IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 9/15 iphe. 3
  • IBhayibhile Inokukunceda Emtshatweni Wakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Inokukunceda Emtshatweni Wakho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Khusela Umtshato Wakho
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ukwenza Umtshato WamaKristu Uphumelele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • “Umtshato Mawubekeke”
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 9/15 iphe. 3

IBhayibhile Inokukunceda Emtshatweni Wakho

UMTSHATO—kwabanye, eli gama livuselela iinkumbulo ezimyoli. Kwabanye, livuselela intlungu. Enye inkosikazi ithi: “Ndivakalelwa kukuba umtshato wethu sele uqhawukile. Ngalo lonke ixesha ndiziva ndingakhathalelwanga kwaye ndililolo.”

Yintoni ebangela ukuba luphele uthando phakathi kwabantu ababini ababenze isifungo sokuba baya kuthandana baze banyamekelane? Esinye isizathu kukungafundiswa ngoko kubandakanyekileyo emtshatweni. Enye intatheli ebhala ngemibandela yezonyango ithi: “Sitshata singakhange sifundiswe ngomtshato.”

Uphando olwenziwe yiThe National Marriage Project, yeRutgers University yaseNew Jersey, eUnited States, lubonisa ukuba bambalwa abanolwazi ngomtshato. Abaququzeleli beli phulo babhala besithi: “Abaninzi ekwathethwa nabo kolu phando bakhuliswa ngabazali abangonwabanga emtshatweni okanye abaqhawule umtshato. Babazi kakuhle abantu abangonwabanga emtshatweni kodwa abaqinisekanga ukuba abantu abonwabileyo emtshatweni baba njani. Abanye xa bechaza umtshato ophumelelayo bathi ngumtshato ‘ongafaniyo nowabazali bam.’”

Ngaba wona amaKristu akanazo iingxaki emtshatweni? Anazo. Kaloku, amanye amaKristu kwinkulungwane yokuqala kwafuneka ade alulekwe ngokuthe ngqo ukuba ‘ayeke ukufuna ukukhululeka’ emtshatweni. (1 Korinte 7:27) Ngokucacileyo, nawuphi na umtshato wabantu ababini abangafezekanga uza kuba nazo iingxaki, kodwa sinokulufumana uncedo. Amadoda nabafazi banokuluphucula ulwalamano lwabo ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.

Liyinyaniso elokuba, iBhayibhile asiyoncwadi ethetha ngomtshato kuphela. Noko ke, ekubeni iphefumlelwe nguMsunguli womtshato, sinokulindela ukuba imigaqo yayo ibe luncedo. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova uThixo wathi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo. Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.”—Isaya 48:17, 18.

Ngaba uthando olwaluphakathi kwakho neqabane lakho luyaphola? Ngaba ubopheleleke kumtshato ongenalo uthando? Enye inkosikazi esele ineminyaka engama-26 itshatile ithi: “Kunzima nokuyichaza indlela ekubuhlungu ngayo ukuba kulwalamano olunjalo. Yintlungu engapheliyo.” Kunokuba uhlale kumtshato onganelisekanga kuwo, kutheni ungazimiseli ukwenza okuthile? Inqaku elilandelayo liza kubonisa amadoda nabafazi indlela imigaqo yeBhayibhile enokubanceda ngayo ukuba bahlakulele umoya wokuzinikela emtshatweni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share