Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba kuchanile ukuthi okusesikweni kukaYehova kuthityazwa ngenceba?
Nangona eli binzana liye lasetyenziswa, kunokuba kuhle ukuliphepha ekubeni livakala ngathi lithetha ukuba inceba kaYehova iyakuthibaza okanye iyakuthintela okusesikweni kwakhe, ngokungathi inceba yakhe inamandla kunophawu lwakhe lokusesikweni. Akuchananga oko.
Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “okusesikweni” kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha linokubhekisela kwigama elithetha “ukugweba.” Okusesikweni kunxulumene ngokusondeleyo nobulungisa. Noko ke, igama elithi okusesikweni lidla ngokubhekisela kwizinto eziphathelele umthetho. Ngokuqhelekileyo akubi njalo ngobulungisa. Liyinyaniso elokuba okusesikweni kukaYehova kunokuquka ukohlwaya xa kuyimfuneko, kodwa kusenokuquka ukusindiswa kwabo bakufanelekeleyo. (Genesis 18:20-32; Isaya 56:1; Malaki 4:2) Ngenxa yoko, okusesikweni kukaYehova akufanele kugqalwe njengophawu olungqongqo okanye njengophawu olufuna ukuthomalaliswa.
Igama lesiHebhere elithetha “inceba” linokubhekisela ekuzibambeni kukabani ukuze angadluliseli ugwebo. Lisenokubhekisela ekubonakaliseni imfesane, ukuzisa isiqabu kwababandezelekileyo.—Duteronomi 10:18; Luka 10:29-37.
UYehova nguThixo wokusesikweni nenceba. (Eksodus 34:6, 7; Duteronomi 32:4; INdumiso 145:9) Iimpawu zakhe zokusesikweni nenceba zigqibelele yaye zisebenza ngokuvisisanayo. (INdumiso 116:5; Hoseya 2:19) Zombini ezi mpawu zilungelelene ngokugqibeleleyo okanye ziyaphelelisana. Ngenxa yoko, ukuba sithi inceba kaYehova ithibaza okusesikweni kwakhe, bekuya kufuneka sithi okusesikweni kwakhe kuthibaza inceba yakhe.
UIsaya waprofeta esithi: “UYehova uya kuhlala elindele ukunibabala, aphakame ukuze anenzele inceba. Kuba uYehova nguThixo wokugweba [“wokusesikweni,” ngokwe-The New English Bible].” (Isaya 30:18) UIsaya apha ubonisa ukuba okusesikweni kukaYehova kubangela ukuba enze inceba, akuthethi kuthi inceba yakhe ithibaza okanye ithomalalisa okusesikweni kwakhe. UYehova ubonakalisa inceba ngenxa yokuba usesikweni nangenxa yokuba unothando.
Liyinyaniso elokuba, umbhali weBhayibhile uYakobi wabhala: “Inceba iyasongamela isigwebo.” (Yakobi 2:13b) Noko ke, kulo mongo uYakobi akathethi ngoYehova kodwa ubhekisela kumaKristu abonakalisa inceba—ngokomzekelo, kwabo babandezelekileyo nabangamahlwempu. (Yakobi 1:27; 2:1-9) Xa abantu abanenceba ngolo hlobo besiziswa ekugwetyweni, uYehova uyayigqala ihambo yabo aze ngenceba abaxolele ngesizinzi sedini loNyana wakhe. Ngaloo ndlela, ukubonakalisa kwabo inceba kuyasongamela nasiphi na isigwebo esiqatha abebenokusifumana.—IMizekeliso 14:21; Mateyu 5:7; 6:12; 7:2.
Ngoko ke, akuchananga ukuthi umgwebo kaYehova uthityazwa yinceba yakhe ngengqiqo yokuba okusesikweni kwakhe kufuneka kuthomalaliswe ngenceba yakhe. KuYehova ezi mpawu zimbini zisebenza ngendlela elungeleleneyo. Ziyaphelelisana yaye zipheleliswa nazezinye iimpawu zikaYehova, njengothando nobulumko.