Imibuzo Evela Kubafundi
Ukuba umKristu uva amazwi athile, ngaba oko kuthetha ukuba uhlaselwa ziidemon?
Akunjalo. Ngoxa kusithiwa iidemon zizibonakalisa ngaloo ndlela, abantu abaninzi abaye bava amazwi okanye kwenzeka izinto eziphazamisayo ezingenakuchazwa, baye bafumanisa ukuba xa bexilongwa bayagula.
Kwanakwinkulungwane yokuqala, kwafunyaniswa ukuba maxa wambi kwenzeka into efanayo kumntu ohlaselwa ziidemon nogulayo emzimbeni. KuMateyu 17:14-18, sifunda ngenkwenkwana eyaphiliswa nguYesu. Nangona le nkwenkwana yayinesathuthwane, oku kwakubangelwa yidemon. Noko ke, ngaphambilana xa izihlwele zabantu ababegula zaziswa kuYesu ukuba aziphilise, ezi zaziquka abantu “abaneedemon nabanesathuthwane.” (Mateyu 4:24) Kuyabonakala ukuba, abanye ababenesathuthwane babengakhathazwa ziidemon. Babegula.
Kuthiwa abantu abaneschizophrenia, isifo esinokunyangwa ngamayeza, beva amazwi okanye kwenzeke kubo izinto ezingaqhelekanga.a Ezinye izigulo zinokubangela ubani adideke kangangokuba abanye ngempazamo basenokucinga ukuba oku kubangelwa ziidemon. Ngoko ke, nangona umntu engenakuthi akahlaselwa ziidemon xa esiva amazwi okanye ezinye izinto ezingaqhelekanga, ngokuqinisekileyo ufanele akhuthazwe ukuba axilongwe kukhangelwe enoba akaguli kusini na.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ukutyhila Imfihlelo Yokugula Ngengqondo,” kuVukani!, kaSeptemba 8, 1986, iqabane lephephancwadi IMboniselo.