IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 5/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Ukuphiliswa Kwenkwenkwe Ephethwe Yidemon
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ukuphiliswa Kwenkwenkwe Ephethwe Yidemon
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ukugula Ngengqondo—Xa Kukhathaza UmKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 5/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ukuba umKristu uva amazwi athile, ngaba oko kuthetha ukuba uhlaselwa ziidemon?

Akunjalo. Ngoxa kusithiwa iidemon zizibonakalisa ngaloo ndlela, abantu abaninzi abaye bava amazwi okanye kwenzeka izinto eziphazamisayo ezingenakuchazwa, baye bafumanisa ukuba xa bexilongwa bayagula.

Kwanakwinkulungwane yokuqala, kwafunyaniswa ukuba maxa wambi kwenzeka into efanayo kumntu ohlaselwa ziidemon nogulayo emzimbeni. KuMateyu 17:14-18, sifunda ngenkwenkwana eyaphiliswa nguYesu. Nangona le nkwenkwana yayinesathuthwane, oku kwakubangelwa yidemon. Noko ke, ngaphambilana xa izihlwele zabantu ababegula zaziswa kuYesu ukuba aziphilise, ezi zaziquka abantu “abaneedemon nabanesathuthwane.” (Mateyu 4:24) Kuyabonakala ukuba, abanye ababenesathuthwane babengakhathazwa ziidemon. Babegula.

Kuthiwa abantu abaneschizophrenia, isifo esinokunyangwa ngamayeza, beva amazwi okanye kwenzeke kubo izinto ezingaqhelekanga.a Ezinye izigulo zinokubangela ubani adideke kangangokuba abanye ngempazamo basenokucinga ukuba oku kubangelwa ziidemon. Ngoko ke, nangona umntu engenakuthi akahlaselwa ziidemon xa esiva amazwi okanye ezinye izinto ezingaqhelekanga, ngokuqinisekileyo ufanele akhuthazwe ukuba axilongwe kukhangelwe enoba akaguli kusini na.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona inqaku elithi “Ukutyhila Imfihlelo Yokugula Ngengqondo,” kuVukani!, kaSeptemba 8, 1986, iqabane lephephancwadi IMboniselo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share