Ukwenza Izigqibo—Ingxaki Engaphephekiyo
“AYIKHO into enzima, nexabiseke kakhulu kunokukwazi ukwenza isigqibo,” watsho njalo uNapoleon Bonaparte, umlawuli waseFransi wenkulungwane ye-19. Usenokuvumelana naloo mazwi, ekubeni ngokuqhelekileyo abantu bekuthanda ukukwazi ukubulawula ubomi babo. Kwangaxeshanye, baye babona ukuba kunzima kakhulu ukwenza izigqibo ngamanye amaxesha.
Enoba kulula okanye kunzima, asinakukuphepha ukwenza izigqibo. Kufuneka senze izigqibo imihla ngemihla. Emva kokuba sivukile ekuseni, simele sigqibe ngoko siza kukunxiba, into esiza kuyitya, nendlela esiza kuzenza ngayo ezinye izinto ezininzi ebudeni bosuku. Inkoliso yezi zigqibo azibalulekanga kangako. Asifane sicingisise nokucingisisa ngazo. Asifane side singakwazi nokulala ngenxa yexhala sicinga enoba zizigqibo ezifanelekileyo okanye akunjalo kusini na.
Kwelinye icala, ezinye izigqibo zibaluleke kakhulu. Abantu abaninzi abaselula namhlanje bamele benze isigqibo ngomsebenzi abafanele bawukhethe. Kusenokwenzeka ukuba bamele bakhethe uhlobo lwemfundo abayifunayo nokuba baya kufunda kangakanani na. Kungekudala, inkoliso yabo iza kwenza isigqibo enoba itshate okanye ingatshati. Abo bafuna ukutshata bafanele benze ezi zigqibo: ‘Ngaba ndimdala yaye ndiqole ngokwaneleyo ukuba ndingatshata? Liqabane elinjani endilifunayo, okanye okubaluleke ngakumbi, liqabane elinjani ebeliya kundifanela?’ Zimbalwa izigqibo ebomini ezisichaphazela ngaphezu kokukhetha iqabane lomtshato.
Kwimibandela ebaluleke kakhulu, kubalulekile ukwenza izigqibo zobulumko, kuba ulonwabo lwethu luxhomekeke ekubeni senjenjalo. Abanye abantu basenokuvakalelwa kukuba bayakwazi ukwenza izigqibo ezinjalo baze bangafuni ukuncedwa ngabanye. Ngaba oko kububulumko? Makhe sibone.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Napoleon: From the book The Pictorial History of the World