“Yizani Kum, . . . Yaye Ndiza Kunihlaziya”
Iintlanganiso Ezisivuselelayo Eluthandweni Nasemisebenzini Emihle
UKUSUKA eToronto ukuya eTokyo, ukusuka eMoscow ukuya eMontevideo—izihlandlo eziliqela veki nganye, izigidi zamaNgqina kaYehova nabahlobo bazo bayathontelana ukuya kwiindawo zazo zonqulo. Aba bantu baquka iintloko-ntsapho ezisebenza nzima, ezidiniweyo emva kokusebenza nzima imini yonke; amakhosikazi noomama abasebenza nzima abahamba nabantwana babo abancinane; ulutsha oludlamkileyo obeluhleli esikolweni imini yonke; abantu abasele bekhulile nabampilo inkenenkene, abangcambazayo xa behamba ngenxa yeentlungu neengqaqambo; abahlolokazi abakhaliphileyo neenkedama; nemiphefumlo edandathekileyo efuna intuthuzelo.
La maNgqina kaYehova asebenzisa iindlela ezininzi zokuhamba—amanye asebenzisa uloliwe ohamba ngesantya esiphezulu ukanti amanye asebenzisa oondlebende; amanye ahamba ngoololiwe abaxinanayo abahamba kwiindlela eziphantsi komhlaba ukanti amanye ahamba ngeelori. Amanye anqumla kwimilambo ezele ziingwenya, ngoxa amanye kufuneka anyamezele isiphithiphithi seenqwelo-mafutha kwizixeko ezikhulu. Yintoni ebangela ukuba bonke aba bantu benze imigudu engaka?
Isizathu esiyintloko kukuba ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nenxaxheba kuzo yindlela ebalulekileyo yokunqula uYehova uThixo. (Hebhere 13:15) Umpostile uPawulos wachaza esinye isizathu xa wabhala oku: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, . . . kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) UPawulos apha wayephinda amazwi omdumisi uDavide, owavuma ingoma esithi: “Ndaba nemihlali bakuthi kum: ‘Masiye endlwini kaYehova.’”—INdumiso 122:1.
Kutheni amaKristu esiba nemihlali ngokubakho kwiintlanganiso zawo? Kungenxa yokuba abo bakhoyo apho abekho ngenjongo nje yokubukela. Kunoko, iintlanganiso zibanika ithuba lokwazana. Ezi ntlanganiso zivula ithuba lokupha, kungekhona nje ukwamkela kuphela, nelokuvuselelana, ukubonisa uthando nokuba nenxaxheba ekwenzeni imisebenzi emihle. Oku kunceda ekwenzeni iintlanganiso zibe zizihlandlo ezikhuthazayo. Ngaphezulu, iintlanganiso zamaKristu yenye yeendlela uYesu azalisekisa ngazo isithembiso sakhe esithi: “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.”—Mateyu 11:28.
Indawo Yentuthuzelo Neyokubonakalisa Inkxalabo
AmaNgqina kaYehova anezizathu ezivakalayo zokuzigqala iintlanganiso zawo njengezihlaziyayo. Phakathi kwezinye izinto, kwiintlanganiso, sifumana ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Iintlanganiso zinendima ebalulekileyo nasekwenzeni abakhonzi bakaYehova babe ngabafundisi beLizwi likaThixo abanobuchule nabanenzondelelo. Ukongezelela, kwiHolo yoBukumkani, ubani unokufumana iqela labahlobo abanothando, ababonakalisa inkxalabo nabanenyameko abakulungeleyo ukunceda nokuthuthuzela abanye ngamaxesha embandezelo.—2 Korinte 7:5-7.
La ngamava awaba nawo uPhillis, umhlolokazi owafelwa ngumyeni xa abantwana bakhe babephakathi kweminyaka emihlanu nesibhozo ubudala. Echaza indlela ezazimhlaziya ngayo iintlanganiso zamaKristu, yena nabantwana bakhe, uthi: “Sasithuthuzeleka ngokuya kwiHolo yoBukumkani ngenxa yokuba amanye amakholwa ayesoloko ebonakalisa uthando nenkxalabo ngokusanga, ngokwabelana nathi ngengcamango evela kwiZibhalo, okanye abonakalise uthando ngokubamba izandla zethu. Yayiyindawo endandisoloko ndikulangazelela ukuba kuyo.”—1 Tesalonika 5:14.
Emva kokuba uMarie enziwe utyando oluntsonkothileyo, ugqirha wakhe wathi wayeya kuphola emva kweeveki ezintandathu ubuncinane. Kwiiveki zokuqala zokuchacha kwakhe, uMarie wayengakwazi ukuya kwiintlanganiso. Ugqirha wakhe waphawula ukuba wayengonwabanga ngendlela awayonwabe ngayo ngaphambili. Xa waphawula ukuba wayengayi kwiintlanganiso, wamkhuthaza ukuba aye. UMarie waphendula ngokuthi umyeni wakhe, owayengekho kunqulo olufana nolwakhe, wayengenakumvumela ukuba aye kwiintlanganiso ngenxa yokuxhalabela impilo yakhe. Ngoko ke, ugqirha wabhala umyalelo “ogunyazisa” ukuba uMarie aye kwiHolo yoBukumkani ukuze afumane ukhuthazo nonxulumano olwakhayo. UMarie uthi: “Emva kokuya kwintlanganiso nje enye, ndaziva ndibhetele kakhulu. Ndaqalisa ukutya, yaye ndalala kwada kwasa, akuzange kube yimfuneko ukuba ndiwasele ngokufuthi amayeza eentlungu, yaye ndaphinda ndonwaba kwakhona!”—IMizekeliso 16:24.
Nabantu bangaphandle bayayibona impembelelo eyakhayo kwiintlanganiso zamaKristu. Omnye umfundi wasekholejini owayefuna inkcazelo eyayifuneka esikolweni ngokuphathelele inzululwazi ngemvelaphi yeentlanga wakhetha ukuqwalasela indlela amaNgqina kaYehova enza ngayo izinto. Ngokuphathelele umoya okhoyo kwiintlanganiso, naku awakubhalayo: “Ndamkelwa ngezandla ezifudumeleyo . . . yaye oko kwandichukumisa kakhulu. . . . Uphawu olwalubalasele apho ngumoya wobuhlobo owawubonakaliswa ngamaNgqina kaYehova yaye ndivakalelwa kukuba yeyona nkalo ibalulekileyo kuloo ndibano.”—1 Korinte 14:25.
Kweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo, ibandla lamaKristu likhusi lokomoya. Yindawo yoxolo nothando. Ngokubakho kwiintlanganiso, unokubona ubunyaniso bamazwi awathethwa ngumdumisi, athi: “Khangela! Hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!”—INdumiso 133:1.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 25]
UKWANELISA INTSWELO EKHETHEKILEYO
Abo bazizithulu banokungenelwa njani kwiintlanganiso zamaKristu? Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova aseka amabandla entetho yezandla. Kule minyaka ili-13 idluleyo, eUnited States, kuye kwasekwa amabandla asebenzisa intetho yezandla angama-27 namaqela asebenzisa intetho yezandla angama-43. Ubuncinane ngoku, kwamanye amazwe angama-40, kukho amabandla anokuba li-140 asebenzisa intetho yezandla. Kuye kwenziwa iividiyo ezinenkcazelo ekwiimpapasho zamaKristu ngeentlobo ezili-13 zentetho yezandla.
Ibandla lamaKristu livulela abantu abazizithulu ithuba lokuba badumise uYehova. UOdile, owayesakuba ngumKatolika waseFransi, owayehlaselwa ludandatheko olunzulu ngokuphindaphindiweyo nowayesoloko ecinga ngokuzibulala, unombulelo kakhulu ngenxa yemfundo evela eBhayibhileni aye wayifumana kwiintlanganiso zamaKristu. Uthi: “Ndiphinde ndaba sempilweni yaye ndiyabunandipha ubomi. Kodwa ngaphezu kwako konke, ndifumene inyaniso. Yaye ngoku ubomi bam bunenjongo.”