Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
UThixo Uzisule Iinyembezi Zakhe
ABANTU abaphila ngokuvisisana nemithetho nemigaqo kaYehova bayasikelelwa kakhulu. Nangona ukwenza utshintsho olufunekayo kungasoloko kulula, uncedo nokhuthazo luyafumaneka. (INdumiso 84:11) La mava alandelayo avela eMzantsi Mpuma Asiya angumzekelo woku.
Ngoxa lalisekhefini, elinye iNgqina elivela eFransi lathetha nomnini-venkile ogama linguKima ngenjongo kaYehova ngomhlaba. Lashiyela uKim umbhalo wencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Xa wayetyhila le ncwadi, uKim wadibana namazwi athi, “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.” (ISityhilelo 21:4) UKim uthi: “Le ndinyana yandichukumisa kakhulu. Nakuba ndandincuma ndize ndincokole imini yonke evenkileni, ngubani owayenokwazi ukuba xa ndifika ekhaya ngokuhlwa, ndikhala ndide ndiyokulala?” Echaza unobangela wentlungu yakhe, uthi: “Ndandihlala nendoda kangangeminyaka eli-18 yaye ndandingonwabanga kuba yayingafuni ukunditshata. Ndandifuna ukuyeka ukuphila ngolu hlobo, kodwa ngenxa yokuba ndandisele ndihleli nayo ixesha elide, ndandingenayo inkalipho yokwenjenjalo.”
Kungekudala, uKim wamkela isifundo seBhayibhile komnye wamaNgqina kaYehova ogama linguLinh. UKim uthi: “Ndandifuna ngamandla ukusebenzisa oko iBhayibhile ikufundisayo.” “Ngokomzekelo, ndayeka ukunqula izinyanya, nangona oku kwakhokelela ekubeni ndichaswe yintsapho yakowethu. Ngaphezu koko, ndazama ukubhalisa umtshato ngokusemthethweni, kodwa iqabane lam alizange livume. Ebudeni beli xesha linzima, iNgqina laseFransi laqhubeka lindithumelela iimpapasho zeBhayibhile, yaye uLinh wayendikhuthaza kakhulu. Umonde nenkxaso yothando yaba dade yandinceda ndanyamezela de ndalibona iqabane lam ukuba lingumntu onjani. Ndafumanisa ukuba lalisele ‘linabafazi’ aba-5 nabantwana abangama-25! Oko kwandenza ndanenkalipho yokulishiya.
“Kwakungelula ukumka kwikhaya elikhulu nelitofotofo ndize ndiye kuhlala kwisakhiwo esincinane. Ngaphezu koko, owayesakuba liqabane lam wandinyanzela ukuba ndihlale naye kwakhona, wada wandisongela ngokundenzakalisa ngeasidi xa ndingavumi. Ngoncedo lukaYehova, ndakwazi ukwenza okulungileyo.” UKim waqhubeka esenza inkqubela yaye ekugqibeleni wabhaptizwa ngoAprili 1998. Ngaphezu koko, oodade wabo ababini nonyana wakhe okwishumi elivisayo baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova.
UKim uthi: “Ndandikade ndicinga ukuba ndiya kuhlala ndingenathemba ebomini. Noko ke, namhlanje ndonwabile, andisakhali ebusuku. UYehova sele ezisulile iinyembezi emehlweni am.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Amagama aguquliwe.