Ngaba UYehova Uyakuphawula Oko Wena Ukwenzayo?
UBUNOKUWUPHENDULA njani loo mbuzo? Abaninzi bebenokuthi: ‘Ndiyakholelwa ukuba uThixo wayeziphawula izinto ezazisenziwa ngabantu abanjengoMoses, uGidiyon, noDavide, kodwa ndiyathandabuza enoba unomdla kuyo nantoni na endiyenzayo. Ngokuqinisekileyo, mna andingoMoses, uGidiyon, okanye uDavide.’
Liyinyaniso elokuba abantu abathile abathembekileyo ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile benza izenzo ezibalaseleyo zokholo. ‘Boyisa izikumkani, bavingca imilomo yeengonyama, baphelisa amandla omlilo, basinda kuhlangothi lwekrele.’ (Hebhere 11:33, 34) Noko ke, abanye babonakalisa ukholo ngeendlela ezingabalaselanga, yaye iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo waziphawula izenzo zabo zokholo. Ngokomzekelo, cinga ngemizekelo ekwiZibhalo yomalusi, umprofeti nomhlolokazi othile.
Umalusi Othile Unikela Idini
Yintoni oyikhumbulayo ngoAbheli, unyana wesibini ka-Adam noEva? Usenokukhumbula ukuba wafa njengomfeli-nkolo, into engenakufane yenzeke kwinkoliso yethu. Kodwa uAbheli waphawulwa nguThixo ngesinye isizathu.
Ngenye imini, uAbheli wakhetha ezona zilwanyana zihle kumhlambi wakhe waza wanikela ngazo kuThixo njengedini. Isipho sakhe sinokugqalwa njengesingabalulekanga kangako namhlanje, kodwa uYehova wasiphawula waza wasamkela. Noko ke, akuphelelanga apho. Phantse kwiminyaka engamawaka amane kamva, uYehova waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale ngaso kwincwadi yamaHebhere. Emva kweminyaka emininzi, uThixo wayengekalilibali elo dini elalingelikhulu kangako!—Hebhere 6:10; 11:4.
UAbheli wafikelela njani kwisigqibo sento afanele anikele ngayo? IBhayibhile ayisixeleli, kodwa kusenokwenzeka ukuba wawucingisisa lo mbandela. Wayengumalusi, ngoko kwakungeyonto engalindelekanga ukuba anikele ngempahla ethile kumhlambi wakhe. Noko ke, phawula ukuba wanikela ngezona zintle—‘ezinamanqatha.’ (Genesis 4:4) Kwakhona kusenokwenzeka ukuba wacingisisa nzulu ngamazwi kaYehova awawathetha kwinyoka kumyezo wase-Eden athi: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Genesis 3:15; ISityhilelo 12:9) Nangona wayengamazi lo “mfazi” ‘nembewu’ yakhe, kusenokwenzeka ukuba uAbheli waqonda ukuba ‘ukutyunyuzwa isithende’ kwembewu yomfazi kwakuya kuquka ukuphalala kwegazi. Ngokuqinisekileyo waqonda ukuba akukho nto exabiseke ngaphezu kwento ephilayo. Okona kwakubalulekile kukuba, idini awalinikelayo lalifanelekile ngokwenene.
NjengoAbheli, namhlanje amaKristu anikela amadini kuThixo. Anikela kungekhona ngamazibulo omhlambi wawo, kodwa “isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama [likaThixo].” (Hebhere 13:15) Imilebe yethu ivakalisa ekuhleni xa sithetha nabanye ngeenkolelo zethu.
Ngaba ungathanda ukuphucula indlela olinikela ngayo idini lakho? Ngoko ke, cingisisa nzulu ngeentswelo zabantu abasentsimini yakho. Yintoni ebaxhalabisayo? Yintoni abanomdla kuyo? Sisiphi isigidimi seBhayibhile abanokuba nomdla kuso? Xa ushumayela, cingisisa ngabantu othethe nabo ukuze uphucule ubuchule bakho bokushumayela. Yaye xa uthetha ngoYehova, thetha ngokuqiniseka, ngokusuka entliziyweni. Wenze umbingelelo wakho ube ‘ngumbingelelo wendumiso’ yokwenene.
Umprofeti Othile Ushumayela Kubamelwane Abangenamdla
Ngoku khawucinge ngomprofeti uEnoki. Kusenokwenzeka ukuba wayekuphela kwengqina likaYehova uThixo. Ngaba nawe, njengoEnoki, nguwe kuphela kumalungu entsapho yakho okhonza uYehova ngokuthembeka? Ngaba nguwe kuphela eklasini yakho okanye emsebenzini ophila ngemigaqo yeBhayibhile? Ukuba kunjalo, usenokujamelana neengxaki. Abahlobo, izalamane, ofunda nabo okanye osebenza nabo basenokukubongoza ukuba waphule imithetho kaThixo. Basenokuthi: “Akukho mntu uza kuyazi into oyenzileyo. Soze sikuxele.” Basenokuthi kububudenge ukuzixhalabisa ngemilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha kuba uThixo akayikhathalelanga into oyenzayo. Becatshukiswa kukuba ungacingi uze uzenze izinto njengabo, basenokwenza nantoni na esemandleni abo ukuba unikezele.
Liyinyaniso elokuba akulula ukujamelana neengxaki ezinjalo, kodwa unako ukujamelana nazo. Cinga ngoEnoki, umntu wesixhenxe kumnombo ka-Adam. (Yude 14) Ngexesha lokuzalwa kukaEnoki, inkoliso yabantu yayingasenayo ngokupheleleyo imigaqo emihle yokuziphatha. Babethetha izinto ezingamanyala; besenza izinto “ezothusayo.” (Yude 15) Babesenza izinto ngendlela efana neyabantu abaninzi namhlanje.
UEnoki wahlangabezana njani nale meko? Impendulo kulo mbuzo ibalulekile kuthi namhlanje. Nangona kusenokwenzeka ukuba uEnoki wayekuphela komntu owayekhonza uYehova emhlabeni ngelo xesha, ngokwenene wayengeyedwa. UEnoki wayehamba noThixo.—Genesis 5:22.
Ukukholisa uThixo yayiyeyona nto ibalulekileyo ebomini bukaEnoki. Wayesazi ukuba ukuhamba noThixo kwakungathethi nje ukuphila ubomi obucocekileyo ngokuziphatha. UYehova wayelindele ukuba ashumayele. (Yude 14, 15) Abantu babefanele balunyukiswe ukuba izenzo zabo zokungahloneli Thixo ziye zaphawulwa. UEnoki waqhubeka ehamba noThixo ngaphezu kweminyaka engama-300—ixesha elingaphezu kwalo naliphi na esiye thina salinyamezela. De wafa, waqhubeka ehamba noThixo.—Genesis 5:23, 24.
NjengoEnoki, nathi sithunywe ukuba sishumayele. (Mateyu 24:14) Ukongezelela ekushumayeleni kwindlu ngendlu, sizama ukufikelela izalamane, abantu esishishina nesifunda nabo ngeendaba ezilungileyo. Noko ke, maxa wambi, sinokuba mathidala ukuba sithethe nabo. Ngaba kunjalo nakuwe? Ungaphelelwa lithemba. Xelisa amaKristu okuqala uze uthandaze kuThixo akuphe inkalipho. (IZenzo 4:29) Ungaze ulibale ukuba logama uhamba noThixo, ngokwenene akusoze ube wedwa.
Umhlolokazi Othile Ulungiselela Isidlo
Khawucinge ngomhlolokazi ongachazwanga ngegama owafumana iintsikelelo ezimbini ngenxa nje yokulungiselela isidlo! WayengengomSirayeli, kodwa wayengumphambukeli owayephila kwinkulungwane yeshumi ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo kwidolophu yaseTsarefathi. Ngasekupheleni kwexesha elide lembalela nendlala, ukutya kwalo mhlolokazi kwakuza kuphela. Kuphela into eyayisele yayingumgubo neoli eyayiya kwanela isidlo sokugqibela sakhe nonyana wakhe.
Kanye ngelo xesha, kufika undwendwe. Lo yayingumprofeti kaThixo uEliya, owacela ukutya kwalo mhlolokazi okuncinane. Ukutya owayenako kwakwanele nje yena nonyana wakhe, yaye enyanisweni wayengenanto yakulupha olu ndwendwe. Kodwa uEliya wamqinisekisa efunga ngoYehova esithi ukuba angampha ukutya, yena nonyana wakhe abayi kulamba. Kwakufuna ukholo ukukholelwa ukuba uThixo kaSirayeli wayenokumphawula, umhlolokazi ongumphambukeli. Sekunjalo, wamkholelwa uEliya, yaye uYehova wamvuza. “Ingqayi enkulu yomgubo ayizange iphele, nengqayi encinane yeoli ayizange iphele, ngokwelizwi likaYehova awalithethayo ngoEliya.” Lo mfazi nonyana wakhe babefumana ukutya de yaphela indlala.—1 Kumkani 17:8-16.
Noko ke, lo mhlolokazi wayelindelwe yenye intsikelelo. Kangangexesha elithile emva kwalo mmangaliso, unyana wakhe amthandayo wagula waza wafa. Enovelwano, uEliya wabongoza uYehova ukuba avuse le nkwenkwe. (1 Kumkani 17:17-24) Oku kwakuya kufuna ummangaliso okhethekileyo. Kwakungekho ngxelo yakhe nabani na owakhe wavuswa ngaphambili! Ngaba uYehova wayeza kuphinda abonakalise inceba kulo mhlolokazi ungumphambukeli? Wenjenjalo. UYehova wamnika uEliya amandla okuyivusa le nkwenkwe. Kamva uYesu wathetha ngalo mfazi owayebabalwe esithi: ‘Kwakukho abahlolokazi abaninzi kwaSirayeli. Kanti uEliya wathunywa eTsarefathi kwilizwe laseSidon kumhlolokazi.’—Luka 4:25, 26.
Namhlanje imeko yezorhwebo ayizinzanga, kwanakumazwe ahambele phambili kwezoqoqosho. Ezinye iinkampani ezinkulu ziye zaphungula abasebenzi ababesebenza ngokunyaniseka kangangeminyaka emininzi. Ecinga ngokuphelelwa ngumsebenzi, umKristu usenokulingeka ekubeni achithe ixesha elininzi emsebenzini, ngethemba lokuba inkampani yakhe isenokumgcina. Ukwenjenjalo kusenokumshiya nexesha elincinane lokuya kwiintlanganiso zamaKristu, ukuya entsimini okanye ukunyamekela iintswelo ezingokweemvakalelo nezokomoya zentsapho yakhe. Sekunjalo, uvakalelwa kukuba umele enze nantoni na ukuze angaphelelwa ngumsebenzi.
UmKristu okwimeko enzima ngolo hlobo yezoqoqosho unesizathu sokuxhalaba. Kunzima ukufumana umsebenzi kule mihla. Inkoliso yethu ayifuni ukuba zizityebi, kodwa njengalaa mhlolokazi waseTsarefathi, sifuna nje ukuba nento yokutya. Noko ke, umpostile uPawulos uyasikhumbuza ukuba uThixo wathi: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” Siqinisekile sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?” (Hebhere 13:5, 6) UPawulos wayekholose ngokupheleleyo ngeli themba, yaye uYehova wamnyamekela ngamaxesha onke. UThixo uya kusenzela okufanayo ukuba asimtyesheli.
Sisenokuvakalelwa kukuba asinakuze senze izinto ezibalaseleyo ezenziwa ngabantu ababezixabisa izinto zokomoya njengoMoses, uGidiyon, noDavide, kodwa singaluxelisa ukholo lwabo. Yaye sinokukhumbula izenzo zokholo ezincinane ezenziwa nguAbheli, uEnoki nomhlolokazi waseTsarefathi. UYehova unomdla kuzo zonke izenzo zokholo—kwanezincinane. Xa umfundi ohlonela uThixo engazamkeli iziyobisi kumhlobo wakhe, xa umKristu osebenzayo engavumi ukuziphatha kakubi ngokwesini emsebenzini, okanye xa iNgqina elisele likhulile lisiya ngokuthembeka kwiintlanganiso zebandla enoba lidiniwe okanye aliphilanga, uYehova uyakubona oko. Yaye uyavuya!—IMizekeliso 27:11.
Ngaba Uyakuphawula Oko Kwenziwa Ngabanye?
Ewe, uYehova uyakuphawula oko sikwenzayo. Ngenxa yoko, njengabaxelisa uThixo, sifanele sikuphaphele ukuyiphawula imigudu yabanye. (Efese 5:1) Kutheni ungakhe unikele ingqalelo kwiingxaki amanye amaKristu ajamelana nazo ukuze abekho kwiintlanganiso zebandla, aye entsimini, nendlela ajamelana ngayo nobomi bemihla ngemihla?
Yandula ke, ubaxelele abanye abanquli bakaYehova ukuba uyayixabisa imigudu yabo. Baya kukuvuyela ukukwazi ukuba uyayiphawula, yaye inkxalabo yakho inokubenza baqiniseke ukuba uYehova naye uyayiphawula.