Yoyika UYehova Ugcine Imiyalelo Yakhe
“Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”—INTSHUMAYELI 12:13.
1, 2. (a) Uloyiko lunokusikhusela njani ngokwenyama? (b) Kutheni abazali abazizilumko bezama ukubethelela uloyiko olufanelekileyo ebantwaneni babo?
ULEONARDO DA VINCI wathi: “Kanye njengokuba ukuba nesibindi kubeka ubomi esichengeni, ukuba noloyiko kuyabukhusela ubomi.” Ukuba lidela-kufa okanye ukuba nenkalipho yobuyatha kubangela ukuba umntu angayiboni ingozi, ngoxa ukoyika kumkhumbuza ukuba umele alumke. Ngokomzekelo, ukuba sikufuphi neliwa size sibone ubunzulu esinokuwela kubo, inkoliso yethu ibuya umva ngoko nangoko. Ngokufanayo, uloyiko olufanelekileyo alubangeli ukuba sibe nolwalamano oluhle noThixo kuphela, kodwa njengoko siye safunda kwinqaku elandulelayo, luyasikhusela ukuba singenzakali.
2 Noko ke, ukoyika iingozi ezininzi zanamhlanje yinto emele ifundwe. Ekubeni abantwana abancinane bengaziqondi iingozi zombane okanye zezithuthi ezihamba esixekweni, ngokulula banokwehlelwa ziingozi ezimbi.a Abazali abazizilumko bazama ukubethelela uloyiko olufanelekileyo ebantwaneni babo, bebalumkisa ngokuphindaphindiweyo ngeengozi ezibangqongileyo. Abazali bayazi ukuba olu loyiko lunokubusindisa ubomi babantwana babo.
3. Kutheni uYehova esilumkisa nxamnye neengozi zokomoya yaye usilumkisa njani?
3 UYehova unenkxalabo efanayo ngentlalo-ntle yethu. NjengoBawo onothando, uyasifundisa ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe ukuze singenelwe. (Isaya 48:17) Inxalenye yale nkqubo kaThixo yokufundisa iquka izilumkiso esizifumana “kaninzi-ninzi” nxamnye nemigibe yokomoya ukuze sibe noloyiko olufanelekileyo ngokuphathelele ezo ngozi. (2 Kronike 36:15; 2 Petros 3:1) Ukutyhubela imbali, iintlekele ezininzi zokomoya bezinokuphetshwa kuze kuthintelwe intlungu engathethekiyo ‘ukuba nje abantu bebengahlakulela le ntliziyo yokoyika uThixo nokugcina imiyalelo yakhe.’ (Duteronomi 5:29) Kula ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ sinokukuhlakulela njani ukuba intliziyo yethu imoyike uThixo size siphephe ingozi yokomoya?—2 Timoti 3:1.
Suka Ebubini
4. (a) Yiyiphi intiyo amaKristu afanele ayihlakulele? (b) UYehova uvakalelwa njani ngehambo esisono? (Bona umbhalo osemazantsi.)
4 IBhayibhile ithi “ukoyika uYehova kuthetha ukuthiya okubi.” (IMizekeliso 8:13) Isichazi-magama seBhayibhile sichaza le ntiyo ngokuthi “sisimo-sengqondo ubani aba naso nxamnye nabantu okanye izinto ezichasekileyo, ezicekisekayo nezithiyekileyo ezo angenamnqweno wokuba nento yokwenza okanye ulwalamano nazo.” Ngoko, ukoyika uThixo kuquka ukuba nentiyo ngaphakathi okanye ukwenyanya konke okubi emehlweni kaYehova.b (INdumiso 97:10) Kusiqhubela ukuba siphambuke ebubini, kanye njengokuba besiya kubuya umva xa sikrobe eliweni kuze kuthi merhe uvalo. IBhayibhile ithi: “Ngokoyika uYehova ubani uyemka ebubini.”—IMizekeliso 16:6.
5. (a) Sinokukomeleza njani ukumoyika kwethu uThixo nokuthiya okubi? (b) Imbali yohlanga lwakwaSirayeli isifundisa ntoni ngokuphathelele le nkalo?
5 Sinokulomeleza ngakumbi olu loyiko nentiyo efanelekileyo ngokuphathelele okubi ngokucinga ngemiphumo eyingozi ebangelwa sisono ekugqibeleni. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba siya kuvuna oko sikuhlwayeleyo—enoba sihlwayela ngokwenyama okanye ngokomoya. (Galati 6:7, 8) Ngenxa yesi sizathu, uYehova wayichaza ngokucacileyo imiphumo engenakuphepheka yokutyeshela imiyalelo yakhe nokutyeshela unqulo oluyinyaniso. Ngaphandle kwenkuselo kaThixo, uhlanga lwakwaSirayeli oluncinane lwaluza kuba sisisulu sabamelwane ababekhohlakele nababenamandla. (Duteronomi 28:15, 45-48) Umphumo obuhlungu wokungathobeli kukaSirayeli wabhalwa ngokweenkcukacha eBhayibhileni ‘njengesilumkiso’ ukuze sifunde isifundo size sihlakulele ukoyika uThixo.—1 Korinte 10:11.
6. Yiyiphi imizekelo eseZibhalweni esinokucinga ngayo ukuze sifunde ukumoyika uThixo? (Bona umbhalo osemazantsi.)
6 Ngaphandle koko kwenzeka kuhlanga lwakwaSirayeli luphela, iBhayibhile iqulethe amava abantu ngabanye aboyiswa ngumona, kukuziphatha okubi, ukubawa okanye ikratshi.c Bambi kula madoda babekhonze uYehova kangangeminyaka emininzi, kodwa ngaxa lithile lamanqam ebomini babo, babengaqinanga ngokwaneleyo ekumoyikeni kwabo uThixo yaye bavuna imiphumo ekrakra. Ukucamngca ngemizekelo enjalo eseZibhalweni kunokuqinisa isigqibo sethu sokuba singenzi iimpazamo ezifana nezabo. Hayi indlela ebekuya kuba lusizi ngayo ukuba besinokulindela ukuba side sehlelwe yintlekele ngaphambi kokuba siphulaphule icebiso likaThixo! Ngokwahlukileyo kwinkolelo eqhelekileyo, ukufunda ngamava—ngokukodwa ngokuphathelele ukuphila ubomi bokuzifica—kuyinto ebuhlungu.—INdumiso 19:7.
7. Ngubani omenywa nguYehova ukuba aye ententeni yakhe yokomfuziselo?
7 Esinye isizathu esinamandla sokuba sihlakulele ukoyika uThixo ngumnqweno wethu wokulondoloza ulwalamano lwethu noThixo. Siyoyika ukungamkholisi uYehova ngenxa yokuba siyabuxabisa ubuhlobo bethu kunye naye. Ngubani uThixo amgqala njengomhlobo wakhe, ubani anokummemela ententeni yakhe yokomfuziselo? “Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso eqhelisela ubulungisa.” (INdumiso 15:1, 2) Ukuba siyalixabisa eli lungelo lokuba nolwalamano noMdali wethu, siya kukuphaphela ukuhamba ngokungenasiphoso emehlweni akhe.
8. Yiyiphi indlela amanye amaSirayeli awayephila ngomhla kaMalaki angazange abukhathalele ngayo ubuhlobo bawo noThixo?
8 Okubuhlungu kukuba, amanye amaSirayeli ngomhla kaMalaki akazange abukhathalele ubuhlobo bawo noThixo. Kunokuba amoyike uYehova aze amhlonele, ayenikela ngezilwanyana ezigulayo nezineziphene esibingelelweni sakhe. Ukungamoyiki kwawo uThixo kwabonakala kwisimo sawo sengqondo ngokuphathelele umtshato. Ukuze atshate nabafazi abancinane, ayeqhawula umtshato nabafazi bobutsha bawo ngenxa yezizathu ezingenamsebenzi. UMalaki wawaxelela ukuba uYehova uluthiyile “uqhawulo-mtshato” yaye ubuqhophololo bawo bawahlukanisa noThixo wawo. Wayenokukholiswa njani uThixo yimibingelelo yawo xa isibingelelo sasizaliswe ziinyembezi zokomfuziselo—iinyembezi ezikrakra zabafazi bawo awayebalahlile? Oko kungayihloneli imilinganiselo yakhe ngokuphandle kwashukumisela uYehova ukuba abuze athi: “Kuphi na ukoyikwa kwam?”—Malaki 1:6-8; 2:13-16.
9, 10. Sinokubonisa njani ukuba siyabuxabisa ubuhlobo bethu noYehova?
9 Ngokufanayo namhlanje, uYehova uyayibona intlungu yamaqabane nabantwana abaninzi abangenatyala abaye badandatheka ngenxa yabayeni noobawo okanye kwanamakhosikazi noomama abazingcayo nabaziphethe kakubi. Ngokuqinisekileyo oku kuyamkhathaza. Umntu ongumhlobo kaThixo uya kujonga izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo yaye uya kuzama ngamandla ukuba iqhina lomtshato wakhe lomelele, ayigatye indlela yokucinga yehlabathi ekusingela phantsi ukubaluleka kweqhina lomtshato aze ‘asabe kulo uhenyuzo.’—1 Korinte 6:18.
10 Emtshatweni, nakwezinye iinkalo zobomi bethu, ukuthiya konke oko kubi emehlweni kaYehova, kunye noxabiso olunzulu ngobuhlobo bethu kunye naye, kuya kubangela ukuba sizuze inkoliseko kaYehova. Eqinisekile, umpostile uPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Sinemizekelo emininzi eZibhalweni ebonisa indlela ukoyika uThixo okwashukumisela ngayo abanye ukuba benze okulungileyo xa babejamelene nezilingo ezahlukahlukeneyo.
Abantu Abathathu Ababesoyika UThixo
11. Kuphantsi kwaziphi iimeko ekwathiwa uAbraham “uyamoyika uThixo”?
11 Inye indoda eBhayibhileni uYehova awayichaza njengomhlobo wakhe—ngusolusapho uAbraham. (Isaya 41:8) Ukoyika uThixo kuka-Abraham kwavavanywa xa uThixo wamcela ukuba enze umbingelelo ngonyana wakhe okuphela kwakhe, uIsake, lowo uThixo wayeza kuzalisekisa ngaye isithembiso sokuba imbewu ka-Abraham yayiza kuba luhlanga olukhulu. (Genesis 12:2, 3; 17:19) Ngaba ‘umhlobo kaYehova’ wayeza kuphumelela kolu vavanyo lubuhlungu? (Yakobi 2:23) Xa kanye uAbraham ephakamisa isitshetshe sakhe eza kubulala uIsake, ingelosi kaYehova yathi: “Musa ukusisa isandla sakho kuyo inkwenkwe yaye uze ungenzi nto konke konke kuyo, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo, ekubeni ungakhange wale nonyana wakho kum, engokuphela kwakhe.”—Genesis 22:10-12.
12. Yintoni eyashukumisa uAbraham ukuba amoyike uThixo, yaye sinokuwubonakalisa njani loo moya ufanayo?
12 Nangona ngaphambili uAbraham wayekhe wazingqina emoyika uYehova, ngeso sihlandlo wabonisa ngendlela ebalaseleyo ukuba uyamoyika uThixo. Ukuvuma kwakhe ukwenza umbingelelo ngoIsake kwakuyinto engaphezulu lee kunentlonelo. UAbraham washukunyiswa yintembelo yakhe epheleleyo yokuba uYise osemazulwini wayeya kusizalisekisa isithembiso Sakhe ngokumvusa uIsake xa kuyimfuneko. Njengoko uPawulos wabhalayo, uAbraham ‘wayeyiseke ngokupheleleyo ukuba oko uThixo akuthembisileyo wayekwazi nokukwenza.’ (Roma 4:16-21) Ngaba sikulungele ukwenza ukuthanda kukaThixo kwanaxa kufuneka sincame okuthile? Ngaba sinentembelo epheleleyo yokuba intobelo enjalo iya kusizisela iingenelo ezihlala zihleli, sisazi ukuba uYehova “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko”? (Hebhere 11:6) Oko kukumoyika ngokwenene uThixo.—INdumiso 115:11.
13. Kutheni kwakufanelekile ukuba uYosefu azichaze ngokuthi uyindoda ‘emoyikayo uThixo oyinyaniso’?
13 Makhe sihlolisise omnye umzekelo womntu owabonisa ukuba uyamoyika uThixo—uYosefu. Njengekhoboka endlwini kaPotifare, yonke imihla uYosefu wayejamelana nocelomngeni lokuhendelwa ekukrexezeni. Kubonakala ukuba yayingekho indlela awayenokuphepha ngayo ukudibana nomfazi wenkosi yakhe, owayemlukuhlela ekuziphatheni okubi ngokuzingisileyo. Ekugqibeleni, xa ‘wambambayo,’ “wasaba, waphumela phandle.” Yintoni eyamshukumisela ukuba aphephe ukwenza okubi ngoko nangoko? Ngokungathandabuzekiyo, esona sizathu siyintloko yayikukoyika uThixo, umnqweno wokuphepha ukwenza ‘obu bubi bukhulu kangaka aze eneneni one kuThixo.’ (Genesis 39:7-12) Ngokufanelekileyo, uYosefu wayenokuzichaza ngokuthi uyindoda ‘emoyikayo uThixo oyinyaniso.’—Genesis 42:18.
14. Inceba kaYosefu yabonisa njani ukuba umoyika ngokwenene uThixo?
14 Kwiminyaka ethile kamva, uYosefu wadibana nabantakwabo ababethengise ngaye ebukhobokeni ngokungenanceba. Ngokulula nje wayenokusebenzisa elo thuba lokuswela kwabo ukutya ukuze aziphindezele ngenxa yobubi ababemenze bona. Kodwa ukuphatha abantu ngenkohlakalo akubonisi ukuba umntu uyamoyika uThixo. (Levitikus 25:43) Ngaloo ndlela, xa uYosefu wabona ubungqina obaneleyo bokuba abantakwabo baguqukile, wabaxolela ngenceba. NjengoYosefu, ukoyika kwethu uThixo kuya kusishukumisela ukuba soyise ububi ngokulungileyo, kuze kusithintele ukuba singaweli esilingweni.—Genesis 45:1-11; INdumiso 130:3, 4; Roma 12:17-21.
15. Kwakutheni ukuze ihambo kaYobhi iyivuyise intliziyo kaYehova?
15 UYobhi ngomnye umzekelo obalaseleyo womntu owayesoyika uThixo. UYehova wathi kuMtyholi: “Uyibhekisile na intliziyo yakho kumkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho bani unjengaye emhlabeni, indoda engenakusoleka nethe tye, eyoyika uThixo nephambukayo ebubini?” (Yobhi 1:8) Kangangeminyaka emininzi, ihambo kaYobhi engenakusoleka yayivuyisa intliziyo kaYise osemazulwini. UYobhi wayesoyika uThixo ngenxa yokuba wayesazi ukuba leyo yayiyeyona nto ilungileyo yaye yayiyeyona ndlela ilungileyo yokuphila. UYobhi wathi: “Khangela! Ukoyika uYehova—bubulumko obo, yaye ukusuka ebubini kukuqonda.” (Yobhi 28:28) Njengendoda etshatileyo, uYobhi wayenganikeli ingqalelo engafanelekanga kumabhinqa aselula, yaye wayengaqulunqi iindlela zokukrexeza entliziyweni yakhe. Nangona wayesisityebi, akazange afune ukukholosa ngobutyebi, yaye walugatya lonke uhlobo lonqulo-zithixo.—Yobhi 31:1, 9-11, 24-28.
16. (a) UYobhi wabubonakalisa ngaziphi iindlela ububele bothando? (b) UYobhi wabonakalisa njani ukuba akazange ale ukuxolela?
16 Noko ke, ukumoyika uThixo kuthetha ukwenza okuhle nokuphambuka kokubi. Ngaloo ndlela, uYobhi wayebonakalisa uvelwano kwabaziimfama, iziqhwala namahlwempu. (Levitikus 19:14; Yobhi 29:15, 16) UYobhi wayeqonda ukuba “nabani na owalayo nobubele bothando kwidlelane lakhe, uya kuyeka nokumoyika uSomandla.” (Yobhi 6:14) Ukwala nobubele kunokuquka ukungavumi ukuxolela okanye ukufukama inzondo. Phantsi kolwalathiso lukaThixo, uYobhi wathandazela amaqabane akhe amathathu, awayemxhele umphefumlo ngeyona ndlela. (Yobhi 42:7-10) Ngaba sinokubonakalisa umoya ofanayo wokuxolela amanye amakholwa ekusenokwenzeka ukuba aye asivisa ubuhlungu ngandlel’ ithile? Ukuthandaza ngokunyanisekileyo ngenxa yabo baye basona kunokusinceda kakhulu soyise ingqumbo. Iintsikelelo ezananditshwa nguYobhi ngenxa yokoyika kwakhe uThixo zisibonisa kusengaphambili ‘ukuba kuninzi kokulunga uYehova akugcinele abo bamoyikayo.’—INdumiso 31:19; Yakobi 5:11.
Ukuthelekisa Ukoyika UThixo Nokoyika Umntu
17. Yintoni enokwenzeka kuthi ngenxa yokoyika abantu, kodwa kutheni uloyiko olunjalo lububuyatha?
17 Ngoxa ukoyika uThixo kunokusiqhubela ekwenzeni okulungileyo, ukoyika umntu kunokulutshitshisa ukholo lwethu. Ngenxa yesi sizathu, xa wayekhuthaza abapostile ukuba babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo abanenzondelelo, uYesu wathi kubo: “Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengenako ukubulala umphefumlo; kodwa kunoko yoyikani lowo unako ukutshabalalisa kokubini umphefumlo nomzimba eGehena.” (Mateyu 10:28) UYesu wathi ukoyika abantu bubuyatha, kuba abantu abanakuwatshitshisa amathemba obomi bethu bekamva. Ngokubhekele phayaa, siyamoyika uThixo kuba siyaqonda ukuba unamandla amakhulu, xa kuthelekiswa namandla eentlanga zonke angento yanto. (Isaya 40:15) NjengoAbraham, sinentembelo epheleleyo kumandla kaYehova okuvusa abakhonzi Bakhe abathembekileyo. (ISityhilelo 2:10) Ngaloo ndlela, ngokuqinisekileyo sithi: “Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi?”—Roma 8:31.
18. UYehova ubavuza njani abo bamoyikayo?
18 Enoba sichaswa lilungu lentsapho okanye yindlobongela ethile esifunda nayo esikolweni, siya kufumanisa ukuba “ekoyikeni uYehova kukho intembelo eyomeleleyo.” (IMizekeliso 14:26) Sinokuthandaza kuThixo ukuba asiphe amandla, sisazi ukuba uya kusiva. (INdumiso 145:19) UYehova akabalibali abo bamoyikayo. Ngomprofeti wakhe uMalaki, uyasiqinisekisa: “Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha omnye komnye, ngamnye neqabane lakhe, yaye uYehova wanikela ingqalelo ephulaphule. Kwaye incwadi yokukhumbuza yabhalwa phambi kwakhe ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.”—Malaki 3:16.
19. Luhlobo olunjani loloyiko oluya kuphela, kodwa luluphi uloyiko oluya kuhlala ngonaphakade?
19 Ixesha likufuphi xa wonk’ ubani osemhlabeni eya kunqula uYehova yaye ukoyika umntu kuya kuphela. (Isaya 11:9) Ukoyika indlala, izifo, ulwaphulo-mthetho nemfazwe nako kuya kuphela. Kodwa ukoyika uThixo kuya kuhlala kukho kuse emaphakadeni njengoko abakhonzi bakhe abathembekileyo ezulwini nasemhlabeni beya kuqhubeka bebonisa intlonelo nentobelo efanelekileyo kuye. (ISityhilelo 15:4) Okwangoku, ngamana sonke singathobela isiluleko esiphefumlelweyo sikaSolomon esithi: “Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni, kodwa yoyika uYehova imini yonke. Ngaloo ndlela uya kuba nekamva, yaye ithemba lakho aliyi kunqunyulwa.”—IMizekeliso 23:17, 18.
[Imibhalo esemazantsi]
a Abanye abantu abadala bayayeka ukuyoyika ingozi xa umsebenzi wabo ubabangela ukuba basebenze phakathi kweemeko eziyingozi. Xa lalibuzwa ngesizathu sokuba abachweli abaninzi bengenaminwe, igcisa elithile elinamava laphendula ngokulula lisithi: “Bayayeka ukuzoyika iisarha zombane ezihamba ngesantya esiphakamileyo.”
b NoYehova wenyanya ngendlela efanayo. Ngokomzekelo, eyabase-Efese 4:29 ichaza ukuthuka ‘njengelizwi elibolileyo.’ Igama lesiGrike elithi ‘ukubola’ ngokoqobo libhekisela kwisiqhamo, intlanzi okanye inyama ebolileyo. Elo binzana libonisa ngokucacileyo indlela esifanele siyicekise ngayo intetho enyelisayo okanye ukuthuka. Ngokufanayo, eZibhalweni ngokufuthi izithixo zichazwa ‘njengezinezothe.’ (Duteronomi 29:17; Hezekile 6:9) Ngokwemvelo siyabenyanya ubulongwe okanye ilindle, yaye ngendlela efanayo uThixo uyalucekisa naluphi na uhlobo lonqulo-zithixo.
c Ukuze ufumane imizekelo yoku qwalasela ingxelo yeZibhalo ethetha ngoKayin (Genesis 4:3-12); ngoDavide (2 Samuweli 11:2–12:14); ngoGehazi (2 Kumkani 5:20-27); noUziya (2 Kronike 26:16-21).
Ngaba Usakhumbula?
• Sifunda njani ukuthiya okubi?
• Amanye amaSirayeli omhla kaMalaki abusingela phantsi njani ubuhlobo bawo noYehova?
• Yintoni esinokuyifunda kuAbraham, uYosefu noYobhi ngokuphathelele ukoyika uThixo?
• Luluphi uloyiko oluya kuhlala lukho, yaye ngoba?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abazali abazizilumko babethelela uloyiko olufanelekileyo ebantwaneni babo
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Kanye njengokuba uloyiko lusenza sisabe engozini, ukumoyika uThixo kuya kusenza siphambuke ebubini
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYobhi wahlala emoyika uThixo kwanaxa wayejamelene nohanahaniso lwabahlobo bakhe abathathu
[Inkcazelo]
From the Bible translation Vulgata Latina, 1795