Kanye Kanye Yintoni Isihogo?
ENOBA ucinga ntoni ngegama elithi “isihogo,” ngokuqhelekileyo abantu bacinga ukuba yindawo yokohlwaya aboni. Ithetha ngesono nemiphumo yaso, iBhayibhile ithi: “Ngenxa yoko, kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Kwakhona iZibhalo zithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Ekubeni isohlwayo sesono ikukufa, umbuzo osisiseko wokufumanisa into esiyiyo isihogo ngulo: Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?
Ngaba ubani usaqhubeka ephila, ngandlel’ ithile, emva kokufa? Yintoni isihogo, yaye ngabantu abanjani abaya kuso? Ngaba likho ithemba ngabo basesihogweni? IBhayibhile isinika iimpendulo eziyinyaniso nezanelisayo kule mibuzo.
Ngaba Kukho Ubomi Emva Kokufa?
Ngaba into engaphakathi kuthi, njengomphefumlo okanye umoya, iyasinda xa umzimba usifa? Phawula indlela umntu wokuqala, uAdam, awabufumana ngayo ubomi. IBhayibhile ithi: “Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba waza wavuthela impefumlo yobomi emathatheni akhe.” (Genesis 2:7) Nangona ukuphefumla kwamgcina ephila, ukufaka “impefumlo yobomi” emathatheni akhe kwakuquka okungakumbi kunokuvuthela nje umoya emiphungeni yakhe. Oku kwakuthetha ukuba uThixo wafaka emzimbeni ka-Adam ongaphiliyo, ubomi—“amandla obomi,” obukho kuzo zonke izidalwa ezisemhlabeni. (Genesis 6:17; 7:22) IBhayibhile ibhekisela kula mandla obomi ‘njengomoya.’ (Yakobi 2:26) Loo moya unokufaniswa namandla ombane asebenza kumatshini okanye kwisixhobo sombane ukuze sisebenze. Kanye njengokuba amandla ombane angenakuze abe seso sixhobo, amandla obomi akayiyo loo nto ayenza iphile. Akanazo iimpawu zobuntu namandla okucinga.
Kwenzeka ntoni kumoya xa umntu esifa? INdumiso 146:4 ithi: “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.” Xa umntu esifa, umoya wakhe awuphili kwenye indawo njengesidalwa sokomoya. “Ubuyela kuThixo oyinyaniso owawunikayo.” (INtshumayeli 12:7) Oku kuthetha ukuba naliphi na ithemba lobomi baloo mntu ngoku busezandleni zikaThixo.
Izithandi zobulumko zamandulo zamaGrike uSocrates noPlato zazikholelwa ukuba umphefumlo ongaphakathi emntwini awusoze ufe. IBhayibhile ifundisa ntoni ngomphefumlo? IGenesis 2:7 ithi uAdam “waba ngumphefumlo ophilayo.” Akazange afumane umphefumlo; wayengumphefumlo—umntu ephela. IZibhalo zithetha ngomphefumlo usebenza, unqwenela ukutya, uqweqwediswa, ungalali, usenza nezinye izinto. (Levitikus 23:30; Duteronomi 12:20; 24:7; INdumiso 119:28) Ewe, umntu ngokwakhe ungumphefumlo. Xa umntu esifa, umphefumlo uyafa.—Hezekile 18:4.
Ngoko ke, abantu abafileyo bakwiyiphi imeko? Xa wayegweba uAdam, uYehova wathi: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Wayephi uAdam ngaphambi kokuba uThixo amenze ngothuli lomhlaba aze amnike ubomi? Wayengekho! Ekufeni kwakhe, uAdam waphinda akabikho. Imeko yabafileyo ichazwa ngokucacileyo kwiNtshumayeli 9:5, 10, apho sifunda oku: “Ke bona abafileyo abazi lutho . . . Ngokuba akukho kwenza, nakucinga nakwazi nakulumka kwelabafileyo.” (IBhayibhile yesiXhosa) Ngokutsho kweZibhalo, ukufa kukungabikho. Abantu abafileyo abazi nto, abanazimvakalelo abakwazi nokucinga.
Ngaba Bathuthunjiswa Ngonaphakade Okanye Bakwingcwaba Eliqhelekileyo?
Ekubeni abafileyo bengaphili, isihogo asinakuba yindawo yomlilo yokuthuthumbisa apho abangendawo babandezeleka khona emva kokufa. Ngoko ke, yintoni isihogo? Ukuhlolisisa oko kwenzeka kuYesu emva kokufa kwakhe kusinceda siphendule loo mbuzo. Umbhali weBhayibhile uLuka uthi: “Engazange [uYesu] ashiywe eHadesi [esihogweni, King James Version] nenyama yakhe ingazange ibone konakala.”a (IZenzo 2:31) Sisiphi eso sihogo noYesu awaya kuso? Umpostile uPawulos wabhala: “Ndanikezela kuni . . . okokuba uKristu wafela izono zethu, ngokutsho kweZibhalo; wangcwatywa, waza wavuswa ngomhla wesithathu, ngokutsho kweZibhalo.” (1 Korinte 15:3, 4) Ngoko ke uYesu wayesesihogweni, engcwabeni, kodwa akazange ashiywe apho kuba wavuswa.
Kwakhona cinga ngemeko yendoda elilungisa uYobhi, owabandezeleka kanobom. Efuna ukuphuma kule mbandezelo wayekuyo, wathandaza: “Ngubani oya kundenzela le nceba, andikhusele esihogweni [eShiyol], andisithelise de kudlule umsindo wakho?”b (Yobhi 14:13, Douay Version) Hayi indlela ekungekho ngqiqweni ngayo ukucinga ukuba uYobhi wayenokufuna ukuya kwindawo etshisayo ukuze akhuseleke! KuYobhi, “isihogo” yayilingcwaba nje, apho iimbandezelo zakhe zaziya kuphela khona. Ngoko isihogo ekuthethwa ngaso eBhayibhileni, lingcwaba nje eliqhelekileyo apho abantu abalungileyo nabangendawo baya khona.
Isihogo Somlilo—Ngaba Siyatshabalalisa?
Ngaba kungenzeka ukuba umlilo wesihogo ufuzisela intshabalaliso epheleleyo? Zisenza umahluko phakathi komlilo neHadesi, okanye isihogo, iZibhalo zithi: “Ukufa neHadesi kwaphoswa edikeni lomlilo.” ‘Idike’ ekuthethwa ngalo apha lingumfuziselo, ekubeni ukufa nesihogo (iHadesi) eziphoswa kulo zingenakutsha ngokoqobo. “Oku [idike lomlilo] kuthetha ukufa kwesibini”—ukufa okungekho themba lovuko.—ISityhilelo 20:14.
Idike lomlilo linentsingiselo efanayo naleyo ‘yomlilo weGehena [isihogo somlilo, iBhayibhile yesiXhosa]’ uYesu awathetha ngawo. (Mateyu 5:22; Marko 9:47, 48) Igama elithi Gehena livela izihlandlo ezili-12 kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, yaye libhekisela kwintlambo yakwaHinom, eyayingaphandle kweendonga zaseYerusalem. Xa uYesu wasemhlabeni, le ntlambo yayisetyenziselwa ukulahla inkunkuma, “apho kwakulahlwa khona izidumbu zezikrelemnqa, nezilwanyana ezifileyo nayo nantoni na enye engcolileyo.” (Smith’s Dictionary of the Bible) Umlilo walapho wawugcinwa uvutha ngokugalelwa kwesalfure ukuze kutshiswe inkunkuma. UYesu wasebenzisa loo ntlambo njengomfuziselo ofanelekileyo wentshabalalo engunaphakade.
NjengeGehena, idike lomlilo lifuzisela ukutshatyalaliswa ngonaphakade. Ukufa neHadesi ‘ziphoswa’ kulo ngengqiqo yokuba ziza kupheliswa xa uluntu lukhululekile esonweni nakwisigwebo sokufa. Nabo abo bona ngabom nabangaguqukiyo “isahlulo” sabo sisedikeni lomlilo. (ISityhilelo 21:8) Nabo baza kutshabalala ngonaphakade. Kwelinye icala, abo uThixo aya kubakhumbula, abasesihogweni—ingcwaba eliqhelekileyo labantu—banekamva eliqaqambileyo.
Isihogo Sishiywa Size!
ISityhilelo 20:13 sithi: “Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho.” Ewe, isihogo ekuthethwa ngaso eBhayibhileni siya kushiywa size. Njengoko uYesu wathembisayo, “liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi [likaYesu] baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Nangona ngoku zingasaphili, izigidi zabantu abafileyo abakwinkumbulo kaYehova uThixo ziya kuvuswa, okanye zibuyiselwe ebomini, kwiparadesi yasemhlabeni ebuyiselweyo.—Luka 23:43; IZenzo 24:15.
Kwihlabathi likaThixo elitsha, abantu abavusiweyo abathobela imithetho yakhe yobulungisa abasayi kuphinda bafe. (Isaya 25:8) UYehova “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” Eneneni, “izinto zangaphambili [ziya kuba] zidlule.” (ISityhilelo 21:4) Hayi intsikelelo ezilindele abo basesihogweni—‘amangcwaba enkumbulo’! Ngenxa yale ntsikelelo sinesizathu esingakumbi sokuzuza ulwazi olungakumbi ngoYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu.—Yohane 17:3.
[Imibhalo esemazantsi]
a KwiKing James Version, igama lesiGrike elithi Hadesi liguqulelwa ngokuthi “isihogo” kwisihlandlo ngasinye kwezilishumi livela kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. KuLuka 16:19-31 kuthethwa ngokuthuthunjiswa, kodwa iyonke loo ngxelo ingumfuziselo. Bona isahluko 88 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Igama lesiHebhere elithi Shiyol livela izihlandlo ezingama-65 kwiZibhalo zesiHebhere yaye liguqulelwe ngokuthi “isihogo,” “ingcwaba” nokuthi “umngxuma” kwiKing James Version.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UYobhi wathandazela ukukhuselwa esihogweni
[Umfanekiso okwiphepha 6]
IGehena enomlilo—umfuziselo wentshabalalo engunaphakade
[Umfanekiso okwiphepha 7]
‘Abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuphuma’