Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
“Utsalele Umnxeba Kwinombolo Engeyiyo”
ERHAWUTINI, eMzantsi Afrika, uLeslie noCaroline babetshintshisana benikela ubungqina ngomnxeba kubantu abahlala kwikhaya labalupheleyo ekwakunzima ukungena kulo. Babefumana abantu abambalwa apho ibe babengenamdla kangako kwisigidimi samaKristu, ngoko uCaroline wakhuthazeka xa waphendulwa lelinye inenekazi.
“Ngaba nguNksk. B— lowo?” wabuza uCaroline.
“Hayi, asinguye, ndinguNksk. G—,” kwaphendula ilizwi elinobubele. “Utsalele umnxeba kwinombolo engeyiyo.”
Ephawula ububele kwilizwi lalo, uCaroline wathi: “Kulungile ke, ndicela ukukuchazela oko bendifuna ukukuxelela uNksk. B—.” Wandula ke wachaza iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo obuzayo. Emva kokuba benze amalungiselelo okuzisa incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, uNksk. G— wabuza: “Khawutsho ke, luluphi unqulo lwakho?”
“SingamaNgqina kaYehova,” waphendula watsho uCaroline.
“Unotshe, andilufuni olo unqulo! Andiqondi ukuba ndinomdla wokukubona.”
UCaroline ecenga wathi: “Kodwa Nksk. G—, kangangemizuzu engama-20, ndiye ndancokola nawe ngethemba elimangalisa gqitha, ndibonisa ngokusuka eBhayibhileni oko uBukumkani bukaThixo buya kukwenzela uluntu kungekudala. Uye wavuyiswa kukuva ezi zinto—wada wanemincili—yaye ude wafuna ukufunda okungakumbi. Yintoni ngokwenene oyaziyo ngamaNgqina kaYehova? Ukuba ubugula, ngaba ubuya kuya kumkhandi weenqwelo-mafutha? Kutheni ungavumeli kwamna ndikuxelele oko akukholelwayo amaNgqina kaYehova?”
Emva kwethutyana yabuya impendulo: “Umele ukuba unyanisile. Kubhetele uze. Kodwa ungaziqhathi, akunakuze undiguqule!”
UCaroline waphendula wathi: “Nksk. G—, nokuba bendifuna bendingenakuze ndikuguqule. NguYehova kuphela onokwenjenjalo.”
Olo tyelelo lokusa loo ncwadana inemifanekiso lwahamba kakuhle, yaye uNksk. G— (Betty) wavuma ukuphinda atyelelwe. Xa uCaroline wabuyelayo, uBetty wamchazela ukuba uye waxelela amanenekazi ahlala nawo etafileni xa kutyiwa ukuba uye waxubusha namaNgqina kaYehova. Eqhwaba izandla ambuza: “Bekutheni ukuze wenze loo nto? Abo bantu abakholelwa kuYesu!”
Ngokukhawuleza uCaroline wakhumbuza uBetty ngeengongoma eziphambili zengxubusho yabo edluleyo ngoBukumkani bukaThixo.
UCaroline wambuza: “Kanene, ngubani oza kuba nguKumkani?
“Izicacele, nguYesu,” waphendula watsho uBetty.
“Unyanisile,” watsho uCaroline. Wandula ke wacacisa ukuba amaNgqina kaYehova akholelwa ukuba uYesu unguNyana kaThixo, ibe akalingani noThixo njengenxalenye kaBathathu Emnye.—Marko 13:32; Luka 22:42; Yohane 14:28.
Emva kokutyelela izihlandlo eziliqela, kwaye kwacaca ukuba nangona engumntu owonwabileyo, uBetty ukhathazwa yimpilo. Enyanisweni, wayenomhlaza yaye esoyika ukufa. Wavuma esithi: “Akwaba ezi zinto ndandizive kwiminyaka edluleyo ndize ndibe nolu kholo unalo.” UCaroline wamthuthuzela ngokumbonisa izibhalo ezichaza ukufa njengemeko yokulala yoyi apho ubani enokuvuka xa kuvuswa abafileyo. (Yohane 11:11, 25) Oku kwamkhuthaza ngeyona ndlela uBetty, ngoku unandipha isifundo seBhayibhile rhoqo. Yimpilo yakhe eya isiba mandundu kuphela emthintelayo ukuba aye ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani.
UCaroline uthi: “Kucacile ukuba lo msebenzi walathiswa ziingelosi. UBetty ‘ndamtsalela umnxeba ngempazamo,’ ngaphezu koko, uneminyaka engama-89 ubudala!”—ISityhilelo 14:6.