Kuthetha Ukuthini Ukunyaniseka?
AMAHASID angamaYuda enkulungwane yesibini Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo ayezigqala enyanisekile ngokwenene. Igama lawo livela kwibinzana elithi cha·sidhʹ, ibinzana elisisiseko lesiHebhere elithetha “ukunyaniseka.” Lisuka kwisibizo esithi cheʹsedh, esidla ngokuguqulelwa ngokuthi “ububele bothando,” “uthando olunyanisekileyo,” “ububele,” “ukulunga,” “inceba.” Ngokutsho kweTheological Dictionary of the Old Testament, ibinzana elithi cheʹsedh “ligama elibonisa isenzo, lisetyenziswa ebantwini, yaye lisisenzo esiqhubekayo kwaye limela kungekuphela nje isimo sengqondo somntu, kodwa nesenzo esiphenjelelwa seso simo sengqondo. Sisenzo esilondoloza size siphucule ubomi. Esi senzo siluncedo kumntu ojamelene namashwa nokudandatheka. Yimbonakaliso yobuhlobo.”
Ngokucacileyo, kwiilwimi ezininzi alikho igama elinye elinokuchaza intsingiselo epheleleyo enxulumene neli binzana lesiHebhere lisetyenziswe eBhayibhileni. Sekunjalo, ngokwengcamango yeBhayibhile ukunyaniseka kuthetha okungakumbi kunokuphumeza iimbopheleleko ngokuthembeka. Kuquka ingcamango yokutsaleleka ngothando kwinto ethile nokuthabatha inyathelo eliluncedo ukuze kungenelwe abanye. Ukuze ukuqonde kakuhle oko kuthethwa kukunyaniseka ngokwenene, khawuqwalasele indlela uYehova akubonakalisa ngayo oku kuAbraham, kuMoses, kuDavide, kuhlanga lakwaSirayeli nakuluntu ngokubanzi.
UYehova Wabonakalisa Ukunyaniseka
UYehova wamxelela oku umhlobo wakhe uAbraham: “Ndilikhaka lakho.” (Genesis 15:1; Isaya 41:8) La yayingengomazwi nje angenantsingiselo. UYehova wamkhusela waza wamsindisa uAbraham kunye nendlu yakhe kuFaro nakuAbhimeleki. Wamnceda uAbraham wasindisa uLote kwiyelenqe lookumkani abane. UYehova wabuyisela amandla okuvelisa inzala kuAbraham oneminyaka eli-100 ubudala noSara oneminyaka engama-90 ubudala ukuze ngabo kuveliswe iMbewu ethenjisiweyo. UYehova wayenxibelelana noAbraham ngokuthe ngqo ngemibono, amaphupha nangezithunywa eziziingelosi. Enyanisweni, uYehova wabonakalisa ukunyaniseka kuAbraham ngoxa wayephila nasemva kokufa kwakhe. Ngaphezu kweenkulungwane, uYehova wasigcina isithembiso sakhe kwimbewu ka-Abraham, kuhlanga lakwaSirayeli, nangaphezu nje kweendlela zalo ezinxaxhileyo. Ulwalamano lukaYehova noAbraham lwaluyimbonakaliso yoko kukuko ukunyaniseka kokwenene—uthando oluguqulelwe kwisenzo.—IGenesis, isahluko 12 ukusa kwesama-25.
Kukwathiwa “uYehova wathetha kuMoses ubuso ngobuso, njengomntu ethetha nedlelane lakhe.” (Eksodus 33:11) Ewe, uMoses wayenolwalamano olusenyongweni noYehova kunaye nawuphi na umprofeti ongaphambi koYesu Kristu. UYehova wakubonakalisa njani ukunyaniseka kuMoses?
Njengendoda eneminyaka engama-40 ubudala enamandla nesakhono, uMoses wakwenza uxanduva lwakhe ukukhulula abantu bakowabo. Kodwa lalingekafiki ixesha lokwenjenjalo. Kwafuneka abaleke ukuze asindise ubomi bakhe. Kangangeminyaka engama-40 wayesalusa izimvu kwaMidiyan. (IZenzo 7:23-30) Sekunjalo, uYehova akazange amlahle. Ngexesha elifanelekileyo, uMoses wabuyiswa ukuba aze kukhokela amaSirayeli awakhuphe eYiputa.
Ngokufanayo, uYehova wabonisa ukunyaniseka kuDavide, ukumkani wesibini odumileyo kaSirayeli. Ngoxa uDavide wayeselula, uYehova waxelela umprofeti uSamuweli esithi: “Sukuma, mthambise, kuba nguye lo!” Ukususela ngoko ukusa phambili, ngokunyaniseka uYehova wamkhusela waza wamkhokela uDavide ngoxa wayekhula esiba ngukumkani olandelayo kaSirayeli ephela. UYehova wamhlangula “ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere” nasesandleni sengxilimbela yomFilisti uGoliyati. Wabangela ukuba uDavide asoloko ezoyisa iintshaba zamaSirayeli, yaye uYehova wamhlangula uDavide kumkhonto kaSawule onomona nentiyo.—1 Samuweli 16:12; 17:37; 18:11; 19:10.
Kakade ke, uDavide wayengengomntu ofezekileyo. Enyanisweni, wenza isono esinzulu kakhulu. Noko ke, kunokuba amnikel’ umva, uYehova wabonakalisa uthando olunyanisekileyo kuDavide oguqukileyo. Kubo bonke ubomi bukaDavide, ngokuphindaphindiweyo uYehova wayesenza unako-nako wokuba akhuseleke aze aphile. Wayengenelela ngenxa yalowo ubandezelekileyo. Ngenene, obu yayibububele bothando!—2 Samuweli 11:1–12:25; 24:1-17.
Uhlanga lwakwaSirayeli luphela lwangena kulwalamano olukhethekileyo noYehova xa lwavuma ukuthobela imiqathango yomnqophiso yoMthetho kaMoses kwiNtaba yeSinayi. (Eksodus 19:3-8) Ngenxa yoko, kuthiwa amaSirayeli akulwalamano lomtshato noYehova. Kwathiwa kumaSirayeli: “UYehova wakubiza ngokungathi ubungumfazi.” Yaye uYehova wathi kuwo: “Ngobubele bothando ndiza kuba nenceba kuwe ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isaya 54:6, 8) UYehova wakubonakalisa njani ukunyaniseka kolu lwalamano lukhethekileyo?
UYehova wathabatha inyathelo lokunyamekela iimfuno zamaSirayeli nokuqinisa ulwalamano lwawo naye. Wawakhulula eYiputa, wawaqokelela wawenza uhlanga, waza wawangenisa “ezweni eliqukuqela ubisi nobusi.” (Eksodus 3:8) Esebenzisa ababingeleli, abaLevi kunye nabaprofeti abalandelelanayo, ngokuthe rhoqo wayewanika imiyalelo yokomoya. (2 Kronike 17:7-9; Nehemiya 8:7-9; Yeremiya 7:25) Xa olu hlanga lwakhonza abanye oothixo, uYehova walubuyisela endleleni. Xa lwaguqukayo, waluxolela. Eneneni, uhlanga lwakwaSirayeli ‘lwalungumfazi’ oqaqadekileyo. Sekunjalo, uYehova akazange akhawuleze alulahle. Ngenxa yezithembiso zakhe kuAbraham, ngokuthembeka wahlala namaSirayeli yada yazaliseka injongo Yakhe ngokuphathelele wona. (Duteronomi 7:7-9) Onjani ukuchukumisa umzekelo wabantu abatshatileyo namhlanje!
Kwakhona uYehova ubonakalisa ukunyaniseka kuluntu ngokubanzi namhlanje kuba uyazinyamekela iintswelo zobomi ezisisiseko zabantu bonke, abangamalungisa nabangengomalungisa. (Mateyu 5:45; IZenzo 17:25) Ngaphezu koko, uye wanikela ngoNyana wakhe ukuba abe lidini lentlawulelo ukuze uluntu lonke lukhululwe kubukhoboka besono nokufa luze lunandiphe ithemba eliqaqambileyo lobomi obufezekileyo, ubomi obungenasiphelo eParadesi. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16) Ilungiselelo lentlawulelo yayisisenzo esigqibeleleyo sokulondoloza nokuphucula ubomi. Ngenene yaba “luncedo kumntu ojamelene namashwa nokudandatheka.”
Bonisa Ukunyaniseka Kwakho Ngezenzo Eziluncedo
Ngenxa yokuba isisithetha-ntonye nobubele bothando, ukunyaniseka kukwaqulethe ingcamango engamandla yemvisiswano. Ukuba ububele bothando buye babonakaliswa kuwe, kunokulindelwa ukuba nawe wenze okufanayo. Ukunyaniseka kuyabuyiselwa ngendlel’ efanayo. Ukuba uDavide wayekuqonda okubandakanyekileyo kwibinzana elithi cheʹsedh kubonakala kumazwi akhe athi: “Ndiya kuqubuda ngasetempileni yakho engcwele, kwaye ndiya kulibonga igama lakho.” Ngoba? “Ngenxa yobubele bakho bothando nangenxa yenyaniso yakho.” (INdumiso 138:2) Njengoko wamkela ububele bothando bukaYehova, ngokuqinisekileyo uDavide washukunyiselwa ukuba amnqule aze amdumise. Ngoko, njengoko sicamngca ngendlela uYehova abonakalise ububele bothando kuthi, ngaba sishukunyiselwa ukuba senze okufanayo kuye? Ngokomzekelo, ukuba igama likaYehova liyagculelwa, ngaba inkxalabo ngodumo lwakhe oluhle ikushukumisela ukuba umthethelele?
Oku koko kwenzekayo komnye osandul’ ukuba ngumKristu kunye nomfazi wakhe xa baya kumngcwabo wesalamane esasife kwingozi yesithuthuthu. Akuzange kubekho nkonzo yomngcwabo, yaye ababekho babevumelekile ukuba baphos’ amazwi ngomfi. Esinye isithethi saqalisa ukugxeka uThixo ngokufa ngesiquphe kwalo mfana uselula ngokuthi ‘uThixo umfuna ezulwini, ngoko uye wamthabatha.’ Umzalwana wethu ongumKristu akazange akwazi ukuhlala athi cwaka. Waya eqongeni, nangona wayengenayo iBhayibhile okanye amanqaku abhalwe phantsi. Wabuza, “ngaba nicinga ukuba uThixo onenceba, onovelwano, namandla amakhulu wanelisekile ziimeko ezilolu hlobo?” Wandula ke waqhubeka nentshumayelo engacwangciswanga kangangemizuzu elishumi ecaphula eZibhalweni ecacisa isizathu sokuba sife, oko uThixo akwenzileyo ukusindisa uluntu ekufeni, nethemba elimangalisayo lokuvuselwa kubomi obungenasiphelo kwiparadesi esemhlabeni. Abantu abangaphezu kwe-100 ababelapho baqhwaba izandla kangangethuba elide. Kamva loo mzalwana wabalisa: “Ndaziva ndinovuyo endingazange ndaba nalo ngaphambili. Ndambulela uYehova ngokundifundisa ngobulumko bakhe nangokundinika ithuba lokumela igama lakhe elingcwele.”
Ukunyaniseka kuYehova kuquka ukunyaniseka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngoba? Kuba ngeBhayibhile, uYehova usifundisa indlela yokuphila. Imithetho nemigaqo ebhalwe kuyo ngokwenene yeyona miyalelo ifanelekileyo neyingenelo ebomini. (Isaya 48:17) Ungavumeli ingcinezelo yabanye okanye ubuthathaka bakho bukwenze ukuba uphambuke ekuthobeleni imithetho kaYehova. Hlala unyanisekile kwiLizwi likaThixo.
Ukunyaniseka kuThixo kukwaquka ukunyaniseka kwintlangano yakhe. Ngokuyimfuneko, kule minyaka idluleyo kuye kwalungiswa kwaza kwalungelelaniswa indlela esiyiqonda ngayo imibhalo ethile. Inyaniso kukuba abakho abanye abantu abondliwa ngokomoya njengathi. (Mateyu 24:45-47) Ngokungathandabuzekiyo, uYehova uye waqhubeka eyixhasa intlangano yakhe yale mihla. Ngaba asinakwenza okufanayo? Wenjenjalo uA. H. Macmillan. Ngaphambi nje kokuba afe, wathi: “Ndiye ndayibona intlangano kaYehova ikhula ukususela kwisiqalo esincinane, xa ndazinikela kuThixo ndineminyaka engamashumi amabini anesithathu ngoSeptemba 1900, isiba yintlangano kazwelonke yabantu obonwabileyo abavakalisa iinyaniso zakhe ngenzondelelo. . . . Njengoko ndibona isiphelo senkonzo yam yasemhlabeni kuThixo sisondela, ndeyisekile ngakumbi kunanini na ngaphambili, ukuba uYehova uye wabalathisa abantu bakhe waza wabanika kanye oko bakufunayo ngexesha elililo.” UMzalwan’ uMacmillan ukhonze ngokuthembeka nangokunyaniseka phantse iminyaka engama-66, de wafa ngoAgasti 26, 1966. Wayengumzekelo omhle wokunyaniseka kwintlangano kaThixo ebonakalayo.
Ukongezelela ekunyanisekeni entlanganweni, ngaba siza kunyaniseka omnye komnye? Xa sijamelene nezisongelo zentshutshiso eqatha, ngaba siza kuhlala sinyanisekile kubazalwana noodade bethu? Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, abazalwana bethu baseNetherlands bamisela umzekelo omhle wokunyaniseka. Umdala weBandla laseGroningen, uKlaas de Vries ngenkohlakalo nangokungenanceba waphekw’ esophulwa ngemibuzo ngamaGestapo amaNazi, waza wavalelwa esiseleni eyedwa kangangeentsuku ezili-12 wanikwa isonka namanzi kuphela, waza waphinda wancinwa kwakhona. Ekhonjwe ngompu yaye esongelwa ngokubulawa, wanikwa imizuzu emibini ukuba achaze indawo abakuyo abazalwana abakhokelayo, nenye inkcazelo ebalulekileyo. Ekuphela kwento lo kaKlaas awayeyithetha yile: “Akukho nento encinane eniza kuyiva ngam. . . . Andisokuze ndibe ngumngcatshi.” Wagrogriswa ngompu izihlandlo ezintathu. Ekugqibeleni iGestapo yanikezela, waza lo kaKlaas wathunyelwa kwenye intolongo. Akazange abangcatshe abazalwana bakhe.
Ngaba ukunyaniseka kwethu siya kukubonisa nakwisalamane sethu esisondeleyo—iqabane lethu lomtshato? Kanye njengokuba uYehova wawugcina umnqophiso wolwalamano lwakhe nohlanga lwakwaSirayeli, ngaba sinyanisekile kwizifungo zethu zomtshato? Ngaphezu kokuzinikela ngokupheleleyo kwiqabane lethu lomtshato, simele sihlakulele ubuhlobo obusenyongweni nalo. Yiba ngowokuqala ukuthabatha inyathelo lokukhusela umtshato wakho. Chithani ixesha kunye, ncokolani rhoqo yaye ngokuphandle omnye nomnye, xhasanani nize nikhuthazane, phulaphulanani, hlekani kunye, lilani kunye, dlalani kunye, sebenzani kunye ukuze nifikelele usukelo olufanayo, yanelisanani, yibani ngabahlobo. Ngokukhethekileyo nangakumbi, kuphephe ukuba neemvakalelo zothando ngabanye. Nangona kulungile yaye kufanelekile ukwazana nokuba nobuhlobo obusenyongweni nabanye ngaphandle komtshato wakho, umele ubonakalise iimvakalelo zothando kwiqabane lakho lomtshato kuphela. Ungavumeli nabani na ukuba angene phakathi kwakho neqabane lakho.—IMizekeliso 5:15-20.
Qhubeka unyanisekile kubahlobo nezalamane zakho ezikholwayo. Njengoko iminyaka ihamba, ungazilibali. Hlala uqhagamshelana nazo, uzibhalele, uzitsalele umnxeba, uzityelele. Nokuba iimeko zithini ebomini, zama ungazidanisi. Zenze zizive zinelunda ngokuthi ziyakwazi okanye zizizalamane zakho. Ukunyaniseka kuzo kuya kukomeleza uhlale usenza okulungileyo kuze kukukhuthaze.—Estere 4:6-16.
Ewe, ukunyaniseka ngenene kuquka izenzo ezilungileyo zokulondoloza ubuhlobo obuxabisekileyo. Yenza konke okusemandleni akho ukubuyekeza ububele bothando bukaYehova. Xelisa ukunyaniseka kukaYehova xa uqhubana nebandla lamaKristu, iqabane lakho, intsapho kunye nabahlobo. Ngokunyaniseka vakalisa amandla kaYehova kubamelwane bakho. Umdumisi wayechanile xa wathi: “Ububele bothando bukaYehova ndiza kuvuma ngabo kude kube lixesha elingenammiselo. Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.” (INdumiso 89:1) Ngaba asitsaleleki kuThixo ololo hlobo? Ngokwenene, “ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”—INdumiso 100:5.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UA. H. Macmillan