IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 10/1 iphe. 9-11
  • Ulutsha Oluthanda Inyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ulutsha Oluthanda Inyaniso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Luyaluxabisa Ukhokelo Lwabazali
  • Ukuzixabisa Iintlanganiso
  • Isigqibo Sobuqu
  • Indima Yebandla
  • Indlela Asikhokela Ngayo UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Lutsha—Vuyisani Intliziyo KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ulutsha Olonwabileyo Enkonzweni KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Unqulo Endikulo—Ngaba Ndazikhethela Okanye Ndakhethelwa Ngabazali?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 10/1 iphe. 9-11

Ulutsha Oluthanda Inyaniso

UMDUMISI ongumHebhere kwiminyaka engama-2 400 eyadlulayo wabuza: “Umfana uya kuwuhlambulula njani na umendo wakhe?” (INdumiso 119:9) Lo isengumbuzo ofanelekileyo namhlanje kuba abantu abaselula bajamelana neengxaki ezininzi ehlabathini. Ukuziphatha okubi ngokwesini kuye kwabangela abantu abaselula abaninzi baba noGawulayo, malunga nesiqingatha sabo abanesi sifo sibi baphakathi kweminyaka eli-15 nengama-24 ubudala. Ukusebenzisa kakubi iziyobisi nako kubangela iingxaki ezininzi, kubulala abantu beselula. Umculo ongandilisekanga; imiboniso bhanyabhanya enobundlobongela nokuziphatha okubi, imiboniso kamabonwakude, neevidiyo; nemifanekiso engamanyala ekwi-Internet zonke ezi zinto zinempembelelo embi kubantu abaselula. Ngoko ke, umbuzo obuzwe ngumdumisi uxhalabisa abazali nabantu abaselula abaninzi namhlanje.

Umdumisi wawuphendula kwangokwakhe umbuzo wakhe esithi: “Ngokuzilinda ngokwelizwi lakho.” Ngokuqinisekileyo iLizwi likaThixo iBhayibhile, liqulethe ulwalathiso oluhle lwabantu abaselula, yaye ngokululandela, ulutsha oluninzi luyaphumelela ebomini. (INdumiso 119:105) Makhe siqwalasele eminye yemizekelo yolutsha oluthanda uThixo noluzabalazela ukuhlala luqinile ngokomoya kwihlabathi elithanda ulonwabo nezinto eziphathekayo.

Luyaluxabisa Ukhokelo Lwabazali

UJacob Emmanuel wayenguvulindlela othe ngxi kangangeminyaka ethile ngaphambi kokuya kusebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eMexico. Enoxabiso ukhumbula indlela olwakhula ngayo uthando lwakhe lokukhonza uThixo esithi: “Abazali bam ngabona bantu bandiphembelela kakhulu, nangona bambi abazalwana bokomoya abanamava ababengabahlobo bam nabo baba luncedo olukhulu. Bandikhuthaza ukuba ndithande umsebenzi wokushumayela. Ngothantamiso bandalathisa indlela efanelekileyo; andizange ndivakalelwe kukuba bayandinyanzela.”

UDavid, osele echithe iminyaka emininzi kwinkonzo yexesha elizeleyo, ukhumbula indlela okwamchukumisa ngayo ukuba abazali bakhe baqalisa ukuba ngoovulindlela abakhethekileyo xa yena nomntakwabo babesebancinane. Akuba uyise efile, unina waqhubeka enguvulindlela okhethekileyo. Wayebanyamekela ngoxa eshumayela iindaba ezilungileyo. UDavid uthi: “Abazange bandinyanzele ukuba ndibe nguvulindlela, kodwa sasibuthanda gqitha ubuvulindlela njengentsapho kangangokuba ulwalamano esasinalo lwandishukumisela ukuba ndenze okufanayo.” Ngokuphathelele ukubaluleka kolwalathiso oluyinzuzo nokunyamekelwa ngabazali, uDavid uthi: “Busuku ngabunye, umama wayesifundela amabali kwincwadi ethi Ukusuka kwiParadesi Ilahlekile kuye kwiParadesi Ibe Yazuzeka.a Indlela awayesifundela ngayo yasinceda ukuba sizithande izinto zokomoya.”

Ukuzixabisa Iintlanganiso

Olunye ulutsha lukufumanisa kunzima ukuzixabisa iintlanganiso zamaKristu. Luya kuzo kuba abazali balo behamba nalo. Noko ke, ukuba baqhubeka besiya kwiintlanganiso, ekuhambeni kwexesha basenokuzithanda iintlanganiso. Cinga ngoAlfredo, owaqalisa inkonzo yexesha elizeleyo xa wayeneminyaka eli-11 ubudala. Uyavuma esithi xa wayemalunga neminyaka emihlanu ubudala, wayesonqena ukuya ezintlanganisweni kuba zazimozelisa kodwa abazali bakhe babengamvumeli ukuba alale ebudeni beentlanganiso. Ukhumbula oku: “Njengoko ndandikhula, ngokuthe ngcembe ndaqalisa ukuba nomdla kwiintlanganiso, ingakumbi emva kokuba ndikwazi ukufunda nokubhala kuba emva koko ndaqalisa ukuphendula ngamazwi am.”

UCintia, intombazana eneminyaka eli-17 ubudala onguvulindlela othe ngxi, usixelela indlela ulwalamano oluhle olwaba nendima enkulu ngayo ekwakheni uthando ngenkonzo kaThixo. Uthi: “Ukuba nolwalamano oluhle nabazalwana nokuya rhoqo kwiintlanganiso kuye kwandenza ndabalibala abahlobo bam behlabathi nezinye izinto ezithandwa ngabantu abaselula, njengokuya kwiidisco. Ukuphulaphula amagqabaza namava kwiintlanganiso kwandenza ndafuna ukumnika uYehova konke endinako, yaye ndivakalelwa kukuba eyona nto ndinayo bubutsha bam. Ngoko ke ndagqiba kwelokuba ndibusebenzise enkonzweni yakhe.”

Noko ke, uvuma ngelithi: “Kwakukho ixesha, ngaphambi kokuba ndibhaptizwe, xa ndandikufumanisa kulula ukungayi kwiintlanganiso, ndizingxengxezela ngomsebenzi wesikolo okanye ezinye izinto ezinokuthanani nesikolo. Ngezihlandlo ezininzi ndandingayi ezintlanganisweni, yaye oko kwandichaphazela ngokomoya. Ndaqalisa ukunxulumana nomfana owayengayifundi iBhayibhile. Ngoncedo lukaYehova, ndakulungisa oko izinto zingekonakali kakhulu.”

Isigqibo Sobuqu

Xa uPablo, omnye umfana okhonza uYehova ixesha elizeleyo, ebuzwa ngeyona nto ibalulekileyo ekuhlakuleleni uthando ngenyaniso yeLizwi likaThixo, uthi: “Ndicinga ukuba zimbini izinto: ufundisiso lobuqu oluthe rhoqo nokuba nenzondelelo ngomsebenzi wokushumayela. Ndiyababulela abazali bam ngokundifundisa inyaniso ngoYehova, yaye ndivakalelwa kukuba le yeyona nto inkulu ababenokundinika yona. Noko ke, kufuneka ndisazi isizathu sokuba ndimthande uYehova. Ukuze ndisazi isizathu, kuya kufuneka ndibazi “ububanzi nobunzulu” benyaniso yeBhayibhile. Kuphela kungale ndlela esiya kulilangazelela ngayo iLizwi likaYehova, nto leyo ephemba ‘umlilo ovuthayo’ ngaphakathi kuthi ukuze sithethe nabanye ngalo. Loo nzondelelo ngomsebenzi wokushumayela iya kusenza siyixabise kakhulu inyaniso.”—Efese 3:18; Yeremiya 20:9.

UJacob Emmanuel, okhankanywe ngaphambilana, naye ukhumbula ukubaluleka kokwenza isigqibo sobuqu sokukhonza uYehova. Uthi abazali bakhe abazange bamnyanzele ukuba abhaptizwe. “Ndikholelwa ukuba le yeyona nto ifanelekileyo abayenzayo ekubeni ndibona imiphumo emihle. Ngokomzekelo, olunye ulutsha endandinxulumana nalo lwenza isigqibo sokuba lubhaptizwe kunye. Nangona leyo yayiyinto entle, ndandibona ukuba abanye babhaptizwa nje ukukholisa abanye, yaye kungekudala emva koko, inzondelelo ababenayo ngezinto zoBukumkani yaphelela emoyeni. Kwimeko yam abazali bam abazange bandinyanzele ukuba ndenze isigqibo sokuzahlulela kuYehova. Ndazenzela isigqibo.”

Indima Yebandla

Abanye abantu abaselula baye bazifundela inyaniso yeLizwi likaThixo, ngaphandle koncedo lwabazali babo. Ngokuqinisekileyo akulula ukufunda ukwenza okulungileyo nokubambelela kuko kwiimeko ezinjalo.

UNoé ukhumbula indlela inyaniso eye yayinzuzo ngayo kuye. Ngoxa wayeselula wayeqhele ukugqajukelwa ngumsindo aze abe ndlongondlongo. Xa waqalisa ukufundisisa iBhayibhile eneminyaka eli-14 ubudala, umsindo wakhe waqala ukuthotha kancinane, nto leyo eyabangela ukuba abazali bakhe ababengenamdla eBhayibhileni ngelo xesha baba nombulelo gqitha. Njengoko uNoé ekhula ngokomoya wayefuna ukuchitha ixesha elingakumbi kwinkonzo kaThixo. Ngoku ukwinkonzo yexesha elizeleyo.

Ngokufanayo, uAlejandro waqalisa ukuba nomdla kwinyaniso yamaKristu xa wayeselula, nangona abazali bakhe babengenamdla kuyo. Echaza indlela avakalelwa ngayo ngenyaniso, uthi: “Ndakhuliswa kwikhaya lamaKatolika. Kodwa ndaya ndiyithanda ngakumbi imfundiso yamaKomanisi yokuba uThixo akakho, ekubeni icawa ingazange iyiphendule imibuzo ekudala ndizibuza yona ndisemncinane. Intlangano kaYehova iye yandinceda ndafumana ulwazi ngoThixo. Olo lwazi lwasindisa ubomi bam kuba ukuba ndandingazange ndifundisise iBhayibhile, kusenokwenzeka ukuba ngendandiziphethe kakubi, ndaba likhoboka lotywala okanye leziyobisi. Kusenokwenzeka ukuba ngendaba lilungu leqela labavukeli, nto leyo yayiza kuba nemiphumo ebuhlungu.”

Umntu oselula unokuqhubeka njani efuna inyaniso aze abambelele kuyo ngaphandle kwenkxaso yabazali bakhe? Kakade ke, abadala nabanye ebandleni banendima ebaluleke gqitha. UNoé ukhumbula oku: “Andizange ndizive ndililolo, kuba uYehova ebesoloko engumhlobo wam. Kwakhona, ndiye ndaxhaswa ngabazalwana noodade abanothando abaye bangootata, oomama nabantakwethu bokomoya.” Ngoku useBheteli yaye uchitha ixesha lakhe kwinkonzo kaThixo. Ngokufanayo, uAlejandro uthi: “Eyona nto ndiya kusoloko ndinombulelo ngayo kukuba kwibandla apho abadala baye babonakalisa umdla wothando kum. Ndinombulelo ongazenzisiyo kuba xa ndandineminyaka eli-16 ubudala, yaye ndiqalisa ukufundisisa iBhayibhile, ndaba neengxaki ulutsha olujamelana nazo. Iintsapho zasebandleni azizange zindishiye. Kwakusoloko kukho umntu kungekhona kuphela nje ondamkela ngobubele ekhayeni lakhe aze andiphe nokutya kodwa nomntu endandinokuzityand’ igila kuye.” UAlejandro ngoku sele ekwinkonzo yexesha elizeleyo ngaphezu kweminyaka eli-13.

Abanye abantu bacinga ukuba unqulo yinto yabantu abadala. Noko ke, abantu abaselula abaninzi baye bafunda inyaniso yeBhayibhile besebancinane yaye baye bamthanda uYehova baze bahlala bethembekile kuye. Amazwi kaDavide akwiNdumiso 110:3 anokubhekiselwa kolu lutsha: “Abantu bakho baya kuzinikela ngokuvumayo ngemini yomkhosi wakho wamajoni. Ngobungangamsha bobungcwele, ekuphumeni kwesifingo, uneqela lakho labantu abaselula kanye njengamathontsi ombethe.”

Akulula ukuba abantu abaselula bafunde inyaniso baze babambelele kuyo. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukubona ukuba abaninzi bahlala besondele kwintlangano kaYehova, nangokuya kwiintlanganiso rhoqo nokufundisisa iBhayibhile ngenyameko. Ngokwenjenjalo, baye bakwazi ukuhlakulela uthando lokwenene ngeLizwi likaThixo nangenkonzo yakhe!—INdumiso 119:15, 16.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova ngowe-1965; ngoku ayisashicilelwa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share