalisayo ngokuhlanganisa amaKristu athanjisiweyo okugqibela. Imimoya yentshabalalo iye yabanjwa ukuze kuvulelwe ithuba lokutywina intsalela yabali-144 000, abaya kulawula noKristu ezulwini. (ISityhilelo 7:1-4; 20:6) UThixo uye waqinisekisa ukuba amaKristu athanjisiweyo ayakhululwa ekuthinjweni kokomoya ‘yiBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:1-5) Oko kukhululwa kwawo ngowe-1919 nokukhuselwa kwawo nguThixo kuye kwabangela intsalela ethanjisiweyo ukuba yenze ntoni? Kuye kwayibangela ukuba ikhanye ukuze inikele ubungqina bokugqibela ngaphambi kokuba uYehova aphelise le nkqubo yezinto kaSathana ingendawo ‘kwimbandezelo enkulu’ esondela ngokukhawuleza.—Mateyu 24:21; Daniyeli 12:3; ISityhilelo 7:14.
16. Yintoni eqhubekayo ngenxa yomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa emhlabeni wonke namhlanje?
16 AmaNgqina kaYehova athanjisiweyo aye akhokela ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke. Ngenxa yoko, inani elandayo ‘lezinye izimvu’ ngoku liba ngabanquli bakaYehova. (Yohane 10:16) Siyavuya ngenxa yokuba lisavulekile ithuba lokuba abo balulamileyo bomhlaba basithelele ekudumiseni uYehova. Abo basabelayo kwisimemo esithi “yiza” banethemba lokusindiswa kwimbandezelo enkulu, baze badumise uYehova kuse emaphakadeni.—ISityhilelo 22:17.
Amawaka Athontelana Kunqulo Oluyinyaniso
17. (a) UYehova uzenza njani izenzo ezikhulu ngokuphathelele umsebenzi wethu wokushumayela? (b) Uzaliseka njani uZekariya 8:23?
17 UYehova ngoku wenza izenzo ezikhulu nezincomekayo ngokuphathelele umsebenzi wethu wokushumayela. (Marko 13:10) Kwiminyaka yakutshanje uye ‘wavula iminyango emikhulu ekhokelela emsebenzini.’ (1 Korinte 16:9) Oku kuye kwabangela ukuba iindaba ezilungileyo zivakaliswe kwintsimi enkulu apho ngaphambili iintshaba zenyaniso zazifudula zixabe endleleni. Abantu abaninzi ababekade besebumnyameni ngokomoya ngoku bayasabela kwisimemo sokunqula uYehova. Bazalisekisa la mazwi esiprofeto: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, ‘Ngezo mini ke amadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga aya kubamba, ewe, okunene aya kubamba isondo lendoda engumYuda, esithi: “Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.”’” (Zekariya 8:23) “Amadoda alishumi” ngamaYuda okomoya, intsalela yanamhlanje yamaKristu athanjisiweyo. Ekubeni ishumi limela ukuphelela kwezinto zasemhlabeni “amadoda alishumi” amela “isihlwele esikhulu” esimanyaniswa ‘noSirayeli kaThixo,’ ukuze babumbe ‘umhlambi omnye.’ (ISityhilelo 7:9, 10; Galati 6:16) Hayi indlela ekuluvuyo ngayo ukubona abantu abaninzi kangaka benikela inkonzo engcwele kunye njengabanquli bakaYehova uThixo!
18, 19. Bubuphi ubungqina bokuba uYehova uyawusikelela umsebenzi wokushumayela?
18 Sinemincili ngenxa yokuba abantu abangamashumi amawaka—eneneni abangamakhulu amawaka—bamkela unqulo oluyinyaniso kumazwe ekwakufudula kwesamele unqulo lobuxoki kuwo lawo kwakubonakala ngathi abantu abalapho abanakuze bazamkele iindaba ezilungileyo. Hlola Incwadi Yonyaka YamaNgqina kaYehova yalo nyaka, uze ubone amazwe anabavakalisi boBukumkani abafaka ingxelo abasusela kwi-100-000 ukusa kwabamalunga nesi-1 000 000. Obu bubungqina obunamandla bokuba uYehova uyawusikelela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani.—IMizekeliso 10:22.
19 Njengabantu bakaYehova, siyamdumisa size simbulele uBawo wethu osemazulwini ngokusinika injongo yokwenene ebomini, umsebenzi onomvuzo enkonzweni yakhe, nethemba eliqaqambileyo ngekamva. Silindele ngolangazelelo ukuzaliseka kwawo onke amadinga kaThixo yaye sizimisele ‘ukuzigcina kuthando lukaThixo, sikhangele kubomi obungunaphakade.’ (Yude 20, 21) Hayi indlela esivuya ngayo kukubona isihlwele esikhulu esidumisa uThixo ngoku esimalunga nezi-6 000 000! Ngenxa yentsikelelo kaYehova, intsalela ethanjisiweyo kunye namaqabane ayo ezinye izimvu balungelelaniswe kumabandla amalunga nama-91 000 kumazwe angama-235. Sonke siyondliwa ngokomoya ngenxa yemigudu yenkuthalo eyenziwa ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Intlangano yobuthixo eyandayo eyenza umsebenzi wokuvelela ngothando yalathisa umsebenzi woBukumkani kwiiofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova ezili-110. Sinombulelo kuba uYehova eye washukumisa iintliziyo zabantu bakhe ukuze ‘bambeke ngezinto zabo zexabiso.’ (IMizekeliso 3:9, 10) Ngenxa yoko, umsebenzi wethu wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke uyaqhubeka, kwakhiwa izakhiwo zokushicilela, amakhaya aseBheteli nawabavangeli basemazweni, iiHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano.
20. Kufanele kusichaphazele njani ukucinga ngezenzo zikaYehova ezikhulu nezimangalisayo?
20 Asinakukwazi ukukhankanya zonke izenzo ezikhulu nezincomekayo zikaBawo wethu osemazulwini. Kodwa ngaba ukho nabani na onentliziyo enyanisekileyo onokungavumi ukuthelela isihlwele sabantu abadumisa uYehova? Ngokuqinisekileyo akakho! Ngoko ke, bonke abathanda uThixo mabamemelele ngovuyo besithi: “Dumisani uYa! Dumisani uYehova emazulwini, mdumiseni ezindaweni eziphakamileyo. Mdumiseni, nonke nina zingelosi . . . nina bafana kwanani zintombi ezinyulu, nina madoda amakhulu kunye namakhwenkwe. Mabalidumise igama likaYehova, kuba ligama lakhe lodwa eliphakame ngokungenakufikeleleka. Isidima sakhe siphezu komhlaba nezulu.” (INdumiso 148:1, 2, 12, 13) Ewe, ngoku nangonaphakade, masidumise uYehova ngenxa yezenzo zakhe ezikhulu!
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ziziphi ezinye zezenzo zikaYehova ezincomekayo?
• Yintoni ekuqhubela ekudumiseni uYehova?
• Ithemba lethu linxibelelene njani nezenzo zikaThixo ezikhulu?
• UYehova uzenza njani izenzo ezincomekayo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba uthelela ngentliziyo yakho yonke xa kuvunywa iingoma zokudumisa uYehova?
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Siyavuya kuba lisavulekile ithuba lokuba abalulamileyo basithelele ekudumiseni uYehova