IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w01 9/15 iphe. 8-9
  • Iindibano—Iziqinisekiso Ezivuyisayo Zobuzalwana Bethu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iindibano—Iziqinisekiso Ezivuyisayo Zobuzalwana Bethu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imigudu Yokubakho
  • Ubuzalwana Bokwenene
  • Iindibano Ubungqina Bobuzalwana Bethu
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • INdibano YeSithili NeyeZizwe NgeZizwe “Yokuphila Ngendlela KaThixo” Yowe-1998
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • UYehova Uyabahlanganisa Abantu Bakhe Abanovuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • IiNdibano Zethu ZeSithili—Ubungqina Obunamandla Benyaniso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
w01 9/15 iphe. 8-9

Nime Ngokuqinileyo Ningahexi

Iindibano—Iziqinisekiso Ezivuyisayo Zobuzalwana Bethu

UJOSEPH F. RUTHERFORD oneminyaka engama-50 ubudala, onempilo enkenenkene emva kokuba echithe ixesha elingangonyaka evalelwe entolongweni ngokungekho sikweni, usebenza njengomthunywa. Uyaxhakazela ziisutikheyisi kwaye unceda amanye amaKristu ngokuwabonisa amagumbi aza kuhlala kuwo kuloo hotele. Ababini kwabo wayevalelwe nabo—nabo abangaBafundi beBhayibhile—baba amagumbi kwisihlwele sabantu esilindele ukufumana iindawo zokuhlala. Umsebenzi uyaqhubeka de kube sezinzulwini zobusuku. Bonke bayosulelana ngokuba nemincili. Ibe kwenzeka ntoni bethu?

Kungowe-1919, yaye aBafundi beBhayibhile (namhlanje abaziwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova) basazikhoth’ amanxeba emva kokuba beye batshutshiswa ngolunya kangangethuba elithile. Ukuze bomeleze izintlu zabo, baqhuba indibano eCedar Point, eOhio, eUnited States, ngoSeptemba 1-8, ngowe-1919. Ngosuku lokugqibela lwale ndibano, isihlwele esinemincili esingama-7 000 siphulaphula ngenyameko njengoko uMzalwan’ uRutherford ekhuthaza ngamnye kwabo beze endibanweni esithi: “Ningabameli boKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi, nivakalisa kubantu . . . ubukumkani obuzukileyo beNkosi yethu.”

Kubantu bakaYehova, iindibano zaqalisa kwimihla kaSirayeli wamandulo. (Eksodus 23:14-17; Luka 2:41-43) Ezo mbutho zaziba zizihlandlo zovuyo, zinceda bonke abakhoyo ukuba bagcine iingqondo zabo kwiLizwi likaThixo. Ngokufanayo, iindibano zamaNgqina kaYehova zale mihla zinikela ingqalelo kwizilangazelelo zokomoya. Kubabukeli abanyanisekileyo, ezi mbutho zovuyo zinikela ubungqina obungenakuphikiswa bokuba amaNgqina amanyaniswe liqhina elinamandla lobuzalwana bamaKristu.

Imigudu Yokubakho

AmaKristu ale mihla ayaqonda ukuba iindibano zawo zingamaxesha okuhlaziywa ngokomoya nokufundiswa iLizwi likaThixo. Agqala ezi ntlanganiso zinkulu njengendlela ebalulekileyo yokuwanceda ‘eme ngokuqinileyo angahexi kuko konke ukuthanda kukaThixo.’ (Kolose 4:12) Ngaloo ndlela, amaNgqina azixhasa ngentliziyo epheleleyo ezi mbutho, esenza umgudu onyanisekileyo wokubakho kuzo.

Kwamanye, kwaukubakho nje kwezi ndibano kufuna ukholo nokuba koyiswe imiqobo emikhulu. Ngokomzekelo, khawucinge ngeNgqina elikhulileyo laseOstriya. Nangona lalinesifo seswekile kwaye lifanele litofwe i-insulin mihla le, laqiniseka ukuba liya ngazo zonke iintsuku kwindibano yesithili yelizwe lalo. EIndiya, intsapho enkulu ehlwempuzekileyo yamaNgqina yafumanisa ukuba ayinakukwazi ukuya endibanweni. Elinye ilungu laloo ntsapho leza necebo. Lithi: “Ngenxa yokuba ndandingafuni ukuphoswa seso sihlandlo, ndathengisa amacici am egolide ukuze sifumane imali yokuhamba. Andizisoli ngokwenza oko, kuba unxulumano kunye namava alomeleza ukholo lwethu.”

EPapua New Guinea, iqela labantu abanomdla abangabhaptizwanga lazimisela ukuya kwindibano yesithili eyayikwidolophu elikomkhulu. Laya kwindoda eyayinesithuthi sikawonke wonke kwilali yalo laza labuza ukuba ingalihlawulisa malini na ngokuya endibanweni. Ekubeni ixabiso lalixhome kakhulu, lenza amalungiselelo okuba lisebenze kumzi wale ndoda, lilungise igumbi layo lokuphekela. Ngaloo ndlela lakwazi ukuya kufika kwindibano yesithili laza langenelwa ngokubakho kulo lonke ucwangciso.

Umgama awungomqobo kumaNgqina kaYehova xa efuna ukuya kwiindibano. Ngowe-1978, olunye undwendwe oluselula lwasePoland lwahamba iikhilomitha ezili-1 200 ngebhayisekile iintsuku ezintandathu, lusiya kwindibano eyayiseLille, eFransi. Ebudeni behlobo lowe-1997, amaNgqina amabini aseMongolia ahamba iikhilomitha ezili-1 200 esiya kwimbutho yamaKristu eyayiseIrkutsk, eRashiya.

Ubuzalwana Bokwenene

Umanyano nobuzalwana bamaNgqina kwiindibano zawo buyazicacela kubabukeli abanyanisekileyo. Abaninzi baye bachukunyiswa kukungabikho kwekhethe kubantu abeze endibanweni naluthando lokwenene olubakho phakathi kwabo baqalayo ukubonana.

Ebudeni bendibano yakutshanje yezizwe ngezizwe yaseOstreliya, umkhenkethisi owayehamba neqela labo babeze endibanweni kangangeveki wafuna ukuhlala nalo kangangethutyana ukuze anandiphe unxulumano nabo. Echukunyiswe luthando nalumanyano lwabo, akazange ayikholelwe into yokuba laliphathana kakuhle ngolo hlobo. Xa kwafika ixesha lokuba emke, wacela ingqalelo yalo. Elibiza ngokuthi “bazalwana noodade,” waqalisa ukulibulela kodwa akazange agqibe, kuba wabindeka zaza zehla iinyembezi.

Ngowe-1997, eSri Lanka kwabakho indibano yesithili yokuqala yeelwimi ezintathu kwibala lemidlalo elikhulu. Lonke olo cwangciso lwanikelwa ngexesha elinye ngesiNgesi, ngesiSinhalese nangesiTamil. Kwindawo apho amaqela ezizwe esiya egxeleshana ngezikhondo zamehlo, imbutho enjalo yaphawuleka. Elinye ipolisa labuza umzalwana lisithi: “Ngubani kanye lo uqhuba le ndibano—ngamaSinhalese, ngamaTamil okanye ngamaNgesi?” “Asiloqela eliqhuba le ndibano,” waphendula lo mzalwana. “Siyiqhuba sonke ngaxhatha linye.” Elo polisa labamb’ ongezantsi. Xa onke loo maqela ezo lwimi adibana kumthandazo wokuqukumbela waza u-“Amen” wavakala kulo lonke elo bala lemidlalo, abo babeze endibanweni baqhwaba izandla. Yayibubutyadidi ziinyembezi kubaphulaphuli. Ewe, iindibano zisisiqinisekiso esivuyisayo sobuzalwana bethu.—INdumiso 133:1.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona iphepha 66-77, 254-82 lencwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share