IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 6/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Izilwanyana—Yiba Nembono Elungeleleneyo Ngazo
    Vukani!—2004
  • Izilwanyana
    Vukani!—2015
  • Ngaba Izilwanyana Ziyaya Ezulwini?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ukuphathwa Kwezilwanyana Ngenkohlakalo—Ngaba Kuphosakele?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 6/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba kuphosakele ukubulala isilwanyana esigula kakhulu okanye esidala?

Inkoliso yabantu inomdla kwizilwanyana ezahlukahlukeneyo yaye iyazithanda. Ezinye izilwanyana ziba ngabahlobo abakhulu nabantu. Ngokomzekelo, izinja zaziwa njengezibathobela nezibathanda gqitha abanini-zo. Ngoko ke, siyaqondakala isizathu sokuba abantu basithande kangaka isilwanyana esinjalo, ingakumbi isilwanyana abebenaso iminyaka emininzi.

Noko ke, izilwanyana ezininzi aziphili ixesha elide. Izinja zisenokuphila iminyaka engaphantsi kwe-10 ukusa kweli-15 nangaphezulu, njengokuba kunjalo nangeekati ezininzi, kuxhomekeke kuhlobo lwazo. Xa zizidala, izilwanyana zinokugula zize zibe nesiphene esinokubanxunguphalisa abanini-zo xa bekhumbula iminyaka ezazisencinane yaye zisadlamkile. Ngaba bekuya kuba yinto ephosakeleyo ukuzisindisa izilwanyana ezinjalo kuloo nkxwaleko ngokuzibulala?

UmKristu ufanele aziphathe izilwanyana ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Ngokuqinisekileyo ukuziphatha ngenkohlakalo kuchasene nokuthanda kukaThixo, kuba iLizwi lakhe lithi: “Ilungisa liyawunyamekela umphefumlo wesilwanyana sasekhaya.” (IMizekeliso 12:10) Noko ke, oku akuthethi ukuba uThixo uzijonga izilwanyana ngendlela efanayo nabantu. Xa uThixo wadala abantu, wabonisa ukuba kukho umahluko ocacileyo phakathi kwabo nezilwanyana. Ngokomzekelo, abantu wabanika ithemba lokuphila ngonaphakade, kodwa akazange enjenjalo kwizilwanyana. (Roma 6:23; 2 Petros 2:12) Kuba enguMdali, unelungelo lokugqiba ngolwalamano olufanelekileyo phakathi kwabantu nezilwanyana.

IGenesis 1:28 isixelela ngolo lwalamano. UThixo wathi kwisibini sokuqala: “Nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.” Ngokufanayo, INdumiso 8:6-8 ithi: “Yonke into [Thixo] uyibeke phantsi kweenyawo zakhe [umntu]: amathole neenkabi zeenkomo, zonke, kwanamarhamcwa asendle, iintaka zezulu neentlanzi zolwandle.”

UThixo wakwenza kwacaca ukuba izilwanyana zinokusetyenziswa ngendlela efanelekileyo yaye abantu basenokuzibulala. Ngokomzekelo, isikhumba sazo sinokusetyenziselwa ukwenza impahla. Kwakhona emva koMkhukula womhla kaNowa, uThixo wanika abantu imvume yokutya inyama yezilwanyana, ukongeza kwimifuno neziqhamo ababenikwe zona ekuqaleni.—Genesis 3:21; 4:4; 9:3.

Oku akuniki mvume yokuzibulala izilwanyana kuba nje kudlalwa. KwiGenesis 10:9, iBhayibhile ichaza uNimrodi ‘njengomzingeli onamandla.’ Kodwa kwale ndinyana ithi oku kwamenza ‘wachaswa nguYehova.’

Ngoko ke, nangona umntu enobukhosi kwizilwanyana, akafanele alisebenzise kakubi elo gunya kodwa ufanele alisebenzise ngokuvisisana nemigaqo yeLizwi likaThixo. Oku kunokuquka ukungavumeli isilwanyana sibandezeleke ngokungeyomfuneko kuba sisidala kakhulu, sonzakele kakhulu, okanye sigulela ukufa. Kwimeko enjalo, yimbopheleleko yomKristu ukugqiba ngoko afanele akwenze. Ukuba ugqiba kwelokuba uya kuba ubonakalisa inceba xa engavumeli eso silwanyana siqhubeke sibandezeleka kungekho themba lakuchacha, ngoko unokukhetha ukuba sibulawe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share