Abavakalisi Bobukumkani Bayabalisa
Wonke Ubani Wamkelekile KwiiHolo ZoBukumkani
NGOXA eqeqeshela abafundi bakhe ubulungiseleli basesidlangalaleni, uYesu Kristu wabakhuthaza ukuba ‘bashumayele phezu kwezindlu.’ (Mateyu 10:27) Ewe, kwakufuneka ukuba ubulungiseleli babo bamaKristu babenze ekuhleni, esidlangalaleni. Esebenzisa esi siluleko, umsebenzi wamaNgqina kaYehova nawo wenziwa ekuhleni. Oku kuye kwenza amaNgqina akwazi ukuyoyisa inkcaso aza ajongwa ngeliso elihle.
Nangona kwiintlanganiso zebandla zamaNgqina kaYehova kusamkelwa wonke umntu, ngenxa yokuba ethiyiwe, kwabanye abantu akulula ukungena kwiHolo yoBukumkani. Oku kunjalo eFinland. Abanye bayoyika ukuya kwiindawo ezintsha. Xa kwakhiwe iHolo yoBukumkani entsha okanye kulungiswe iholo esele ikho, ngokuqhelekileyo kuye kuvulwe indlu. Kusenokwenziwa umgudu okhethekileyo wokumema abamelwane ukuba beze kwiHolo yoBukumkani ukuze bazi ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova.
Kwenye indawo, amaNgqina alungiselela iphulo lokusasaza amaphephancwadi ngosuku lokuvulwa kweHolo yoBukumkani entsha. AmaNgqina amabini adibana nendoda esele ikhulile eyathi iyakuvuyela ukufunda iphephancwadi IMboniselo noVukani! Abazalwana bayixelela ngokuvulwa kwendlu baza bathembisa ukuyisa kwiHolo yoBukumkani. Le ndoda yathi iya kukuvuyela ukuhamba nabo. Umfazi wayo, ephulaphule le ncoko wathi, “Ningandishiyi nam!”
Xa ingena kwiHolo yoBukumkani, le ndoda yalaqaza yaza yathi: “Tyhini, ayikho mnyama kwaphela. Intle ngokwenene yaye iyakhanya. Ndaxelelwa ukuba iHolo yoBukumkani imnyama!” Aba bantu babini bahlala ithutyana baza bacela ezinye iincwadi ezazibekwe ukuze zibonwe.
Elinye ibandla lalifuna ukukhupha isaziso kwiphephandaba lasekuhlaleni sokunikezelwa kweHolo yoBukumkani yalo. Ekufumaneni isaziso esingesi siganeko, umbhali oyintloko wacebisa ukuba kubhalwe inqaku ngalo mbandela. Abazalwana bavuma, yaye kungekudala, kwavela inqaku elimnandi nelalisisiqingatha sephephandaba, elalichaza esi siganeko yaye licacisa umsebenzi webandla lasekuhlaleni lamaNgqina kaYehova.
Emva kokuba eli nqaku lipapashiwe, elinye iNgqina elikhulileyo ladibana nommelwane owathi kulo: “Bekukho inqaku elimnandi ngamaNgqina kaYehova kwiphephandaba lanamhlanje!” Lo dade wakwazi ukunikela ubungqina yaye kamva wamhambisela incwadana ethi AmaNgqina KaYehova Kwinkulungwane Yamashumi Amabini.
Ukongezelela ekulungiseni iingcamango ngamaNgqina kaYehova, amalungiselelo anjengokuvulwa nawokunikezelwa kweeHolo zoBukumkani aye akhuthaza abavakalisi ukuba bameme abantu abangakumbi ukuba beze kwiintlanganiso. Ewe, kumazwe amaninzi kuquka eFinland, abantu baye bazi ukuba wonke ubani wamkelekile kwiiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova.